IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w89 2/15 iphe. 18-20
  • Ngaba Uluvo Lwakho Lolona Longamileyo?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Uluvo Lwakho Lolona Longamileyo?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Imibuzo Ngolwaluko
  • Kwenziwa Isigqibo
  • Uya Kwenza Ntoni Wena?
  • Ngaba Ukwaluka Kuthetha Ukuba Uyindoda?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2007
  • ‘Emva Kokuphikisana Kakhulu’
    ‘Ukushumayela Ngokucokisekileyo’ NgoBukumkani BukaThixo
  • AmaKristu Okuqala NoMthetho KaMoses
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Incwadi YeBhayibhile 48—Galati
    “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo”
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
w89 2/15 iphe. 18-20

Ngaba Uluvo Lwakho Lolona Longamileyo?

“ICAWA Entsha Iyaqhekeka Ngenxa Yabefundisi Abangamafanasini,” watsho njalo umxholo ophambili. Ingxelo yeendaba yaqhubeka ibhenca izinto ezibangela iyantlukwano enzulu kwiCawa yaseTshetshi engenyewe yabefundisi abangamafanasini.

Umlungiseleli oyingqwayingqwayi kwicandelo lokufumana abefundisi abatsha wathi, “Amafanasini ayamkeleka ecaweni.” Ngokwembono yakhe, ifanasini ‘elithembekileyo yaye elizinzileyo’ kulwalamano lwalo nenye indoda linelungelo lokumiselwa.

“Abefundisi abaqhelisela ubufanasini benza isono yaye bamele bayeke emsebenzini wabo” le yayiyinkolo echaseneyo yomfundisi wesiphaluka. Wavakalelwa kukuba abefundisi bamele babe ngumzekelo kuyo yonke indlela yabo yokuziphatha.—IThe Sunday Times, yaseLondon, kaNovemba 8, 1987.

Ngokungathandabuzekiyo ngamnye kula madoda wayeqinisekile ukuba uluvo lwakhe luchanile. Kodwa ngaba uluvo lobuqu lufanele lube lolona lumisela izigqibo kwimicimbi ebalulekileyo? Mhlawumbi uya kuthi ewe, ume ngelithi “wonke umntu unelungelo kuluvo lwakhe.”

Kanti, qwalasela ezi ngxelo zimbini ziphefumlelweyo ziseBhayibhileni: “Ngoko ke masisukele izinto zoxolo, nezinto zokwakhana.” “Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, . . . ukuba nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke nibe ngabalungisiweyo, nigqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye.”—Roma 14:19; 1 Korinte 1:10.

Ngoko ke, kuthekani ukuba wena, njengomKristu, ukufumanisa kunzima ukuvumelana nebandla lamaKristu ngomcimbi othile obalulekileyo? Ubuya kuhlangabezana njani nako ukuze uxolo olubalulekileyo nomanyano lwebandla lulondolozwe?—Mateyu 5:9; 1 Petros 3:11.

Qwalasela imeko eyaphakama kwibandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala xa abathile balujonga uluvo lwabo lobuqu njengolongamileyo. Khawubone ukuba oku kwakhokelela entwenini ekugqibeleni uze uzibuze oku: ‘Ngendandenze ntoni ukuba ndandilapho?’

Imibuzo Ngolwaluko

Ngowama-36 C.E. abeeNtlanga ababengalukanga bamkelwa okwesihlandlo sokuqala kwibandla lamaKristu. Nangona uThixo wayemxhobisile umpostile uPetros ngokuphunyezwa kwesi siganeko siphawulekayo, uPetros nabo babekunye naye bamangaliswa kukubona umoya oyingcwele uthululwa phezu kwabantu ababengalukanga. (IZenzo 10:1-16, 34-48) Amanye amaKristu angamaYuda akufumanisa kunzima ukukwamkela oku. Enyanisweni, wambi amaKristu angamaYuda, ‘angolwaluko,’ amgxeka uPetros ngokunxulumana nabantu abangalukanga.—IZenzo 11:2, 3.

Kwakutheni ukuze aba bagxeki baphazamiseke? Kungenxa yokuba phantse iminyaka engama-2 000, ulwaluko lwalungumqondiso wokuba nolwalamano olukhethekileyo noThixo. Xa uYehova uThixo wayalela uAbraham ukuba aluse yonke into eyindoda esendlwini yakhe, wathi: “Oku kube ngumqondiso womnqophiso phakathi kwam nani. . . . uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade.” (Genesis 17:10-13) Kwiinkulungwane ezininzi kamva, ulwaluko lwalusabaluleke gqitha kumaYuda. Uninzi lwawo lwavakalelwa kukuba ukungaluki kwakuthetha ukungacoceki. (Isaya 52:1) Ayevakalelwa kukuba abantu abangcwele bakaThixo babefanele bangabi nabudlelane nabantu abangacocekanga, abeeNtlanga ezazingalukanga.

