Hayi Ubungangamsha Begama Likayehova!
“Yehova, Nkosi yethu, hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!”—INDUMISO 8:1, 9.
1. Kutheni uYehova wabangela ilizwe ‘liwahlanze’ amaKanan?
EKUGQIBELENI, ngowe-1473 B.C.E., amaSirayeli ahlala kwilizwe ledinga. Kodwa kwakusekho iminyaka ethile yemfazwe yolawulo lobuthixo ekwakusafuneka iliwe, kuba ayemele ahlambulule ilizwe kubemi balo ababonakele. Ngaba loo maKanan ayonakele ngokwenene? Ngenene ayonakele! Ukunqula kwawo izithixo nendlela yawo yobomi bokuziphatha okubi zazingamasikizi kuYehova yaye ziyingozi kubantu bakaThixo. Ngenxa yoko, uThixo wasebenzisa uMoses ukuba avakalise ukuba Wayeya kusebenzisa uhlanga Lwakhe olungcwele, uSirayeli, njengomtshabalalisi Wakhe. Ngaloo ndlela, uYehova wayeya kwenza ukuba ilizwe ‘lizihlanze’ ezo ntlanga zaziziinqambi.—Levitikus 18:1-30; Duteronomi 12:29-32.
2. Ziziphi “iziqhamo” iinkqubo zonqulo Iwehlabathi ebezizivelisa?
2 Kwakhona, namhlanje sinokubuza lo mbuzo, Ngaba eli hlabathi lonakele kangangokuba lifanelwe yintshabalalo? Kaloku, kuthekani ngeenkqubo zonqulo zehlabathi? Okulusizi kukuba, ezi nkqubo ziyasilela ukuzukisa uMdali, uYehova uThixo. Abantu beNgqobhoko baye bamshiya yena, “thende lamanzi aphilileyo; bazimbele amaqula, amaqula aqhekekileyo, angagcini manzi.” (Yeremiya 2:13) Iinkolelo zabo zonqulo azinawo “amanzi” enyaniso. Baye bazibonakalisa beyinxalenye yehlabathi ngokuxhasa iimfazwe neepolitiki zalo nangokuxhasa imigaqo yalo yesini. Njengokuba uYesu watshoyo, bamele baqondwe “ngeziqhamo zabo.”—Mateyu 7:16, 17; thelekisa amaGalati 6:7, 8.
3. Ube yintoni umphumo wokwaphula kwehlabathi umthetho kaThixo?
3 Kuthekani ngokuziphatha kweli hlabathi? Kwiminyaka yakutshanje, zwenibanzi kuye kwanda abantu abaqhomfayo, ukumitha kwabakwishumi elivisayo neentsapho eziqhekekileyo, oku kusenzeka ngokuphawulekayo kumazwe ekuthiwa ngawamaKristu. Kwamanye amazwe, ama-50 ekhulwini ayo yonke imitshato iphelela kuqhawulo-mtshato. “Inguqulelo yesini” yeminyaka yee-1960 iye yaba neminye imiphumo eyintlekele. Omnye wale miphumo wacatshulwa kwiThe New York Times kaJuni 13, 1986, phantsi komxholo ophambili othi: “ULWANDO OLUPHINDAPHINDEKE KALISHUMI KUBANTU ABABULAWA YIAIDS LULINDELEKILE NGOWAMA-’91.” Eli nqaku labonisa ukuba ngowe-1991, inani labantu abaguliswa yiAIDS (Acquired Immune Deficiency Syndrome) eUnited States kuphela linokuba ngaphezu kwe-100 000, kunye nendleko yonyaka yezamayeza efikelela kuma-40 amawaka ezigidi zeerandi. Esi sifo sibulalayo sidluliselwa ngokuyintloko ngobufanasini, ngokusebenzisa kakubi iziyobisi nangotofelo-gazi—zonke ezi zinto ezikukwaphula umthetho kaThixo.—1 Korinte 6:9, 10; Galati 5:19-21; IZenzo 15:19, 20.
