Ungubani UYesu?
ZIMBALWA iingxelo zehlabathi ezithetha ngo y esu. Noko ke, zimbi zazo zikho, ibe iThe Encyclopædia Britannica ithi ngazo: “Ezi ngxelo zizimeleyo zingqina ukuba kumaxesha amandulo kwanabachasi bobuKristu abazange bayithandabuze imbali yobukho bukaYesu, eyathi okwesihlandlo sokuqala nangezizathu ezinganelisiyo kwaphikiswana ngayo ngababhali abaliqela ekupheleni kwenkulungwane ye-18, ebudeni beye-19 nasekuqaleni kweyama-20.”
Ngoku zibuze oku, Ukuba ubukho bukaYesu babuyintsomi, ngaba kunokwenzeka ukuba oku bekuya kuhlala de kube yinkulungwane ye-18 ukuze kufunyaniswe? Kwakhona qwalasela isibakala sokuba abantu abangaphezu kwewaka lezigidi ngoku bathi bangabalandeli bakaYesu. Impembelelo ezathi iimfundiso zakhe zaba nayo kwimpucuko, kwimfundo nakurhulumente—kuyo yonke imbali yehlabathi—ayinakukhanyelwa. Ngaba kubonakala kusengqiqweni ukuba konke oku kuye kwaba ngumphumo wento ethile engeyonyani neyintsomi?
Ukuba umseki wobuSilamsi, umprofeti ongumArabhi uMuhammad, wayengumntu wokwenene, sisiphi isizathu esivakalayo esinaso sokukholelwa ukuba uYesu, umseki wobuKristu, wayengenguye? Usenokuba waphila malunga neminyaka engama-600 ngaphambi kukaMuhammad, kodwa phawula ukuba umseki wobuBhuda, uSiddhārtha Gautama—umBhuda, okanye “Lowo Ukhanyiselweyo”—waphila kwanangaphambilana, ngaphezu kweminyaka engama-500 ngaphambi koYesu. Kanti, ukuba lo mBhuda wayengumntu wokwenene, sisiphi isizathu esivakalayo esinaso sokukholelwa ukuba uYesu wayengenguye?
Umbhali-mbali ongumJamani nomembi wezinto zakudala uHans Einsle babhala ukuba umbhali-mbali ongumYuda uFlavius Josephus, ababhali abangamaRoma uSuetonius noPliny, ibe ingakumbi umbhalimbali ongumRoma uTacitus “bonke bayabuqinisekisa ubukho bukaYesu obungokwembali nezibakala eziziintloko zobomi bakhe.”
Ngaba Wayengaphezulu Kunomntu Nje Oqhelekileyo?
UYesu wayekho—kodwa njengantoni? Bambi abantu baphikisa ngelithi wayengumntu nje oqhelekileyo, nangona bevuma ukuba umele ukuba wayengumntu olumke gqitha, owayekunikiwe ukuthetha inyaniso. Kwaneentshaba zakhe zenkulungwane yokuqala zakuvuma ngokupheleleyo oku, zisithi: “Mfundisi, siyazi ukuba . . . akukhethi buso bamntu, indlela kaThixo uyifundisa ngenene.”—Marko 12:13, 14.
Noko ke, abanye baqiqa ngelokuba uYesu umele ukuba wayengaphezulu kunomntu nje oqhelekileyo. Kutheni beqiqa njalo nje? Kungenxa yokuba, phakathi kwezinye izinto, wayenako ukwenza izinto abantu abaqhelekileyo abangenakuzenza. Ngokomzekelo, ngaba wakhe wadibana naye nabani na okwaziyo ukuhamba phezu kwamanzi, ukujika amanzi abe yiwayini, ukudlisa abantu abamalunga nama-5 000 ngeentlanzi ezimbini ezincinane nezonka nje ezihlanu, ukuphilisa iimfama, okanye ukuvusa abafileyo?—Mateyu 14:25, 26; Marko 8:22-25; Yohane 2:1-11; 6:1-13; 11:30-44.
