Yenza Okungakumbi Kunokuthi: “Yothani, Hluthani”
“Ukuba . . . [uthi] ke omnye wenu [kubazalwana abasweleyo], Hambani ninoxolo, yothani, hluthani; nibe ke ningabaniki izinto ezo ziwufaneleyo umzimba: kunceda ntoni na? . . . Ukholo, ukuba luthi lungabi namisebenzi, lufile ngokukokwalo.”—YAKOBI 2:15-17.
1. Kwenzeka njani ukuba umzalwana waseNigeria aswele?
KUQIKELELWA ukuba uLebechi Okwaraocha wazalwa ngaphambi kowe-1880, ngoko ungaphezulu kuhle kwikhulu leminyaka ubudala. Wazuza njengelifa waza wanqula ijuju yabazali bakhe baseNigeria. Kwathi ke, xa wayekwiminyaka yakhe yama-80, waqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Wakusebenzisa oko wakufundayo waza wabhaptizwa. Ngaloo ndlela ube liNgqina malunga nama-30 eminyaka. Kungekudala nje, abadala bebandla akulo bamtyelela yena nomfazi wakhe ongumTshetshi oneminyaka engama-72 ubudala emva kwezantyalantyala zemvula. Bobabini babephelelwe lithemba—umgangatho wenqugwala labo wawuzele ngamanzi, yaye babengenazihlobo zokubanika indawo okanye zibancede ekulungiseni izinto. Ukuba wawulapho, ngewawenze ntoni? Ngaphambi kokufumanisa oko kwenzekayo, makhe siqwalasele amacebiso athile eBhayibhile.
2. Kutheni le nto sinomdla nje ‘kwimisebenzi emihle’?
2 UKristu Yesu “wazinikela ngenxa yethu, ukuze . . . azihlambululele abantu abangabakhe, abazondelela imisebenzi emihle.” (Tito 2:14) Le misebenzi isekelwe ekushumayeleni ngoBukumkani nokusindis’ ubomi. (Marko 13:10; ISityhilelo 7:9, 10) Noko ke, “imisebenzi emihle” yamaKristu iquka okungaphezulu kunokushumayela okubalulekileyo, kuba uYakobi ongumntakobo Yesu ngonina ucacisa ngale ndlela: “Unqulo lona oluhlambulukileyo, olungadyobhekileyo phambi koThixo uBawo, lulo olu: kukuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo; kukuzigcina engenabala kulo ihlabathi.”—Yakobi 1:27.
3, 4. Yintoni esinokuyifunda kweyoku-1 kuTimoti isahluko 3 kuse kwese-5 ‘ngemisebenzi emihle,’ nto leyo ekhokelela kuyiphi imibuzo?
3 Amabandla enkulungwane yokuqala ayebandakanyeke kuzo zombini ezi ndlela ‘zemisebenzi emihle.’ Kweyoku-1 kuTimoti isahluko 3, emva kokwandlala iimfaneleko zabaveleli nezicaka zolungiselelo, umpostile uPawulos wabhala ukuba “ibandla likaThixo ophilileyo [liyintsika] nesiseko sayo inyaniso.” (1 Timoti 3:1-15) Wabonisa ukuba amaKristu ahlala kwezo mfundiso ziyinyaniso ayengazisindisa wona, abasindise nabo bawevayo. (1 Timoti 4:16) Emva koko uPawulos waxubusha ‘ngomsebenzi omhle’ wokunyamekela ngokwasenyameni abahlolokazi abathembekileyo ‘nababebodwa.’—1 Timoti 5:3-5.
4 Ngenxa yoko, ukongezelela ekushumayeleni kwethu, sifanele sinikele ingqalelo ‘kwimisebenzi emihle,’ ‘enjengokuvelela iinkedama nabahlolokazi embandezelweni yabo.’ Banokwenza ntoni abadala nezicaka zolungiselelo kule nkalo, njengabo ‘bangabakhokeli’? (Hebhere 13:17) Abanye bethu banokubanceda njani ekwenzeni oku? Ibe yintoni esinokuthi thina ngokobuqu siyenze ekuphumezeni “imisebenzi emihle” elolu hlobo?
