IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w87 1/1 iphe. 23-28
  • INtlokoma YamaKristu Ifikelela Incopho Yayo KwiMinyaka Eliwaka

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • INtlokoma YamaKristu Ifikelela Incopho Yayo KwiMinyaka Eliwaka
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Idini Labo Bonke!
  • Ngowe-1919—Inkululeko Yokuqala
  • INtlokoma Yezigidi
  • Iimbalasane Ezizukileyo ZeNtlokoma YamaKristu
  • Emva Kwencopho Yeminyaka Eliwaka YeNtlokoma
  • INtlokoma KaYehova—Ixesha Lokuba Sigcobe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • UYehova Usinceda Sikhululeke
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
w87 1/1 iphe. 23-28

INtlokoma YamaKristu Ifikelela Incopho Yayo KwiMinyaka Eliwaka

1. Yintoni le amaYuda akwiRiphabliki yakwaSirayeli angakhange enze linge lakuyiseka ngokutsha, yaye kutheni?

KWANAKWIRIPHABLIKI yakwaSirayeli (eyasekwa ngowe-1948), amaYuda amaninzi azigqala ephantsi koMthetho kaMoses akakusekanga ngokutsha ukubhiyozelwa konyaka weNtlokoma. Ibe bekungakho iingxaki ezininzi ukuba ebenokuzama ukwenjenjalo. Bekungaphumela kwiingxaki ezinkulu zoqoqosho, kuba kubandakanyeke amalungelo ezinto anazo umntu. IRiphabliki yakwaSirayeli ayigubungeli lonke ilizwe elalimiwe zizizwe ezili-12 zamandulo. Kwakhona akukho tempile inombingeleli omkhulu wesizwe sakwaLevi, yaye ufaniso olungokwesizwe lwabantu lwaye lwalahleka.

2. Sele eqalise njani amaKristu athile ukubhiyozela iNtlokoma eyafuziselwa ngaphambili yileyo yoSirayeli wamandulo?

2 Noko ke, oko kusibeka phi thina ngokuphathelele iintsikelelo zokubhiyozela iNtlokoma? Sikhumbula ukuba iNtlokoma yamandulo yayingunyaka wokubhiyozelwa kwenkululeko—amaSirayeli awayezithengise ebukhobokeni ayekhululwa yaye imihlaba elilifa yayibuyiselwa. (Levitikus 25:8-54) Kwinqaku elandulelayo, sibonile ukuba eli lungiselelo laphela kunye nomnqophiso woMthetho kaMoses ngowama-33 C.E. (Roma 7:4, 6; 10:4) Ngoko umnqophiso omtsha lowo uThixo wayengathi ngawo axolele izono zamakhoIwa, awathambise ngomoya oyingcwele, aze awamkele njengoonyana ukuze athatyatheIwe ezulwini, waqala ukusebenza. (Hebhere 10:15-18) Kanti abo bangenelwa ngale ndlela kweli lungiselelo lomnqophiso omtsha ‘bangumhlambi omncinane’ we-144 000 ‘abathengwe bephuma emhlabeni.’ Ngoku izigidi zamanye amaKristu anyanisekileyo zinokuyifumana njani inkululeko eyafuziselwa kwangaphambili yiNtlokoma?—Luka 12:32; ISityhilelo 14:1-4.

Idini Labo Bonke!

3. Linempumelelo yaye lihlala lihleli ngayiphi indlela idini likaYesu?

3 Kumaxesha angaphambi kobuKristu, iingenelo zaminyaka le zoMhla Wokucamagusha zazihlala unyaka omnye kuphela. Iingenelo zedini lentlawulelo leNkosi uYesu Kristu ziyaqhubeka yaye soze ziphele. Ngaloo ndlela uMbingeleli Omkhulu, uYesu, akuyomfuneko ukuba abe ngumntu kwakhona, azincame, aze ke abuyele ezulwini ukuya kunikela ixabiso lelo dini nyaka ngamnye kwEyona Ngcwele kaYehova uThixo. Kunjengokuba iZibhalo zisithi: “UKristu, evusiwe nje kwabafileyo, akabi safa; ukufa akusamphathi ngabukhosi.”—Roma 6:9; Hebhere 9:28.

