Ngaba Ukhangela Iqabane Ebomini
“AKUKHO lwalamano, okanye buqabane bunothando, bunobuhlobo nobunomtsalane obudlula umtshato olungileyo.” Ngoko kuye kwathethwa oko. Ngenxa yoko, akumangalisi ukuba izigidi zabantu abangatshatanga bezingathanda ukufumana iqabane ebomini.
Bambi bakhangela kwikhompyutha njengonozakuzaku, abanye bakhangela kwiinkwenkwezi. Kodwa hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukukhangela kuMdali wethu, onguMyili womtshato! (Genesis 2:18-24) Umdla nobulumko bothando lukaThixo zinikela isiseko esiqinileyo sokuthemba isiluleko nemigaqo yakhe esincedayo ukuba sazi oko masikukhangele kwiqabane lomtshato. (INdumiso 19:7) ILizwi lakhe lisiyalela ngolu hlobo:
‘Tshatani Kuphela NgokwaseNkosini’
Ngoba? Oko kungenxa yokuba uYehova uThixo uxhalabele impilontle yethu kanaphakade. Isiluleko sompostile uPawulos ‘sokutshata kuphela ngokwaseNkosini’ sivisisana nento eyayisenziwa ngabakhonzi bakaYehova bangaphambili ababekhetha abo ngokufanayo babengabanquli bokwenyaniso njengamaqabane omtshato. (1 Korinte 7:39; Duteronomi 7:3, 4) Iingenelo zokwenza oko zininzi yaye zifanele zihlale zikhunjulwa.
Ngokomzekelo, iqabane lomtshato elihlonela uThixo linokuba negalelo ekunyanisekeni kwethu okuqhubekayo kuBawo wethu wasezulwini onothando. (Thelekisa INtshumayeli 4:9-12.) Amaqabane angamaKristu anokukhuthazana yaye anokuhlangabezana neemvavanyo ezahlukahlukeneyo ngokunempumelelo. Ngomanyano, anokuzixhathisa iingcinezelo ezinokwenza buthathaka amaqhina omtshato. Ekubeni omabini ekhangele kuYehova yaye esebenzisa isiluleko sakhe esimangalisayo, ngokulula ngakumbi anokuzilungisa iindawo ezirhabaxa aze asebenzisane ngemvisiswano kunokukhuphisana. Imigudu yawo enyanisekileyo yokukhonza uYehova nokuxonxa ubomi bawo ngokuvisisana neendlela zakhe iya kufak’ isandla kumtshato onempumelelo ozukisa uMdali wethu.
Kwiminyaka ethile eyadlulayo, intombi egama linguGloria yaba nonxulumano olusondeleyo nomfana owayesiya kwiintlanganiso zamaKristu nowayede agqabaze kwiSifundo seMboniselo. Yafumana isilumkiso sokuba ingaqhubeki inxulumana ngokusondeleyo nalo mntu ungabhaptizwanga, kodwa “yayithabatheke gqitha” kangangokuba ayizange isisebenzise eso siluleko. Kanti, yayisazi ukuba isiluleko sasilungile. Ngoko ngaminazana ithile yathandaza kuYehova ngokunyaniseka, icela uncedo lwakhe kulo mbandela. Kamsinya emva koko, kwafumaniseka ukuba lo mfana wayeziphethe kakubi, yaye ngoko ke uGloria ngokukhawuleza wabuphelisa ubuhlobo. Ekugqibeleni watshata nomfana omhle ongumKristu. Namhlanje, ungumdala omiseIweyo, yaye abantwana babo ababini bakhuthele enyanisweni. Njengokuba ekrwaqula ngasemva, uthi: “Ngoncedo lukaYehova, ndiye ndaphepha iingxaki ezininzi. Ngenxa yoIwalathiso lwakhe, ndiye ndafumana esona siluleko silungileyo, esindenze ndaphila ubomi obonwabisayo kunye nendoda enothando.”
Kutheni Bekhangela Ngaphandle Nje?
