IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 10/1 iphe. 30-31
  • Imibuzo Evela Kubafundi

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Imibuzo Evela Kubafundi
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Ukulwa Nokunganyaniseki Ngekrele Lomoya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Kutheni Kukho Ukunganyaniseki Okungaka?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • “Umthetho KaYehova Ugqibelele”
    Sondela KuYehova
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 10/1 iphe. 30-31

Imibuzo Evela Kubafundi

◼ UmKristu unokuwuqonda njani umahluko phakathi kokunyoba (okugwetywayo yiBhayibhile) “nokunyengezela” okanye “ukunika isipho” ngoncedo oluye lwanikelwa?

Sifanele siqonde ukuba imikhwa iyashiyashiyana ngokweendawo. Iindlela ezamkelekileyo kwiindawo ezithile bezingaba zezikhubekisayo okanye ezingafanelekanga kwezinye. Ngokomzekelo, abantu kwelinye ilizwe basenokuqubuda phambi kwegosa laseburhulumenteni, kodwa kwelinye ilizwe oko bekungajongwa njengonqulo-zithixo.a Ngokufanayo, isenzo “sokunyengezela” esamkelekileyo kwelinye ilizwe besingaba sesothusayo okanye esingekho mthethweni kwelinye. Ngoxa ecinga ngomahluko onjalo, onke amaKristu afanele asebenzise isiluleko seBhayibhile sokuphepha ukunyoba.

Kuyintoni ukunyoba, yaye ithini iBhayibhile ngako? IThe World Book Encyclopedia ikucacisa ngokuthi: “Ukunyoba kuthetha ukupha okanye ukunikela ngento exabisekileyo kumntu ophathiswe okuthile, othi ngembuyekezo angathembeki kumsebenzi wakhe okanye aphule umthetho ukuze enze ukuba omphe into angenelwe.” Ngaloo ndlela kukunyoba ukunikela ngemali (okanye isipho) kumgwebi ukuze uphembelele isigqibo sakhe aze agqwethe okusesikweni. Kukwakukunyoba ukunikela ngemali ukuze umthetho ubethwe ngoyaba, okunjengokucela umhloli wezakhiwo okanye weenqwelo-mafutha ukuba angakusi so ukwaphulwa komthetho.

UThixo uyakugweba ukunyoba, xa wayexelela abagwebi bakwaSirayeli wathi: “Uze ungasijiki isigwebo, ungakhethi buso, ungamkeli sicengo; kuba isicengo esi simfamekisa amehlo ezilumko, siphenule iindawo zamalungisa.” (Duteronomi 16:19; thelekisa IMizekeliso 17:23; Isaya 1:23; 5:23; 1 Samuweli 8:3-5.) NguYehova ngokwakhe omisela umlinganiselo, ngokuba kuye “akukho kugqwetha, nakukhetha buso, nakwamkela sicengo.” (2 Kronike 19:7; Duteronomi 10:17) AmaKristu anqwenela inkoliseko kaThixo akabheneli ekunyobeni.—Thelekisa IZenzo 24:26.

Ngoxa abantu ehlabathini ngokubanzi bekugxeka yaye benemithetho enxamnye nokunyoba, abantu abaninzi bajongana nengxaki eboniswe kumbuzo ongasentla. Bayazi ukuba kufuneka benikele “ngesipho” okanye “benyengezile” ukuze amagosa karhulumente angabalulekanga kangako akwilizwe labo awenze ngokufanelekileyo umsebenzi wawo. Ngokomzekelo, iThe Wall Street Journal yathi ngelizwe apho ukunyuka kwamaxabiso kugqithiseleyo: “Ukuze bafumane imali engakumbi yokuthenga izinto, abasebenzi bakarhulumente babhenela ekungathembekini okungeyomfuneko. Umphathi weziko lesizwe uthi ‘Umele ubafumbathlse ukuze bakunike naluphi na uhlobo lwefomu.’ Kusenjalo, amagosa alungiselela abantu basemzini akhathaza abakhenkethi abadidekileyo abavela kwisikhululo seenqwelo-moya sezizwe ngezizwe ngokuba bawanike ii-R50 ukuze agximfize iincwadana zabo zokundwendwela ukuze bangashiywa ziinqwelo-moya abahamba ngazo.”

