Ngaba Wanelisekile Ngamalungiselelo KaYehova Okomoya?
“Nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithululele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho”—MALAKI 3:10.
1. Uninzi lwezidalwa eziphilileyo lwaneliswa ngawaphi amalungiselelo?
UKUBA akuwuphefumli umoya, uza kufa emva nje kwemizuzwana embalwa. Ukuba akuwaseli amanzi, uza kufa kungentsuku zatywala. Ukuba akutyi, uza kufa emva nje kweeveki ezimbalwa. Ukuba akuzondli ngamalungiselelo kaYehova okomoya, ngoko xa usifa uya kuba ufe ngonaphakade. UYehova ulungiselela umoya, amanzi nokudla nto ezo ezifunwa zizo zonke izidalwa eziphilileyo. Ngenxa yoko, umdumisi uthi kuYehova: “Uyasivula isandla sakho, uzihluthise iinto zonke eziphilileyo ngeento ezikholekileyo.” (INdumiso 145:16) Umnqweno wezinto ezininzi eziphilileyo waneliswa ngamalungiselelo ezinto zasemhlabeni. Kodwa oku akunjalo kwizidalwa ezingabantu.
2. Uyintoni umnqweno wentliziyo yomntu, ibe liliphi ilungiselelo elifunekayo ukuze waneliswe?
2 UYesu wakubonisa oku xa wathi: “Akaphili ngasonka sodwa umntu, uphila ngamazwi onke aphuma emlonyeni kaThixo.” (Mateyu 4:4) Izidalwa eziphantsi azinayo ingcinga yokuphila ngonaphakade, kodwa umntu unayo, njengoko INtshumayeli 3:11 isithi: “Kwanephakade ulinikele ezintliziyweni zabo.” Okanye kunjengokuba iRevised Standard Version ikuchaza oku ngokuthi: “Ubunaphakade ububeke ezingqondweni zomntu.” Ngenxa yoko, umnqweno womntu osuka entliziyweni ngowokuphila ixesha elingasikelwe mda, kwanangonaphakade. Umoya, amanzi nesonka zizodwa nje azanele ekufezeni oko. Ukuze kuphilwe ngonaphakade kufuneka amalungiselelo okomoya asekelwe ‘emazwini onke aphuma emlonyeni kaThixo.’ Namhlanje, afumaneka kwincwadi enye, iBhayibhile, yaye akanakuphela—maninzi ngokugqithiseleyo. Akunakuze kuthiwe aphelile.
3. Yintoni uYesu awayibalaselisa njengeyona nto ibalulekileyo, ibe yiyiphi imfihlelo uPawulos awayifumanisayo?
3 UYesu wasifundisa ukuba sithandazele ukudla okuphathekayo nokufunekayo: “Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla.” Kodwa kungekudala emva koko wabeka imicimbi yokomoya kwindawo yokuqala xa wathi: “Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo nobulungisa bakhe.” (Mateyu 6:11, 33) Ukudla kokwenyama kusigcina siphilile usuku nje olunye ngexesha; ukudla kokomoya okuhlala kukho kunokusigcina siphilile ngalo lonke ixesha lokuphila kwethu nangonaphakade. Ngoko musa ukuzixhalela izinto eziphathekayo. UPawulos akazange azixhalele. Wathetha ngezinto zokomoya ezamenza waneliseka kungakhathaliseki ukuba yayinjani na imeko yakhe ngezinto eziphathekayo, esithi: “Ndiyazana nobuhlwempu, ndiyazana nobutyebi; kuko konke, nasezintweni zonke, ndiqhelanisiwe nokuhlutha kwanokulamba, nokutyeba kwanokuswela. Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo.”—Filipi 4:12, 13.
Intlekele Yehlela Abo Banganelisekanga
4. Ngawaphi amalungiselelo isibini sokuqala esingabantu esingazange sanele ngawo, ibe kukuphi okunye okungakumbi esakufunayo?