4, 5. (a) Ube yintoni umphumo wokusebenza kwedini likaYesu ukususela ngePentekoste yowama-33 C.E.? (b) Yintoni le sinayo ebonakalisa ukuba idini lakhe liza kusetyenziswa ngokuphangalele ngakumbi?

4 Ngenxa yoko, kwiminyaka esusela kwiPentekoste yowama-33 C.E., njengokuba amakholwa eye aba ngabafundi abazelwe ngomoya beNkosi ezukisiweyo uYesu, baye baqalisa ukubhiyozela iNtlokoma yamaKristu. Bakuba ‘bekhululwe emthethweni wesono nokufa,’ baye banandipha inkululeko ehlaziyayo. (Roma 8:1, 2) Kwakhona baye bavakalisa isigidimi samaKristu khon’ ukuze nabanye babe banganokuxolelwa izono zabo, bathanjiswe, baze babe ngoonyana bokomoya bakaThixo. Noko ke, ngaba oku kusingisele ekuthini ukuba omnye akangowelo qela lipheleliselwe kwi-144 000, akanakuyinandipha inkululeko evuyisayo ngoku?

5 Okubalulekileyo ngokunxibelelene noku ngamazwi ompostile uPawulos akumaRoma 8:19-21 athi: “Ukulangazelela kwendalo kulinde ukutyhileka koonyana bakaThixo. Kuba indalo yalulanyiselwa kokungelutho [ngokuba nesono nangokungakwazi ukushenxisa isono].” Wandula ke uPawulos agxininise ukuba kukho “ithemba lokuba nendalo ngokwayo iya kukhululwa ebukhobokeni bokonakala, isingiswe enkululekweni yozuko lwabantwana bakaThixo.” Ngoko ke, inkululeko enjalo ayipheleliselwanga kwabo baba ‘ngabantwana bakaThixo’ ezulwini. Amazwi awaziwa kakhulu akuYohane 3:16 ayakuqinisekisa oko. Yaye, njengokuba kukhankanyiwe, umpostile othanjisiweyo uYohane wathi uKristu wafela ‘izono zethu, engafeli ezethu kuphela kodwa nezehlabathi.’—1 Yohane 2:2.

Ngowe-1919—Inkululeko Yokuqala

6, 7. Ukususela kowe-1919, hlobo luni Iwenkululeko oluye lwavakaliswa, yaye kutheni yaqalisa ngokukodwa ngelo xesha?

6 Kumaxesha akalokunje abathanjisiweyo ababhiyozela iNtlokoma yamaKristu bebevakalisa iindaba ezilungileyo ezikhululayo, ingakumbi ukususela ngowe-1919. ‘Kwakutheni ukuze kuqaliswe ngelo xesha?’ usenokubuza oko ukuba usandul’ ukuzalwa kutshanje. Makhe sibone, sikhumbula ukuba ukunandipha kwakho inkululeko kubandakanyekile.

7 Kangangamashumi eminyaka ngaphambi kwalo mhla, abathanjiswa bakaYehova bapapasha iinyaniso zeBhayibhile, njengakungcelele oludumileyo lweStudies in the Scriptures (1886-1917). Kwakhona basasaza iincwadana namaphecana amaninzi anikela inkcazelo. Ebudeni beMfazwe Yehlabathi I, kwavela inkcaso, ukuvavanywa nokuhluzwa, nokuhla kokukhuthala kwabo. Kodwa ngowe-1919 intsalela ethanjisiweyo yaqhubeka inenzondelelo ehlaziyiweyo ibhengeza iinyaniso zeBhayibhile. Njengokuba uYesu ngowama-30 C.E. wayenokuthi wayethanjiselwe ukuba ashumayele ‘inkululeko kwabathinjiweyo, nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama,’ naba bathanjiswa banamhla babenokutsho njalo. Emva kwendibano echwayitisayo eyayingoSeptemba 1-7, ngowe-1919,a ngamandla bahlabela mgama beshumayela inyaniso eyayikhulula inyambalala yabantu.—Luka 4:18.

8, 9. Kungayiphi ingqiqo abathe abaninzi bakhululwa, yaye ngawaphi amancedo aye asetyenziswa ekubhengezeni inkululeko enjalo?