Ke ngoko, kutheni le nto umntu ozahlulele kuYehova ebengakhangela ngaphandle ukuze afumane iqabane lomtshato? Ngaba loo mKristu akeyisekanga lelokuba uYehova uyakwazi yaye esinqwenelela okona kulungileyo? (IMizekeliso 3:1-7; INdumiso 145:16) Kuthekani ngawe? Ngaba uyakholelwa kwelokuba uYehova ‘unguThixo wenyaniso’? (INdumiso 31:5) Ukuba kunjalo, ngoko ngokuqinisekileyo uyaqonda ukuba usoloko esinika icebiso elithembekileyo elifanelekileyo nelinengenelo. (Isaya 48:17, 18) Eneneni, uBawo wethu wasezulwini onothando usinika isiluleko ecinga ngempilontle yethu kanaphakade, kodwa sisengathi ngokungakuboni okusengaphambili siwaphelelisele amacebo ethu kwikamva langoku. Noko ke, xa sikhangela iqabane ebomini, ngaba asifanele sicebele okungakumbi kunekamva langoku?—INdumiso 37:11, 29.
Ngaba ngenene uyakholelwa kwelokuba uBukumkani bukufuphi yaye kungekudala buya kuthabath’ inyathelo lokucoca lo mhlaba? Yaye ngaba unomfanekiso-ngqondweni wakho ukuloo Paradisi yehlabathi lonke eyaxelwa kwangaphambili? Okanye ngaba unqwenela ukunandipha ngokuzeleyo le nkqubo yezinto ikhoyo? Ngaba ukhangela iqabane elinamandla okukulungiselela uhlobo lobomi obulungileyo? Okanye ngaba ufuna elo ligcina unqulo lokwenyaniso lukwindawo yokuqala? (Mateyu 6:33) Eneneni, yintoni eyona nto iphambili ebomini bakho? Kububulumko ngathi ukuba sihlolisise iingcinga neentshukumisa zethu zangaphakathi. Ngoko, ukuba oko kuyimfuneko, sinokwenza uhlengahlengiso size ngaloo ndlela siphephe ikhondo lesenzo elisenokungamkholisi uYehova.—Thelekisa INdumiso 78:40, 41.
Intliziyo Yethu Enenkohliso
UYeremiya 17:9 ulumkisa ngelokuba “intliziyo inenkohliso ngaphezu kweento zonke.” Ngoko kufuneka sihlale siyihlola. Kukwakuhle ukukhumbula ukuba abo bangasikhathaleliyo isiluleko esiphefumlelweyo seBhayibhile namazwi akhumbuzayo anikelwa ngothando ngabadala nangabanye abasebandleni ngokufuthi bayazililela yaye beva ubuhlungu bentliziyo.
‘Kodwa unokuyithetha njani loo nto?’ omnye usengabuza ngelitshoyo. ‘Kukho omnye umzalwana endimaziyo ongazange atshate mnquli unguwabo, yaye ngoku bobabini bakhonza uYehova.’ Kuyinyaniso ukuba, kwiimeko ezimbalwa imicimbi iye yaphumelela ngaloo ndlela, yaye kuyasivuyisa ukuba omabini amaqabane ngoku ‘ehamba enyanisweni.’ (3 Yohane 4) Sekunjalo, umzalwana owatshata umntu ongabhaptizwanga wayeswele intobelo. Ngaba loo moya wokuzilawula uza kubonakala kwakhona? Ngaba usengahendeIwa ekucingeni ukuba wazi ngakumbi kunoThixo aze ngaloo ndlela angasikhathaleli isiluleko seBhayibhile aze athembele kubulumko bakhe kwenye imeko esezayo? Sikhuthazwa ukuba ‘sikholose ngoYehova ngentliziyo yethu yonke’ (IMizekeliso 3:5) Oko kuthetha ukukulungela ukuzithoba ekuthandeni kukaThixo ezintweni zonke. Ngoko sifanele sifune ukuba nentliziyo ethobekileyo, leyo yokuhlangabezana novavanyo Iwentobelo nakwizinto ezincinane. (Luka 16:10) Ukuba asimthobeli uThixo, luhlobo luni lomzekelo esiwuvelisayo? Umzalwana ongazange ‘atshate ngokwaseNkosini’ mhlawumbi ngoku uyayiqonda impazamo yakhe ngokwenza izinto ngendlela yakhe yaye uye wafuna ukuxolelwa nguYehova. Kodwa ngaba leyo yindlela ofuna ukuwuqalisa ngayo umtshato wakho?
