Iphupha Lityhila Indlela Eliphele Ngayo Ixesha
“UYEHOVA . . . nguThixo ophilileyo, ngukumkani ongunaphakade.” (Yeremiya 10:10) Akukho naliphi na ixesha athe ngalo waluncama ulawulo lwendalo yakhe, sibakala eso uKumkani uNebhukadenetsare weBhabhiloni yamandulo angazange asiqonde. Ukuze abethelele kuloo kumkani ungumhedeni ukuba “Osenyangweni unegunya ebukumkanini babantu,” uThixo wamenza waphupha waza wabangela umkhonzi Wakhe uDaniyeli ukuba achaze intsingiselo yalo.—Daniyeli 4:17, 18.
Eli phupha lalibandakanya umthi omkhulu kakhulu. “Ukuphakama kwawo kwafikelela ezulwini, nokubonakala kwawo ekupheleni kwehlabathi lonke.” Ngomyalelo kaThixo, loo mthi wagawulwa, kodwa isiphunzi sawo saphanjwa ngezibopho zesinyithi nezobhedu. Sasiza kuhlala siphanjiwe ade ‘amaxesha asixhenxe’ abe adlulile kweso siphunzi, ekwakuza kuthi emva koko loo mthi ubuye ukhule kwakhona.—Daniyeli 4:10-17.
UDaniyeli wacacisa wathi, “Umthi owubonileyo, . . . nguwe lowo, kumkani, . . . negunya lakho.” UNebhukadenetsare kwakufuneka agawulwe. Wayeza kuphulukana nobukumkani bakhe, ewe kwaneengqondo zakhe, yaye wayegwetyelwe ukuba abhadule emadlelweni njengerhamncwa lasendle ‘amaxesha asixhenxe.’ Kuphela kwakuza kuba semva kwethuba lexesha elimisiweyo ezaziya kuthi izibopho zokomfuziselo zisuswe, zibangela ukumkani abuyele ezingqondweni nasetroneni yakhe.—Daniyeli 4:20-27.
Kanye njengoko kwakuxelwe ngenx’ engaphambili, “konke oko kwamfikela ukumkani uNebhukadenetsare.” (Daniyeli 4:28) ILexicon Linguae Aramaicae Veteris Testamenti ithi la ‘maxesha asixhenxe’ ephupha likaNebhukadenetsare ayeyiminyaka esixhenxe yokoqobo. Ekubeni uNebhukadenetsare walawula iminyaka engama-43 (ngowama-624 kuse kowama-581 B.C.E.), esi sisigqibo esisengqiqweni.
Kubaluleke Ngantoni Oku Kuthi?
UYehova ebesoloko esebenzisa ulongamo lwakhe lwendalo iphela njengoko ebona kufanelekile. Kangangexesha elithile wakwenza oku emhlabeni esebenzisa uhlanga lukaSirayeli, abathi abalawuli balo kwathiwa ngokufanelekileyo kubo ‘bahlala etroneni kaYehova.’ (1 Kronike 29:23) Noko ke, xa uSirayeli wawexukayo, uYehova wabangela ukuba umnombo wobukhosi benzala kaDavide uchithwe.
Ngoko, hayi indlela ekwafaneleka ngayo ukuba kungekudala emva koko uThixo abe wayeza kunikela umqondiso kuKumkani uNebhukadenetsare—kanye lowo wavunyelwa ukuba atshabalalise ubukumkani Bakhe bokomfuziselo—wokuba oku nangayiphi na indleia kwakungathethi ukuba ulongamo olufanelekileyo lukaThixo lwalufikelele esiphelweni. Hayi indlela ekwakubaluleke ngayo ukuba abethelele kuye nakuzo zonke izizwe zeeNtlanga ezaziya kuthi emva koko zibunyathelele phantsi ubukumkani bukaThixo obumelweyo ukuba le meko yayikho yayiyeyokwexeshana nje kuphela!
Ngaloo ndlela, ingongoma yexesha laxa kwakunikelwa iphupha, umntu elalinikelwa kuye, nomxholo wolongamo lukaThixo elagxininisa kuwo, linentsingiselo engaphaya kwaleyo elalinayo kuNebhukadenetsare. Ezi zinto zithetha ukuba njengomthi ogawuliweyo onezibopho, ulawulo lukaThixo njengoko lwaluqhubeka eYerusalem, ngoku eyayitshatyalalisiwe, lwalungayi kubuyiselwa de ezo zibopho zithintelayo zibe zazisusiwe emva ‘kwamaxesha asixhenxe.’ Ngelo xesha, uMlawuli omela uThixo, “ophantsi ebantwini,” okubhekisela kuMesiya othenjisiweyo, wayeza kubekwa kuBukumkani bakhe. Mayela nexesha uThixo awayeza kwenza ngalo oku, abafundi bakaYesu bacela umqondiso.—Daniyeli 4:17; Mateyu 24:3.