4 Noko ke, abantu abaninzi abaneliswa ngamalungiselelo kaYehova. Abazali bethu bokuqala abazange baneliseke. Babehlala kumyezo oyiparadisi—ubuhle bendawo babuvuyisa amehlo abo, iintyatyambo ezinevumba elithozamisayo zazibangela ivumba elimnandi kumoya ababewuphefumla, ukutya okumnandi kwakuginyis’ ingwiqi kubo, ukuntyiloza kweentaka kwakuluyolo ezindlebeni zabo. Ngaphezu koko, babenomsebenzi obangel’ umdla wokunyamekela lo myezo nentsikelelo yokuzalisa umhlaba ngenzala efezekileyo. Kodwa babengabantu abazingcayo. Oko uThixo wayebanike kona bakujonga kunganele. Babefuna okungakumbi. Babefuna ukuzigqibela ngento elungileyo nembi. Ngoko bazigqibela bona ngokwabo, ibe isigqibo sokuqala abasenzayo saba sesentlekele, saphumela ekubeni baphulukane nayo yonke into, eyeyabo neyeyenzala yabo.—Genesis 3:1-7, 16-19.
5. UYehova wawasikelela ngantoni amaSirayeli, ibe asabela njani?
5 AmaSirayeli alandela umzekelo wabo ombi. UThixo wawahlangula kubukhoboka baseYiputa, wawenza uhlanga, wawanika uMthetho ogqibeleleyo, wawakhokela kuhambo lwawo lwasentlango, wawanika impahla engazange iguge waza wathi ngokungummangaliso wawondla ngemana eyayivela ezulwini nangamanzi awayephuma eliweni. Kodwa awazange aneliswe ngamalungiselelo kaYehova. (1 Korinte 10:1-5) Njengoko ayehamba entlango, ayesoloko ekhalaza.—Eksodus 13:21, 22; Numeri 11:1-6; Duteronomi 29:5.
6. Liliphi ikhondo elabangela ukutshatyalaliswa kwamaSirayeli njengohlanga?
6 Aqhubeka ekhalaza nasemva kokuba ezinze kwiLizwe Ledinga—ilizwe elityebileyo nelinamanzi “elibaleka amasi nobusi.” Engekabi nambulelo, engekaneliseki ngamalungiselelo kaYehova, alulahla unqulo lwakhe, aphethukela ekunquleni isithixo sesini, abingelela ngabantwana bawo kuMoleki aza azizisela intshabalaliso wona njengohlanga. Akuba ebuyile ekuthinjweni eBhabhiloni, alandela izithethe ezaziphuma kuwo ezaliphanga igunya iLizwi likaThixo. Agqibela ngokubulala noMesiya wawo othenjisiweyo, uKristu Yesu.—Duteronomi 6:3; 8:7-9; ABagwebi 10:6; 1 Kumkani 14:22-24; 2 Kumkani 21:1-16; Isaya 24:1-6; Mateyu 15:3-9; 27:17-26.
7. Abefundisi beNgqobhoko banamhla baye baqhubeka njani kwikhondo elifana nelo labefundisi abangathembekanga bexesha likaMalaki?
7 Ukuhla ukuza kuthi ga kulo mhla uluntu ngokubanzi luye lwaqhubeka lukhetha iinkolelo zonqulo lobuxoki. Abefundisi balijongela phantsi igama likaYehova, abalisebenzisi kwaukulisebenzisa. Bayamnyelisa ngeemfundiso ezingekho Zibhalweni ezinjengoBathathu Emnye, ukungafi komphefumlo nentuthumbo engunaphakade kwisihogo somlilo. Iimfundiso zabo azidyojwanga nje kuphela bubuxoki obuvela kwiBhabhiloni nakwiYiputa yamandulo kodwa, kwiimeko ezininzi, zikwanetyhefu ngenxa yokukhanyela kwazo intlawulelo kaKristu nokwamkela kwazo imfundiso yendaleko. Zimenza uYehova angayifumani indumiso emfaneleyo, kanye njengokuba benjenjalo ababingeleli ngomhla kaMalaki.—Malaki 1:6-8; 3:7-9.
