IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w86 11/1 iphe. 3-4
  • Ngaba Siphila ‘Kwixesha Lokuphela’?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Siphila ‘Kwixesha Lokuphela’?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukubakho Kwemini Yembubhiso
  • UYesu, UDaniyeli Nokuphela Kwehlabathi
  • UYehova Uthembisa UDaniyeli Umvuzo Oncumisayo
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
  • Ukufanisa Abanquli Bokwenyaniso Ngexesha Lokuphela
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
  • Womelezwa Ngumthunywa Ovela KuThixo
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
  • Incwadi KaDaniyeli Kunye Nawe
    Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1986
w86 11/1 iphe. 3-4

Ngaba Siphila ‘Kwixesha Lokuphela’?

“Wena ke Daniyelo, wavalele amazwi la, uyitywine incwadi, kude kube lixesha lokuphela.”—Daniyeli 12:4.

UMNTU othile owayesitya wayedidekile. Njengoko wayekhangele phandle ngefestile yevenkile yokutyela ephakathi yaseManhattan eyikhangelele ezantsi iTimes Square, ekwisiXeko saseNew York, amehlo akhe wawaphosa nje kwiiwotshi ezintathu ezinamanani nezahlukeneyo, zonke zibonisa ixesha ngamanani amakhulu. Enye iwotshi yayisithi ngama-11:28. Enye, ngokungathi yayikuthandabuza ukuhamba kwexesha, yayithe chu ngasemva isithi ngama-11:26, ngoxa eyesithathu yayibaleka phambili ngokungenamonde isithi ngama-11:29.

Usenokuthi, ‘umzuzu omnye okanye emibini ayibalulekanga kangako.’ Noko ke, khawuzame ukweyisela umntu ngaloo mazwi, othe washiywa nguduladula, nguloliwe okanye yinqwelo-moya, engashiywanga ngemizuzu kodwa eshiywe nje ngemizuzwana! Ukwazi ixesha elichanileyo kubalulekile. Ukwazi ukuba sindawoni na kucwangciso lukaThixo lwexesha kubaluleke ngokude kwangakumbi.

Ukubakho Kwemini Yembubhiso

Kakade ke, njengoko usenokuba uyazi, abantu bebethetha ‘ngexesha lokuphela’—bambi besithi ‘ukuphela kwehlabathi’ okanye ‘imini yembubhiso’—kangangeenkulungwane. Umprofeti uDaniyeli wathetha ngalo kwiinkulungwane ezingama-25 ezadlulayo. (Daniyeli 12:4) Kodwa kumhla wethu, ngokutsho kombhali ozimeleyo uJames David Besser, “akusafuneki ube nokholo olungokonqulo okanye olungaphaya kwamandla emvelo ukuze ukuvume ukubakho kwemini yembubhiso; kufuna nje ukuba ubukele iindaba ku-mabonwakude.” Akuvumi na?

Ngokungathandabuzekiyo, umabonwakude wenza iindaba zehlabathi zaziwe ngakumbi ngokuthi adlulisele isiganeko eso kanye kumagumbi esihlala kuwo. Wenza iingxaki zibonakale zisondele kakhulu yaye izezobuqu ngakumbi. Usikhumbuza ukuba isixeko okanye idolophu ethile itshabalala kwimbubhiso yenyukliya enokubakho, usikhumbuza ukuba unyana okanye intombi iphathwa ngenkohlakalo kwiliza lolwaphulo-mthetho elinokubakho, usikhumbuza ukuba umama okanye utata wenziwa ixhoba kuhlaselo lobugrogrisi olunokubakho—kusenokwenzeka ukuba zonke ezi ngxaki zinokuba zezethu. Sekunjalo, zona ngokunokwazo ezi zinto azingqini ukuba imini yembubhiso iya kusifikela ngokukhawuleza. Kodwa ziyenza ibonakale iyenokwenzeka ngakumbi, yaye zibangela ukuba lo mbuzo, Ngaba siphila ‘kwixesha lokuphela’? ube ngongxamiseke ngakumbi.