Abadala Abakhokela Kakuhle
5. UPawulos wahlangabezana njani nentswelo ekhethekileyo, ikukuphi okufana noko namhlanje?
5 Xa kwathi kwabakho intswelo ekhethekileyo kwaYuda, uPawulos, owayengumdala, wakhokela ekwenzeni amalungiselelo okunceda. Ukhokelo olunjalo lwanciphisa nakuphi na ukudideka; izinto zazinokusasazwa ngokulinganayo, ngokwentswelo. (1 Korinte 16:1-3; IZenzo 6:1, 2) Nabadala banamhlanje baye bakhokela kumalungiselelo okunceda emva kwezantyalantyala zemvula ezidal’ intlekele, ukukhukuliseka kodaka, amaza amakhulu, izitshingitshane, okanye iinyikima zomhlaba, ngaloo ndlela ‘bexunela nakwizinto zabanye.’—Filipi 2:3, 4.
6. Xa kwathi kwehla intlekele eKhalifoniya, eUnited States, basabela njani abadala?
6 UVukani! wesiNgesi kaOktobha 8, 1986, wanikela umzekelo wobuKristu obunjalo obusebenzayo. Abadala baye banceda xa kwathi kwagqabhuka indawo ekuthintelwa kuyo amanzi yaye oko kubangela ukukhukuliseka eKhalifoniya, eUnited States. Aba balusi bokomoya bakhawuleza bahlola umhlambi wabo ukubona ukuba ngubani na owayesenokuba ulahlekile okanye ofuna inyameko yonyango, ukutya, okanye indawo yokuhlala. Aba badala basebenzisana neofisi elikomkhulu lamaNgqina kaYehova ekwenzeni umgudu. KwamiseIwa ikomiti yokunceda, yaye njengoko amaNgqina angoowabo ayefika esiza kunceda, alungelelaniswa angamaqela okucoca nokulungisa amakhaya awonakeleyo. Abadala bavelela ukuthengwa nokusasazwa kwezinto ezaziza kusetyenziswa. Oku kubonisa ukuba xa kuvela iintswelo ezikhethekileyo nezilolo hlobo, ‘mfundi ngamnye unokugqiba ukupha okanye ukwenza ngokwamandla akhe,’ kodwa bekungabubulumko ukudibana nabaveleli basekuhlaleni uze ufumane ulwalathiso oluvela kubo.—Thelekisa IZenzo 11:27-30.
7. Kukuziphi iintswelo eziqheleke ngakumbi esifanele nathi sincede?
7 Ngoxa ngamathuba athile (ungumdala okanye ungenguye) ungakwazi ukunceda apho kukho intswelo enkulu khona emva kwentlekele, kukwakho nezinye iintswelo eziqheleke ngakumbi ezinokubaluleka ngendlel’ efanayo—ezo zisebandleni okulo. Ngenxa yokuba ezi ntswelo zisenokuba zezingachukumisi zimvakalelo njengentlekele enkulu, zinokutyeshelwa lula okanye zingagqalwa kangako. Kodwa iintswelo zasekuhlaleni eneneni ziluhlobo olukhankanywe kuYakobi 2:15-17. Ewe, ibandla okulo linokuba lucelomngeni olukhulu kwinto yokuba ‘ukholo lwakho lusenemisebenzi na okanye lufile.’
8. Abaveleli banokububonakalisa njani ubulumko ekusingatheni iintswelo ebandleni?
8 Ekukhokeleni, abadala bafanele bazabalazele ukuba ‘ngabalumkileyo nabaziyo.’ (Yakobi 3:13) Ngobulumko banokuwukhusela umhlambi kubaxhaphazi abaya kubazalwana (okanye kumabandla ngamabandla) beboleka imali okanye bethetha amazwembezwembe ukuze bafumane “uncedo.” Ngobulumko abaveleli abananceba ngobuvila, kuba umthetho weBhayibhile uthi: “Ukuba umntu akathandi kusebenza, makangadli nokudla.” (2 Tesalonika 3:10-15) Sekunjalo, abamele ‘bazivalele iimfesane zabo kubo’ bengamele babakhokelele ekubeni benjenjalo nabazalwana babo. (1 Yohane 3:17) Esinye isizathu sokuba kufuneka babonakalise ubulumko sikukuba iBhayibhile ayisiniki mithetho ingaphele ndawo ngokunyamekela abasweleyo nabalusizana. Iimeko ziyahluka ngokwamaxesha ngamaxesha nangokweendawo ngeendawo.
