IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w87 2/15 iphe. 3-4
  • Ngaba Uyakhathazeka Ngabantwana Bakho?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uyakhathazeka Ngabantwana Bakho?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Unyana Olahlekileyo
  • Oko Sinokukufunda Kumzekelo KaMariya
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • UMariya Ukhulelwe Kodwa Akatshatanga
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • UYesu Wafunda Ukuthobela
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • ‘Wazenzela Izigqibo Entliziyweni Yakhe’
    Xelisa Ukholo Lwabo
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1987
w87 2/15 iphe. 3-4

Ngaba Uyakhathazeka Ngabantwana Bakho?

KAKADE uba njalo! Isifo, ukusebenzisa kakubi iziyobisi nobunjubaqa zezintathu nje zeengxaki ozaziyo ezenzakalisa abantwana bakho. Kuyinto eqhelekileyo ngabazali ukuba babaxhalabele abantwana babo—de bazive bekhathazekile ngabo.

Leyo yindlela kanye abazali abaninzi abaye bavakalelwa ngayo ukuhla ukutyhubela imbali, njengoko neBhayibhile ibonisa. Khumbula ukuba uYakobi wathuma uYosefu ukuba aye kuhlola abantakwabo kuba uYakobi wayebaxhalabele. (Genesis 37:13, 14) Kwakhona, uYobhi wayekhathazekile nakubeni oonyana bakhe babekhulile beneentsapho ezizezabo. Naku awayekucinga: “Mhlawumbi oonyana bam bangaba bonile, bamlahla uThixo entliziyweni yabo.”—Yobhi 1:4, 5.

Ewe, noYosefu noMariya babemxhalabele unyana wabo ofezekileyo uYesu! Enyanisweni, ngasihlandlo sithile xa uYesu wayene-12 leminyaka ubudala, babekhathazeke ngakumbi ngaye, kuba bafumanisa ukuba wayelahlekile. Sekunjalo, umntwana wabo uYesu wayezisa uzuko kubo, ibe babengenasizathu sakuzigculela. Makhe sibone kanye oko kwenzekayo ngeso sihlandlo singalibalekiyo size siqwalasele oko kunokufundwa ngabazali banamhlanje kuso.

Unyana Olahlekileyo

Ukuba ungumzali, mhlawumbi kunokwenzeka ukuba uvelane neemvakalelo zikaMariya xa wamngxolisayo uYesu esithi: “Mntwana wam, yini na ukuba usenjenje? Uyabona, uyihlo nam sibe sikufuna, sibuhlungu kakhulu.” UYosefu noMariya babehlukene noYesu iintsuku ezintathu. Unokusiqonda isizathu sokuba babenxubile ngendawo eyayikuyo inkwenkwana eneminyaka eli-12 ubudala.—Luka 2:48.

Sasiyintoni isizathu sokuba uYosefu noMariya balahlekane noYesu? Umgqabazi owaziwayo ebabek’ ityala ngale nto, ubhala esenjenje: “Besazi ngokuxabiseka kobuncwane ababenabo, kwenzeka njani ukuba kube lixesha elide kangako bengabukhangeli? Yayiphi inimba nobubele obunothando bukanina?” Kodwa ngokwenene, njengoko siza kubona, xa ihlolisiswa ngenyameko le ngxelo kubenza msulwa uYosefu noMariya ekubekeken’ ityala ngokunzulu.

Inyaniso kukuba iBhayibhile ibonisa ukuba uMariya wayengumfazi othobekileyo nomama olungileyo. Isithunywa sezulu uGabriyeli, xa safikayo ukuza kuxela kwangaphambili ngokuzalwa kukaYesu, sathi ‘wayebabalwe nguThixo.’ (Luka 1:28, 30) Ngomoya ovumayo wasamkela esi sabelo sokuzala lo mntwana oyinkwenkwe nokhethekileyo, kunye nembopheleleko enzima yokumkhulisa nokumqeqesha. Wayengumfazi ozithobileyo nonokholo olomeleleyo kuThixo. Ngemva kokuzalwa kukaYesu, wenza konke okwakufunwa nguMthetho kaYehova, “njengoko kubhaliweyo emthethweni.”—Luka 1:38, 45-48; 2:21-23, 39.

UYosefu, indoda eyatshata uMariya yaza yaba ngusingayise kaYesu, kwanaye, wayeyindoda ethobekileyo nelilungisa neyathi yancokola nesithunywa sezulu sikaYehova izihlandlo ezine. (Mateyu 1:19, 20; 2:13, 19, 22) Khumbula, uYehova wanyula uYosefu noMariya ukuba bakhulise uNyana Wakhe oxabisekileyo, nokuphela kwamzeleyo. Ngaba uThixo wayengenakuthi akhethe isibini esasiya kwenza kakuhle ekuncedeni lo nyana akhulele kubulumko bobuthixo?

Kakade ke, abazali namhlanje ngokunokwenzeka bayakhathazeka ngabantwana babo ngenxa yemekobume eyingozi nembi abakuyo. Ibe bayazi ukuba abantwana babo abafezekanga njengoko wayenjalo uYesu. Sekunjalo, sinokungenelwa kumzekelo kaYosefu, uMariya noYesu.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share