4. (a) Imfazwe yethu yahluke njani kuleyo kaSirayeli ngomhla kaYoshuwa? (b) Sifanele sinxulumane nabantu behlabathi ukusa kuwuphi umkhamo, yaye ngoba?
4 Ngomhla kaYoshuwa, uYehova wathuma uhlanga Lwakhe olungcwele ukuba luye kucoca iLizwe Ledinga ngemfazwe yokoqobo. Namhlanje, imfazwe yethu yeyokomoya. (2 Korinte 10:3, 4) Thina maNgqina asithabathi nyathelo logonyamelo ukuze sishenxise abo bangalikhathalelanga iLizwi likaThixo. UYehova uya kubashenxisa ngexesha lakhe elifanelekileyo nangendlela yakhe. (Duteronomi 32:41, 43) Asinxulumani ngokusenyongweni nabantu abangenamgaqo, nangona sinokubonisa uthando lokwenyaniso ngokuthi sibazise iindaba ezilungileyo zoBukumkani. (1 Korinte 15:33) Sinokufundisisa iLizwi likaThixo nabo size sibakhuthaze ukuba ‘baguquke, babuye, ukuze zicinywe izono zabo.’—IZenzo 3:19; Mateyu 21:31, 32; Luka 5:27-32.
URahabhi Nendlu Yakhe
5, 6. (a) Kutheni le nto iintlola zaya eYeriko nakwindlu kaRahabhi? (b) Namhlanje, uYehova ngokufuthi uziphendule njani izikhalo zoncedo? (c) URahabhi wazibonisa njani ‘engumhlobo woxolo’?
5 Kwanangaphambi kokuba uSirayeli awele umLambo iYordan, uYehova walathisela ingqalelo kwisixeko saseYeriko. UYoshuwa wathuma iintlola ezimbini, ezazimela wonke uSirayeli, waza wazixelela oku: “Hambani niye kulikhangela ilizwe neYeriko.” Kwakutheni ukuze kufuneke ukuba kuhlolwe iYeriko? Nangona eso sixeko sasisincinane yaye singawulingene umkhosi wamaSirayeli, sasilawula izinto ezazingena eKanan. Njengoko kwathi kwacaca, ubukho beentlola apho babuvulela ithuba elithile kwabo baseYeriko ukuba bazibonakalise ngokucacileyo enoba bangakuYehova okanye banxamnye naye. “Ahamba ke, [amadoda aziintlola] aya endlwini yenkazana elihenyukazi, egama linguRahabhi, alala khona.” (Yoshuwa 2:1-7) Alithandabuzeki elokuba uThixo wazikhokela ezo ntlola ukuba ziye endlwini kaRahabhi, kanye njengokuba ukhokelo lwezithunywa zezulu namhlanje ludla ngokukhokelela amaNgqina kaYehova kubantu abathandazela uncedo lokomoya! “Amehlo kaYehova akumalungisa, iindlebe zakhe zisekuzibikeni kwawo.”—INdumiso 34:15; bona kwaneyesi 2 yeziKronike 16:9.
6 Kwakutheni ukuze ezo ntlola zingene endlwini yehenyukazi? Kwakungenganjongo zokuziphatha okubi kodwa ngokunokwenzeka ukuze zilahle umkhondo kumaKanan awayezondele. Amazwi uRahabhi awawathetha kwiintlola abonisa ukuba wayengenamdla wokuziphatha okubi nazo. Esazi ukuba zazingabakhonzi bakaYehova, wayenokuzixelela ngomnqweno wakhe ofudumeleyo wokuba ngumnquli kaYehova. Wade wabeka ubomi bakhe esichengeni ngokuzifihla eluphahleni. Wayefana ‘nezimvu’ zomzekeliso kaYesu, ezibonakalisa ububele ‘kubazalwana’ beNkosi. (Mateyu 25:31-46) Ngoxa esenza izinto ngobulumko, amaNgqina kaYehova namhlanje awalibazisi ukutyelela nokufundisisa iBhayibhile ‘nabahlobo abanoxolo’ abanomdla ngolo hlobo.—Luka 10:5-7.