9. (a) Abahlolokazi abangamaKristu abafanelekileyo babenyanyekelwa njani ngenkulungwane yokuqala? (b) Luluphi uhlobo loncedo abanjalo abanokuthi bangenelwe kulo namhlanje?
9 Ngokomzekelo, kweyoku-1 kuTimoti 5:3-10 uPawulos waxubusha ngabahlolokazi abafanelekileyo ‘ababeshiywe bodwa.’ Izihlobo zabo ezikholwayo yayizizo ezazibophelelekile ngokuyintloko ukuba zibancede; ukutyeshela umsebenzi onjalo kwakuya konakalisa ukuma kwesihlobo eso noThixo. Noko ke, ukuba umhlolokazi osweleyo nofanelekileyo wayengenakulufumana uncedo ngale ndlela, kwakuyinto enokwenzeka ngabadala ukuba balungiselele uncedo oluthile lokuphathekayo ebandleni. Nakumaxesha akutshanje, amabandla athile aye abanceda abo baswele ngokukhethekileyo bakuwo. Noko ke, iindawo ezininzi ngoku zineenkqubo ezixhaswa ngerhafu ukwenzela abalupheleyo, abaneziphene, okanye abo bakulungeleyo ukusebenza kodwa bengenako ukuwufumana umsebenzi. Noko ke abadala abangamaKristu basengathanda ukunceda nangenye indlela. Bambi abaswele ngokwenene yaye bezifanelekela ngokupheleleyo iingenelo zikawonke wonke abazifumani ezi ngenelo kuba abayazi indlela yokwenza isicelo okanye baneentloni gqitha ukuba babuze. Ngaloo ndlela abadala basenokuthetha namaziko karhulumente okanye badibane namaNgqina anamava kule mibandela. Banokuthi ke balungiselele umzalwana okanye udade ofanelekileyo ukunceda lo usweleyo ukuba afumane ezi ngenelo zifumanekayo.—Roma 13:1, 4.
Ukulungiselela Uncedo Olusebenzisekayo
10. Njengoko besalusa umhlambi, abadala bafanele banikele ingqalelo entwenini?
10 Abaveleli abaphaphileyo ngokufuthi basisikhokelo sokuqinisekisa ukuba abalusizana nabasweleyo bayalufumana uncedo lwabazaIwana noodade abanothando. Abadala bafanele baziphaphele iintswelo zokomoya nezokwenyama njengoko besalusa bonke abasemhlambini. Kuyaqondakala ukuba, abadala bagxininisa kakhulu “ekuthandazeni nasekulungiseleleni ilizwi.” (IZenzo 6:4) Ngenxa yoko, bebengazama ukulungelelanisa izinto ukuze amalungu omhlambi alele ngandletyana-nye okanye asesibhedlele ondliwe ngokomoya. Abadala banokwenza ukuba iintlanganiso zirhekhodwe kwiteyiphu ukwenzela abo bangenako ukuya kuzo. Abadala nezicaka zolungiselelo abaphumzanayo ekuseni iiteyiphu bafumanise ukuba amatyelelo abo abenza ukuba badlulisele ezinye izipho ezizezokomoya. (Roma 1:11, 12) Kwangaxeshanye, banokuhlolisisa iintswelo anazo umntu ngelo xesha.
11. Zekelisa indlela uncedo ebelungalungiselelwa ngayo kudade osweleyo.
11 Basenokuphawula ukuba udade onesiphene esithile okanye owalupheleyo usenokuthi maxa wambi eze kwiHolo yoBukumkani, okanye abe nesabelo ngokufutshane kubulungiseleli basentsimini, ukuba udade othile ebengamnceda ekumhlambeni nasekumnxibiseni impahla. (Thelekisa INdumiso 23:1, 2, 5.) Abaveleli bebengade babele omnye weqela labo ukuba enze la malungiselelo. Ngokufanayo, bebengacela abanokuzinikela ebandleni ukuba bahambe nalo mntu ulusizana okanye bamkhwelise. Ukuba nocwangciso lwako oku bekungade kwenze izinto zihambe ngolungelelwano ngakumbi
