Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Ngaba Uyabuxabisa Ubulungiseleli Basekuhleni?
UBULUNGISELELI bendlu ngendlu bungokweZibhalo, yaye amaNgqina kaYehova aziwa ehlabathini jikelele ngenxa yale nkalo yenkonzo yawo yasekuhleni. (IZenzo 20:20, 21) UYesu wabaxelela oku abalandeli bakhe: “Niya kwamkela ke amandla, akubon’ ukuba uMoya oyiNgcwele uhlile phezu kwenu; nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.” (IZenzo 1:8) IZenzo 5:42 zibonisa ukuba loo maKristu okuqala ayesiya “nasemakhayeni” engayekeleli.
EHaiti kwabakho ukungavisisani mayela nobulungiseleli bendlu ngendlu bamaNgqina kaYehova. Le yavela xa uvulindlela okhethekileyo wadibana nomfazi ongumProtestanti ozinikeleyo. Ebudeni bencoko, umzalwana wabonisa ukuba ngamaNgqina kaYehova kuphela ashumayela kwindlu ngendlu njengoko IBhayibhile isandlala. Lo mfazi waphendula ngelithi amalungu ecawa yakhe ayenako ukuya kwindlu ngendlu yaye maxa wambi akhe akwenze oko. NgoMgqibelo olandelayo, njengoko kwakulindelekile, eli Ngqina ladibana neqela elalisiya kwindlu ngendlu, likhokelwe ngulo mfazi. Babemalunga nekhulu kweli qela. Lo mfazi, eneqhayiya gqitha ngokuba enze oku, wabiza umzalwana ukuba aze kuzibonela esi senzo.
Iveki kamva, lo mfazi ukwamnye wakhokela elinye iqela ibe wayekuvuyela ukumbonisa oku lo mzalwana. Phofu ke, umzalwana wathi kwakukho nje malunga nesiqingatha sababekho kwiveki ephelileyo. NgoMgqibelo wesine eli qela lalinciphe kanobom laya kutsho kuma-20, yaye kuMgqibelo wesihlanu lo mfazi wayehamba yedwa. Ngokuzithoba weza kumzalwana waza wavuma esithi: “NgamaNgqina kaYehova kuphela anenyaniso, ekubeni ingawo kuphela anokuqhubeka esiya kumsebenzi wokunikel’ ubungqina iveki emva kwenye.”
Lo vulindlela ukhethekileyo waqhubela lo mfazi isifundo seBhayibhile esasiya kumbonisa isizathu sokuba amaNgqina enokuqhubeka eshumayela kwindlu ngendlu nesokuba abanye bengenako. Lo mfazi wasamkela. Yena nomyeni wakhe baqalisa ukufundisisa yaye benza inkqubela entle. Bobabini ngoku banxulumana namaNgqina kaYehova, ngenzondelelo bevakalisa uBukumkani ekuhleni nakwindlu ngendlu!
Ubulungiseleli bendlu ngendlu nezinye iindlela zobulungiseleli basekuhleni lilungiselelo elimangalisayo nelothando uYehova alenzele ukuba kuphandwe abo bantliziyo zinyanisekileyo baze bancedwe ukuba bafunde ngezinto azifunayo ukuze kuzuzwe ubomi. Ngokuvisisana noko, ngovuyo amaNgqina kaYehova anesabelo kule nkalo nakwezinye zenkonzo yawo engcwele kuThixo. Isimo sawo sengqondo sifana neso sompostile uPawulos, owathi: “Ndinombulelo kowandomelezayo, uKristu Yesu iNkosi yethu, wandibalela ekuthini ndithembekile, endimisele ebulungiselelini.”—1 Timoti 1:12.