Kwakhona uYesu wayenako ukubona izinto abantu abaqhelekileyo abangenakuzibona. Xa elinye ibhinqa lamxelela ukuba lalingenandoda, uYesu waphendula esithi: “Ulungisile ukuthi, Andinandoda; kuba ubunamadoda amahlanu; onayo ngoku asindoda yakho.” Limangalisiwe, eli bhinqa lagqibela ngokuthi: “Nkosi, ndiyabona ukuba ungumprofeti wena.” (Yohane 4:16-19) Ukuze ubone umzekelo ophawulekayo wokubona kwangaphambili izinto kukaYesu ngokubhekisele ekukhanyelweni kwakhe nguPetros, bona uLuka 22:31-34, 54-62.
UYesu wayenegunya elingaqhelekanga. Abantu “bakhwankqiswa kukufundisa kwakhe; ngokuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.” (Marko 1:22) Ngaphezu koko, uYesu wayekwazi ukunika “abafundi bakhe abalishumi elinababini . . . igunya koomoya abangcolileyo, ukuze babakhuphe, nelokuphilisa izifo nezikhuhlane zonke.”—Mateyu 10:1.
Ngaba Sinokuzikholelwa Ezi Ngxelo?
Usenokuthi, ‘Kodwa khawuthi xha nje umzuzu. Ngaba ayinakwenzeka into yokuba iinkcukacha ezingezinto uYesu awazenzayo zibe zibaxiwe?’ Akunjalo ngokutsho kukaF. F. Bruce, odla umhlalaphantsi nowayengunjingalwazi Wezokuhlalutywa Nokucaciswa KweZibhalo kwiYunivesithi yaseManchester, obhala oku: “Akunto ngokuqhelekileyo inokwenzeka ukubonisa ngeempikiswano ezingokwembali inyaniso yazo zonke iinkcukacha ezikwimibhalo yamandulo, enoba kungaphakathi okanye kungaphandle kweBhayibhile. Ukuba nentembelo ngokunengqiqo kuko konke ukunyaniseka kombhali kwanele; ukuba oko kuyafunyaniswa, kunokwenzeka ukuba unobangela woko uphumele ekubeni iinkcukacha zakhe zibe yinyaniso. . . . iTestamente Entsha akunakwenzeka nakancinane ukuba ibe yimbali engenakuthenjwa kuba amaKristu ayifumana njengoncwadi ‘olungcwele’.”
Zonke izibakala zibonisa ukunyaniseka kwababhali beeVangeli. Nangona besahluka maxa wambi ekuveliseni kwabo iinkcukacha, abaphikisani, kwananjengokuba amangqina amabini kwingozi yeenqwelo-mafutha engaphikisani xa elinye lisithi inqwelo-mafutha ebomvu ebivela kwicala langasekhohlo ingqube inqwelomafutha eluhlaza ebivela kwicala langasekunene, ngoxa elinye lisithi iMercedes ebisiya ngasezantsi ingqube iRenault ebisiya ngasentla. Isibakala sokuba, iiVangeli zahlukene kwiinkcukacha ezimbalwa sibonisa ngendlela enamandla ukuba ziyinyaniso. Ukuba ababhali bazo babefuna ukukhohlisa abantu ukuze bakholelwe entsomini, ngokucacileyo babeya kuthi bawalungelelanise ngenyameko amabali abo.
Kwaneentshaba zikaYesu zazixhasa iingxelo ezingaye njengeziyinyaniso. Sifunda oku: “Kwabonakala kuziswa kuye umntu osisidenge, ophethwe yidemon. K wathi, yakukhutshwa idemon, sathetha isidenge. . . . Ke bona abaFarisi babesithi, Iidemon ezi uzikhupha ngaye umphathi weedemon.” (Mateyu 9:32-34) Phawula ukuba abaFarisi abazange bakukhanyele ukuba uYesu wayewenzile ummangaliso. Bayala nje kwaphela into yokuba amandla akhe okwenjenjalo ayebangelwa kukusebenza komoya oyingcwele kaThixo.
Ubungqina obubhekele phaya bokuba iingxelo ezingoYesu ziyinyaniso sisibakala sokuba ukuba imigaqo equlethwe kwiimfundiso zakhe iyalandelwa, ngokwenene iyasebenza. lphumela kubomi obunempumelelo nobonwabisayo. Ukongezelela, iziprofeto ezininzi ekukudala uYesu wathetha ngazo, ezinjengezo zibhalwe kuMateyu isahluko 24, kuMarko isahluko 13 nakuLuka isahluko 21, ziye zazaliseka kumhla wethu.
UYesu—‘Ngaba NguYehova WeTestamente Endala’?
