Ingcinezelo Yokuphumelela
INTENGISO kamabonwakude ikhuthaza abemi baseNigeria ngokuthi “Yiba ngophumelelayo. Yiba ngobalulekileyo” ngokusebenzisa uhlobo oluthile lwentlama yamazinyo. Ngoxa sonke sisazi ukuba intlama yamazinyo akukho nento le inokumenzela yona umntu ukuze abaluleke, ababhengezi bezinto babonisa ukuba bayakuqonda ukuba abantu bafuna ukwaziwa ngezinto ezithwele igama ‘lempumelelo.’
Kungumnqweno wemvelo ukuphumelela uze waziwe ngabanye. Sekunjalo, amadoda nabafazi ngokufuthi bagxininisa gqitha kwizinto ezifezwa ngabantu kangangokuba bayazicinezela kuba ‘befuna ukuba nayo yonke into abamelwane babo abanayo.’ Ngaba oku kunokuba yingozi? Ngaba kunokukuchaphazela?
Iingcinezelo Abantu Abajongana Nazo
Ukunqwenela ukuba sisityebi kunokuzisa ingcinezelo. Abantu abaninzi bafuna ukukwazi ‘ukuqhayisa ngezinto [abanazo] ebomini,’ ukuze babe ngabadumileyo ekuhlaleni nababalulekileyo.—1 Yohane 2:16, NW.
Intsapho isenokuzisa ingcinezelo. Kumakhaya amaninzi indoda imele ngalo lonke ixesha izabalazele ukuphucula umvuzo wayo nesikhundla sayo emsebenzini ukuze inyuse umgangatho wokuphila kwentsapho. Okanye umfazi usenokuzabalazela ukuba ngophumelelayo emsebenzini. Abantwana banokutyhalelwa ukuba bafikelele umgangatho ophakame ngokungekho ngqiqweni ngokwezifundo esikolweni. Le yingxaki ekhoyo kumazwe asakhasayo apho abaninzi bakholelwa ukuba into engundoqo ekubeni ngumntu ome kakuhle kukuba nemfundo ephakamileyo.
Abantu basekuhlaleni nabo basenokuzisa ingcinezelo emntwini ukuze asukele imfundo ephakamileyo, ubutyebi nezikhundla eziphakamileyo nezinempembelelo. Impumelelo leyo idla ngokubonwa ngokuba nemali, inokukhokelela ekubeni ube ngobalulekileyo, onconywayo nohlonelwayo. Inqaku lomhleli elikwiDaily Times yaseNigeria lathi: “Kungakhathaliseki ukuba ubani ulunge yaye uneempawu ezinomtsalane kangakanani na, [abantu] abaninzi abamhloneli yaye abambaleli ntweni, ukuba akanamali.”
Oku Kunokuphumela Entwenini?
Impumelelo enjalo yehlabathi inokuzisa uyolo oluthile, kodwa qwalasela ilahleko enkulu enokuyizisa kwakhona. Umbhali wemihlathi kwiphephandaba uAchike Okafo wabhala wenjenje: “Iintsapho ezizinzileyo . . . mihla le ziyaqhekeka, ubukhulu becala ngenxa yemali noko kunokuthengwa yiyo . . . Kwanezibini ezitshatileyo ezisakwaziyo ukuhlala zimanyene phantse azithethi nokuthetha ngeembopheleleko zazo zokuba ngabazali . . . kuba zixakeke gqitha kukusukela izinto eziphathekayo ezizenza zibe ngabantu abame kakuhle.” Ukongezelela koku yingxaki yabantwana abangakhathalelwayo abathi baphethukele kwiziyobisi nakulwaphulomthetho okanye balishiye ikhaya, yaye oku kuthi kube yilahleko enkulu.
Ingcinezelo yokuphumelela iye yatyhalela abanye babantu abanamabhongo ekubeni babe ngabangathembekanga nabaziphethe kakubi. Amabhinqa aselula ade athengisa nangesiniukuze aphumelele kwiimviwo nasemisebenzini. Kwanaxa impumelelo ifumaneke ngendlela efanelekileyo, abantu abanenkqubela basenokujongana nokungathandwa okanye bamonelwe ngabo banempumelelo encinane nohanahaniso ‘lwezihlobo’ ezitsalwa bubutyebi naludumo (INtshumayeli 5:11) Ngaba le yimpumelelo yokwenene?
Umbhali osisilumko weNtshumayeli eBhayibhileni uphendula ngokuthi asiyiyo. Emva kokuphonononga ubutyebi bakhe obuninzi, igunya, udumo noyolo olwaluziswe zezi zinto, wagqiba ekubeni ezi zinto ‘zingamampunge nokusukelana nomoya.’—INtshumayeli 2:3-11.
Ngaba oku kuthetha ukuba lonke usukelo ebomini lulilize? Okanye ngaba abantu bangalungelelana ngokufanelekileyo ngoxa benosukelo oluyinzuzo? Amava abonisa ukuba yintoni ekunokwenzeka ingqineke ilolona sukelo lwabo lufanelekileyo?