12. Abanye banokusebenzisana njani nabaveleli ekuncedeni abagulayo okanye abalupheleyo?
12 Abadala basenokuqwalasela eminye imibandela apho uncedo belunganikelwa khona okanye apho amalungiselelo othando anokwenziwa khona. Ngokomzekelo, udade owalupheleyo okanye ogulayo ebengenako ukunyamekela indlu yakhe njengoko ebekade esenjenjalo. Ngaba izicaka zolungiselelo ezithile nabanye bebenganikela uncedo? Ukusika kwabo ingca okanye izihlahla bekungade kumenze azive onwabile, esazi ukuba indlu yakhe ngoku ayingonobangela wesigculelo elumelwaneni. Ngaba isitiya sakhe sifuna ukuhlakulwa okanye ukunkcenkceshwa? Ngaba ebengethi udade othile oya kuthenga ezityiwayo akulungele ukubonana naye aze ke athenge izinto ezifunekayo? Khumbula, abapostile babenomdla kwiinkalo eziluncedo ngolo hlobo, ibe balungiselela abo babekulungele ukwenza oko ebandleni ukuba bancede.—IZenzo 6:1-6.
13. Yintoni eyaba ngumphumo wokunceda kwabadala umzalwana waseNigeria okhankanywe ngaphambilana?
13 Inkxalabo enjalo yobuKristu yabonakaliswa ngabadala abakhankanywe ngaphambilana abathi, ngoxa babesenza utyelelo lokwalusa, bafumana uLebechi Okwaraocha nomfazi wakhe bekwimeko embi. Ngokukhawuleza intlanganiso yabadala yawusingatha lo mcimbi yaza yazisa ibandla ngento eyayiyicinga—ukuba kubuye kwakhiwe indlu. Abazalwana noodade abahlukahlukeneyo banikela ngezinto zokwakha baza ngokuzithandela banesabelo ekwakheni. Kwisithuba seveki, bakha indlu encinane eyomeleleyo neyafulelwe ngamazinki. Ingxelo evela eNigeria ithi:
“Abantu belali bamangaliswa yaye ngokuzenzekelayo nje bazisa ukutya neziselo kubazaIwana noodade ababexakekile besebenza iiyure ezininzi ukuze bawugqibe umsebenzi ngaphambi kokuba zibuye ezi zandyondyo zemvula. Abantu belali abaninzi bavakalisa izikhalazo mayela namanye amaqela onqulo athi, ngokutsho kwabo, aphange abantu endaweni yokubanceda abangamahlwempu. Esi siganeko sasingundaba-mlonyeni kubantu balapho. Abantu bale lali baye banendlebe evayo, ibe izifundo zeBhayibhile ezininzi zamakhaya ziye zaqaliswa.”
Isabelo Sakho Kule “Misebenzi Mihle”
14. Yiyiphi imbono esifanele sibe nayo yokwenza “imisebenzi emihle” kubazalwana bethu?
14 Kakade ke, sinokunceda ngokobuqu nangokungqalileyo kwiintswelo zabakhulileyo, abaneziphene nabasesibhedlele, okanye zabo basingqongileyo baxhwaleke ngenye indlela. Ukuba sibona indlela yokubonakalisa ubuKristu bokwenene, kungani singaqhubeki sizame ukunceda? (IZenzo 9:36-39) Okusiqhubayo asikokucinezelwa ngabanye, kodwa luthando lobuKristu. Into yokuqala ebandakanyekileyo kulo naluphi na uncedo olusebenzisekayo kukuba sibe nomdla nemfesane yokwenene. Kakade ke, akakho kuthi onokubabuyisela ebutsheni abalupheleyo, aphilise abagulayo ngemimangaliso, okanye enze ukuba ukuma okungokoqoqosho kwabo bonke abasebandleni kube kokulinganayo. Kodwa ngokuqinisekileyo sifanele sibe nomoya wokuxhalaba nowokupha. Xa sinawo, ibe nathi sisenza ngokuvisisana nawo, uya kulomeleza umanyano lothando phakathi kwethu nabo sibancedayo. Wenjenjalo phakathi koPawulos no-Onesimo, ngentelekiso owayengumKristu omtsha owathi ‘wamlungiselela uPawulos esezintanjeni.’—Filemon 10-13; Kolose 3:12-14; 4:10, 11.