Ngokucacileyo, uYesu wayengengomntu uqhelekileyo. Wayekhethekile kuba, njengoko iBhayibhile isixelela, wanandipha ubomi ezulwini ngaphambi kokuza emhlabeni. (Yohane 6:38, 62) Ngaloo ndlela wayenolwazi namandla angaphaya kwalawo abantu abaqhelekileyo. Oku kunceda ukubonisa ngokucacileyo imimangaliso yakhe nobulumko bakhe obubalaseleyo.
Kodwa ngaba ubukho bukaYesu ngaphambi kokuba abe ngumntu buthetha ukuba wayenguThixo? lncwadi yabefundisi-ntsapho itsho njalo, isithi: “Nanini na uYesu ebhekisela kuye ‘njengoNdinguye’ . . . , Wayezichaza njengoYehova weTestamente Endala.” Ngaba oku kuyinyaniso?
Ngokwendlela iBhayibhile yesiXhosa eyiguqulela ngayo iEksodus 3:13, 14, uMoses wabuza esithi: “Ukuba ndiya koonyana bakaSirayeli, ndithi kubo, uThixo wooyihlo undithumile kuni, baze bathi kum, Ngubani na igama lakhe? ndothini na kubo? Wathi uThixo kuMoses, NDINGUYE ENDINGUYE. Wathi, Wotsho koonyana bakaSirayeli ukuthi, uNDINGUYE undithumile kuni.” Mayela nesi sibhalo, iThe Pentateuch and Haftorahs (isibhalo sestYebere eslnenguqulelo nengcaciso yesiNgesi, ehlelwe nguGqr. J. H. Hertz) ithi kwibinzana elithi “Ndinguye endinguye . . . into egxininiswayo kukuzibonakalisa ngokwenene kukaThixo ukuba ukho.” Ngoko ke ukusetyenziswa kwalo njengesibizo okanye igama likaThixo kwakufanelekile kuba ngokubahlangula kubukhoboka base Yiputa, uThixo wayeza kubonakalisa ubukho bakhe ngenxa yabantu bakhe ngendlela ebalaseleyo. Lo kaHertz uthi “inkoliso yabaguquleli banamhla ilandela uRashi [umgqabazi owaziwayo weBhayibhile neTalmud yaseFransi yamaxesha aphakathi] ekuguquleleni ibinzana elithi ‘Ndinguye endiza kuba nguye.’” Oku kuvumelana nenguqulelo yeNew World Translation, efundeka ngolu hlobo: “NDINGUYE ENDIZA KUBA NGUYE.”
KuYohane 8:58, kwakhona iBhayibhile yesiXhosa ithetha ngoYesu esebenzisa ibinzana elithi “Mna ndikho kade” ethetha ngaye, esithi, “Engekabikho uAbraham, mna ndikho kade.” Kodwa apha eli binzana lahluke ngokupheleleyo kwelo lisetyenziswe kwiEksodus 3:14. UYesu akazange alisebenzise njengegama okanye isibizo kodwa ngokucacileyo njengendlela yokucacisa ubukho bakhe bangaphambi kokuba abe ngumntu. Ngaloo ndlela, ngokutsho kweNew World Translation, inguqulelo echane ngakumbi kaYohane 8:58 yile: “Ngaphambi kokuba abekho uAbraham, besendikho kade.”
Ngokucacileyo, akukho siseko singokweZibhalo sokuthi uYesu mnye noYehova weZibhalo zesiHebhere. Kwanencwadi yabefundisi-ntsapho ekhankanywe ngaphambilana iyavuma isithi: “Ubukho bukaKristu ngaphambi kokuzalwa Kwakhe eBhetelehem akungqini ukuba wayenguThixo (Unokuba wayekho njengesithunywa sezulu).” Enyanisweni, oku koko kufundiswa yiBhayibhile. Kubukho bakhe bangaphambi kokuba abe ngumntu, uYesu waye “enguthixo,” okanye owobuthixo, kodwa engenguye uThixo, uThixo onguSomandla uYehova.—Yohane 1:1-3; 1 Tesalonika 4:16.
Ekubeni engenguye uThixo, kanye kanye ungubani uYesu?
[Imifanekiso ekwiphepha 5]
Imimangaliso eyenziwa nguYesu yangqina ukuba wayengaphezulu kunomntu nje oqhelekileyo