UYesu, UDaniyeli Nokuphela Kwehlabathi

Ngaphezu kweenkulungwane ezili-19 ezadlulayo, abafundi bakaYesu bambuza bathi: “Uya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho, nowokupheliswa kwephakade eli [“ukupheliswa kwehlabathi,” King James Version]?” (Mateyu 24:3) Ekubanikeni kwakhe umqondiso, uYesu wathetha ngeenkalo ezininzi zobungqina, ezaziya kuthi zizonke ngendlela eyintlanganisela zibonise ukuba sifikelele ‘ukupheliswa kwephakade eli.’ Khawutyhile kwiBhayibhile yakho kuMateyu isahluko 24 nesama-25, kuMarko isahluko 13 nakuLuka isahluko 21, uze uzifundele ngokwakho ngezi nkalo.

Usenokumangaliswa kukufumanisa ukuba oko ukufundayo kuvakala phantse kunjengoshwankathelo lweendaba zikamabonwakude zanamhla. Uza kufunda ngeemfazwe, ngeenyikima zomhlaba ezinkulu, ngeendyikitya zokufa nangokunqongophala kokudla—konke kusenzeka ehlabathini lonke. Kwakhona uza kufunda ‘ngokuxinezeleka kweentlanga, zithingaza,’ uze ufunde nangabantu ‘abafa kukoyika nakukulindela izinto ezilizelayo elimiweyo.’ Ngaba unokufumana amazwi angakumbi afanelekileyo okuchaza imeko yehlabathi, ezithi iinkqubo zanamhlanje zikamabonwakude zisixelele okuninzi kangaka ngayo?—Luka 21:10, 11, 25, 26.

Obu bungqina bubambekayo bungeemeko zehlabathi bokuba siphila ‘kwixesha lokuphela’ abuphelelanga apho. Njengoko siye saphawula ngasentla, sifumana ubungqina obuqinisekisayo ngokuthi sibuye umva eminye iminyaka engama-500 kwimihla yomprofeti ongumYuda uDaniyeli. UYesu wabhekisela kuye ngegama, waza walatha kwinzaliseko yesiprofeto sakhe. (Thelekisa uMateyu 24:3, 15, 21 kunye noDaniyeli 11:31; 12:1, 4.) Ngokwenza oku, uYesu wabonisa ukuba amazwi kaDaniyeli ‘eTestamente eNdala’ wayengawagqali njengapheleIwe lixesha okanye angabalulekanga. Nathi asifanele sibe njalo.

Phawula imfano kumazwi kaDaniyeli nakulawo kaYesu njengoko kubonisiwe ngasentla. Yandula ke uzibuze, ‘Ngaba babengathethi ngento ekwanye?’

Kucacile ukuba uDaniyeli noYesu bobabini babexela kusengaphambili into efanayo, “ixesha lokuphela,” ebudeni bexesha uKristu awayeya kuthi ngalo abekho ekwigunya lobukumkani. Ekupheleni kwelo thuba lexesha, wayeza kutshabalalisa zonke iintshaba zakhe apha emhlabeni kwimbandezelo enkulu. Kodwa abantu bakaThixo babeza kusinda.

Ngaba ufuna ukuba phakathi kwabo basindi? Ngoko qwalasela ubungqina obunikelwa nguDaniyeli “ngexesha lokuphela.” Businceda siqonde ngokuchanileyo ukuba sindawoni na kucwangciso lukaThixo lwexesha.

[Ibhokisi ekwiphepha 4]

UDANIYELI

“Ngexesha lokuphela . . . uya kusuka eme uMikayeli [uYesu Kristu] . . . kuya kubakho ixesha lembandezelo elingazanga libekho elinjalo, kususela koko lwabakhoyo uhlanga, . . . Ngelo xesha baya kusinda abantu bakowenu.”—Daniyeli 11:40; 12:1.

UYESU

“Uya kuba yini na umqondiso wokufika kwakho nowokupheliswa kwephakade eli? . . .

“Kuya kubakho imbandezelo enkulu, ekungazanga kubekho injalo kwasekuqalekeni kwehlabathi . . .

“Ukuba ibingayi kuthi loo mihia inqanyulelwe, bekungayi kubakho nyama isindayo; . . . loo mihla iya kunqanyulelwa.”—Mateyu 24:3, 21, 22.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share