15. Besingabanceda njani abathile abafanelekileyo abaswele ngokwenene?
15 Maxa wambi sisenokunceda kwintswelo yokuphathekayo ngesipho sobubele, enoba sithunyelwa ngaphandle kokuthi kukhankanywe igama losithumelayo okanye sinikelwe ngasese. Ngaba umzalwana uye walahlekelwa ngumsebenzi yaye akakwazi ukufumana omnye? Ngaba udade ujamelene nokuhlawula imali yonyango abengayilindele; ngaba uye wafumana ingozi okanye uphangiwe? Iimeko ezinjengale zinokuvela phakathi kwethu. Xa ‘siliza,’ uBawo wethu obona emfihlekweni uya kukugqala oko aze akholiseke kuko. (Mateyu 6:1-4) Okanye, kunokunikela ngemali, sisenokuthi, njengoYobhi, sikwazi ukunikela ngempahla kwabahlwempuzekileyo nezixa zokutya okanye izidlo eziphekwe ekhaya kusenzelwa ongumhlolokazi okanye ongenayise.—Yobhi 6:14; 29:12-16; 31:16-22.
16. Kungayiphi enye indlela esebenzisekayo olunokuthi uncedo maxa wambi lunikelwe ngayo? Zekelisa.
16 Amava akho okanye izinto odibene nazo zinokuba ngumthombo woncedo olusebenzisekayo. Umzalwana othile waboleka kuMzalwana uW——. Impendulo yakhe yobubele yayisithi:‘Kutheni uvakalelwa kukuba bendinganayo nayiphi na imali eyongezelelekileyo ukuba ndibolekise ngayo?’ Impendulo eyanikelwayo yathi: ‘Kungenxa yokuba ungumntu oyiphatha kakuhle imali yakho.’ Ngokusebenzisa ingqondo, uMzalwan’ uW——, owayedla ngokubolekisa ngemali kwabasweleyo, wacebisa wathi: ‘Mhlawumbi eyona nto uyifuna ngokwenene luncedo oluthile lokufunda ukuphatha imali yakho, ibe bendingakuvuyela ukukunceda ukuba uyalufuna uncedo lwam.’ Uncedo olunjalo luxatyiswa ngokukhethekileyo ngabazalwana abafuna ukuhlengahlengisa umgangatho wokuphila kwabo ufanelane neemeko ezintsha okanye abakulungeleyo ukusebenza nzima kwanakuhlobo lomsebenzi olujongelwa phantsi. Kakade ke, ukuba imboleko ifuneka ngokwenene, bekungaba yinto elungileyo ukwenza ingxelo ebhaliweyo yayo ukuze kungabikho zingxaki zivelayo kamva. Kanti, abazalwana abaninzi abangatyekelanga ekubolekeni imali bebengaluxabisa ngokunzulu uncedo abalunikwayo ngendlela yokuthi bacetyiswe okanye kwabelwane nabo ngamava. (Roma 13:8) Oku kuzekeliswa ngamava avela kwiNtshona Afrika abandakanya uEmmanuel:
Nangona uEmmanuel wayengumchebi oqeqeshiweyo, abantu ababecheba kuye babembalwa, ibe yamdakumbisa into yokuba engakwazi ukufumana imali yokuphila. Wandula ke umdala ophaphileyo ebandleni wabuza uEmmanuel ukuba wayengacingi na ngokwenza olunye uhlobo lomsebenzi. Waphendula ngokuthi, ewe, kuba wayengayi kuvumela iqhayiya lokuba ngovunyiweyo kumsebenzi othile lixabe endleleni. Lo mdala wathetha nezinxulumani zakhe waza wamlungiselela umsebenzi uEmmanuel njengomlindi esibhedlele. Uye waqhuba kakuhle kulo msebenzi ibe uye wakwazi ukunceda abanye ebandleni.