Kutshanje iU.S.News & World Report yathetha ngokulibazisa kokulungiselelwa kwabantu ziiofisi zikarhulumente okuphumela ekubeni kufuneke zinyotyiwe ukuze zibalungiselele, nto le exhaphakileyo. Ngokomzekelo, yathi: “Kule mihla umlndiya umele anyengeze imali kwigosa likarhulumente ukuze libhalise umntwana walo esikolweni, ukuze lamkelwe esibhedlele, kwanokuze ligcinelwe indawo yokuhlala kuloliwe.” Eminye imizekelo yoku iquka oku:

—Umrhwebi kufuneka abe nemvume ngaphambi kokuba asebenze. Ukuhlawula imali engokwasemthethweni kwiofisi karhulumente, kanti wonke ubani uyazi ukuba ngaphandle ‘kwesipho’ amaphepha akhe aya kufakwa ngaphantsi kwemfumba yamaphepha. Ngoxa engaceli ukuba abe ngowokuqala kwabanye, ukuba ‘uyanyengeza’ ngokuqhelekileyo, iphepha lakhe liya kunyanyekelwa ngokufanelekileyo.

—Kwilizwe elithile, abantu bayazi ukuba amagosa endlela afumana umvuzo omncinane yaye alindeleke ukuba awongezelele ‘ngezipho ukuze afumane izimuncumuncu.’ Igosa limisa umqhubi lize lithi waphule umthetho, ngoko umqhubi lowo kufuneka ehlawulile. Xa umqhubi esithi akaphulanga mthetho, igosa limlumkisa ngelokuba ukuba lo mcimbi uya enkundleni, kwakhona liya kumbeka ityala umqhubi ngokuhlasela igosa. Ngaloo ndlela, abaninzi basuka nje bayikhuphe loo “ntlawulo,” beyigqala ikukurhafiswa ngokungekho mthethweni. Abanye baye bale, bexolele ukwamkela imiphumo yoko.

—Umasipala umele enze ilungiselelo lokuqokelela inkunkuma. Kodwa kuyinto eqhelekileyo ngomninimzi ukuba anikele “isipho” kumntu oqokelela inkunkuma. Ukuba umninimzi akenjinjalo, umgqomo wakhe wenkunkuma “uyalityalwa,” aze ke ahlawuliswe ngenxa yokungayikhathaleli kwakhe imigaqo yempilo.

Iingxaki ezinjalo zibonisa ukuba abantu abaninzi abasegunyeni basebenzisa izikhundla zabo zaseburhulumenteni ukwenzela inzuzo yokungekho sikweni. (INtshumayeli 8:9) AmaKristu alangazelela inkqubo entsha yobulungisa kaThixo, kodwa de kube lelo xesha amele ahlangabezane nenkqubo yangoku. (2 Petros 3:13) Oku kunokuthetha ukuqonda iimeko zasekuhlaleni apho abantu abasebenzela uwonkewonke balindele izipho ngenxa yokwenza umsebenzi wabo. Kwanakumazwe apho oku kuqhelekileyo khona, uninzi lwamaNgqina kaYehova lusebenzisana nabahloli namagosa ahlola impahla aye akwala “ukunyengezela” ukuze afumane oko umthetho uthi kulilungelo lawo. Ngenxa yokuba esaziwa engabantu abanjalo, afumana impatho inkoliso yabantu eyifumanayo, umahluko nje ikukuba yona iyahlawula. (IMizekeliso 10:9) Noko ke, mKristu ngamnye umele akhokelwe sisazela sakhe esiqeqeshwe ngeBhayibhile ngokwemeko yasekuhlaleni.

Ukuthanda ummelwane sisibakala sokuqwalaselwa. (Mateyu 22:39) Bekuya kuba kukungamthandi ukusebenzisa “isipho” ukuze uphathwe kakuhle, njengokuba ube ngowokuqala emgceni, udlula abanye abalindileyo. UYesu wasiluleka ngelokuba sibaphathe abanye ngendlela esifuna ukuphathwa ngayo. (Mateyu 7:12) Wambi amaKristu asenokuvakalelwa kukuba xa kufika ithuba lawo, anokwenza ngokoqheliselo olwenziwa kwilizwe lawo lokunikela “isipho” ukuze abangele igosa lenze umsebenzi walo. Kakade ke, kumazwe apho “izipho” zingeyonto ilisiko okanye ziyinto eyothusayo ezingqondweni zikawonkewonke, umKristu onothando uya kwenza ngendlela engayi kukhubekisa abanye.—1 Korinte 10:31-33.

