Ngaba Umnqamlezo Wawusetyenziswa NgamaKristu Ngaphambi Kwexesha LikaConstantine?
“UMNQAMLEZO kudala uyinto esetyenziswayo, ubukho phantse kuzo zonke iinkalo zenkcubeko ebezisaziwa. Abaphengululi ngemvelaphi yabantu nenkcubeko yabo abazi ukuba iyintoni na intsingiselo yawo, nangona ukusetyenziswa kwawo ngokubhalwa emangcwabeni kusenokuthi kubonise ukuba wawungowokukhuseleka ebubini. Kwelinye icala, icrux ansata edumileyo yaseYiputa, eboniswe iphuma emlonyeni, imele ukuba ibhekisela kubomi okanye kwimpemfumlo. Ichukumisa ngokunzulu into yokuba iminqamlezo ingabonakali kwizinto zamaKristu okuqala, kuze kungathethwa nokuthethwa ngawo kwisiganeko saseGolgotha, nakuba wawusetyenziswa kuzo zonke iindawo. Inkoliso yabaphengululi ngoku iyavuma ukuba umnqamlezo, uKristu aweva iintlungu kuwo, awunakufunyanwa kwizinto ezingaphambi kwexesha likaConstantine.”—IAnte Pacem—Archaeological Evidence of Church Life Before Constantine (yowe-1985), ebhalwe nguNjingalwazi uGraydon F. Snyder, iphepha 27.