‘Kodwa isithandwa sam sesiqalisile ukufundisisa iBhayibhile yaye siyaya kwiintlanganiso zamaKristu,’ uthile ongomnye usenokuvakalisa oko. Ewe, kodwa kutheni sifundisisa nje? Ngaba sifundisisela ukuba sifumane iqabane lomtshato okanye ukuze sifunde ngoYehova uThixo size simkhonze? Kulo lonke ixesha lokuthandana ngaphambi komtshato iintshukumisa zendoda zisenokuthandabuzeka. Yintoni oya kuyifumanisa emva komhla womtshato? Kakade ke, usenokulinda de isithandwa sakho sibhaptizwe nize kamsinya emva koko nimisele umhla womtshato. Xa sithetha inyaniso, ‘utshate ngokwaseNkosini.’ Kodwa ngaba wenze ngokuvisisana nesi siluleko?
Ngaba kukho nto uyiphawulileyo xa umzalwana enconyelwa ukufumana amalungelo athile enkonzo? Ngaba kwanele ukuba abe ngobhaptiziweyo? Hayi, kunoko, umzalwana onjalo ‘uyacikidwa kuqala.’ (1 Timoti 3:10) Ngaba sinokufunda isifundo koko? Ewe. Nqumama, khangela uze uphulaphule. Nqumama uze ucinge ngobunzulu bomtshato. Khangela lo mntu uza kumtshata, ungamjongi nje ngamehlo amnyama ngokuqhutywa yintabatheko, kodwa mkhangele ngenjongo. Yaye phulaphula. Ngaba uthetha ngokusuka entliziyweni ngamazwi othando angawokudumisa uThixo? Kwakuba kudlule ixesha elaneleyo, ngaba uye wabonisa ubungqina bokukhula kobuKristu? Emva kokuba eye wabonisa ukuthembeka neemfaneleko zakhe zokomoya, kulungile ke ungaqalisa ukumqwalasela njengalowo kunokwenzeka ukuba abe liqabane ebomini. Nanga amazwi embongi esisilumko:
“Ntombi! eli bali ndilibalisayo
Linesifundo esilapha kulo—
Khetha kungekuphela nje iqabane elifanelekileyo,
Kodwa kwanexesha elifanelekileyo lokutshata.”
Kunokwenzeka ntoni ukuba intliziyo yethu isibangela sisiphose kwesinomhlwa isiluleko esihle nokuqiqa okunenjongo? Imiphumo inokuba yeyintlekele. Khumbula, iBhayibhile isiluleka isithi:
‘Uvuna Okuhlwayeleyo’
Qwalasela okwenzeka kuJacqueline. Umdala wamluleka ngobuhlobo awayebenza nomfana ongaphandle kwebandla lamaKristu. Kodwa kuba wayenemvo yokuba abazalwana bangqongqo gqitha, akazange aluphulaphule uncomelo olwalusekelwe eBhayibhileni. Ecinga ngesimo sakhe sengqondo, kamva wavuma esithi: “Umntu ubona oko afuna ukukubona ingekuko oko uYehova akubonayo nakuthethayo.” Loo mfana waqalisa ukufundisisa iBhayibhile yaye ekugqibeleni wabhaptizwa. Kungekapheli neenyanga ezintathu babesebetshatile.