7. (a) URahabhi walubonisa njani ukholo lwakhe kuYehova? (b) Sisiphi isimo sengqondo abasebatsha abafanele basibonise namhlanje, yaye bafanele basibonise njani?
7 URahabhi wayevile ngezenzo zikaYehova zobugorha. Kwiintlola awayezifihlile wayenokuvakalisa ukholo lwakhe, esithi: “Ndiyazi ukuba uYehova uninikile eli lizwe; nokuba siwelwe luqhiphuko-mbilini ngani; nokuba bathe amandla bonke abemi beli lizwe ebusweni benu.” Emva kokuthetha ngengxelo awayeyivile ngezenzo zikaYehova zobugorha, uRahabhi wahlabela mgama esithi: “UYehova uThixo wenu nguye uThixo emazulwini phezulu, nasehlabathini phantsi apha. Kaloku khanindifungele uYehova, nithi, kuba ndinenzele inceba, niyenzele inceba nani indlu kabawo, nindinike umqondiso wenyaniso.” (Yoshuwa 2:9-13) NjengoRahabhi, abasebatsha abafunda inyaniso kaThixo namhlanje akusafuneki ukuba bazive besoyika ngenxa yomgwebo oza kuphunyezwa ‘ngemini kaYehova.’ (Zefaniya 1:14-18) Kunoko, bayazishiya iindlela zehlabathi baze bafune uncedo lwamaNgqina kaYehova olusa ekuzuzeni usindiso.—INdumiso 3:6-8; IMizekeliso 18:10.
8. (a) Yintoni namhlanje efana nokubonisa kukaRahabhi “intsontelo ebomvu” efestileni? (b) Kutheni uRahabhi wabalelwa ekuthini lilungisa, ibe ngawuphi umphumo?
8 Umqondiso iintlola ezawunika uRahabhi ‘wawuyintsontelo yosinga olubomvu’ awayeza kuyibopha efestileni ezaziphume ngayo iintlola. (Yoshuwa 2:17-21) Ngenxa yokubonisa kukaRahabhi lo mqondiso, indlu yakowabo yayiya kusindiswa xa kwakutshatyalaliswa iYeriko. Ngokufanayo namhlanje, abo babonakalisa ukholo olunjengolukaRahabhi bayafaniswa ukuze bahlangulwe njengabanquli bakaYehova abazahluleleyo nababhaptiziweyo. ISityhilelo 7:9, 10, 14 sibachaza ‘njengesihlwele esikhulu’ esiye ‘sazihlamba iingubo zaso sazenza mhlophe egazini leMvana.’ Sinokholo kwigazi ledini likaYesu ibe oku sikuxhasa ngemisebenzi yobuKristu. (Roma 10:9, 10) KuYakobi 2:24, 25 sifunda oku: “Niyabona ke ngoko, ukuba umntu uyagwetyelwa ngokwasemisebenzini; kungabi ngokwaselukholweni lodwa. Ngokunjalo ke, noRahabhi, ihenyukazi, akagwetyelwanga na ngokwasemisebenzini, akubamkela ngobubele abathunywa, abakhuphele phandle ngayimbi indlela?”
9. (a) ‘Imisebenzi’ kaRahabhi yayiquka ntoni? (b) Yintoni eye yaba ngumphumo wokunikela ubungqina ngokungoyikiyo namhlanje?
