Ubomi Nobulungiseieli BukaYesu
Ukuphiliswa Kwenkwenkwe Ephethwe Yidemon
NGOXA uYesu, uPetros, uYakobi noYohane bemkile, mhlawumbi beye kwinduli ekwiNtaba iHermon, abanye abafundi bangena engxakini. Ekubuyeni kwakhe, uYesu ukhawuleza abone ukuba kukho undonakele. Kukho indimbane engqonge abafundi bakhe, yaye ababhali baphikisana nabo. Bakumbona uYesu, abantu bamangaliswa gqitha baze babaleke ukuza kumbulisa. UYesu uyabuza esithi, “Nibuzana ntoni na nabo?”
Kusuka indoda endimbaneni isiza ngaphambili, iguqe phambi kukaYesu ize icacise isithi: “Mfundisi, bendizise unyana wam kuwe, enomoya ongathethiyo; apho uthe wamqubula khona, uyamntlala, aze alephuze amagwebu, atshixize amazinyo akhe, asuke orne; ndithethe kubafundi bakho ukuba bawukhuphe; bakhohlwa.”
Kuyabonakala ukuba ababhali bakwenza into enkulu ukungakwazi kwabafundi ukuphilisa lo mntwana, mhlawumbi bade bahlekise ngemigudu yabo. Kanye ngeli thuba lokugxeka kwabo, uYesu uyafika. Uthi, “Sizukulwanandini singakholwayo, koda kube nini na ndikuni? Koda kube nini na ndininyamezele?”
Kubonakala ukuba uYesu ubhekisa kuye wonk’ ubani olapha, kodwa alithandabuzeki elokuba amazwi akhe ajoliswe kubabhali, ababebakhathaza abafundi bakhe. Emva koko, uYesu uthi ngomntwana: “Mziseni kum.” Kodwa njengoko umntwana esiza kuYesu, idemon emphetheyo imkhahlela phantsi ize imtsho axhuzule ngamandla. Umntwana uqikaqikeka emhlabeni aze alephuze amagwebu emlonyeni.
UYesu ubuza esithi, “Kumgama ungakanani na imhlile le nto”?
Utata womntwana uphendula athi, “Kwaesengumntwana; umphose futhi emlilweni, kwanasemanzini, ukuba umtshabalalise.” Ngoko lo bawo uyabongoza esithi: “Ukuba unako ukwenzainto, sisize, usikwe yimfesane sithi.”
Kusenokwenzeka ukuba kangangeminyaka emininzi, lo bawo ebefuna uncedo. Ibe ngoku, ngenxa yokungaphumeleli kwabafundi bakaYesu, uphelelwe mpela ngamathemba. Eqonda isibongozo sale ndoda sokungabi nathemba, ngelikhuthazayo uYesu uthi: “Ewe, ukuba unokukholwa! Zonke izinto zinokwenzeka kuye okholwayo.”’
Ngokukhawuleza lo bawo uyakhala, kodwa ecela, “Ndiyakholwa; Nkosi, siza, ususe, ukungakholwa kwam.”’
Ephawula ukuba indimbane iyabaleka ukuza kubo, uYesu ukhalimela idemon esithi: “Moyandini ungathethiyo usithulu, mna ndiyakuthethela, phuma kuye, ungabi sangena kuye.”’ Njengoko idemon iphuma, kwakhona ibangela ukuba umntwana akhale ize imenze axhuzule kaninzininzi. Ngoko umntwana ulala emhlabeni engashukumi, kangangokuba abantu abaninzi baqalisa ukuthi: “Ufile.”’ Kodwa uYesu umbamba ngesandla umntwana, ibe uyavuka.
Ngaphambilana, xa abafundi babethunywe ukuya kushumayela, babezikhuphile iidemon. Ngoko ke, xa bengena endlwini, babuza uYesu ngasese besithi: “Yayiyini na ukuba singabi nako ukuwukhupha thina?”
Ebonisa ukuba kwakungenxa yokungabi nalukholo kwabo, uYesu uyaphendula: “Olu lona uhlobo alunako ukuphuma nganto, kungengako ukuthandaza.”
Ngokucacileyo kwakufuneka kulungiselelwe kwangaphambili ukuze kukhutshwe idemon enamandla akhethekileyo eyayibandakanyekile kule meko. Kwakufuneka ukholo olomeleleyo nomthandazo wokucela uncedo lwamandla kaThixo.
Ngoko uYesu wongezelela esithi: “Inene ndithi kuni, Beningathi, ninokholo olunjengokhozo lwemostade, nithi kule ntaba, Suka apha uye phaya, isuke, kungabikho nto iya kuninqabela.”
Hayi indlela olunokuba namandla ngayo ukholo! Imiqobo neenzima ezinokuthintela inkqubela kwinkonzo kaYehova zisenokubonakala njengezingenakoyiswa nezingenakushenxiswa njengentaba enkulu yOkoqobo. Kanti, uYesu ubonisa ukuba ukuba sihlakulela ukholo ezintliziyweni zethu, silunkcenkceshele size silukhuthaze ukuba lukhule, luya kufikelela ekukhuleni okupheleleyo yaye luya kusenza sikwazi ukuyoyisa loo miqobo neenzima ezinjengentaba. Marko 9:14-29; Mateyu 17:19, 20; Luka 9:37-43.
◆ UYesu ufika imeko injani xa ebuya evela kwiNtaba yeHermon?
◆ Luluphi ukhuthazo uYesu awalinika uyise wale nkwenkwe yayiphethwe yidemon?
◆ Kwakutheni ukuze abafundi bangakwazi ukuyikhupha idemon?
◆ UYesu ubonisa ukuba ukholo lunokuba namandla kangakanani?