17. Ubungakwazi njani ukunceda umzalwana osesibhedlele? (INdumiso 41:1-3)
17 Xa umKristu onguwenu esesibhedlele okanye kwikhaya lokunyanyekelwa, lawo ngamathuba akhethekileyo okunceda. Kwakhona, umdla onyanisekileyo nenkxalabo zizinto ezisisiseko. Ubungazibonakalisa ezi ngokukulungela kwakho ukufundela lowo ugulayo uncwadi lwamaKristu olwakhayo okanye ukumbalisela amava akhuthazayo. Noko ke, ngaba kukho iintswelo ezingokwasenyameni onokunceda kuzo? Kwiindawo ezithile, iindawo zonyango zibiza irhafu ephakamileyo kangangokuba umntu ogulayo akahlanjwa okanye anikwe ukudla ngaphandle kokuba otyeleleyo enjenjalo. Ngoko, ukuba oogqirha bayavuma, ubungamzisela isidlo esinesondlo okanye umncede ekuhlambeni iinwele zakhe okanye umzimba. Ngaba isambatho esifudumeleyo okanye izihlangu ezithambileyo bezingaxatyiswa? (2 Timoti 4:13) Okanye ubungazinikela nokuba unyamekele umbandela othile okhathaza lo ugulayo? Mhlawumbi uxhalabele ukuba iya kutshintshwa njani na itsheke yakhe nokuba aya kuhlawulwa njani na amatyala akhe. Usenokunikela uncedo kwanangokumenzela izinto ezincinane, ezinjengokuqinisekisa ukuba iposi ayifumbi endlwini yakhe, ukuba izityalo ziyankcenkceshelwa, okanye izinja ziyondliwa.
18. Yintoni ozimisele ukuyenza mayela nabazalwana abasweleyo?
18 Ngokungathandabuzekiyo, ngamnye wethu unokufumana iindlela esinokunceda ngazo ekwenzeni kwethu okungakumbi kunokuba nje sithi: “Yothani, hluthani.” (Yakobi 2:16) Cinga ngabazalwana noodade abasebandleni okulo. Ngaba abathile abafanelekileyo baswele ngokwenene ngokwezinto eziphathekayo, bayagula, baneziphene, okanye balele ngandletyananye? Yintoni onokuyenza ngendlela esebenzisekayo ukunceda la malungu athandekayo ebandla elafelwa nguKristu? Ukuba nesi simo sengqondo kuya kukunceda ukuba ukulungele ngakumbi ukunceda ngokukhawuleza xa iingxaki zivela.
19. (a) Kutheni ukulungelelana kubalulekile nje kule nkalo? (b) Kukuphi okona kulunga kukhulu esinokukwenzela abanye, yaye kutheni oku kunjalo nje? (INdumiso 72:4, 16)
19 Ngokuzinikela ukuba sincede abazalwana bethu, siya kuba singqina ukuba ukholo lwethu alufanga. Olo kholo lukwalunye lusishukumisela ukuba sisebenze nzima ekushumayeleni kwamaKristu. Kufuneka silondoloze ukulungelelana phakathi kokunceda abanye ngokuphathekayo nokuba nesabelo ngokuthe rhoqo kumsebenzi wamaKristu ongowokuvakalisa iindaba ezilungileyo. (Thelekisa uMateyu 15:3-9; 23:23.) Isiluleko sikaYesu kuMarta nakuMariya sibonisa oko kulungelelana. Wathi ukuba umntu wayethelekisa izinto eziphathekayo nokudla kokomoya, kukudla kokomoya ‘okusisabelo esilungileyo,’ esingayi kususwa. (Luka 10:39-42) Abagulayo nabangamahlwempu baya kusoloko bekho kule nkqubo yezinto. Sinako, yaye sifanele, sibenzele izinto ezilungileyo. (Marko 14:7) Sekunjalo, okona kulunga kuhle nokuhlala kuhleli esinokukwenza kukufundisa abanye ngoBukumkani bukaThixo. Leyo yeyona nto wamilise ingqondo kuyo uYesu. (Luka 4:16-19) Leyo yindlela abanokuthi ngayo abangamahlwempu, abagulayo, abazintsizana, bafumane uncedo olusisigxina. Hayi indlela ekuluyolo ngayo ukunceda abazalwana bethu nabanye ukuba babeke ithemba labo kuThixo baze “babubambe ubomi obungunaphakade.”—1 Timoti 6:17-19.
Uyakhumbula Na?
◻ Yiyiphi “imisebenzi emihle” eyiyeyona ibalulekileyo emele yenziwe libandla lamaKristu?
◻ Abadala basekuhlaleni banokuyinikela njani ingqalelo elungeleleneyo ‘kwimisebenzi emihle’ ngokuphathelele iimeko ezingokuphathekayo zabazaIwanababo?