8 Ngokomzekelo, qwalasela uncedo lokufundisisa iBhayibhile oluthi Uhadi LukaThixo (1921), olwanikela inyaniso ebalulekileyo ngokungathi yayiyimitya elishumi ekuhadi. Le ncwadi yavuma ukuba “abaninzi baye boyikiswa ekufundisiseni iBhayibhile” ngemfundiso yokuba “isohlwayo sabangendawo . . . yintuthumbo engunaphakade okanye ukutshiswa esihogweni esivuthayo esimlilo ungacimiyo nesinesulfure.” Abafundi bemibhalo ephantse ibe zizi-6 000 000 yale ncwadi bafunda ukuba le mfundiso “yayingenakuba yinyaniso ubuncinane ngenxa yezizathu ezine ezahlukahlukeneyo nezicacileyo: (1) ngenxa yokuba ayikho ngqiqweni; (2) ngenxa yokuba ichasene nokusesikweni; (3) ngenxa yokuba iyaphikisana nomgaqo wothando; yaye (4) ngenxa yokuba ayisekelwanga zibhalweni ngokupheleleyo.” Unokuyiqikelela indlela ekwakukhulula ngayo oko kubantu ababekhule besoyika intuthumbo kanaphakade esihogweni okanye intlungu yakwindawo yentlambululo-miphefumlo!

9 Ewe, ukushunyayelwa ngenzondelelo kwenyaniso yeBhayibhile okwakusenziwa ngaba bathanjiswa kwabakhulula abantu ehlabathini lonke ababekhotyokiswe ziimfundiso zobuxoki, ziinkolo noqheliselo olungasekelwanga zibhalweni (olunjengonqulo lweminyanya, ukoyika imimoya engcolileyo okanye emibi, nokuxhatshazwa kwabo ngabefundisi ngokubafuna imali). Kwanemixholo yamanye amancedo okufundisisa eBhayibhile yabonisa impembelelo ekhululayo awayeyiphathele izigidi.b Ngaloo ndlela amazwi kaYesu angqineke eyinyaniso, xa wathi abafundi bakhe ‘babengenza nemikhulu imisebenzi’ kunaleyo wayeyenza. (Yohane 14:12) Xa kuthelekiswa nomsebenzi wenkululeko engokomoya owawutshayelela uYesu awayewenza ekushumayeleni “inkululo kwabathinjiweyo,” abakhonzi bakaYehova banamhla baye benza umsebenzi omkhulu ngakumbi—befikelela izigidi ezininzi ehlabathini lonke.

10. Kutheni le nto sinokulindela ukuba inkululeko eyongezelelekileyo nenkulu ngakumbi ibe iya kufunyanwa?

10 Noko ke, khumbula ukuba kwinkulungwane yokuqala inkululeko ebhekele phaya yaqaliswa ngePentekoste yowama-33 C.E. Apho iNtlokoma yamaKristu yaqaliswa ‘kumhlambi omncinane’ owawungaxolelwa izono zawo, nto leyo eyakhokelela ekubeni ube “ngoonyana bakaThixo” ezulwini. Kuthekani ngexesha lethu? Ngaba izigidi zamanye amaKristu azinikeleyo zingakhululwa kubukhoboka besono zize ngaloo ndlela zibhiyozele iNtlokoma ezukileyo? Ewe, yaye umpostile uPetros wakubonisa oku xa wayethetha ‘ngamaxesha okubuyiswa kweento zonke, awawathethayo uThixo ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe abangcwele, kususela kunaphakade.’—IZenzo 3:21.

INtlokoma Yezigidi

11. ILevitikus isahluko 25 ibonisa njani ukuba sinokukhangela kwinkululeko edlulela ngaphaya koSirayeli wokomoya?

11 Kuyaphawuleka ukuba kabini kwiLevitikus isahluko 25 amaSirayeli ayekhunjuzwa ukuba ngokwembono kaYehova ‘ayengamakhoboka’ awathi wawakhulula eYiputa. (Le 25 Indinyana 42 neyema-55) Esi sahluko sithetha ngeNtlokoma sikwakhankanya ‘iindwendwe’ ‘nabaphambukeli ababephakathi kwawo.’ Abanjalo namhlanje bafana ‘nesihlwele esikhulu’ esincedisa amaSirayeli okomoya ekuvakaliseni iindaba ezilungileyo zamaKristu.