Ngowama-49 C.E. kwa-Antiyokwe yaseSiriya umpostile uPawulos wajamelana nabanye ‘bolwaluko.’ Ekupheleni kohambo lwakhe lokuqala lobuvangeli basemazweni, wanikela ingxelo kwibandla lalapho ngendlela uThixo ‘awazivulela ngayo iintlanga [ezingalukanga] ucango lokholo.’ Kwabonakala kucacile kuye ukuba kwakungekho mfuneko yokuba aba bantu beentlanga baluswe. Noko ke, abantu abathile bakwaYuda, babenoluvo olwahlukileyo. Bema ngelithi, “ukuba anithanga naluswe ngokwesiko likaMoses, aninako ukusindiswa.” Babevakalelwa kukuba ulwaluko lwaluyimfuneko ukuze ubani asindiswe yaye wonke ongoweeNtlanga oguqukela kubuKristu wayemele aluswe.—IZenzo 14:26–15:1.

Kwakubandakanyeke iimvakalelo ezinzulu. Ngokungathandabuzekiyo babenokuthetha bophele bebek’ izibakala ezoyisayo zokuxhasa uluvo lwabo. Lwaluya kulondolozwa njani ke uxolo nomanyano lwebandla? Emva kwengxoxo eshushu ngalo mcimbi, ibandla lakwa-Antiyokwe, ‘lagqiba kwelokuba uPawulos noBharnabhas, nabanye abathile kubo, mabenyuke baye kubapostile namadoda amakhulu eYerusalem, ngawo lo mbuzo.’ (IZenzo 15:2) Akuzange kucebiseke ukuba kumcimbi onje ukuba nzulu, elowo wayenelungelo kuluvo lwakhe. La maKristu ayethobeke ngokwaneleyo yaye enyanisekile kucwangciso lolawulo lobuthixo ukuze afumane isigqibo esongamileyo kwiqumrhu lawo elalingumthombo wemfundiso.—1 Korinte 14:33, 40; Yakobi 3:17, 18; 1 Petros 5:5, 6.

Kwenziwa Isigqibo

Abapostile namadoda amakhulu eYerusalem (ngokucacileyo awayegqalwa njengequmrhu elilawulayo kwibandla lamaKristu okuqala) ngenyameko ahlola iZibhalo eziphefumlelwe ngomoya aze aqwalasela kwakhona indlela umoya oyingcwele owayalathisa ngayo imicimbi kwiminyaka eli-13 ngaphambili. Saba yintoni ke isigqibo sabo? Kumaguquka angabantu beeNtlanga, ulwaluko lwalungeyonto ifunekayo ukuze asindiswe. (IZenzo 15:6-29) Oku kwaba ngumyalelo ocacileyo owawuza kuthabathel’ indawo uluvo lobuqu.

Amabandla awuthobelayo lo mgaqo ukhokelayo ‘ayezimaseka ke ngoko elukholweni, esanda ngenani imihla ngemihla.’ (IZenzo 16:4, 5) Noko ke, bambi abantu abazange basamkele isigqibo sequmrhu elilawulayo. Babesoyisekile kukuba uluvo lwabo lwaluchanile yaye ukuthobela uMthetho kaMoses kwakuyimfuneko ukuze ubani asindiswe. Ngowawenze ntoni wena? Aba babangela impembelelo eyingozi nenamandla phakathi kwamaKristu. Bona isiluleko esanikelwa ngumpostile uPawulos kwiminyaka eli-15 eyalandelayo njengoko wayezama ukukhusela amaKristu athembekileyo kwiimpembelelo ezinjalo zabo babebambelele ngokungqongqo kuluvo lwabo.

KwelaseGalati, eAsia Minor, malunga nowama-50-52 C.E. Inkululeko eyafunyanwa ngamaKristu ngedini likaYesu Kristu yayisengozini. Ukoyika ukutshutshiswa ziintshaba ezingamaYuda kwawenza amanye amaKristu afuna ukumisa imithetho evela kuMthetho kaMoses kumaKristu angoowawo. (Galati 6:12, 13) Umpostile uPawulos wabakhumbuza abafundi ukuba ukwamkela uqheliselo lobuYuda olunjengolwaluko kwakuya kuthetha ‘ukubuya babanjwe yidyokhwe yobukhoboka.’ Ekubeni babengaboni, kwakungekho namnye owayenokugcina uMthetho ngokupheleleyo, ngoko babeya kugwetywa nguMthetho, njengokuba amaYuda ayenjalo. Kuphela lidini likaYesu elalinokubahlangula lize libasindise. UPawulos wathi, “Ukuba nithe naluka, [yaye ngaloo ndlela nisiba ngabanyanzelekileyo ukuwugcina wonke uMthetho] uKristu akasayi kuninceda lutho.”—Galati 5:1-4; IZenzo 15:8-11.