◻ Ngawaphi amanyathelo asebenzisekayo abengathatyathwa ngabadala?
◻ Ziziphi izinto eziluncedo obungazenza ukunceda abazalwana bakho okanye oodade abasweleyo?
[Ibhokisi ekwiphepha 17]
Ibandla Laba Nenkathalo
Isibini esasifudukele kwibandla elincinane kummandla osemaphandleni sanikela le ngxelo ibangela ukuba umntu acinge:
‘Kwiminyaka emithathu ediulileyo mna nomfazi wam sathengisa ikhaya lethu saza safudukela kwibandla elikude elalifuna uncedo lomntu okhulileyo ngenxa yokuba lalineengxaki ezithile. Kungekudala ndaba neembopheleleko ezine. Sasibathanda abazalwana yaye sasifuna ukusebenza kunye nabo. Ngokuhamba kweenyanga eli bandla lahlaziyeka ngokwasemoyeni, ibe abadala ababini abafanelekileyo bezakulo.
‘Umfazi wam waqalisa ukuba neengxaki zempilo, ibe kunyaka ophelileyo kwafuneka efumene utyando olukhulu. Ngomhia awangena ngawo esibhedlele, ndaba nesifo sesibindi. Kwiinyanga ezimbini kamva, ndalaliswa ngenxa yokuba imeko yezoqoqosho kuloo mmandla yayimbi gqitha. Imali yethu yaphela, ndaphelelwa ngumsebenzi, ibe sobabini sasizama ukuba sempilweni kwakhona. Ndadandatheka ngenxa yokuba indlbano yesithili yayisiza ibe ndandinenxaxheba kucwangciso. Ndandikwanesabelo kwindibano yesiphaluka kwiiveki eziliqela ezizayo. Kodwa ekubeni ndandingenamali, ndandingayazi indlela endandinokufika ngayo kwezi ndibano okanye ndlde ndinyamekele nentsapho yam. Ngenye intsasa umfazi wam waphuma esiya kwinkonzo yasentsimini, ibe ndahlala phantsi ukuze ndiphonononge imeko yethu.
‘Njengoko ndandikhangele ngefestile, ndazibuza ukuba, Ndimthembe ngabuni na uYehova? Umfazi wam ndandimxelele ukuba angakhathazeki, kodwa ngoku ndandiqalisa ukuthandabuza. Ndathi ke ndabonakalisa “ukholo lwam oluncinane” kuYehova ndimcela ukuba ancede. Ukugqiba kwam ukuthandaza, umzalwana wankqonkqoza emnyango. Wayefuna ukuba ndihambe naye siye kuphunga ikofu. Ndamcacisela ukuba kwakuya kulunga kum ukuba ndingenjinjalo, kuba kwakufuneka ndilungiselele inxalenye ethile ukwenzela intlanganiso yobo busuku. Noko ke, wandincancambela gqitha esithi kwakuza kuthabatha nje imizuzu embalwa. Ngoko sanduluka. Sabuya emva kwesiqingatha seyure, ibe njengoko ndandiphuma kwinqwelo-mafutha yakhe ndeva kuthe qabu.
‘Ekungeneni kwam endlwini, ndaphawula ukuba itaflle yasekhitshini yayizaliswe ngokudla okuthengiweyo. Ndacinga ukuba umfazi wam umele ukuba wayeye kuthenga. “Kodwa khawume kancinane, angayenza njani loo nto, kuba asinamali konke konke.” Ndathi ke ndabona imvulophu. Ngaphandle yayisithi:
“‘Ivela kubazalwana noodade benu, abanithanda gqitha. Ningafaki nayiphi na kwibhokisi yomnikelo. Sele nikulungiselelwe oko.”
‘Andizange ndikwazi ukuzibamba iinyembezi. Ndacinga “ngokholo oluncinane” lwam ibe oko kwandenza ndakhala ngakumbi. Emva koko umfazi wam wafika ekhaya. Ndalatha nje ekudleni nakwezinye izipho. Naye walila, kunye noodade ababini ababefike naye. Sazama ukucacisa ukuba sasingenakwamkela into eninzi kangako, kodwa oodade basixelela ukuba akukho wayesazi ukuba ngubani onikele ngantoni. Lonke ibandla laba nenxaxheba, ibe bakuthanda ukwenza oko ngenxa yokuba bavakalelwa kukuba sasibafundise indlela yokupha abanye. Oku kwathi nje kwabangela iinyembezi ezingakumbi!’
