Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
UYesu Uphelisa Intlungu Yomhlolokazi
KUNGEKUDALA ngemva kokuphilisa umkhonzi wegosa lomkhosi, uYesu usinga eNayin, isixeko esingaphezu kwama-32 eekhilomitha kumzantsi ntshona weKapernahum. Uphelekwa ngabafundi bakhe nesihiwele esikhulu. Kanye kuxa kuthi ngcwale xa besondela kwimida yeNayin, apho badibana nongcelele lwabantu besiya kungcwaba. Kuthwelwe isidumbu segatyana lomfana sisisiwa ngaphandle kwesixeko ukuya kungcwatywa.
Imeko yonina ilusizi ngakumbi, ekubeni engumhlolokazi ibe Io ebekuphela komntwana wakhe. Xa indoda yakhe yafayo, wayezithuthuzela ngesibakala sokuba wayenonyana. Amathemba akhe, iminqweno kunye namabhongo akhe onke ayekwikamva lalo mfana. Kodwa ngoku akukho mntu anokuzithuthuzela ngaye. Njengoko abantu besixeko bempheleka ukuya emangcwabeni intlungu yakhe iya isiba nkulu.
Xa uYesu ebona lo mfazi, intliziyo yakhe iyachukumiseka kukuba lusizi kwakhe gqitha. Ngoko ngobubele, ukanti enokomelela okunentembelo, uthi kuye: “Musa ukulila.” Indlela enza ngayo nenyathelo alithabathayo zithimba ingqalelo yesihlwele. Ngoko xa esondela aze achukumise loo nto kukhweliswe kuyo isidumbu, abasithweleyo bema bhuxe. Bonke bamele bamangaliswe koko aza kukwenza.
Kuyinyaniso ukuba abo bapheleke uYesu bambonile ephilisa ngokungummangaliso abantu abaninzi abebe nezifo. Kodwa kuyabonakala ukuba abazange bambone evusa mntu ekufeni. Ngaba unokuyenza into enjalo? Ethetha nesidumbu, uYesu uyasiyalela: “Ndodana, ndithi kuwe, Vuka.” Yaye eli tyendyana lihlala nkqo! Liqalis’ ukuthetha, aze uYesu alinikele kunina.
Xa abantu bebona ukuba lo mfana ngokwenene uyaphila, baqalis’ ukuthetha besithi: “Kuvele umprofeti omkhulu phakathi kwethu.” Abanye bathi: “Ubavelele uThixo abantu bakhe.” Ngokukhawuleza ezi ndaba ziphathelele esi siganeko singummangaliso zisasazeka kulo lonke elakwaYuda nakwilizwe elijikelezileyo.
UYohane uMbhaptizi usesentolongweni. Kodwa abafundi bakhe bamzisel’ ingxelo yezinto zonke abazibona zisenziwa nguYesu. Usabela njani uYohane? Ibe basabela njani abanye abaninzi abakwimimandla apho uYesu enza le mimangaliso? Inkupho yethu elandelayo iza kunikela impendulo. Luka 7:11-18.
◆ Kwenzeka ntoni njengoko uYesu esondela eNayin?
◆ UYesu uvakalelwa njani ngento ayibonayo, yaye wenza ntoni?
◆ Abantu basabela njani kummangaliso owenziwe nguYesu?