12. Ukususela kowe-1935, yintoni eye yavela neyonwabisayo ebisoloko iqhubeka?

12 Ukususela ngowe-1935 “umalusi olungileyo” uYesu Kristu uye wabanxulumanisa ngamandla nentsalela ethanjisiweyo abo wabhekisela kubo ‘njengezinye izimvu.’ Ezi kwakufuneka ukuba ‘eze’ nazo, yaye zaziya kubumba ‘umhlambi omnye’ phantsi ‘komalusi omnye.’ (Yohane 10:16) ‘Izimvu ezizezinye’ ngoku zizizigidigidi. Ukuba ungomnye weso sihlwele sonwabileyo, sele ugqalwa ulilungisa njengomhlobo kaThixo, yaye njengenxalenye yendalo engabantu, ukhangele phambili ekubeni ‘ukhululwe kubukhoboka bokonakala’ ebudeni ‘bexesha lokubuyiselwa kwezinto zonke’ okusondelayo kulo mhlaba. Eli asithemba libekwe kwindawo ephosakeleyo.—Roma 8:19-21; IZenzo 3:20, 21.

13. Ngokukhethekileyo yiyiphi intsikelelo esifanele siyiphawule njengeya kuvela emva ‘kwembandezelo enkulu’?

13 Emva kokuba umpostile uYohane wabona i-144 000 elalinandipha iNtlokoma yamaKristu nelalinethemba lasezulwini, wachaza “isihlwele esikhulu,” esithi: “Aba ngabaphumayo embandezelweni enkulu, bazihlamba iingubo zabo ezinde bazenza mhlophe egazini leMvana. Ngenxa yoko baphambi kwetrone kaThixo, bemkhonza imini nobusuku etempileni yakhe.”—ISityhilelo 7:14, 15.

14, 15. Kutheni le nto abo ‘besihlwele esikhulu’ benesizathu esikhethekileyo sokugcoba ngoku?

14 Kwanangoku, ngaphambi kwembandezelo enkulu, aba babonisa ukholo kwigazi likaKristu elaphalalayo yaye ngaloo ndlela bengenelwa kukufa kwakhe okulidini. Kwakhona bayagcoba kuba bekhululwe kwiBhabhiloni Enkulu, kuba benesazela esilungileyo phambi koYehova uThixo, nangenxa yelungelo lokuba nesabelo ekuzalisekisweni kukaMateyu 24:14 ngokushumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani ngaphambi kokuba isiphelo sifike.

15 Noko ke, kuthekani ngethemba lokukhululwa kwesihlwele esikhulu kwisono nokungafezeki esizelwe nako? Ngaba elo xesha likufuphi? Sinesizathu esilungileyo sokuqiniseka ukuba kusekho abathile abakuthi besizukulwana soluntu uYesu Kristu awaxela kwangaphambili ukuba sasingayi kudlula de zonke izinto ezazixelwe ngaphambili zibe ziyazaliseka. (Mateyu 24:34) Ngenxa yoko, incopho ezukileyo ‘yokupheliswa kwephakade eli’ ifanele ukuba isondele gqitha.—Mateyu 24:3.

Iimbalasane Ezizukileyo ZeNtlokoma YamaKristu

16. Simi phi ekuphunyezweni kwenjongo kaThixo, ibe yintoni esengaphambili?

16 ‘Imfazwe yaloo mini inkulu kaThixo uSomandla’ isondela kakhulu, yaye intsalela ‘yomhlambi omncinane,’ ‘kwanesihlwele esikhulu’ samaqabane ayo athembekileyo nanyanisekileyo baya kugcina ingqibelelo kuYehova uThixo baze bakhangele phambili ekufumaneni inkuselo kaThixo. Ngolangazelelo balindele ukoyisa kukaYehova okucolayo esoyisa yonke imikhosi ezintshaba, ukuze kuthethelelwe yena njengoMongami Wendalo Iphela. Enjani yona ukuzuka imbalasane okuya kuba kuko oku nto leyo eya kubenza banandiphe inkululeko yamaKristu!—ISityhilelo 16:14; 19:19-21; Habhakuki 2:3.