8. (a) Sisiphi isimemo esachaswa ngabefundisi bomhla kaMalaki naziinkokeli zonqulo zanamhla? (b) Ngoobani abasabelayo kwesi simemo, ibe waba yintoni umphumo?
8 Emva phayaa amaSirayeli akhuthazwa ukuba azicoce aze abuyele kuYehova. “Buyelani kum, ndibuyele kuni,” watsho njalo uYehova. Ngokubhekele phaya wawamema wathi: “Nindicikide ngale nto, utsho uYehova wemikhosi, ukuba andisayi kunivulela na iingcango zezulu, ndinithululele iintsikelelo, kude kungasweleki lutho.” (Malaki 3:7, 10) Yintsalela yohlanga lwamaYuda kuphela eyabuyayo; namhlanje, intsalela ethembekileyo yoSirayeli wokomoya iye yaphuma kolu nqulo lobuxoki lwehlabathi. Ikunye nesihlwele esikhulu esandayo sabanye abanquli ababumvu, badumisa uYehova njengamaNgqina akhe. (Yohane 10:16) UYehova uye waligcina idinga lakhe waza ‘wazivula iingcango zezulu, wayithululela kubo intsikelelo kwada akwasweleka lutho’—intabalala yokudla kokomoya! —Isaya 25:6.
Ukudla Kokomoya Okuyintabalala
9. Ngawaphi amalungiselelo okomoya afumanekayo namhlanje, yaye afumaneka ngaziphi iindlela, ibe uyintoni umphumo woko?
9 ‘Umkhonzi othembekileyo noqondayo’ owaxelwa kwangaphambili nguYesu njengowayeza kubakho kumhla wethu uxakekile elungiselela ukudla kokomoya okuyintabalala. (Mateyu 24:45) Kunyaka ophelileyo nje kuphela, kumazwe angama-208 nakwiziqithi zeelwandle nangeelwimi ezinokuba ngama200, amaNgqina kaYehova angaphezu kwezigidi ezithathu enza la malungiselelo okomoya afumaneka ngokutyelela kwindlu ngendlu nangokusasaza amakhulu ezigidi zeencwadi, amaphephancwadi neeBhayibhile. Abaninzi bazifikisela koku kudla kokomoya baza baneliseka: Ngabantu abatsha abangaphezu kwama-225 000 ababhaptizwayo ngonyaka omnye!
10. Ngawaphi amalungiselelo afumanekayo ngokuthotyelwa kwesiluleko sikaPawulos sokuhlanganisana kunye?
10 Amalungiselelo kaYehova okomoya kwakhona aye enziwa afumaneka ngeendibano zesithili, ngeendibano zesiphaluka nangeentlanganiso ezintlanu zeeveki ngeeveki eziqhutywa rhoqo emabandleni amaNgqina kaYehova anokuba ngama-52 000—onke ethobela isiluleko sikaPawulos esikumaHebhere 10:25 ‘sokungakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu.’
11. Nguwuphi umzekeliso ocacisa indlela enqwenelekayo yokulungiselelwa kokudla kokomoya?
11 Xa owasetyhini ememela iindwendwe esidlweni, akalipheki nje ngamanzi iqatha lenyama aze aliphose esityeni. Usebenzisa izinongo nezinto-yinto ukulenza libe nencasa evuzis’ izinkcwe aze alenze libukeke ukwenzela ukuba lithi nditye. Ukubonakala nje kwalo nevumba lalo kwenza umlomo uvuz’ izinkcwe yaye uginy’ ingwiqi. Leyo yindlela amalungiselelo kaYehova okomoya aye alungiselelwa ngayo—akalungiselelwanga nje ngendlela engenancasa nezele zizibakala ezingancedi kangako, kodwa alungiselelwe ngendlela ebangel’ umdla evuyisa ingqondo ize ichukumise intliziyo. UmKristu ngamnye umele alandele loo mzekelo. “Indlebe ayiyi kukucikida na ukuthetha, nekhuhlangubo likuve ukudla?” Yobhi 12:11.