Esinye isibakala sikukuthobela umthetho. UYesu wabongoza wathi: “Nikelani ke izinto zikaKesare kuKesare, nezinto zikaThixo kuThixo.”b (Marko 12:17; bona kwanoMateyu 17:24-27.) Kuyenye into ukuba umKristu ongaphulanga mthetho ulindeleke ukuba ‘anyengezele’ umqeshwa karhulumente okanye elinye igosa. Kodwa kuthekani ukuba ngokwenene umKristu waphule umthetho? Kwimeko enjalo, unokuyenza njani into yokuba ngesazela esilungileyo anyobe acenge igosa ukuba lingakusi so ukwaphulwa komthetho? Umpostile uPawulos wabhala ukuba sifanele siwoyike amagunya awongamileyo, anikwe amandla ‘okuphindezela ngengqumbo kowenza okubi.’ (Roma 13:3, 4) Ukuma kukaPawulos buqu yayikoku: Ukuba wayenze okubi, wayesamkela isohlwayo esifanelekileyo. (IZenzo 25:10, 11) Ngaloo ndlela, umKristu owaphule umthetho wendlela kusenokufuneka ahlawule, njengoko eyalelwa ligosa okanye ngumgwebi.

UPawulos wakwathi oorhulumente ‘bangabalungiseleli bokuba kulungelwe wena.’ Phezu kwako nje ukubawa kwamagosa athile, oorhulumente benza imisebenzi yokuze kulungelwe uwonkewonke. Ngokomzekelo, amagosa ahlola iinqwelo-mafutha ngokubhekisele ekubeni zezilungele indlela, yaye ahlola enoba izakhiwo zihambisana nemithetho yomlilo. Ngoko ke, ukuba umKristu uvakalelwe kukuba, ngaphandle kokwaphula umthetho ubengalinika ‘isipho’ igosa ebelilindele ‘imali ngoncedo eliye lalinikela,’ icacile into yokuba oku kwahluke ngokupheleleyo ekunyobeni umhioli ukuze angakusi so ukwaphulwa komthetho.

Nakuliphi na ilizwe ahlala kulo, amaKristu afanele aqhelisele ubulumko obusebenzisekayo ekuqhubaneni neemeko zasekuhlaleni. Abakhonzi bakaThixo bafanele bakhumbule ukuba abo ‘baya kuphambukela ententeni yakhe nabaya kuhlala entabeni yakhe engcwele’ abanakubhenela ekunyobeni. (INdumiso 15:1, 5) Ngokubhekisele ‘ekunyengezeleni’ ukuze ancedwe ngokufanelekileyo okanye ukuze aphephe ukungaphathwa kakuhle ngamagosa, umKristu umele agqibe ngoko kuvunyelwa sisazela sakhe aze athwale imbopheleleko yazo naziphi na izinto ezinokuba ngumphumo. Ngokuqinisekileyo ufanele asukele ikhondo elimshiya enesazela esilungileyo ngokobuqu nelingangcolisi igama elilungileyo lobuKristu okanye likhubekise abo babukeleyo.—2 Korinte 6:3.

[Imibhalo esemazantsi]

a “Imibuzo Evela Kubafundi,” IMboniselo kaDisemba 15, 1968.

b Abadala kwibandla lamaKristu banembopheleleko yokusingatha ukwaphulwa komthetho kaThixo, okunjengobusela, ukubulala nokuziphatha okubi. Kodwa uThixo akazange afune ukuba abadala bebandla banyanzelise umthetho kaKesare. Ngenxa yoko, uPawulos akazange azive enyanzelekile ukuba athabathele kumagunya aseRoma uOnesimo, owayengumsabi phantsi komthetho waseRoma. (Filemon 10, 15) Kakade ke, ukuba ubani uwaphula ngokuphandle umthetho wehlabathi, efumana udumo lokuba sisaphuli-mthetho, ebengenakuba ngumzekelo omhle yaye ebesenokude asuswe kubudlelane. (1 Timoti 3:2, 7, 10) Ukuba ukwaphula umthetho kuye kwabangela ukufa kwabanye, umphumo ofuna ukuba uhlolisiswe libandla unokuba lityala legazi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share