17. Izigidi ziya kuyifumana njani inkuiuleko kwiNtlokoma ezukileyo?

17 Ulawulo loKumkani owoyisileyo onguYesu Kristu phezu komhlaba ocociweyo luya kulandela, xa ulongamo lukaYehova lwendalo iphela luqiniselwa kwakhona, naxa uYesu Kristu eyobe elawula ngokupheleleyo umhlaba njengoKumkani wookumkani neNkosi kankosi. Uya kuthi ke ngokungqalileyo asebenzise iingenelo zedini lakhe kwizigidi zabantu, kuquka abafileyo abobe bevusiwe, ababonisa ukholo nabathi ngokuvumayo bamkele ukuxolelwa kwezono uThixo aya kukulungiselela ngoKristu. Oku kuya kungqinelwa kukuba uThixo asule “zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu.” (ISityhilelo 21:3, 4) Ukuba leyo asiyonkululeko yokwenyaniso, yintoni ke?

18. Xa kuthelekiswa neNtlokoma yamandulo, yintoni eya kubakho nomhlaba kwinkqubo entsha?

18 Ngaphezu koko, umhlaba awusayi kulawulwa, ungcoliswe uze wonakaliswe ngabantu, imibutho, noorhulumente babantu ababawayo. (ISityhilelo 11:18) Kunoko, uya kumiselwa kubanquli bokwenyaniso. Baya kunikwa umsebenzi ovuyisayo wokuba nesabelo kwinzaliseko yokoqobo yesiprofeto sikalsaya: “Baya kwakha izindlu, bazihlale; batyale izidiliya, badle iziqhamo zazo. Abayi kwakha, kuhlale bambi; abayi kutyala; kudle bambi . . . Abayi kuzixhamla ngokulambathayo, bazalele ukhwankqiso; ngokuba bayimbewu ayisikeleleyo uYehova. (Isaya 65:21-25) Ngasekupheleni koLawulo lweMinyaka Eliwaka, zonke iimpawu zesono nokungafezeki okuzuzw’ ilifa ziya kube zishenxisiwe yaye abanyanisekileyo bakaThixo abasemhlabeni bobe bebhiyozela incopho epheleleyo eyobe iqosheliswa ngeNtlokoma. Ngoko inkululeko eyafuziselwa ngaphambili yintlokoma iya kube izuziwe.—Efese 1:10.

Emva Kwencopho Yeminyaka Eliwaka YeNtlokoma

19, 20. USathana needemon zakhe baya kuzama njani ukuphazamisana neentsikelelo ezibangelwe yiNtlokoma yeWaka Leminyaka, kodwa ngawuphi umphumo?

19 ISityhilelo 20:1-3 sixela kusengaphambili ukuba uSathana uMtyholi, umlawuli wemikhosi yeedemon, uya kube engabonakali kwithuba leminyaka eliwaka uKristu awobe elawula ngayo phezu koluntu. Xa, ekupheleni kweMinyaka Eliwaka, uMtyholi needemon zakhe beya kuvunyelwa ngokufutshane ukuba bavele, le mimoya ingendawo iya kuwubona umhlaba, ungekho kwimeko eyawushiya ukuyo, kodwa umhle ngokungenakuchazeka, uyiparadisi yehlabathi lonke. Iya kubona umhlaba umiwe ‘sisihlwele esikhulu’ esithembekileyo nangamawaka ezigidi zabantu abafayo abaye bavuswa nabo uYesu Kristu wabafelayo njengedini lentlawulelo. Ngasekupheleni kweMinyaka Eliwaka, iNtlokoma yamaKristu iya kube iyifezile injongo yayo yokulukhulula ngokupheleleyo uluntu kwimiphumo yesono. (Roma 8:21) Hayi indlela ebekunokuba lihlazo elikhulu ngayo ukuba bekungakho nabani na ozama ukonakalisa loo meko intle ngolo hlobo! Kodwa ngemvume kaThixo ongusomandla, uMtyholi uya kwenza ilinge lokugqibela lokwenza oku, yaye ngobukrakra bokuncama uya kuthwaxa. Ngale meko kubhalwe oku kwiSityhilelo 20:7-10, 14:

20 “Xa ithe yazaliseka iminyaka eliwaka, uSathana wokhululwa entolongweni yakhe; aphume, aye kuzilahlekisa iintlanga ezisezimbombeni ezine zehlabathi, uGogi noMagogi, ukubahlanganisela emfazweni, abanani labo lingangentlabathi yaselwandle. Banyuka, baya kububanzi behlabathi, bayirhawula inqaba yomkhosi wabangcwele, nomzi othandiweyo; kwehla umlilo uvela kuThixo, uphuma ezulwini, wabadla wabagqiba. UMtyholi lowo ubalahlekisayo waphoswa edikeni lomlilo nesulfure.”