Kukwakho nezinye iimbonakaliso ezicacisa ukuba ukusebenza okubhekele phaya kwephupha likaNebhukadenetsare kuchanile. Isiprofeto esibhalwe kuDaniyeli 9:24-27 salatha kunyaka ochanileyo wokufika kukaMesiya kwiminyaka engaphezu kwama-500 kamva.a Ke ukuba ixesha lokuza kukaMesiya njengomntu laxelwa ngenx’ engaphambili ngokuchane ngolo hlobo, ngaba akukho ngqiqweni ukugqiba ngelithi ixesha lokubuya kwakhe engabonakali nelibaluleke ngakumbi ekwigunya loBukumkani laliza kuxelwa ngenx’ engaphambili ngokuchana okufanayo? Ngubani owayenokukwenza ngokufaneleke ngakumbi oku kunoDaniyeli? Kwakhona, khumbula ukuba, emva kokuba ebhale ngemibono yakhe nesiprofeto esingephupha, kuquka nephupha likaNebhukadenetsare elingomthi, kwathiwa kuDaniyeli: “Wavalele amazwi la, uyitywine incwadi, kude kube lixesha lokuphela.” Kwakutheni ukuze kubekwe elo xesha? Kungenxa yokuba ebudeni belo xesha ‘ukwazi kwakuza kwandiswa.’ Ukuba oko kwakubhalwe nguDaniyeli kwakuza kuhlala kutywiniwe, kungaqondwa, kude kube “lixesha lokuphela,” ngaba oko kwakungayi kubonisa ukuba imibhalo yakhe yayiza kuba yeyembaluleka engokwesiprofeto ebudeni belo xesha?—Daniyeli 12:4.
“Amaxesha Asixhenxe”—Aqala Aze Aphela Nini?
Ngoxa wayenikela umqondiso wakhe, uYesu wathetha ‘ngamaxesha asixhenxe,’ ewabiza ngokuthi “amaxesha eentlanga.” Wathi: ‘IYerusalem iya kuqhubeka inyathelelwa phantsi ziintlanga, ade azaliseke amaxesha eentlanga’ (Luka 21:24) Umbhalo osemazantsi okwiOxford NIV Scofield Study Bible (yowe-1984) usixelela ukuba “loo ‘maxesha eeNtlanga’ [iKing James Version ewachaza ngokuthi “amaxesha amiselweyo eentlanga”] aqalisa ngokuthinjwa kukaYuda phantsi koNebhukadenetsare. . . . Ukususela ngelo xesha, njengoko uKristu watshoyo, iYerusalem ‘ibinyathelelwe phantsi ziiNtlanga.’”
Ayeza kuthabatha ixesha elide kangakanani loo “maxesha asixhenxe,” okanye “amaxesha amiselweyo eentlanga”? Ngokucacileyo, ayeza kuthi kratya ngaphaya kweminyaka yokoqobo esi-7 yeentsuku ezingama-360 umnye (njengoko yayibalwa njalo iminyaka yeBhayibhile), ezaziya kufikelela kwisimbuku sama-2 520 eentsuku. Umgaqo weZibhalo ubonisa ukuba usuku ngalunye simele silwenze unyaka. (Bona iNumeri 14:34; Hezekile 4:6; thelekisa ISityhilelo 12:6, 14.) Ukubala ngolo hlobo kwakuza kuthetha ukuba “amaxesha asixhenxe” athabatha ama-2 520 eminyaka. Ukuba aqalisa ngentshabalalo yeYerusalem ngowama-607 B.C.E., ayeza kuphela ngonyaka we-1914 C.E.
Ngaphezu kwamashumi amathathu eminyaka ngaphambi kowe-1914, amaNgqina kaYehova atsale’ ingqalelo kwimbaluleka yaloo nyaka. Phofu ke, okubangel’ umdla kukuba, incwadi ethi International Crisis, ebhalwe nguEugenia Nomikos noRobert C. North (yowe-1976), ithi kwakukho “ubungqina obuncinane okanye babungekho kwaphela bokukhula ngokuthe ngcembe okanye bokwanda kwemilo nonxunguphalo nto ezo ezakhokelela ngqo kuqhambuko lwemfazwe.” Ngokwahlukileyo koko, “ngasekupheleni kowe-1913 nasekuqaleni kowe-1914 . . . imicimbi phakathi kwamagunya ayintloko yabonakala izinze ngakumbi kunokuba yayinjalo kwiminyaka emininzi.” Kanti namhlanje, kumashumi asixhenxe eminyaka kamva, ababhali-mbali ngokwenene bathi owe-1914 yayingowenguqulelo kwimbali yoluntu. Ngokomzekelo, incwadi eneembekiselo yesiJamani iMeyers Enzyklopädisches Lexikon, ithi “imiphumo yeMfazwe Yehlabathi I ngokoqobo yayiyeyemvukelo yaza yahlekeza kakhulu abantu phantse bazo zonke iintlanga, kwezoqoqosho nakwezentlalo nakwezobupolitika.”
