Indibano Yesithili “Yokuhlonela UThixo”
UMPOSTILE uPawulos wabhala oku: ‘Ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko. Kuba abantu baya kuba ngabathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo; benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako.’—2 Timoti 3:1-5.
Hayi indlela loo mazwi aluchaza ngokuchane ngayo uninzi lwabo bathi bangamaKristu! Ngokutsho komnye umfundisi, “namhlanje iicawa ezininzi kakhulu ziye zaba . . . ziindawo zokuzonwabisa.” Ngokwahluke mpela koku, abalandeli bokwenyaniso bakaKristu bangabantu “abazondelela imisebenzi emihle.” (Tito 2:14) Abalandeli bakaYesu ‘bayityuwa yehlabathi’ yaye balukhanyiselo lwehlabathi.’—Mateyu 5:13, 14.
Iindibano zethu ezibakho nyaka ngamnye zesithili, zesizwe nezezizwe ngezizwe, zizezinye zeenkalo zonqulo lwethu ezisenza sibe ngabahlukileyo. Kwaumxholo weendibano zethu zesithili zowe-1989, othi “Ukuhlonela UThixo,” walathisela kumgangatho wonqulo lwethu olwenza ukwahluka kwethu kubalasele.
IZibhalo zigxininisa ukubaluleka kokuhlonela uThixo. Le ndibano iya kuvulela ithuba elongezelelekileyo ‘lokuziqhelisa ukuhlonela uThixo. Kuba eyeyomzimba ingqeqesho inceda kancinane; ke kona ukuhlonela uThixo kunceda ngako konke, kunedinga lobomi bakalokunje, nobobo buza kubakho.’ (1 Timoti 4:7, 8) Yaye eyoku-1 kuTimoti 6:6 ihlabela mgama isithi: “Ke kona ukuhlonela uThixo, kundawonye nokwanela, kusekeleze inzuzo enkulu.” UYesu Kristu ungumzekelo wokuhlonela uThixo.—1 Timoti 3:16.
Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukuhlonela uThixo” lelithi eu·seʹbei·a. KumaKristu ‘kokona kuzinikela kuThixo ngendlela ebalaseleyo.’ Intlonelo ithetha “ukunyaniseka nokukhuthala ekwenzeni imisebenzi engokonqulo.” Ukuhlonela uThixo kuyimbonakaliso yentliziyo eya kushukumisela ubani ukuba aphile ngendlela ekholisa uThixo. Kuthetha ukuziqhelanisa neendlela zikaThixo. Hayi indlela esimele silumke ngayo ukuba ngoxa sisehlabathini, singabi yinxalenye yalo! Uloyiko lokuhlonel’ uThixo luya kusithintela singenzi okubi, kodwa ukuhlonela uThixo kuya kusishukumisela ekwenzeni oko kumkholisayo uThixo. Ngokukhuthazayo, kweyesi-2 kaPetros 2:9 siqinisekiswa ukuba “iyakwazi iNkosi [“uYehova,” NW] ukubahlangula ekuhendweni abahlonela uThixo.”
Ukuze sikwazi ukuhlonela uThixo kufuneka simgqale nzulu uThixo neLizwi lakhe. Ukuze ubani aziqhelise ukuhlonela uThixo, umele amazi ngokuchanileyo uThixo aze enze ngokuvisisana nolo lwazi. Kufuna ukuba ubani abe ngoyiphapheleyo intswelo yakhe yokomoya. Ngenxa yokubaluleka kokuqhelisela ukuhlonela uThixo ngokunyanisekileyo, silufuna lonke uncedo ekunokwenzeka ukuba silufumane. Iindibano zethu zesithili ziya kwenza okungakumbi ukunikela olo ncedo. Ngeentetho, ngemiboniso nangodliwano-ndlebe siya kufundiswa indlela yokuziqhelisa ukuhlonela uThixo kuzo zonke iinkalo zobomi bethu.
Sifuna ukuba ngamaKristu okwenene size ngaloo ndlela sahluke ngokupheleleyo ehlabathini. Ngoko yiza kwezi ndibano unolangazelelo oluhle lokomoya. Qinisekisa ukuba uya kube ukho kwakwingoma yokuvula ngentsasa yokuqala, uze uhlale de kube yingoma nomthandazo wokuqukumbela ngemva kwemini yokugqibela. Milisela ingqalelo yakho eqongeni de kuphele ucwangciso. Wuxhathise umnqweno okanye utyekelo lokutyelela abanye ebudeni bocwangciso. Yiza ulungiselele ukubhala amanqaku. Ngokunikela ingqalelo kucwangciso, uya kuba ngokuxhobele ngaphezu kunanini na ukuqhelisela ukuhlonela uThixo kuzo zonke iinkalo zobomi: kwisangqa sentsapho, ebandleni nakwabangaphandle.