Umbhalo Wesandla Oseludongeni Ngaba Uyawubona?
“Esandleni sakhe ukubona kwangaphambili ukuwa kwakhe, . . .
Kunjengombhalo oseludongeni.”
NGALA mazwi, umbhali waselreland wenkulungwane ye-18 uJonathan Swift wayechaza igosa lasebhankini. Lingqongwe ngabaxumi ababefuna imali yabo ibuyele kubo, lavakalelwa kukuba isiphelo salo sasikufuphi. Kangangeenkulungwane, eli binzana lithi ‘umbhalo wesandla oseludongeni’ belichaza ingozi esele kumbovu ukuba yenzeke.
Kodwa owona ‘mbhalo wesandla oseludongeni’ wokuqala wabonakala ngaphezu kweminyaka engama-2 500 eyadlulayo. Yaye ukuzaliseka kwawo okukhawulezileyo kwaguqula ikhondo lembali. Ukuze ihlolisiswe ngokungakumbi imvelaphi yeli binzana lithi ‘umbhalo wesandla oseludongeni,’ kufuneka sityhile kwincwadi yeBhayibhile kaDaniyeli. Oku kuya kusinceda sibone ukubaluleka kwezilumkiso eziqulethwe kwiZibhalo, yaye kumele kusishukumisele ukuba sithobele isilumkiso esibalulekileyo kumhla wethu.
Ukususela Kwincopho Yegunya
Kungobusuku bukaOktobha 5, 539 B.C.E. Abemi baseBhabhiloni bayasela yaye bayangqungqa. Nangona utshaba lwamaMedi namaPersi lukumasango ayo, isixeko sibonakala sinqabisekile. Iindonga zayo zingoomankanka, ngoko wonk’ umntu makazonwabise. Ewe, ingxolo yokwenziwa kwezidlo isenokuba ibonisa abangqingi ukuba esi sixeko sinokuhlala ixesha elide!
Kwiholo enkulu yebhotwe lakhe, yaye ngokungathandabuzekiyo ethwel’ amaphiko, uKumkani uBheleshatsare uhlolahlola abantu ababalulekileyo aye wabahlanganisela kwesi sihlandlo. Uyalela abakhonzi bakhe ukuba bangenise izitya zegolide nezesilivere awathi uyisemkhulu, uKumkani uNebhukadenetsare, wazithabatha kwitempile kaYehova eYerusalem kumashumi eminyaka ngaphambili. Edanduluka ngokumfaneleyo uBheleshatsare uthi, ‘kwezi zitya masisele iwayini sidumise oothixo bethu!’—Daniyeli 5:1-4.
Use Kwintshabalalo Epheleleyo
Ngequbuliso, ubuso bukaBheleshatsare buzaliswa luloyiko. Phaya, phambi kwesiphatho sesibane kufutshane nodonga, kuvela isandla size sibhale amagama amane alula kodwa ayimfihlelo. Ngoko nangoko, umculo nomngqungqo zithi xha. Ukumkani uyoyika yaye amadolo akhe ayabethana. Uthetha ntoni lo mqondiso? Kubizwa amadoda azizilumko nabavumisi ngeenkwenkwezi! Nabani na onokuchaza lo mbhalo uya kunikwa intlaninge yamawonga.—Daniyeli 5:5-7.
Wonk’ umntu ngokunxungupheleyo ulindele amadoda azizilumko ukuba athethe okuthile. Kodwa nawo axakiwe. Iyintoni intsingiselo enzulu yalo ‘mbhalo wesandla useludongeni’? Akukho namnye ulingayo ngokuthi aqashele ingcaciso, yaye nokumkani woyika ngokokude kwangakumbi.—Daniyeli 5:8, 9.
Esiva le nto yenzekayo, ukumkanikazi ungena eholweni. Ukhumbuza uBheleshatsare ukuba ebukumkanini kukho indoda yasemzini esisilumko eye yazingqina inobuchule. Ngokuvisisana noku, kubizwa uDaniyeli. Ngenkalipho, ukhumbuza ukumkani ngoko kwehlela uNebhukadenetsare kwiminyaka engaphambili. Ngoko, uDaniyeli uxelela uBheleshatsare ngoko kuza kwenzeka kuye, esithi:
“Nangu ke loo mbhalo wawubhaliwe: MENE, MENE, TEKELE, UFARSIN.
Nanku ukutyhilwa kwale nto: elokuba MENE lithi, UThixo ububalile ubukumkani bakho, wabuphelisa.
Elokuba TEKELE lithi, Wena ulinganisiwe esikalini, wafunyanwa ulula.
Elokuba PERES lithi, Buyahlulwa ubukumkani bakho, bunikwe amaMedi namaPersi.”—Daniyeli 5:10-28.
Inzaliseko Ekhawulezileyo
Ngaba uBheleshatsare kuza kufuneka alinde ithuba elide ukuze abone ukuba amazwi kaDaniyeli achanile? Makhe sibone oko kwenzekayo ngokulandelayo size siqwalasele iziganeko ezinembaluleka enkulu kunokuba yimbali nje.
Imikhosi yamaMedi namaPersi ibisemba imisele ukuze ijike uMlambo umEfrati ompompozela kwisixeko saseBhabhiloni. UKumkani uKoreshi ebelindele le ngokuhlwa ukuba aphumelelise icebo lakhe, enethemba lokuba amaBhabhiloni akazikulinda ngenxa yokuba kusebusuku. Ngoku imisele iyavulelwa. Akuba nje amanzi omlambo ojikiweyo ewuthe ngokwaneleyo, amajoni enza ungcelele ukwehlis’ amacala omlambo angene phakathi kanye emlanjeni.
Ngobu busuku amasango esixeko avulekela kulo mlambo ayeshiywe evulekile, mhlawumbi ngenxa yokuzithemba ngokugqithiseleyo. Umkhosi wamaMedi namaPersi ungena esixekweni ngokungalindelekanga. Umkhosi uyaphumelela ekungeneni kwibhotwe lasebukhosini, yaye uBheleshatsare uyabulawa. Ubukhosi obukhulu beBhabhiloni buwile.—Daniyeli 5:30.
Intshabalalo Equbula Ngokufanayo
Ukuchana kwengcaciso kaDaniyeli kubonisa ubunzulu bezilumkiso zeBhayibhile. Amazwi amva awabhalwa ngumpostile uPawulos abonisa ukuba kukho ezinye iziganeko ezizezequbuliso nezibalulekileyo ezisaza kuza. Kwincwadi yakhe yokuqala ephefumlelweyo eya kumaKristu aseTesalonika, ubhala oku: “Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalaliso [evela kuThixo] ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kukha basinde.”—1 Tesalonika 5:3.
Kodwa kanye njengokuba uDaniyeli namaYuda bathi basindiswa ekuweni kweBhabhiloni, ngoko kunokwenzeka ukusinda kule ntshabalalo izayo ivela kuThixo. Njani? Ngokuhlala siphaphile ngokomoya yaye ngaloo ndlela sinandiphe inkuselo kaYehova. UPawulos wathi, “Ke nina, bazalwana, anisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela.”—1 Tesalonika 5:4.
UPawulos wayebhekisela ‘kwimini kaYehova,’ ixesha lokungenelela kukaThixo kwimicimbi yabantu esebenzisa uBukumkani bukaThixo obungoMesiya. (1 Tesalonika 5:2) Simele siwulindele nini lo ‘mbhalo wesandla useludongeni’—imiqondiso esilumkisa kusengaphambili ngolu ngenelelo? Isiprofeto sangaphambili, esibhalwe kuDaniyeli isahluko 2, siphendula umbuzo wethu.