EKorinte, eGrisi, malunga nowama-55 C.E. Iimpikiswano ngomcimbi wolwaluko zaziqhekeza ibandla. UPawulos wayesazi ukuba ulwaluko ngokwalo lwalungesosono. Lwaluyinxalenye yoMthetho kaThixo ogqibeleleyo. (INdumiso 19:7; Roma 7:12) UPawulos ngokwakhe wayede walungiselela ukuba umlingane wakhe owayeselula uTimoti (onina wayengumYuda) aluswe. UPawulos wakwenza oko, kungengakuba wayenyanzelekile, kodwa ngenxa yokuba wayengafuni ukubangela nantoni na esisikhubekiso kumaYuda kwiindaba ezilungileyo. (IZenzo 16:3) Wakhuthaza amaKristu ukuba akuphephe ukuxambulisana ngezinto eziphazamisayo. Wabuza “kukho mntu wabizwa engowalukileyo na? Makangazenzi ongalukileyo. Kukho mntu wabizwa engalukanga na? Makangaluki [ecinga ukuba oku kwakubalulekile ukuze asindiswe].” Into eyayibalukekile yayikukuthobela imiyalelo kaThixo ecacileyo, kuquka naleyo yayisiza ngebandla lamaKristu.—1 Korinte 7:18-20; Hebhere 13:17.

EFilipi, eGrisi, malunga nowama-60-61 C.E. Abo babevakalelwa kukuba umthetho wobuYuda wawusababophelela baqhubeka bebutyeshela ubungqina obucacileyo bokuba uYehova wayelisikelela ibandla lamaKristu, ngeli thuba elaliquka amakholwa amaninzi angalukanga. Abo babexhasa ulwaluko babebangela intlekele engokomoya kwabanye ngokubanyanzela ngezimvo zabo. Kungoko umpostile uPawulos wasebenzisa amazwi aqatha esithi: “Zilumkeleni izinja [nto ezo zazigqalwa ziziinqambi ngamaYuda], balumkeleni abasebenzi beento ezimbi, balumkeleni aborhunulo.”—Filipi 3:2.

EKrete, malunga nowama-61-64 C.E. Umpostile uPawulos wayeshiye uTito eKrete ukuze ongamele kumsebenzi wamaKristu. Okubangel’ umdla kukuba, uTito owayengengomYuda akazange anyanzeleke ukuba aluke. (Galati 2:3) Kungeli thuba awathi uPawulos wayalela uTito ukuba amelane ngokungqongqo neentshaba zenyaniso abathi bazizo abo babexhasa ulwaluko. Babenokude bagxothwe ebandleni ukuba babethe gqolo bebhengeza izimvo zabo ezibangela ukungavisisani. Wathetha ‘ngabathethi bezinto ezingento nabakhohlisi, abaswele intobeko, ngokukodwa abo bolwaluko,’ waza wahlabela mgama esithi: “Abamele kukuvingcwa imilomo; abathi izindlu ziphela bazibhukuqe, befundisa izinto ezingafanelekileyo.”—Tito 1:10, 11; 3:10, 11; 1 Timoti 1:3, 7.

Enjani yona ukuba lusizi imiphumo eyabangelwa koku! La madoda ayezikhukhumalisa ngezimvo zawo kangangokuba ade alugatya ukhokelo lwebandla lamaKristu, ebhukuqa ukholo lwabanye, yaye etshabalalisa ulwalamano lwawo oluhle noThixo.—Thelekisa iNumeri 16:1-3, 12-14, 31-35.

Uya Kwenza Ntoni Wena?

Ngaba singakuphepha ukwenza impazamo efanayo namhlanje? Ewe, ukuba kuqala siqinisekisa ukuba uluvo lwethu lobuqu alungqubani nemfundiso ecacileyo yeBhayibhile. Ngokomzekelo, kumcimbi wobufanasini, iBhayibhile ithi: “Abenza umbulo, . . . namadoda alalanayo . . . abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (1 Korinte 6:9, 10) Noko ke, xa ukhokelo olungokweZibhalo lusenokubonakala kuthi lukulungele ukwamkela uluvo olwahlukeneyo, simele sibonakalise ukusabela ngokuzithoba okwabonakaliswa ngamaKristu okuqala size samkele izigqibo nolwalathiso oluvela kwibandla likaThixo. Ekugqibeleni, nakwimimandla apho umcimbi ungachananga okanye ungaphosakalanga ngokweZibhalo kodwa ushiyelwe kwisigqibo sobuqu somntu ngamnye, sifanele sikuxabise ngamandla ukuba seluxolweni nabanye, ngaloo ndlela sikuvumela ukuyekelela ngokufuthi.

Ngaba ukulungele ukubonakalisa loo moya? Ukuba kunjalo, ubonakalisa umoya omhle wokulungelelana, ulugqala uxolo nomanyano zibaluleke gqitha kunoluvo lwakho lobuqu.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share