Kamva, xa wayebhala le ngxelo, umsebenzi walo mzalwana wawuthe chatha. Yena nomfazi wakhe babenesabelo kwinkonzo yobuvulindlela babancedani.
[Ibhokisi ekwiphepha 18]
Ubungqina Bothando LwamaKristu
Ibandla lamaNgqina kaYehova elikwintshona yeUnited States lajongana nemeko engaqhelekanga eyafuna ukuba libonakalise uthando lobuKristu, njengokuba lunconyelwa ziZibhalo. Kummandla walo, urhulumente wavula iziko lokunyamekela amaxhoba ahlaselwe ngokuqatha yicerebral palsy. Omnye wabantu bokuqala ukuza kuhlala kweli ziko yayinguGary, onama-25 eminyaka ubudala, nowayengasenakunyanyekelwa esekhayeni lakhe. Esi sifo samshiya efe imilenze neengalo, yaye nokuthetha kwakhe kwakuchaphazelekile.
UGary wayeliNgqina elibhaptiziweyo kangangeminyaka esixhenxe. Akuba ekweli ziko litsha, wafuna ukuya kwiintlanganiso zebandla lasekuhlaleni. Abazali bakhe babengahlali kude kangako, yaye kangangexesha elithile babemzisa ezintlanganisweni. Kodwa ngenxa yobudala babo, abanye abazalwana ebandleni baqalisa ukumnceda. Omnye wayenevenl. Ngoko yena, umkakhe neentombi zabo ezimbini babelungisa baze banduluke ekhayeni imizuzu engama-45 ngaphambi kweentlanganiso ukuze babenako ukuya kuthabatha uGary. Babeya kumbuyisela kwasezikweni emva kweentlanganiso, ngaloo ndlela befika ekhayeni ixesha selimke gqitha.
Noko ke kwabakho nto ithile evelayo kweli ziko. Amanye amaxhoba ecerebral palsy abonakalisa umdla kwinyaniso yeBhayibhile. Kungekudala amabini kuwo asamkela isifundo seBhayibhile. Kamva, nabanye babonakalisa umdla. Babeza kuziswa njani bonke ezintlanganisweni? Enye intsapho ebandleni yathenga iveni, yaye ishishini lamaNgqina asekuhlaleni lalungiselela ukuba kubekho iveni yesithathu. Kanti, maxa wambi ezi zithuthi zazinganeli okanye zazixakekiswa. Ngaba ibandla lalinokwenza okungakumbi?
Abadala bakuxubusha oku baza ke bacebisa ukuba kuthengwe iveni eza kukhwelisa abaneziphene kuphela ukuya nokubuya ezintlanganisweni. Ibandla lavumelana noko laza lanikela ngovuyo. Wambi amaNgqina akummandla ophahle lo awathi eva ngale nto yenziwayo nawo anikela. Iveni yafunyanwa yaza yafakelwa uphahia ukuze izihlalo ezinamavili zibe nokulayishwa kuyo.
Ngoku, nyanga nganye iqela leSifundo Sencwadi Sebandla elahlukileyo liba nesabelo ekuqhubeni le veni ukuya ezintlanganisweni nakwiindibano. Abahlanu abaphuma kwiziko lecerebral palsy beza rhoqo, abane kubo ngoku bangamaNgqina abhaptiziweyo. Baye baziwa baze bathandwa ngabazalwana noodade abaninzi abaye baba namava olonwabo lokunceda. Njani? Ngokubabambela amaculo nokubatyhilela izibhalo ebudeni beentlanganiso. Kwiindibano zesiphaluka nakwezesithili, bade babancede ukubatyisa nokubanyamekela abo bangenako ukuzenzela ezi zinto. Oku kuye kwavelisa ukuthandana okufudumez’ intllziyo ngokwenyaniso. Yaye kuthekani ngoGary? Ngoku ukhonza njengesicaka solungiselelo kweli bandla eliye lanikela ubungqina obunjalo bothando lwalo.—IZenzo 20:35.