Imiphumo yobupolitika yeziganeko zowe-1914 yaziwa kakuhle. Iinguqulelo zentlalo owazenzayo zikhankanywe kwincwadi kaVirginia Cowles ethi 1913: An End and a Beginning. Ubhala athi, “Unyaka we-1913 waphawula isiphelo sexesha.” Ngokuphathelele imiphumo yezoqoqosho, uAshby Bladen, isekela-mongameli elikhulu kwiThe Guardian Life Insurance Company yaseMerika, uyabhala: “Ngaphambi kowe-1914 inkqubo yemali nemicimbi ephathelele yona ibiqhuba kakuhle. . . . Ukuba ubani uthabatha uAgasti we-1914 njengophawula umgca owahlulayo phakathi kwezi nkqubo, izinto ezingumahluko phakathi kwenkulungwane yeshumi elinesithoba neyamashumi amabini zibonakala kanobom. Kwiinkalo ezininzi zemicimbi yabantu kuye kwakho utyekelo oluye lwaguquka ngokupheleleyo. . . . Isizathu esinye esiyintloko yayikukuqhawuka kolwalamano oluphakathi kwemicimbi yemali kunye nayo nexabiso layo elisisiseko nto ezo ezaqalisa ngowe-1914. . . . Ukuqhawuka kolo lwalamano kwaba sisiganeko esikhulu. . . . Owe-1914 waphawula inguqulelo epheleleyo yaloo nkqubo neyathi ekugqibeleni yaba yeyintlekele.”
Liphele Kangakanani Ixesha?
Ubungqina bokuba umqondiso kaYesu ngoku uyazaliseka bufumaneka lula njengamaphephandaba okanye iindaba zikamabonwakude. Yaye bunikela inkcazelo echanileyo yokuba ubungqina bobalo-maxesha obuxhasa owe-1914 njengoko batyhilwa kwiphupha likaNebhukadenetsare buchanile. Ngoko namhlanje, kowe-1986, oku kuthetha ukuba sele sikuma-72 eminyaka ‘kwixesha lokuphela.’ UYesu wathembisa ukuba amalungu athile esizukulwana sabantu abakhule ngokwaneleyo ukunikel’ ubungqina ngesiqalo salo babeya kuba besaphila xa imbandezelo enkulu isizisa elo xesha kwisiphelo salo.—Mateyu 24:34.
Hayi indlela oko okumele kusishukumise ngayo ukuba sizigcine siphaphile, amehlo ethu ejonge phambili kwisityhilelo sikaThixo esingendlela eliphele ngayo ixesha! Hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba sikuphephe ukuba ngabangenamonde, ngokuzama ukuyibeka phambili iwotshi kaThixo size sibe nentlungu yodano kuphela! Kwelinye icala, hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuba sizilinde nxamnye nokuba sibe ngabangakhathaliyo, ngokuzama ukuyibeka emva, size sisuke sishiywe! Khumbula, okubandakanyekileyo kungaphezulu lee kunengozi yokushiywa nguduladula, nguloliwe okanye yinqwelo-moya. Ingozi kukuphoswa bubomi obungunaphakade kwinkqubo kaThixo entsha yezinto. Ibe bona buya kuba ýinto ebaluleke kakhulu ukuba ikuphose!
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane ingcaciso yoku, bona incwadi ethi “Let Your Kingdom Come,” iphepha 56-63, eyapapashwa ngowe-1981 yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Ibhokisi ekwiphepha 6]
Aphela Nini Ngenene “Amaxesha Asixhenxe”?
Bambi abantu baphikisa ngelithi nokuba “amaxesha asixhenxe” angawesiprofeto yaye nokuba aba ngama-2 520 eminyaka, amaNgqina kaYehova asengaphazamayo ngokubalaselisa owe-1914 kuba aqalisa ukubala ngomhla ongachananga. Bathi IYerusalem yatshatyalaliswa ngowama-587/6 B.C.E., kungekhona ngowama-607 B.C.E. Ukuba oko kuyinyaniso, oku bekuya kusibuyisela umva isiqalo ‘sexesha lokuphela’ ngeminyaka enokuba ngama-20. Noko ke, ngowe-1981 amaNgqina kaYehova apapasha ubungqina obeyisayo exhasa unyaka wama-607 B.C.E. (“Let Your Kingdom Come,” iphepha 127-40, 186-9) Ngaphandle koko, ngaba abo bazama ukushenxisa ukubaluleka kowe-1914 okungokweBhayibhile banokuwuchaza ke owe-1934—okanye nawuphi na unyaka—njengowawunomphumo onzulu ngakumbi nophawuleka ngakumbi nobalasele ngakumbi kwimball yehlabathl kunokuba wawunjalo owe-1914?
[Itshati ekwiphepha 6]
(Ukuze ufumane inkcazelo epheleleyo, jonga encwadini)
‘Amaxesha asixhenxe amiselweyo eentlanga’ (2 520 iminyaka)
607 B.C.E. IYerusalem yasemhlabeni yatshatyalaliswa
33 C.E. “IYerusalem” ‘yayisanyathelelwe phantsi’ (Luka 21:24)
Ixesha lokuphela
1914 C.E. “Ixesha lokuphela” liyaqala (Daniyeli 12:4)
1986 C.E. Iminyaka engama-72 ‘kwixesha lokuphela’ (Mateyu 24:3, 12, 22)
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Iphupho lika Nebhukadenetsare lisebenza ngokubhekele phaya nto leyo echaphazela wena!