Izithethe Zonqulo NeBhayibhile
“NILIPHANGA igunya ilizwi likaThixo ngesithethe senu.” Lawo ngamazwi awathethwa nguYesu Kristu. (Marko 7:13) Njengenkoliso yabantu namhlanje, amaYuda ngomhla kaYesu ayebambelele ngokuqinileyo kwimithetho nakumasiko antsonkothileyo. Kanye ngokufana nenkoliso yabefundisi bale mihla, iinkokeli zabo zonqulo zazizijonga ezi zithethe njengezibaluleke ngakumbi kuneBhayibhile.
Ngokomzekelo: ILizwi likaThixo layalela ngokungqalileyo ukuba abantwana mabababeke abazali babo. (Eksodus 20:12) Ngokucacileyo oku kwaquka ukunceda abazali ababeswele ngokwenene ngokwasemalini. Kambe ke, kwavela isithethe samaYuda esalungiselela indlela elula yokuyiphepha le mfanelo yandlalwe eBhayibhileni. Umntu ozingcayo wayenokusuka nje ngokulula enze isibhambathiso sokuba impahla yakhe yobuqu yayiya kuba ngumnikelo kamva etempileni, eyibekela ecaleni loo mpahla ngokuyivakalisa “ingumsondezo.” Eli gama lalithetha ukuba “ingumnikelo kuThixo.” Ngokucacileyo nangona umnquli ongumYuda wayekhululekile ukuqhubeka ewusebenzisa lo msondezo ukwenzela ingenelo yakhe yobuqu, wayenokuthi ngenxa yokuba uyinto engcwele abavimbe wona abazali bakhe.—Marko 7:9-12.
Phofu ke, uYesu wasicel’ umngeni esi sithethe kuquka nezinye ‘izithethe ezingcwele’ zamaYuda, esithi: “Bahanahanisindini, watyapha ukuprofeta ngani uIsaya, esithi, Aba bantu basondela kum ngomlomo wabo, bandibeke ngemilebe yomlomo wabo; kanti intliziyo yabo ikude lee kum; bafumana ke bendihlonela, befundisa iimfundiso eziyimithetho yabantu.”—Mateyu 15:3-9.
Ngenxa yoko uYesu wakutshoyo, ngaba ngokwenene umKristu unokusijonga nasiphi na isithethe sonqulo njengeso sibaluleke ngokufanayo noko kuthethwa yiBhayibhile? Unakanye. Kungakhathaliseki ukuba uzithanda kangakanani okanye unayiphi na imvakalelo yentabatheko ngokunxulumene nesiko elithile, inkxalabo yomKristu ikukuba liyavisisana kusini na neLizwi likaThixo okanye akunjalo. Ngokomzekelo, khawuqwalasele zimbi izenzo zonqulo ezingokwesithethe ezichazwe kwincwadi yamaKatolika iLiturgy—An Elementary Course, ebhalwe nguMaría A. Lombillo Clark, T.D. Ezi zithethe zithelekiseka njani noko kuthethwa yiBhayibhile ngokoqobo?
[Box]
ILITURGY ILIZWI LIKATHIXO
“Sibonakalisa ukholo lwethu “Bantwanana, zigcineni kuzo
kuThixo ngezenzo ezingokonqulo.” izithixo.”—1 Yohane 5:21.
“UThixo unguMoya; abo ke
bamnqulayo bamele kukumnqula
ngoMoya nangenyaniso.”
“Sihamba ngokholo, asihambi
ngakubona.”—2 Korinte 5:7.
“NdinguYehova, lilo elo igama
lam; andiluniki omnye uzuko
lwam, nendumiso yam andiyiniki
imifanekiso eqingqiweyo.”
“Simele sinikele izenzo zonqulo “Uze ungazenzeli umfanekiso
kweYona Ntombi Inyulu Nengcwele oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi
uMariya, kwizithunywa zezulu, na into emilise esezulwini
kwanakwiingcwele. Kodwa izenzo phezulu, nesemhlabeni phantsi
[ezinjalo] zonqulo zokuphakamisa . . . Uze ungaqubudi kwezo
aba . . . ekugqibeleni zifika nto, ungazikhonzi.”
kuThixo, ngendlela ekwanye athi —Eksodus 20:4, 5.
ukumkani abekwe ngayo xa imbeko “Mna, Yohane, . . . ndawa
leyo inikelwe kubalungiseleli ndaqubuda phambi kweenyawo
bakhe.” zesithunywa sezulu . . . sithi
kum, Lumka, ungenjenjalo; . . .
qubuda kuThixo.”