12. Yiyiphi imizekelo esinayo ebonisa ukuba ukudla kokomoya kulungiselelwa ngendlela enomtsalane?
12 Incwadi Yesikhokelo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo kwisifundo sayo sokuqala ibethelela ukusetyenziswa kwamazwi anandiphekayo. USolomon wasebenzisa kungekuphela nje amazwi achanileyo koko wakwasebenzisa nanandiphekayo. (INtshumayeli 12:10) INdumiso 45:2 yaxela kwangaphambili ngoMesiya, uYesu Kristu: “Kugalelwe ubumnandi emlonyeni wakho.” Oko kwangqineka kunjalo. Abantu ababemphulaphula xa wayethetha bamangaliswa “ngamazwi amnandi aphuma emlonyeni wakhe.” Babesoloko bemlandela befuna ukuva into ayithethayo, babefika ngenj’ ixukuxa etempileni ukuza kumphulaphula, babemphulaphula ngovuyo yaye bamangaliswa nayindlela awayefundisa ngayo. Amagosa awayethunyelwe ukuba ambambe athi: “Akuzange kuthethe mntu njengoko athetha ngako lo mntu.” (Luka 4:22; 19:48; 21:38; Marko 12:37; Mateyu 7:28; Yohane 7:46) Incwadi Yesikhokelo yalungiselelwa ukuze isincede sithethe amazwi anandiphekayo enyaniso. Ngaba uyisebenzisa ngokupheleleyo?
13. Linamandla kangakanani ibinzana elikumaEfese 5:15-17 elithi “nizongela ixesha eli,” ibe kutheni oku kubethelelwa nje?
13 AmaEfese 5:15-17 anikela esi siluleko: “Khangelani ngoko, ukuba ningathini na, ukuze kucokiseke ukuhamba kwenu; ningabi njengabaswele ubulumko, yibani njengezilumko; nizongela ixesha eli, ngokuba le mihla ayindawo. Ngenxa yoko musani ukuba ziintsweli-kuqonda; yibani ngabakuqondayo into okuyiyo ukuthanda kweNkosi.” Igama lesiGrike eliguqulelwe apha ngokuthi “ixesha” alithethi ixesha ngokwentsingiselo nje eqhelekileyo kodwa libhekisela kwixesha elimiselweyo, ixesha lonyaka lenjongo ethile. Isenzi sesiGrike esiguqulelwe ngokuthi “nizongela” sikwisixando sokucokisisa, ibe “kulo mbandela mhlawumbi sithetha ‘ukuthengisisa kakhulu’; oko kukuthi, ukuxhakamfula naliphi na ithuba elifumanekayo.”a Ngaba uyalixhakamfula ixesha kucwangciso lwakho ukuze uzenze ube sisilumko ngokusebenzisa amalungiselelo kaYehova okomoya? Umele wenjenjalo. Thina sonke simele senjenjalo. Ngoba? “Ngokuba le mihla ayindawo.”
Ukusuka Kwintlango Yokomoya Ukuya Kwiparadisi Yokomoya
14. Yiyiphi indinyana yeBhayibhile esibonisa umzekelo woko kubalaseliswa yiNew World Translation Reference Bible yethu engolwimi lwesiNgesi?
14 Ilungiselelo lokomoya elibalaseleyo yimpapasho esinayo ethi New World Translation of the Holy Scriptures—With References, eyakhutshwa ngowe-1984. Ineembalasane ezininzi ezenza kube nokwenzeka ukusebenzisa ‘ixesha esizongele lona’ ukuze sandise ulwazi lwethu.b Omnye umzekelo ziimbekiselo zayo ezisibonisa ezinye izibhalo. Khawuqwalasele INdumiso 1:3, ethetha ngemeko yomntu ocamngca ngomthetho kaThixo imini nobusuku. Loo ndinyana ifundeka ngolu hlobo: “Unjengomthi omiliselwe phezu kwemijelo yamanzi, onika isiqhamo sawo ngexesha lawo, ogqabi lawo lingabuniyo; konke akwenzayo kophumelela.” Le ndinyana inenkcazelo eninzi ngakumbi kunaleyo ibonwa nje liliso lomfundi oyifunda nje ngokukhawuleza aze agqithele kwezinye.