9 ‘Imisebenzi’ kaRahabhi yaquka ukukhusela iintlola ezimbini nokubuthela abanye endlwini yakhe ukuze basindiswe. Ngokufanayo, “isihlwele esikhulu” samaxesha anamhlanje sizixakekise ekuxhaseni ngokunyanisekileyo ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ othanjisiweyo njengokuba eli qela lilungiselela “ukudla ngexesha elifanelekileyo” yaye lisongamela umsebenzi wokushumayela uBukumkani zwenibanzi. (Mateyu 24:45-47) Ke yena, uRahabhi wayengoyiki ukunikela ubungqina kwindlu kayise—msebenzi lowo owawuzaliswe yingozi, ngenxa yokuba ngewayengcatshiwe. (Thelekisa uMateyu 10:32-36.) Ngokufanayo, kumazwe amaninzi ekukho kuwo inkcaso namhlanje, amaNgqina kaYehova amele angoyiki ukunikela ubungqina. Oku kuye kwaphumela ekuhlanganisweni kwabantu okuzukileyo, ibe ngokufuthi iintsapho ziphela ziye zaphuma kwiBhabhiloni Enkulu ukuze zimele unqulo olunyulu lukaYehova.—INdumiso 73:28; 107:21, 22.
IYeriko—Eyangoko Neyangoku
10. Yiyiphi ingqalelo ekhethekileyo eyayiza kunikelwa kwiYeriko?
10 Makhe sikhangele kwezi ziganeko zimangalisayo ngokwembono eyahlukileyo. “Ke iYeriko ibihleli ivaliwe ngenxa yoonyana bakaSirayeli; akwabakho uphumayo, akwabakho ungenayo.” Esi sasisisixeko sokuqala samaKanan esatshatyalaliswa likrele likaYehova. Ngenxa yeso sizathu, njengentlahlela enikelwa kuThixo, kwakuya kufuneka kunikelwe ingqalelo ekhethekileyo kuso. UYoshuwa wachaza esithi: “Lo mzi woba yinto esingelwe phantsi kuYehova, wona nento yonke ekuwo.”—Yoshuwa 6:1, 17; thelekisa iEksodus 22:29; Levitikus 27:26.
11. (a) Kukuphi ukufana okukhwankqisayo esikuphawulayo namhlanje? (b) Khankanya umzekelo ‘woloyiko’ lweBhabhiloni Enkulu?
11 Hayi indlela oku okungqinelana kakuhle ngayo neBhabhiloni Enkulu, ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki obuye bafikelela incopho yabo ephakamileyo yobungendawo kule nkulungwane yama-20 edyojwe ligazi! Iye yazama ukuvala amasango ukuze amaNgqina kaYehova angangeni. Kumazwi kaRahabhi, “uloyiko” lwabantu bakaThixo luphezu kwayo. Ngokomzekelo, iphephandaba laseItali iLa Repubblica kaNovemba 12, 1985, lalinomxholo ophambili othi: “ISIKHALO ESIVELA ECAWENI NXAMNYE NAMANGQINA KAYEHOVA.” Inqaku lanikela ingxelo ngentlanganiso, ekwakukho kuyo ikhadinali yamaRoma Katolika, eyayiqhutyelwa eBologna ukuze iphelise “isisongelo” samaNgqina kaYehova. Upopu wathumela ucingo olukhuthazayo noluxhasayo. Esi sikhalo savakaliswa ngokungakumbi kusithiwa: “Sele elibubu ehlabathini lonke,” yaye kwavakaliswa ukuba “ngoku icawa iza kubhinqela phezulu” ukuze ihlangabezane nale “ngozi.” Kodwa ngaba iya kuphumelela?—Yeremiya 1:17-19.
12. (a) Ingcamango yeBhabhiloni Enkulu “yothixo” yahluke njani kwinyaniso? (b) Kutheni uYehova eya kuwalwela nje amangqina akhe?
