Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
UMlawuli Wabantu Onqwenelwayo Nowongamileyo
XA UYESU esondla abantu abangamawakawaka ngokungummangaliso, abantu babamba ongezantsi. Bathi, “Lo nguye inyaniso umprofeti lowo uzayo ehlabathini.” Abagqibi nje kwelokuba uYesu umele abe ngumprofeti omkhulu kunoMoses kodwa bakwathi uya kuba ngoyena mlawuli wanelisa iimfuno zabantu. Ngoko baceba ukumbamba baze bamenze ukumkani.
Noko ke, uYesu uyakuqonda oko bakucebayo. Ngoko uthi nyebelele ngokukhawuleza ukuze aphephe ukumiselwa ngabo ngenkani njengokumkani. Uyazindulula izihlwele aze anyanzele abafundi bakhe ukuba bakhwele kwiphenyane labo baze benjenjeya ukubuyela eKapernahum, andule ke yena arhoxe kubo esiya kuthandaza entabeni. Obo busuku bonke uYesu uyedwa apho.
Ngaphambi nje komsobomvu uYesu uphos’ amehlo kuloo ndawo iphakamileyo akuyo aze abone amaza elwatyuza ngamandla elwandle eqhutywa ngumoya omkhulu. Ngokukhanya okubangelwa phantse yinyanga epheleleyo, ekubeni iPasika isondele, uYesu ubona iphenyane nabafundi bakhe besilwa namaza ukuze baqhubeke nohambo lwabo. La madoda abhexesha ngamaxhayi esebenzisa onke amandla anawo.
Ekubona oku, uYesu uyehla entabeni aze ahambe esenjenjeya ukuya kwiphenyane enqumla phezu kwamaza. Ehambe umgama oziikhilomitha ezintlanu okanye ezintandathu, uyafika kubafundi bakhe. Noko ke, uqhubeka nohambo lwakhe ngokungathi uza kudlula kubo. Bakumbona, bayadanduluka besithi: “Ngumshologu.”
UYesu ubaphendula ngelithuthuzelayo esithi: “Ndim, musani ukoyika.”
Kodwa uPetros uthi: “Nkosi, ukuba nguwe, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.”
“Yiza,” uphendula ngelitshoyo uYesu.
Ngoko nangoko, uPetros uyehla ephenyaneni, uhamba phezu kwamanzi esiya kuYesu. Kodwa ekhangele kuqhwithela, uPetros uyoyika, ibe uqalisa ukutshona, uyazibika: “Nkosi, ndisindise.”
Ngokukhawuleza esolula isandla sakhe, uYesu uyambamba, esithi: “Ehla wena ulukholo luncinane, uthandabuzelani na?”
Emva kokuba uPetros noYesu bebuyele ephenyaneni, umoya uyazola, ibe aba bafundi bayamangaliswa. Kodwa ngaba bafanele bamangaliswe? Ukuba bebeyiqondile “intsingiselo yezonka” ngokuqonda ummangaliso omkhulu owenziwe nguYesu kwiiyure ezimbalwa ngaphambili ngokulungiselela ukudla amawakawaka esebenzisa nje izonka ezihlanu neentlanzana ezimbini, ngoko akufanele kube yinto emangalisa kangako ukuba unokuhamba phezu kwamanzi aze abangele umoya uzole. Noko ke, ngoku, aba bafundi baqubuda kuYesu baze bathi: “Inyaniso, unguNyana kaThixo.”
Ngexesha elingephi bafika eGenesarete, ithafa elihle nelineziqhamo kufutshane neKapernahum. Bamisa iphenyane. Kodwa xa besiya elunxwemeni, abantu bayaphawula ukuba ukho uYesu ibe baya kwimizi ekufutshane, befuna abo bagulayo. Xa abo beziswa bekumakhuko abo baze bachukumise nje intshinga yengubo kaYesu yokwaleka, baphiliswa ngokupheleleyo.
Ngosuku olulandelayo isihlwele ebesikho xa uYesu ebesondla amawakawaka ngokungummangaliso siphawula ukuba uYesu usishiyile. Ngoko xa amaphenyane amancinane avela eTibheriya efika, aba bantu bakhwela kuwo baze benjenjeya ukuhamba ngolwandle besinge eKapernahum ukuya kufuna uYesu. Bakumfumana, bayambuza: “Rabhi, ufike nini apha?” Impendulo kaYesu iya kuba yetyhila okuthile. Yohane 6:14-25; Mateyu 14:22-36; Marko 6:45-56.
◆ Emva kokuba uYesu ondle abantu abangamawakawaka ngokungummangaliso, abantu bafuna ukumenza ntoni?
◆ Yintoni ebonwa nguYesu kwintaba azikhethele ukuhlala kuyo, ibe wenza ntoni ke ngoko?
◆ Kutheni le nto abafundi bengafanele bamangaliswe kangako zezi zinto?
◆ Emva kokuba befikile elunxwemeni kwenzeka ntoni?
[Umfanekiso omkhulu okwiphepha 9]