Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Ukholo Olukhulu Lwegosa Lomkhosi
XA UYESU enikela iNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uye wafikelela malunga nesiqingatha kubulungiseleli bakhe basekuhleni. Oku kuthetha ukuba ushiyekelwe phantse ngunyaka neenyanga ezisithoba kuphela ukuba aqoshelise umsebenzi wakhe emhlabeni.
Ngoku uYesu ungena kwisixeko saseKapernahum, uhlobo lwekhaya eliliziko lemisebenzi yakhe. Apha amadoda amakhulu amaYuda asondela kuye enesicelo. Aye athunyelwa ngoligosa kumkhosi wamaRoma ongoweeNtlanga.
Umkhonz’ othandekayo wegosa lomkhosi usecicini lokufa ngenxa yesigulo esibi, yaye lifuna uYesu ukuba aphilise umkhonzi walo. La maYuda ngokunyanisekileyo abongoza egameni legosa, athi: “Ukufanele oko lowo ungamenzelayo oko; kuba uyaluthanda uhlanga Iwethu, wasakhela nendlu yesikhungu yena.”
Engathandabuzi, uYesu uhamba nala madoda. Phofu ke, xa besondela, igosa lomkhosi lithumela abahlobo ukuba bathi kuye: “Nkosi, ungazikhathazi, kuba andikulingene ukuba ungade ungene phantsi kophahla lwam; kungoko nam ndingakufanelanga ukuda ndize.”
Enjani yona imbonakaliso yokuzithoba kwigosa eliqhele ukunikel’ imiyalelo kwabanye! Kodwa kwakhona mhlawumbi licingela noYesu, liqonda ukuba isiko liyamalela umYuda ukuba abuthe nongengomYuda. NoPetros wathi: “Niyazi kakuhle nina, ukuba akusesikweni ukuthi indoda engumYuda inamathele isondele kowolunye uhlanga.”
Mhlawumbi lingafuni ukuba uYesu afumane imiphumo ebuhlungu yokwaphula eli siko, igosa lithi kwizihlobo zalo mceleni nithi: “Thetha ngezwi lodwa, wophiliswa umkhonzi wam; kuba nam ndingumntu omiswe phantsi kwegunya labanye, ndinamasoldati aphantsi kwam; ndithi kweli, Yiya, liye; kweliya, Yiza, lize; kumkhonzi wam, Yenza oku, akwenze.”
Kaloku, xa uYesu esiva oku uyamangaliswa. Uthi, “Inene ndithi kuni, andifumananga lukholo lungaka nakwaSirayeli.” Emva kokuphilisa umkhonzi wegosa, uYesu usebenzisa esi sihlandlo ukuze achaze indlela abaya kuthi abangemaYuda abanokholo bafumane ngayo iintsikelelo ezo athi azigatye amaYuda angenalukholo.
UYesu uthi, “Baninzi abaya kufika bevela empumalanga nasentshonalanga, bangqengqe ndawonye noAbraham noIsake noYakobi ebukumkanini bamazulu.
Kodwa bona abantwana bobukumkani baya kukhutshelwa emnyameni ongaphandle; khona apho kuya kubakho ukulila nokutshixiza kwamazinyo.”
‘Abantwana bobukumkani abakhutshelwa emnyameni ongaphandle’ ngamaYuda angokwemvelo angalamkeliyo ithuba elihle elinikelwa kuwo kuqala lokuba ngabalawuli noKristu. UAbraham, uIsake noYakobi bamela ilungiselelo loBukumkani bukaThixo. Ngaloo ndlela uYesu uchaza indlela abaya kuthi abeeNtlanga bamkeleke ngayo ukuhlala kwisithebe sasezulwini, ngokungathi kunjalo, “ebukumkanini bamazulu.” Luka 7:1-10; Mateyu 8:5-13; IZenzo 10:28.
◆ Kutheni le nto amaYuda abongozayo egameni legosa lomkhosi leeNtlanga?
◆ Kutheni le nto igosa lisenokuba lacela uYesu ukuba angangeni kwindlu yalo?
◆ Wayethetha ntoni uYesu ngamagqabaza akhe okuqukumbela?