12 IBhabhiloni Enkulu yamkela inginginya yezithixo ezididayo, ezisusela kuBathathu Emnye wasentsomini weNgqobhoko kuse kwizigidi zezigidi zezithixo zeecawa zaseMpuma. Ngaphambi kokuba athume uYoshuwa, uMoses wayevakalisa oku: “Yiva, Sirayeli: uYehova uThixo wethu nguYehova mnye.” Namhlanje, ngamaNgqina kaYehova kuphela aphakamisa lo ‘Thixo mnye noYise.’ (Duteronomi 6:4; Efese 4:6) UYehova uya kusilwela njengokuba wenzayo ngemihla kaYoshuwa nangemihla yezinye iinkokeli ezinyanisekileyo zakwaSirayeli.—2 Kronike 20:15, 17; 32:7, 8; Isaya 54:17.
Ukuphunyezwa Komgwebo
13. (a) Ziziphi iziganeko ezakhokelela ekungqingweni kweYeriko? (b) Kukuphi ukufana esikubonayo namhlanje?
13 UYoshuwa wakulungiselela ngokucokisekileyo ukungqingwa kweYeriko. Abantu ababekhulele entlango baluswa. Oku kwafuzisela ukushenxiswa kwayo nantoni na eyayinokubathintela ekuzinikeleni ngentliziyo iphela kuYehova. (Duteronomi 10:16; 30:5, 6) Ukugcinwa kwePasika kwaphinda kwaqaliswa. Abantu baqalisa ukondliwa ngemveliso yomhlaba njengokuba imana eyalungiselelwa ngokungummangaliso yathi yapheliswa. Ngaphezu koko, “umthetheli womkhosi kaYehova,” ngokungathandabuzekiyo uLizwi owayekho ngaphambi kokuba abe ngumntu, wabonakala kuYoshuwa, emqinisekisa. Ibe ngokuzithoba uYoshuwa wabuvuma ubukho baLowo. Kuko konke oku, sinokuphawula ukufana kumava amangqina kaYehova anamhlanje njengokuba eye azinikela kumsebenzi owenziwayo ngoku. Ukudla kwethu kokomoya kuye kwahluka yaye kwakokutyebe ngakumbi njengokuba ‘umkhonzi othembekileyo noqondayo’ eye wahambela phambili ngokunenkqubela phantsi kokhokelo lweNkosi uYesu Kristu.—Yoshuwa 5:1-15.
14. Bubuphi ubuchule obungaqhelekanga uYehova ayalela ukuba kungqingwe ngabo iYeriko?
14 Ngoku khawukhangele kwidabi. Ngokwenene uYehova uye wafuna basebenzise ubuchule obungaqhelekanga! Kanye kusuku ngalunye kangangeentsuku ezintandathu, ababingeleli bakwaSirayeli bajikeleza iYeriko, bethwele iTyeya, emela ubukho bukaYehova. Bakhokelwa ngababingeleli abasixhenxe abavuthela izigodlo, amajoni amaSirayeli ehamba ngaphambi nasemva kwabo. Kodwa ngosuku lwesixhenxe bavuka ‘kusasa ngesifingo,’ baze basijikeleze isixeko izihlandlo ezisixhenxe. Hayi indlela ekumele ukuba ankwantya ngayo loo maYeriko!—Yoshuwa 6:2-15.
15. Kukuphi ukufana okubonwayo kumsebenzi wamaNgqina kaYehova namhlanje?
15 Sifumanisa ukuba izinto zifana ngokuphawulekayo noko kwenziwa ngamaNgqina kaYehova namhlanje ehlabathini ngokubanzi. Kutshanje, kuye kwakho ulwando oluphawulekayo kumsebenzi wethu woBukumkani. Kwiminyaka emihlanu ukuza kuthi ga kowe-1985, oovulindlela banda nge-134 ekhulwini. Umkhosi woovulindlela nabanye abavakalisi boBukumkani abathembekileyo bavuka ‘kwakusasa,’ ngokufuthi ngokwengqiqo yokoqobo, baze babe nesabelo ngenzondelelo ekuvakaliseni imigwebo kaYehova. Kwiinkokeli zeecawa zeNgqobhoko, la maNgqina abonakala ‘engabantu abaninzi, nabanamandla.’ Abefundisi ‘bayazibhijabhija’ njengokuba bephawula indlela ukuvakaliswa kwenyaniso okubangela ngayo abantu abaninzi abathembekileyo ukuba babashiye baze bamele uYehova.—Yoweli 2:1-3, 6.
