“Ubathathu Emnye Osikelelweyo”—Ngaba Usebhayibhileni?
WATSHISWA wada wafa eNgilani ngowe-1550. Yayingubani igama lakhe? Yayingu-Joan Bocher. Sasiyintoni isono sakhe? IEncyclopœdia Britannica (yowe-1964) ithi: “Wagwetywa ngenxa yokunyelisa ekuhleni ngokukhanyela uBathathu Emnye, isono eso zonke iicawa zazisigqala njengesingenakuxoleleka ukususela kwixesha lokulwa neemfundiso zikaArius.”
UBathathu Emnye uyimfundiso esisiseko yeecawa ezininzi ezahlukahlukeneyo. Kodwa kanye kanye uyintoni uBathathu Emnye? IThe Waverley Encyclopedia imchaza ‘njengemfihlelo yoThixo omnye kwiziqu ezithathu—uYise, uNyana noMoya Oyingcwele, belingana yaye baphila ngonaphakade kwizinto zonke.’ Kanti iThe New Encyclopœdia Britannica (yowe-1981) ithi: “Igama elithi Bathathu Emnye, nemfundiso ecacileyo enjengaleyo, azibonakali kwiTestamente Entsha.” Ngokukhawuleza oku kuphakamisa imibuzo ngale mfundiso.
Into ewukhulisa ngakumbi lo mbandela kukuvuma okuphandle iNew Catholic Encyclopedia ekuvakalisa ngombuzo odla ngokubuzwa ngabafundi abakwizikolo zakwalizwi, “Kodwa umntu ushumayela njani ngoBathathu Emnye?” Le ncwadi yamaKatolika ihlabela mgama isithi: “Ukuba loo mbuzo ubonisa ukudideka okukhoyo kubafundi, kunokwenzeka ukuba ubonisa ukudideka okufanayo okukho koonjingalwazi ababahlohlayo. Ukuba apha ‘uBathathu Emnye’ uthetha imfundiso emela uBathathu Emnye, eyona mpendulo iyiyo ibingaba kukuba umntu angashumayeli ngaye konke konke . . . ngenxa yokuba intshumayelo, ingakumbi esekeIwe eBhayibhileni, iyindawo yelizwi likaThixo, kungekhona izinto ezongezelelwe ngabefundisi.”
‘Abefundisi bayongezelela nini le mfundiso’? IThe New Encyclopœdia Britannica (yowe-1981) iphendula ngokuthi: “Le mfundiso yavela ngokuthe ngcembe kwiinkulungwane eziliqela ezadlulayo ibe yavela ityhubela iimpikiswano ezininzi.” Ngaba oko kuvakala kuwe kufana nesityhilelo esingqalileyo nesicacileyo esivela kuThixo? Ngoko inokuba siso njani isityhilelo seZibhalo Ezingcwele, njengokuba besitsho abaxhasi bayo?
Amazwi aseBhayibhileni adla ngokusetyenziswa ngabefundisi beecawa ukuxhasa uBathathu Emnye ngalawo uYesu wayalela ngawo abafundi bakhe ukuba benze abafundi, ‘bebabhaptizela egameni loYise, loNyana, neloMoya oyiNgcwele.’ (Mateyu 28:19) Ngokuqinisekileyo le ndinyana ikhankanya izinto ezintathu, kodwa ayitsho ukuba zingabantu abathathu okanye zonke ziyinto enye. Ngokubhekele phaya, siyalazi igama loYise (elinguYehova) neloNyana (elinguYesu), kodwa lingubani igama lomoya oyingcwele? Oku kukhokelela kulo mbuzo . . .
Ngaba Umoya Oyingcwele Ungumntu?