“Mnye uThixo; mnye nomlamli
phakathi koThixo nabantu, umntu
uKristu Yesu.”—1 Timoti 2:5.
“Umnqamlezo awunakwahlulwa “UThixo yena, owenza ihlabathi
kwisibingelelo; ngaphandle kwawo neento zonke ezikulo, lowo,
uMthendeleko Ongcwele awunakuze eyiNkosi nje yezulu nomhlaba,
uqhutywe. Kukwayimfuneko ukuba akahlali zitempileni zenziwe
kubekho amalaphu amathathu ngazandla.”—IZenzo 17:24.
esibingelelo, iziphatho zezibane “Asixuneli ezintweni ezibonwayo,
ezibini, kwanamacwecwe amabini sixunela kwezingabonwayo.”
esakhramente.” —2 Korinte 4:18.
“NgoNovemba 1 . . . ngumsitho “Asingabafileyo abamdumisayo
woSuku Lwazo Zonke Iingcwele. uYehova, asingabo bonke
Lo nguMhla Ongcwele kuyo yonke abehlayo baye kwelokuzola.”
imiphefumlo ehleli ngolonwabo —INdumiso 115:17.
ezulwini, zulu elo ngenye imini “Abafileyo abazi lutho.”
iya kuba lelethu.” —INtshumayeli 9:5.
“Yonke imiphefumlo engathanga
imve loo mprofeti iya
kutshatyalaliswa.”
—IZenzo 3:23, Douay Version.
“Ekuncedeni le miphefumlo “Akukho msebenzi, nakuqiqa,
[iCawa] yamisela umhla nabulumko, nalwazi, esihogweni,
‘wokukhunjulwa kwabangasekhoyo apho uya khona wena.”
abathembekileyo ngomhla —INtshumayeli 9:10,
wesi-2 kuNovemba. Ngalo mhla Douay Version.
ababingeleli benza umsitho “Musa ukukholosa [ngomntu;] . . .
woMthendeleko izihlandlo yena uya kubuyela emhlabeni
ezithathu ukuze bathomalalise wakhe: ngaloo mini ziyaphela
ukuthuthunjiswa kwale miphefumlo zonke iingcinga zakhe.”
isikelelekileyo ekwindawo —INdumiso 145:2-4,
yentlambululo-miphefumlo nokuze Douay Version.
kukhawuleziswe ukungena kwayo
ezulwini.”
“Ekuhlolisisweni kwezibakala,
imfundiso yamaKatolika ephathelele
nendawo yentlambululo-miphefumlo
isekelwe kwisithethe, kungekhona
kwiSibhalo Esingcwele.”
—New Catholic Encyclopedia,
Umqulu 11, iphepha 1034.
Ukukhululeka Kwizithethe Eziyingozi
Ngenxa yoko, izithethe ezininzi zonqulo ezidumileyo azimkholisi uThixo yaye ngaloo ndlela ziyingozi. Phofu ke, okubangel’ umdla kukuba, umpostile uPawulos wabhala: “Ke kaloku ndiyanidumisa, . . . ngeendawo zonke, nizibambile izithethe, njengoko ndaninikelayo.” (1 Korinte 11:2) Kambe ke, ezi zithethe zazifanelekile, zaziluqheliselo olunengenelo olusekelwe kwiLizwi likaThixo—zingezonkqubo nje zonqulo ezenziwe ngabantu nezingenantsingiselo. Zazithabathel’ indawo “uhlobo lwehambo engenasiqhamo eyayifunyenwe ngokwesithethe” eyayiqheliselwa ngabaninzi kwinkulungwane yokuqala ngaphambi kokuba babe ngamaKristu.—1 Petros 1:18, NW.