16. (a) Yiyiphi imimangaliso ephawula ukuwa kweYeriko? (b) Ukholo lukaRahabhi luvuzwa njani?
16 Ekugqibeleni uYoshuwa uyalela abantu esithi: “Dumani, kuba uYehova uninikile lo mzi.” Udanduluko olukhulu lwemfazwe luyahlokoma. Umhlaba uyagungqa yaye iindonga zeYeriko ziwa bhuma—nto leyo engummangaliso wemimangaliso. Ngokuthobelayo amaSirayeli ayagidima esiya kutshabalalisa yonke into ephilayo esesixekweni. Asitshisa ngomlilo. Kodwa khangela! Elinye icandelo elincinane lodonga lwangaphandle lisemile, yaye kwifestile yalo kukho intsontelo ebomvu. URahabhi nentsapho kayise bakhutshwa bengenzakalanga. Ekuhambeni kwexesha, ukholo lukaRahabhi luvuzwa ngokungakumbi kangangokuba uba ngumfazi kaSalemon ongumSirayeli nokhokhokazi kaYesu Kristu.—Yoshuwa 6:16-26; Mateyu 1:5.
17. Yintoni efanekiselwa kwangaphambili yile mimangaliso?
17 “UYehova waba noYoshuwa; udumo lwakhe lwaba sezweni lonke.” Ngendlela efanayo, igama likaYehova elinobungangamsha liya kuthethelelwa xa iBhabhiloni Enkulu itshatyalaliswa ize yahluthwe ubutyebi nozuko lwayo ekuqaliseni ‘kwembandezelo enkulu.’—Yoshuwa 6:27; ISityhilelo 17:16; 18:9, 10, 15-17; Mateyu 24:21, 22.
Umwexuki Uyasilela
18. (a) Kutheni le nto ‘intliziyo yabantu yanyibilikayo nje’? (b) Wasabela njani uYoshuwa kwelo xesha lobunzima?
18 Ngokukhawuleza emva kokuvakaliswa koloyiso eYeriko, kwenzeka into emangalisayo. Umkhosi ohlaselayo uYoshuwa awayewuthume ukuba uye kuchitha isixeko saseAyi esingummelwane waphanziswa! “Yanyibilika intliziyo yabantu, yaba ngamanzi.” UYoshuwa owayesentlungwini wadanduluka emthandazweni wathi: “Awu, Nkosi, Yehova, . . . Wenze ntoni na ke kwigama lakho elikhulu?”—Yoshuwa 7:2-9.
19, 20. (a) UYehova wasibhenca njani isono sika-Akan, ibe ngasiphi isiqinisekiso kuYoshuwa? (b) Yintoni efana noko enokubonwa namhlanje?
19 Wandula ke uYehova wamtyhilela uYoshuwa ukuba ‘kwenziwa ubudenge’ kwaSirayeli. Kwafunyanwa ukuba uAkan wesizwe sakwaYuda wayonile. Kumaxhoba aseYeriko weba ingubo “entle” yaseBhabhiloni, kunye negolide nesilivere. UYehova ‘wamhlisela ishwangusha’ uAkan, ibe yena nentsapho yakhe baxulutywa ngamatye. Ngoko bona nezinto zabo batshiswa ngomlilo. Njengobungqina obuhlala buhleli koko kuphumeza kukaYehova umgwebo, phezu kuka-Akan kwamiswa imfumba enkulu yamatye, ibe loo ndawo kwathiwa igama layo “yiNtili yeAkore,” gama elo elithetha “Ishwangusha; Inkathazo.” Kwakhona, uYehova wathi kuYoshuwa: “Musa ukoyika, ungaqhiphuki umbilini.” Igama likaYehova laphakanyiswa kangangokuba uYoshuwa akazange oyiswe kwakhona edabini.—Yoshuwa 7:10-8:1.