Into yokuba iBhayibhile ingatsho ukuba umoya oyingcwele unalo igama lobuqu ubuncinane ibonisa ukuba awunakuba ngumntu. Kwakhona usengabuza uthi, ‘Ngaba umoya oyingcwele wakhe wabonwa?’ Kaloku, ngexesha lokubhaptizwa kukaYesu wabonakala njengehobe yaye ngePentekoste wabonakala njengeelwimi ezaba ngathi ngumlilo. (Mateyu 3:16; IZenzo 2:3, 4) Ukuba ungumntu, kwakutheni ukuze ungabonakali njengomntu? Yaye ukuba umoya oyingcwele awungomntu, uyintoni? Ngokungathandabuzekiyo, ungamandla asebenzayo avela kuThixo awathi ngePentekoste ‘athululelwa’ kubafundi. (IZenzo 2:17, 18) Ngala mandla asebenzayo, uYehova wadala indalo yakhe—“umoya [amandla asebenzayo, NW] kaThixo wafukama phezu kwamanzi lawo.” (Genesis 1:2) Loo mandla manye asebenzayo aphefumlela ababhali beBhayibhile.—2 Timoti 3:16.
Omnye wabo babhali baphefumlelweyo yayingumprofeti uDaniyeli. KuDaniyeli isahluko 7 uchaza umbono omangalisayo awawunikwa nguYehova: “uNyangelemihla” ehleli kwitrone yakhe yasezulwini, ekunye nezigidigidi zezithunywa zezulu zimlungiselela. UDaniyeli wakwabona “onjengonyana womntu [uYesu],” owanikwa “igunya, ubuhandiba, nobukumkani, ukuze zonke iintlanga, nezizwe, neelwimi, zimbuse.” (Daniyeli 7:9, 10, 13, 14) Noko ke, kuthekani ngomoya oyingcwele? Awukhankanywa njengomntu kulo mbono wasezulwini.
Incwadi yeBhayibhile yokugqibela—ISityhilelo—ichaza eminye imibono ephawulekayo yasezulwini. Oyena Mntu Uphakamileyo, uYehova, apho uchazwa ekwitrone yakhe, yaye iMvana, uYesu Kristu, ikunye naye. Kodwa, kwakhona, umoya oyingcwele awukhankanywa njengomntu obonakalayo. (ISityhilelo, isahluko 4-6) Ngoko kwanencwadi yokugqibela yeBhayibhile ayitsho ukuba kukho iziqu ezithathu kuthixo omnye. Oku kuphakamisa . . .
Omnye Umbuzo Obalulekileyo
Imfundiso kaBathathu Emnye iye yachazwa ngokuthi “yimfundiso esisiseko yonqulo lwamaKristu.” Ukuba oku bekunjalo, kwakutheni ukuze uYesu angayityhili xa wayesemhlabeni? Abafundi bakhe, ekubeni babengamaSirayeli, babekholelwa ukuba uYehova akanakuthelekiswa nanto. Ukuza kuthi ga kulo mhla, amaYuda asaqhubeka ecengceleza iDuteronomi 6:4 ethi: “Yiva, Sirayeli, uYehova uThixo wethu nguYehova mnye.” KwiZibhalo zesiHebhere ayikho into ebonisa ukuba Oyena Mntu Uphakamileyo ukwiziqu ezithathu. Usengenza kakuhle ukubuza uthi, ‘Ukuba oku bekunjalo, kwakutheni ukuze le “mfundiso isisiseko” ingabi yeyamkelekileyo de kwaba yinkulungwane yesine—phakathi kwempikiswano ekrakra eyathi yabangela isiphithiphithi esisasazekileyo?’
Bambi basengema ngelithi: ‘Kodwa uYesu wathi, “Mna noBawo sibanye.”’ (Yohane 10:30) Oko kunjalo. Noko ke, banye ngokwayiphi ingqiqo? UYesu wakucacisa ngokwakhe oku kamva ngokuthi xa wayethandaza: “Bawo oyingcwele, balondolozele [abafundi bakhe] . . . ukuze babe banye, njengokuba thina sibanye.” (Yohane 17:11, 22) Ngenxa yoko, ubunye bukaYise noboNyana buyafana nobunye obukho phakathi kwabalandeli bakaKristu bokwenyaniso—ukuvisisana ngenjongo nangentsebenziswano.