Iingxaki zavela ngokukhawuleza okukhulu. Enyanisweni, zaqala besesekhefini lokubethwa ngumoya emva komtshato! limpawu ezinganqwenelekiyo uJacqueline angazange aziphawule okanye ngokufanelekileyo awazibetha ngoyaba ngoko zaqala ukubonakala. Wayephuphe ngomtshato owonwabisayo nonomanyano, kodwa, ngokubuhlungu, okwangqineka kuyinyaniso yayisisichasi soko. Indoda yakhe yasuswa kubudlelane yaza yamshiya yena nabantwana babo ababini. Ngoku umele ahlangabezane kungekuphela nje neengcinezelo ezingokoqoqosho zale nkqubo idodobalayo kodwa kwanocelomngeni lokukhulisa abantwana ababini, enyamekela iintswelo zabo zasemzimbeni nezingokweemvakalelo. Yintoni uJacqueline aye wayifunda kula mava akrakra? Uthi, “Yintobelo. Nangona isiluleko sinokubonakala singqwabalala okanye sisenokungabonakali sikulungele, ufanele usiqwalasele njengesivela kuYehova yaye ufanele usithobele ngokupheleleyo.”—Galati 6:7; INdumiso 86:11.
Qwalasela omnye umzekelo. uMaritza wadibana nowayeza kuba ngumyeni wakhe emsebenzini. Wambonisa izinto ezisehlabathini angazange azazi uMaritza ngaphambili—yaye azizange zibonakale zimbi kangako kuye. Le ndoda yayifunde gqitha, inesimilo, yaye yayinokuthetha ngobukrelekrele kwimibandela emininzi. Nangona wanikwa izilumkiso ezininzi ezisekelwe eZibhalweni, azizange zingene nzulu kuye. Wayethabatheke gqitha ‘luthando’.
Kungekudala iintlanganiso zamaKristu zamkruqula uMaritza, zingenako ukubengezela okwakukwiingokuhlwa ezichwayitisayo awayezichitha neqabane lakhe elimonwabisayo. Ngaphambi kokutshata kwabo, yathembisa ukuba yayingayi kuziphazamisa iintlanganiso zakhe zamaKristu, yaye ke ayizange iziphazamise. Noko ke, ngokuthe ngcembe wazifumana exakekiswe yeminye imibandela kangangokuba imisebenzi yakhe yokomoya yatyhalelwa kwindawo yesibini, yaye waqalisa ukuphola.
Kuthekani ngezo ncoko zonwabisayo? Ngokuthe ngcembe zaphela, yaye ekugqibeleni umyeni wakhe waqhawula umtshato naye, emshiya nabantwana abane abaneminyaka emine ukuya kwesithoba ubudala. Ukothuka kwamshiya uMaritza ethe thwanga, yaye kwaba semva kweminyaka emithathu kuphela awathi waziva ezole ngokwaneleyo ukuba acingisise ngokwakwenzekile noko wayengakwenza ngobomi bakhe. Wayesoloko ezixelela oku: “Ukuphila kukuzivisa nje ubuhlungu.” Kodwa oko akuzange kumanelise kuba wayesayikhumbula laa minyaka yaxa wayonwabile, xa wayede anandiphe nomoya opholileyo obetha ebusweni bakhe ngoxa ephumile ekubulungiseleli basentsimini, esabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo zoBukumkani.
“Kwowu, engakanani yona intlungu nengqumbo engendandiyiphephile ukuba nje ndandiphulaphule!” UMaritza wadanduluka esitsho. Ngoncedo lwamaqabane afunda nabantwana bakhe, kwakhona wadibana namaNgqina kaYehova. Umdla wakhe enyanisweni nokuthanda kwakhe uYehova kwaphenjelelwa kwakhona, yaye ngoku yena nabantwana bakhe bakhuthele kule nkonzo yakhe. Ngoku uMaritza ngentliziyo epheleleyo uncomela oku: “Funda ukuzithoba kulwalathiso uYehova alunikelayo uze uqonde ukuba uYehova usebenzisa abantu osenokungabacingeli ukuze benze ukuthanda kwakhe kwaziwe.” Kunjengokuba uYesu Kristu wathi: “Lumkani ngoko ukuva eniva ngako.” (Luka 8:18) Ewe, nqumama, khangela uze uphulaphule!