20 Ngaba namhlanje sikho isono esifana nesika-Akan? Ewe, sikho. Umpostile uPawulos walumkisa ‘ngeengcuka ezibawayo’ ezazingayi kulukhathalela ucwangco lolawulo lobuthixo zize zisukele indlela yazo yokuzingca. Ukususela ngowe-1919, ababawayo abanjalo bamana bebonakala phakathi kwabantu bakaThixo. Umzekelo wakutshanje ubonisa ukuba ebudeni beminyaka ephakathi kweyee-1970 bambi abadala ababebalasele baba ngabanganeliswayo. Kwakubathoba “isidima” ukunikela ubungqina kwindlu ngendlu, ukuvakalisa isigidimi soBukumkani ngokulandela umzekelo wabapostile bakaYesu. (IZenzo 5:42; 20:20, 21, 29, 30) Kubo kwabonakala kulungile ukubuyela kwiimfundiso zeBhabhiloni. Ngobuqhokolo bazama ukuphakamisa amathandabuzo “ngemihla yokugqibela” nokubambezela umsebenzi wamaNgqina kaYehova. (2 Petros 3:3, 4) Ekugqibeleni, kwafuneka besusiwe kubudlelane.—2 Yohane 10, 11; thelekisa amaFilipi 1:15-17; Hebhere 6:4-8.
21. (a) Yintoni ekubonakala ukuba yayisisizathu sokucotha komsebenzi ekupheleni kweminyaka yee-1970? (b) Yintoni esenokuba iye yanceda ‘ekukhawuleziseni’ umsebenzi ukususela ngelo xesha?
21 IMboniselo kaJanuwari 15, 1980, yaba yengqale ngakumbi ekuboniseni isizinzi esingokweZibhalo sobulungiseleli bethu bendlu ngendlu nokubaluleka kwabo. AmaNgqina anyanisekileyo ahambela phambili ngamandla ukusa kwiminyaka yee-1980! Kunokwenzeka ukuba ubukho beqaqobana labawexuki kwafak’ isandla ekubambezeleni umsebenzi kaYehova ebudeni besiqingatha sokugqibela seminyaka yee-1970—xa isilinganiso sonyaka kulwando lwamaNgqina kaYehova akhutheleyo saba ngaphantsi kwe-1 ekhulwini. Phofu ke, ulwando lwaminyaka le kwiminyaka emihlanu edluleyo luye lwanesilinganiso esingaphezu kwe-6 ekhulwini. Abavakalisi boBukumkani bafikelela incopho yazwenibanzi yezigidi ezi-3 024 131 ngowe-1985, xa kuthelekiswa nezigidi ezi-2 179 256 ngowe-1975. UYehova uyaqhubeka ‘ewukhawulezisa’ umsebenzi wakhe!—Isaya 54:2, 3; 60:22.
22. Njengokuba sikhangele phambili kwincwadi kaYoshuwa, yintoni esimele siyiqonde ngegama likaYehova?
22 Kuyinyaniso ukuba, igama likaYehova liye laba nobungangamsha emhlabeni wonke! Kodwa ‘usixelela’ okungakumbi ngencwadi kaYoshuwa, njengokuba siza kubona ngoku.—Isaya 42:8, 9.
Kwincwadi KaYoshuwa—
◻ Yintoni engumzekelo esiyifumanayo ngehlabathi lanamhlanje?
◻ Yintoni esiyifunda kwingxelo engoRahabhi?
◻ Yintoni esiyifumanayo efana nomsebenzi wethu ohambele phambili?
◻ Yintoni efanekiselwa kwangaphambili kukuwa kweYeriko?
◻ Yintoni eboniswa kukusingathwa kwesono sika-Akan?