Sekunjalo, bambi basengathi nangona uYesu engazange ayivakalise imfundiso kaBathathu Emnye, umpostile uYohane wenjenjalo kweyoku-1 kaYohane 5:7, apho ithi: “Ngokuba bathathu abo bangqinayo emazuIwini: uYise, noLizwi, noMoya oyiNgcwele; abo bathathu banye.” Phofu ke, iinguqulo ezingakumbi zanamhla ziyayishiya le ndinyana. Kutheni? IJerusalem Bible yamaKatolika kumbhalo osemazantsi icacisa ukuba le ndinyana ayifumaneki nakuyiphi na imibhalo-ngqangi yeBhayibhile yesiGrike sangaphambili okanye eyiyeyona isemgangathweni kweyesiLatini. Ibubuxoki. Ngokungathandabuzekiyo, yongezelelwa ngelinge lokuxhasa uBathathu Emnye.
Njengokuba unokuzihlolela kweyakho iBhayibhile, umpostile uPawulos ekuqaliseni iincwadi zakhe wawasebenzisa ngokufuthi amabinzana anjengeli lithi: “Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Kristu.” (Roma 1:7) Kwakutheni ukuze angawukhankanyi umoya oyingcwele njengomntu? Kwakungenxa yokuba uPawulos wayengazinto “ngoBathathu Emnye Ongcwele.” UYakobi, uPetros noYohane basebenzisa amabinzana afanayo kwiincwadi zabo abathi kuzo ngokukwanjalo bangawukhankanyi umoya oyingcwele. Kwakungani? Kwakungenxa yokuba nabo babengakholelwa kuBathathu Emnye. Umoya oyingcwele awungomntu njengokuba uThixo noNyana benguye. Kodwa ekubeni uNyana engumntu, kuphakama lo mbuzo . . .
Ngaba UYesu UngOyena Mntu Uphakamileyo?
Abantu abakholelwa kuBathathu Emnye bathi ewe. Kanti ufanele ube nomdla ngakumbi koko kwathethwa nguYesu: “UBawo mkhulu kunam.” (Yohane 14:28) “UNyana akanakwenza nto ngokwakhe, engathanga abone uYise eyenza.” (Yohane 5:19) UPawulos walek’ umsundulo ngokuthi: “Intloko ke kaKristu nguThixo.”—1 Korinte 11:3.
Kwakhona, khawuyiqwalasele ngenyameko le mibuzo: Ngaba uYehova unoThixo? Ngokucacileyo akanaye, ungoyena uphakamileyo, uSomandla. Ngaba uYesu unoThixo? Akuba evukile uYesu wathi kuMariya waseMagadala: “Ndiyenyuka, ndiya kuBawo, kuyihlo; kuThixo wam, kuThixo wenu.” Umpostile uPetros wabhala oku: “Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu.”—Yohane 20:17; 1 Petros 1:3.
Ngaba uThixo wakhe wafa? ‘Ngokuqinisekileyo akazange afe,’ isengaba yetshoyo impendulo yakho echanileyo. UThixo akanakufa. Umprofeti uHabhakuki ethetha ngoYehova wathi: “Wena oyiNgcwele wam, akufi.” (Habhakuki 1:12, NW) Ngokwahlukileyo koko, uYesu wafa. Ngoko ngubani owamvusayo kwelabafileyo? UPetros wathi: ‘UThixo wamvusa [uKristu] kwabafileyo.’ Ngoko, kuyacaca ukuba uYesu akangOyena Mntu Uphakamileyo.—IZenzo 3:15; Roma 5:8.