Ngokukwanjalo namhlanje, umntu ohlonel’ uThixo umele asicikide aze asichase nasiphi na isithethe esingqineka sichasene nezibhalo. Ngokuqinisekileyo, ulwalamano lukabani noThixo luxabiseke ngaphezu kwazo naziphi na iintlobo zonqulo ezisekwe ngabantu! Kakade ke, ukuchasa izithethe ezingasekelwanga Zibhalweni akuyonto ilula konke konke. Kusoloko kufuna uhlengahlengiso kwimizila yehambo ekudala isetyenziswa. Ngokomzekelo, omnye umfana kwelaseColombia, wayengene nzulu kwizithethe zonqulo. Ukususela ebuntwaneni wayenomnqweno ovuthayo wokuba ngumbingeleli ongumKatolika. Ngokufuthi wayedlala umdlalwana osekelwe ‘kwinqubo yoMthendeleko’ noodade wabo, de maxa wambi beze kuye “baxele izono.” Kwiminyaka eyalandelayo wamkelwa kwisikolo esandulela esobufundisi, ekugqibeleni wabhalisa kwiYunivesithi yamaKatolika. Apho, izithethe zonqulo zabetheleleka ngokunzulu ngakumbi kubomi bakhe.
Ngaminazana ithile, omnye wamaNgqina kaYehova watyelela ekhayeni lakhe. Ngoxa abazali bakhe babengalivumeli eli Ngqina ukuba lithethe, oko kuncinane kwathethwayo kwamchukumisa lo mfana unengqondo yonqulo. Kamva walungiselela ukufundisisa iBhayibhile ngokufihlakeleyo neli Ngqina. Ukhumbula oku, “Umnqweno wam wokwenene wawukukufumana ulwazi lweBhayibhile ngokwembono eyahlukileyo ndingakhange ndiluguqule unqulo lwam. Ndandinomnqweno omkhulu wokukhonza uThixo njengombingeleli, ndize ndizabalazele ukuguqula iintliziyo zabantu. Emva kokufundisisa iBhayibhile kangangenyanga, kwabakho ukruthakruthwano oluphakamayo ngaphakathi kum, kuba kakade izithethe neenkqubo zonqulo lwam zazingqubana nemilinganiselo enyulu yeZibhalo.”
Intsapho yakowabo yamcinezelela ukuba ayeke ukufundisisa iBhayibhile, yaye ekugqibeleni wanyanzelelwa ukuba alishiye ikhaya. Sekunjalo, uthi: “Emva kweenyanga ezimbini zokufundisisa iBhayibhile, ndeyiseka lelokuba ndandikwimpazamo enkulu, ndaza ndayishiya iyunivesithi nomsebenzi wam njengomhlohli kunokholeji wonqulo ndaza ndazinikela ekushumayeleni kwindlu ngendlu. Ngoku ubomi bam buye baguquka kwanjengokuba kube njalo nangamasiko am. Ndaziva ndivuya ngokukhethekileyo ngalo mhla ungasayi kuze ulibaleke endathi ngawo ndafuzisela ukuzahlulela kwam kuYehova ngobhaptizo.” Ngoku lo mfana ukhonza ixesha elizeleyo ekuncedeni abanye ukuba bakhululeke kwizithethe zokungahloneli Thixo.
Ukuba uzinikele ngokunyanisekileyo kwisithethe sonqulo, usenokukufumanisa kuyimfuneko ukwenza iinguqulelo ezithile. Kwakhona khumbula oko uYesu wakha wakuthetha kumfazi ongumSamariya ngasequleni. Lo mfazi nabantu bakowabo babenesiko elidala lokunqula uThixo kwiNtaba iGerizim. Phofu ke, uYesu wambonisa ukuba oku kwakusisithethe esingancedi lutho, esithi: “Ntokazindini, kholwa ndim, ukuba kuza ilixa, eningasayi kuthi nakule ntaba, naseYerusalem, nimnqule uBawo. . . . Abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula.”—Yohane 4:19-23.
Ngaba ungulowo ‘ufunwa nguBawo’? Ngaba unomnqweno ovuthayo wokunqula uThixo ngenyaniso? Ngoko isilumkiso sompostile uPawulos esikumaKolose 2:8 sifaneleke ngokona kona: “Lumkani kungabikho bani unikhohlisayo ngentanda-bulumko yakhe, ngamabalana aziintsonyana ezisekelwe kwisithethe sabantu.” (The Holy Bible nguRonald A. Knox) Kunoko, landela iimfundiso zobuKristu bokwenyaniso, ezinokukukhokelela kubomi obungunaphakade!—Yohane 17:3.