21. Emva kokuba iNtlokoma yamaKristu iphelile ekupheleni kweWaka Leminyana, yiyiphi indlela oonyana bakaThixo abasezulwini abaya kusabela ngayo leyo iya kusikhumbuza uYobhi 38:7?

21 Inkululeko yokwenene, eyaziswa lilungiselelo leNtlokoma, iya kuqhubeka inanditshwa kuyo yonke indawo; zonke izidalwa ziya kukhululwa yaye ziya kube zizukisa Lowo unguye kuphela ogama linguYehova. (INdumiso 83:18) Oko kuya kuba njalo njengokuba uYehova eqhubeka ephumeza iinjongo zakhe kwindalo yonke. Ngexesha lokudaIwa komhlaba, ngaphambi kokuba uluntu lubekwe kuwo, ‘amakhwezi okusa ayememelela kunye, beduma bonke oonyana bakaThixo’ ngenxa yokubona izinto ezintle. (Yobhi 38:7) Hayi indlela abaya kumemelela ngakumbi ngayo ekuboneni umhlaba omiwe ngamadoda nabafazi abaye babonakalisa baza bangqina ukuzahlulela kwabo okupheleleyo nengqibelelo yabo kuThixo ongusomandla.

22. Simele sibe yintoni isimo sethu sengqondo, ngokuvisisana nokhuthazo olufunyanwa kwiNdumiso 150:1-6?

22 Xa zonke izinto ziqwalaselwa ekukhanyeni okuqaqambileyo okukhanyiswa eZibhalweni, asinakwenza ngakumbi kunokuthi sizibone sivuya namazulu size sithi, Haleluya! Nalu ukhuthazo esilufumanayo ethi incwadi yeeNdumiso iqukumbele ngalo: “Haleluya! Dumisani uThixo engcweleni yakhe, mdumiseni esibhakabhakeni samandla akhe. Mdumiseni ngenxa yobugorha bakhe, mdumiseni ngokobuninzi bobukhulu bakhe. Mdumiseni ngokuvuthela isigodlo, mdumiseni ngomrhubhe nohadi. Mdumiseni ngengqongqo nengqungqo, mdumiseni ngeento ezineentambo nogwali. Mdumiseni ngamacangci akhenkcezayo, mdumiseni ngamacangci adumayo. Yonke into ephefumlayo mayimdumise uYehova. Haleluya!”—INdumiso 150:1-6.

[Imibhalo esemazantsi]

a Iphephancwadi elitsha lakhutshwa apho elaliza kuba “njengelizwi kwintlango yokudideka, uthumo lwalo [lukukuba] livakalise ukusondela kweXesha Elizukileyo.” Namhlanje eli phephancwadi libizwa ngokuba nguVukani!

b Millions Now Living Will Never Die (1920); Deliverance (1926); Freedom for the Peoples (1927); Liberty (1932); “The Truth Shall Make You Free” (1943); What Do the Scriptures Say About “Survival After Death”? (1955); Ubomi Obungunaphakade—Enkululekweni Yoonyana BakaThixo (1966); INyaniso eKhokelela kuBomi obungunaPhakade (1968); The Path of Divine Truth Leading to Liberation (1980).

Ubungaphendula Njani?

◻ Abafundi bakaYesu bakhululwa entwenini ngePentekoste yowama-33 C.E., nto leyo eyayiphawula ukuqalisa kwantoni kubo?

◻ Kutheni lento kukho isizathu sokulindela inkululeko enkulu ngakumbi kunaleyo yabakho kwinkulungwane yokuqala?

◻ Hlobo luni lwenkululeko ebiqhubeka ukususela ngowe-1919?

◻ “Ezinye izimvu” ziya kungenelwa njani yaye nini kwiNtlokoma ezukileyo?

◻ Emva kwencopho yeNtlokoma, lo mhlaba uya kufana nantoni?

[Umfanekiso okwiphepha 25]

Inkululeko yavakaliswa eCedar Point, ngowe-1919

[Umfanekiso okwiphepha 26]

“Ezinye izimvu” zinenxaxheba kwiNtlokoma yeMinyaka Eliwaka

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share