Phos’ iliso nje ecaleni kwakho ebudeni bentlanganiso elandelayo kwiHolo yoBukumkani. Ngokungathandabuzekiyo uya kubona izibini ezininzi ezonwabileyo ezitshatileyo nezingamaKristu yaye uya kuluphawula uvuyo lwazo ekwabelaneni ngexesha nangamava. Kwelinye icala, usenokubona abathile abalapha bebodwa kuba benamaqabane angakhoIwayo. Hayi indlela abanqwenela ngayo ukuba amadoda okanye abafazi babo ngebelapho kunye nabo! Ngokufuthi kufuneka bangxame ukusinga ekhaya emva nje kwentlanganiso yaye bamele baphoswe kukuncokola nokunxulumana okwakhayo namakholwa angoowabo. Ngaba ukulungele ukuzibeka ngokungeyomfuneko kwingozi yokuzifumanisa ukwiimeko ezifana nezi ngenxa yokugatya isiluleko ‘sokutshata kuphela ngokwaseNkosini’? Kunoko, hayi indlela ekububulumko ngayo ukulandela imiyalelo kaYehova uze ngaloo ndlela uphephe imiphumo ebuhlungu!—INdumiso 119:9; IMizekeliso 28:26.
Lindela KuYehova
Usenokuthi, ‘Kodwa andiboni namnye apha ebandleni. Bambalwa gqitha abantu abaziintanga zam apha.’ Oko kusenokuba njalo. Kodwa ngaba weyisekile lelokuba uYehova ufuna ukuba wonwabe? ‘Ukukhathalele.’ (1 Petros 5:6, 7) Uyawukhumbula na laa mzekeliso uthi: “Umfazi onengqondo uvela kuYehova”? (IMizekeliso 19:14) Ngoko, kutheni ke le nto ungakhe uqwalasele umbandela womtshato ngomthandazo?—Filipi 4:6, 7.
Uyamkhumbula na uHana nomnqweno wakhe wokufumana umntwana? Wenza ntoni? Wazityand’ igila ekhunga uYehova, ethembele kuye ngokupheleleyo. Wathi ke washiyela izinto ezandleni zikaYehova. Ngexesha elililo, wafumana impendulo emangalisayo kumthandazo wakhe—ukuzalwa konyana.—1 Samuweli 1:9-11, 18-20; INdumiso 62:8.
Nangona besenokuba mbalwa abantu abangoontanga bakho kwibandla lasekuhlaleni, kunjani ke kwiindibano zesiphaluka nezesithili? Siya kwiindibano ezinjalo ukuze sizuze ngokomoya. Kodwa abo bazinikelayo ukusebenza kumaxesha anjalo baye bafumana ulwaneliseko lokukhonza abanye nokudibana nabazalwana noodade abakhonza uYehova ngomphefumlo uphela. Yaye kwizihlandlo ezinjalo, kunokwenzeka ukuba uya kudibana noza kuba liqabane lakho ebomini.
Kodwa nokuba ngoku akunakulifumana iqabane elingumKristu elifanelekileyo, ngomthandazo kholosa ngoYehova ukuba akuncede ufune ubomi obunyulu njengomntu ongatshatanga. Yaye ngoxa ungekatshati ngoku, hlakulela iimpawu nobuchule obuya kukwenza ukuba ube yindoda nobawo olungileyo okanye umfazi nomama olungileyo. (Galati 5:22, 23) Abaninzi baye bancedwa ukwenza nje oko ngokungenela ubulungiseleli bexesha elizeleyo njengoovulindlela. Enjani yona ukulunga ngokungakumbi indlela yokusebenzisa ixesha namandla akho!
Ngoko, ukuba ufuna iqabane ebomini, uya kuqala phi? Kwanga ungaqala phakathi kwabanquli abangoowenu abakhutheleyo bakaYehova, abo banosukelo olufana nolwakho ebomini nabanomnqweno onzulu wokumkhonza ngonaphakade. (2 Timoti 2:22) Yaye ukuba uYehova ukusikelela ngeqabane eloyik’ uThixo ebomini, kwanga umtshato wakho ungangulowo uzukisa uThixo wethu onothando.
[Amagama acatshuliweyo akwiphepha 29]
“Kwowu, engakanani yona intlungu nengqumbo engendiyiphephile ukuba nje ndandiphulaphule!”