15. Yiyiphi imibuzo ephakanyiswayo ngomthi okwiNdumiso 1:3, ibe uIsaya 44:4 ukucacisa njani oku?
15 Phawula oku: Umthi utyaliwe. Ngubani owawutyalayo? Watyalwa ngenxa yokusetyenziswa kwemijelo yamanzi ibe akuthethwa ngomjelo omnye. Ngaba umthi omnye ukhulela kufuphi nemijelo eliqela yamanzi? Akunjalo. Ngoko oku kumele kukwenze ube nomdla. Kanyekanye uyintoni lo mthi? Izibhalo ekubhekiselwe kuzo zivula amehlo eengqondo zethu. NguIsaya 44:4; 61:3 noYeremiya 17:8. UIsaya 44:4 uthi abantu bakhe baya kuba njengemithi “engasemisingeni yamanzi.” Imisinga emininzi? Ewe! Imisinga yimijelo enkcenkceshela imithi yeziqhamo etyaliweyo!
16. Yiyiphi inkcazelo ebhekele phaya enikelwa kuIsaya 61:3 nakuYeremiya 17:8?
16 UIsaya 61:3 ubiza eminye yale mithi ngokuthi “yimiterebhinti yobulungisa, isityalo sikaYehova sokuhomba.” UYehova nguye oyityalayo aze ayinkcenkceshele le mithi, ibe nguye nohonjiswa ziziqhamo ezithwalwa yile mithi! UYeremiya 17:8 umfanisa umntu ocamngca ngomthetho kaThixo imini nobusuku ‘nomthi omiliselwe emanzini, onabise iingcambu zawo phezu komlambo, ongoyikiyo xa kuthe kweza ubushushu; aqhame amagqabi awo, ongakhathaliyo ngomnyaka wokubalela, ongayekiyo ukuvelisa iziqhamo.’ Amagqabi awo akabuni; yonk’ into oyenzayo iya phumelela!
17. Siyiqonda njani ke ngoku iNdumiso 1:3, ibe yiyiphi indima esiyiphumezayo kuyo?
17 Ngoku inkungu iyagabuka emehlweni ethu! INdumiso 1:3 isibonisa umfanekiso omhle. Abo bacamngca ngomthetho kaYehova imini nobusuku banjengemithi etyalwe ngomthombo wamanzi ongenakuze utshe. Abaseyiyo inxalenye yeentlangano zehlabathi ezibethwa yimbalela yokomoya kodwa ngoku banxulumene nentlangano kaThixo ethi ngokuyintabalala inikwe amanzi ahlaziyayo enyaniso. Ngenene, bakwiparadisi yokomoya, bahlaziyekile ngokomoya yaye bathwele iziqhamo zokomoya ukuze kudunyiswe uYehova. Ibe khawucinge nje ngoko! UThixo usebenzisa amaNgqina akhe ukuba alathise abantu ukuba baphume kwezi ntlangano zehlabathi zithwaxwa yimbalela nayindlala ukuze beze kule paradisi yokomoya ihlaziyayo nenkcenkceshelwa kakuhle.
