Inguqulelo Kulawulo Kungekudala!
INKOLISO yabantu iye ayawusa so umbandela ongowona ubalulekileyo. Lo mbandela nangu: Kukruthakruthwano lwazo lokufuna ukulawula ihlabathi, iintlanga ezixambulisanayo ziye azaqonda ukuba kukho igunya namandla amakhulu ngakumbi kunawazo. Ziyasityeshela isibakala sokuba “Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu, ebunika lowo athanda ukumnika.” (Daniyeli 4:25) Ngubani lo uThixo onguSomandla amnyula ukuba abe nguKumkani phezu kwawo wonke umhlaba? Ulufumana nini ulawulo lwehlabathi?
Omnye UKumkani Kwakhona
Ngaphambi kokuprofeta ‘ngokumkani wasentla nokumkani wasezantsi,’ uDaniyeli waba nalo mbono ubuprofeti mayela nokumkani onyulwe nguThixo: “Nanko kusiza, ngamafu ezulu, onjengonyana womntu, wafika kuNyangelemihla [uYehova uThixo] . . . Wanikwa igunya, nobuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neeIwimi, zimbuse; igunya lakhe . . . [lelingapheliyo]; ubukumkani bakhe bobungayi konakaliswa.”—Daniyeli 7:13, 14.
Loo mbono waqhubela phambili ufanisa oorhulumente behlabathi abalandelelanayo njengamarhamncwa. Ibe, ngokwenene, ‘umntu ugunyazele umntu kwaba kubi kuye’ ngenkohlakalo enjengeyerhamncwa. (INtshumayeli 8:9) Umntu ukwalawule ngolwalathiso olunjengolwerhamncwa lwemimoya enemvukelo engabathetheli, abantloko yabo inguSathana. (Daniyeli 7:17; 10:13; thelekisa ISityhilelo 12:9; 13:2-4.) Ngokwahlukileyo koko, “onjengonyana womntu” ufumana igunya lokulawula kuYehova uThixo. Lo mlawuli unyulwe nguThixo uneempawu ezifanelekileyo zomlawuli wabantu ekuqaleni ababenziwe “ngokomfanekiselo kaThixo.” (Genesis 1:27) Kodwa ungubani yena?
UYesu wasebenzisa ibinzana elithi “uNyana woMntu” kuye siqu xa wayesemhlabeni kwiminyaka eli-1 900 eyadlulayo. Ekubeni ngoko wayengumntu, ngokoqobo ‘wayenguNyana woMntu,’ yaye wazibonakalisa ngokugqibeleleyo iimpawu ezintle, ezinjengothando, imfesane nokusesikweni. Wanikela kwanobomi bakhe ukuze acamagushele abantu, ngaloo ndlela ephumeza indima yokuba sesona sihlobo sisondeleyo soluntu—“uNyana woMntu” ngokwenyaniso.—Mateyu 20:28; Hebhere 2:11-17.
Esebenzisa isiprofeto sikaDaniyeli ngokubhekele phaya, uYesu wathi: “Zimbone uNyana woMntu esiza phezu kwamafu ezulu, enamandla, nobuqaqawuli obukhulu.” Kamva wazichaza ekwimeko enjengaleyo, esithi: “Xa ke athe wafika uNyana woMntu esebuqaqawulini bakhe, . . . uya kuhlala phezu kwetrone yobuqaqawuli bakhe.” (Mateyu 24:30; 25:31) Namhlanje uYesu akayondoda nje esemhlabeni. Ukususela ekufeni nasekuvusweni kwakhe ngowama-33 C.E., ubengumoya wasezulwini oyintsobi kaThixo. Ngokwahlukileyo kubalawuli abangabantu, ungokuphela koKumkani “onokungafi, ehleli ekukhanyeni okungenakusondelwa; ekungekho namnye kubantu owakha wambona, nonako ukumbona.” (1 Timoti 6:16) Ulawulo lwakhe loBukumkani aluyi kuba neempawu zerhamncwa zemimoya engendawo eye yaphembelela oorhulumente babantu.
Ngaloo ndlela uYesu ungokuphela koKumkani omiselwe nguThixo njengoMesiya Wakhe, okanye uKristu, nogunyaziswe ukuba alawule umhlaba uphela. (Daniyeli 7:14) Oku kuthetha ukuba bonke oorhulumente babantu, kuquka “ukumkani wasentla” ‘nokumkani wasezantsi,’ bamele baiikelele esiphelweni sabo baze bathatyathelw’ indawo buBukumkani bukaThixo phantsi kolawulo lukaKristu.—Daniyeli 2:44; thelekisa INdumiso 2:7, 8, 12.
“Umthetheli Omkhulu” Ufumana Igunya
Noko ke, uYesu akazange aqalise ukulawula kwakhe phezu koluntu ngowama-33 C.E. Waba nethuba awathi walinda ngalo. Kuphela kwaba semva koku awathi uYehova wamnika amandla okuba abe “nobukhosi phakathi kweentshaba [zakhe].” (INdumiso 110:1, 2; IZenzo 2:32-36) Ekuxela kwangaphambili oku, uDaniyeli wathi: “Ngelo xesha uya kusuka erne uMikayeli, umthetheli omkhulu . . . Kuya kubakho ixesha lembandezelo elingazanga libekho elinjalo, kususela koko lwabakhoyo uhlanga, kude kube nangelo xesha.”—Daniyeli 12:1.