Usenokuhlabela mgama. Ngaba wakhe wabonwa uThixo? “Akukho namnye wakha wambona uThixo.” (Yohane 1:18) Kanti amawakawaka ambona uYesu emhlabeni. Ngaba uThixo wakha wathandaza kuthile ongomnye? Wayenokuthandaza kubani? ‘Ungumphulaphuli wemithandazo’ omkhulu. (INdumiso 65:2) Yaye kuthekani ngoYesu? Wayethandaza ngokuthe rhoqo kuYise, ade achithe ubusuku bonke ethandaza. Ngaba uThixo ungumbingeleli? Ngokucacileyo akanguye. Ngaba uYesu unguye? Sifunda oku: “Mondeleni umpostile, umbingeleli omkhulu wovumo Iwethu, uKristu Yesu.”—Hebhere 3:1.
Akucacanga ngokwaneleyo na ukuba uYesu akanguye Oyena Mntu Uphakamileyo?
Ngaba Imfundiso KaBathathu Emnye lyingozi?
Ewe. Le mfundiso isasazekileyo iyazigqwetha iinyaniso ezicacileyo zeBhayibhile zokuba nguYehova kuphela ongUyena Mntu Uphakamileyo, zokuba uYesu unguNyana wakhe, nokuba umoya oyingcwele ungamandla kaThixo asebenzayo. Le mfundiso ibangela ukudideka ngokumsibekela uThixo kwinkungu eyimfihlelo, ethi ikhokelele kubumnyama bokomoya.
Noko ke, wena akuyomfuneko ukuba ube kobo bumnyama. Unokuzibethelela ngokucacileyo iinyaniso ezithile engqondweni yakho:
Imfundiso kaBathathu Emnye ayikhankanywa eBhayibhileni. “Yinto eyongezelelwe ngabefundisi” neyathi yavela kwiinkulungwane ezithile emva komhla kaYesu, yaye yanyanzelwa ngokusongelwa kwabantu ngokubulawa emthini. lye yakugalela amanzi ukunqulwa kOyena Mntu Uphakamileyo, ngokufundisa ukukholelwa kwimfihlelo.
Ukuba ubusoloko ukholelwa kuBathathu Emnye, umele wenze ntoni ngoku? Siyakubongoza ukuba ufundisise iLizwi likaThixo neempapasho ezinjengale eziya kukunceda uqonde iBhayibhile. Ukwenjenjalo kubalulekile. UYesu wathi ubomi obungunaphakade buxhomekeke ekwazini yena noYehova—‘okuphela koThixo oyinyaniso.’—Yohane 17:3.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 5]
Umnwe KaThixo
Izazi ezinobugqi zaseYiputa zavuma zisithi, “Ngumnwe kaThixo,” xa zathi azakwazi ukuguqula uthuli lube ziingcongconi, njengokuba uMoses wayenjenjalo. (Eksodus 8:18, 19) ENtabeni yeSinayi, uYehova wanika uMoses “amacwecwe amatye, ebhalwe ngomnwe kaThixo.” (Eksodus 31:18) Ngaba lo yayingumnwe wokoqobo? Akunjalo. Ngokucacileyo uYehova akanayo iminwe yokoqobo. Yintoni ke? Umbhali weBhayibhile uLuka noMateyu basinika isikhokelo. Omnye wabhala ukuba “ngomnwe kaThixo” uYesu wayekhupha iidemon. Omnye wacacisa ukuba uYesu wakwenza oku ‘‘ngomoya kaThixo.” (Luka 11:20; Mateyu 12:28) Ngoko umoya oyingcwele ‘ungumnwe kaThixo,’ isixhobo sakhe sokuphumeza ukuthanda kwakhe. Awungomntu, kodwa ungamandla amakhulu kaThixo asebenzayo.
[Imifanekiso ekwiphepha 7]
Umoya oyingcwele wabonakala njengehobe nanjengeelwimi zomlilo—awuzange ubonakale njengomntu.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 4]
Into emela uBathathu Emnye kwiCawa yamaKatolika eTagnon, eFransi, kwinkulungwane ye-14