18. Abanye bathini xa bebona abanye bebalasele ekushumayeleni, ibe kungani besenokungakwazi ukufana nabo?
18 Ukuze siwufeze ngokuphumelelayo lo msebenzi, simele siziqeqeshe iingqondo neentliziyo zethu ukuze siwasebenzise onke amalungiselelo kaYehova okomoya. Bambi beva abanye becacisa izibhalo zeBhayibhile baze ke bathi: “Akwaba bendiyazi njengaye iBhayibhile!” Kodwa ukuba abo banjalo baziqeqeshela ukuba bafundisise iBhayibhile, nabo banokulwandisa ulwazi lwabo lweBhayibhile. Bambi beva abanye benikela ubungqina ezindlwini baze ke bathi: “Akwaba bendinokushumayela ezindlwini ngendlela ashumayela ngayo!” Kodwa ukuba baziqeqeshela ukuba babe nesabelo rhoqo kwinkonzo yasentsimini, basebenzise incwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo, nabo banokuba ngamaNgqina anobuchule obungakumbi. Bambi beva abanye benikela iintetho zeBhayibhile baze ke bathi: “Akwaba bendinokunikela iintetho ngendlela azinikela ngayo.” Kwanalapha, ukuba aba banokuziqeqesha ukuze bazilungiselele kakuhle izabelo zabo zokuthetha, basebenzise oko bakufunda kwiNcwadi Yesikhokelo Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, nabo baya kwenza inkqubela kubuchule bokuthetha.
19. Uyintoni undoqo ekuveliseni ubuchule bethu bokushumayela?
19 Ngoko, ukuba nomnqweno kuyinto entle, kodwa ukuba nomnqweno uze ungasebenzeli koko ukunqwenelayo akubangeli ukuba uwufeze umsebenzi. Ngumsebenzi obangela ukuba oko ukunqwenelayo ukufumane. Ziqeqeshe ukuba uzongele ixesha, yaye yenza umsebenzi onokubangela oko okunqwenelayo kuphumelele. Ukuba akusiqeqeshi isihlunu, asinakukhula. Ukuba akubusebenzisi ubuchule, buya kuphela. Ukuba akuyisebenzisi ingqondo yakho, amandla akho okucinga aya kuphela. Ukuba akulusebenzisi ulwazi, uya kuphulukana noko unako. Kuzo zonke izinto, kusebenza lo mgaqo uthi, “Kusebenzise okanye uphulukane nako.” ‘Amandla okuqiqa aqeqesheka ngokuthi asetyenziswe.’ Emva koko “ukunkqangiyela [amandla okucinga, NW] kokugcina, ukuqonda kokulondoloza.”—Hebhere 5:14, NW; IMizekeliso 2:11.
20. Ngokuwasebenzisa kakuhle amalungiselelo kaYehova okomoya, yintoni esiza kuyiphepha, ibe yintoni esiza kuyizuza?
20 Ngoko wasebenzise amalungiselelo kaYehova okomoya. Vuya kunye nabanelisiweyo nguye. Yibaleke indlala eyaxelwa kwangaphambili nguAmos: “Yabonani, kuza imihla, itsho iNkosi uYehova, endiya kuthumela ukulamba kulo ilizwe, kungabi kuko ukulambela isonka, kungabi kuko ukunxanela amanzi; kube kukulambela ukuva amazwi kaYehova.” (Amosi 8:11) Dlelana nabo badlayo nabavuyayo, ungadlelani nabo bakuchasayo ukudla baze badane: “Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, abakhonzi bam baya kudla, ke nina niya kulamba; yabonani, abakhonzi bam baya kusela, ke nina niya kunxanwa; yabonani, abakhonzi bam baya kuvuya, ke nina niya kudana.”—Isaya 65:13.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona iThe New International Dictionary of New Testament Theology, Umqulu 1, iphepha 268, ebhalwe nguColin Brown.
b Kusenokwenzeka ukuba okwangoku akunayo ngolwimi lwakho kodwa ngokungathandabuzekiyo uya kuba nomdla kumzekelo ongasentla ongendlela enokusetyenziswa ngayo.
Uyakhumbula Na?
◻ Uhlanga lukaSirayeli lwabonisa njani ukuba lwalunganelisekanga ngamalungiselelo kaYehova?
◻ UMalaki 3:10 uye wazaliseka njani kumaNgqina kaYehova?
◻ Iyintoni intsingiselo esisiseko yeNdumiso 1:3?
◻ Kutheni le nto kuyimfuneko ukusebenzisa izinto esizifunde ngamalungiselelo kaYehova okomoya?
[Umfanekiso okwiphepha 15]
Abo bacamngca ngomthetho kaYahova banjengemithi etyalwe ngasemthonjeni wamanzi ongenakuze utshe