Esi siprofeto salandela emva kokuba uDaniyeli ebonise ukuba ukruthakruthano oluphakathi ‘kokumkani wasentla’ ‘nokumkani wasezantsi’ ngeli “xesha lokuphela” likhoyo lwaluya kufikelela incopho yalo. Kweli nqanaba, omnye waba “kumkani” wayeya kuphuma “enobushushu obukhulu” ukuze asingele phantsi abantu abaninzi. (Daniyeli 11:40, 44, 45) Kwakuya kuba ngelo xesha awayeya kuthi uMikayeli “omela” abantu abangabakaThixo enze into ecacayo ukuze bakwazi ukusinda.—Thelekisa uDaniyeli 11:2, 3, 7, 20, 21; 12:1.
Noko ke, oku kudibene njani noYesu? Khumbula ukuba ekuboniseni ukuba yena wayeza kuba nguKumkani wexesha elizayo wasisebenzisa isiprofeto sikaDaniyeli. Mayela noku wathetha ‘kwanangembandezelo enkulu’ engenakuthelekiswa nanto. (Mateyu 24:21, 29-31) Ngokucacileyo wayebhekisela ‘kwixesha lembandezelo’ awathi uDaniyeli walikhankanya ngokunxulumene noMikayeli. (Thelekisa uMateyu 24:15; Daniyeli 11:31.) Ngaloo ndlela uYesu wazifanisa njengoMikayeli owayeya kusuka eme ukuze alawule.
UYesu noDaniyeli banikela ezi ziprofeto kwiingcaciso zabo zeziganeko zasebudeni ‘bexesha lokuphela.’ Ezi ziganeko ziye zazaliseka ngokuphawulekayo ukususela ngowe-1914. UYesu wathi ke wazuza igunya ezulwini njengoKumkani, ibe ebelawula phakathi kweentshaba zakhe.—Mateyu 24:3, 7-12.
Iparadisi Yomhlaba Wonke—Kungekudala!
Mhlawumbi uyaqonda ukuba iintlanga ziye azabugqala uBukumkani bukaKristu. Ziyasichasa isigidimi esingokumiselwa kwabo yaye ziyaqhubeka zimisela olwazo ulongamo. Eso sigidimi sibubudenge kuzo. Ngaloo ndlela ‘akubangakho namnye wabaphathi beli phakade obazileyo’ ubulumko bukaThixo ekunyuleni uKristu njengoKumkani. Zimfanyekiswe yinkqubo elawulwa nguSathana nabathetheli bakhe bokomoya abanemvukelo, zizifumana zichasene noBukumkani bukaMesiya.—1 Korinte 2:8; thelekisa uLuka 4:5, 6; 2 Korinte 4:4.
Ngoko, njengoko uYesu waxela kwangaphambili, abo babushumayela ngokuthembekileyo uBukumkani bakhe bayatshutshiswa. Baseza kuhlaselwa ngamandla ngakumbi. (Mateyu 24:9, 14; Daniyeli 11:44, 45; thelekisa uHezekile 38:14-16.) Noko ke, uYesu uya kuza ‘njengoKumkani kakumkani noNkosi kankosi’ ukuza kulwela abantu bakhe. Eli dabi liya kuphela oyise ngokupheleleyo uKumkani okhethwe nguThixo. Abahlaseli babantu bakhe kuya kufuneka ‘bafike ekupheleni kwabo, kungabikho ubancedayo.’ Bonke abanye ‘ookumkani’ baya kube bephelisiwe.—ISityhilelo 11:15, 18; 19:11, 16, 19-21; INdumiso 2:1-3, 6-9.
Ekubeni laqala ngowe-1914, “ixesha lokuphela” ngoku sele lihambele phambili. UYesu wathi isizukuIwana esabona isiqalo selo xesha sasiya kusibona kwanesiphelo salo. (Mateyu 24:32-34) Ngoko ke, sisondela ngokukhawuleza kwelo xesha lizukileyo laxa uKristu Yesu eya kuluthabathela kuye ngokupheleleyo ulawulo lwemicimbi yomhlaba aze amanyanise lonke uluntu oluthobelayo phantsi korhulumente wakhe omnye.
Ewe, kuza kubakho inguqulelo kulawulo kungekudala. Kanti oku kuya kuthetha ntoni kuwe? Bekungathetha ukuba ikamva lakho liya kuphela kunye noorhulumente babantu abakhoyo nabaxhasi babo. Okanye, kuxhomekeka kwikhondo lakho lesenzo, bekungathetha ubomi obungunaphakade nonqabiseko kwiparadisi esemhlabeni, exhaswa nelawulwa buBukumkani bukaThixo. Oku kunokungqineka kuyinyaniso ukuba uluxhasa ngokunyanisekileyo ulawulo lukaKristu kunye nezigidi zamaNgqina kaYehova ehlabathini jikelele.