Izifundo Ezivela KwiZibhalo: Yoweli 1:1–3:21
Nqula Igama LikaYehova Ukuze Usinde!
“UKUBA isibetho asilawuleki, siya kunabela naseMpuma Afrika nakumazwe akufutshane neMpuma. Sinokuba yintlekele.” Latsho njalo igosa leNtlangano YeZizwe Ezimanyeneyo Ejongene Nezolimo lithetha ngezinambuzane ezibhuqayo ngawo lo mzuzu zihlasela kumntla-ntshona weAfrika zingamawaka ezigidi—eenkumbi.
Malunga nomnyaka wama-820 B.C.E., umprofeti kaThixo uYoweli wathetha ngesibetho esifana neso. Ngentetho ecacileyo engabaxwanga ukuze ibe yechanileyo eyichaza into njengokuba injalo, wachaza indlela uhlanga lwakwaYuda olwaluza kubhuqwa ngayo sisinambuzane esinoburhalarhume. Noko ke, eso sibetho sasifanekisela okuthile okunentsingiselo ephawulekayo kunesisongelo nje sezinto eziphilayo. Sasisisilumkiso ‘ngemini kaYehova’! Isizukulwana sethu sijamelene naloo ‘mini yoyikeka kunene’ nako konke ukubhavuma kwayo okutshabalalisayo. Liliphi elikhoyo ithemba lokusinda? Ibe ziziphi izifundo esinokuzifunda kwincwadi ebuprofeti kaYoweli?
Ukuhlasela Okoyikekayo Kwezinambuzane
Inguquko iyafuneka ukuze kusindwe ebudeni bemini kaYehova eyoyikeka kunene. Ngamehlo kaYoweli, sibona intlekele njengoko kutshatyalaliswa izityalo zelizwe libubu lomqikela, leenkumbi, lomkhothululi, nelomnqunquthi. Ababingeleli, amadoda amakhulu, kunye nabanye abemi bakwaYuda bayabongozwa ukuba baguquke baze “bakhale kuYehova.” Bachithakele oovimba, athi bhuma amaqonga, kuba bekhal’ ibhungane. Imihlambi iyabhadula, ingafumani nto emadlelweni. Enjani yona imini yembuqo kaSomandla!—1:1-20.
Ukusondela kwemini kaYehova kufanele kusishukumisele ukuba sibandakanyeke kwiihambo ezingcwele nokuhlonela uThixo. (2 Petros 3:10-12) UYoweli usenza sibe nomfanekiso wayo injengemini enobumnyama, enamafu, nesithokothoko. Iinkumbi zisisandulela esoyikekayo saloo mini. Ekuvumbulukeni kwazo, imbonakalo yomhlaba wakwaYuda enjenge-Eden iba yintlango eyinkangala. Isandi seenkumbi ngokwaso sihlola into embi, kuba sinjengesithonga seenqwelo zokulwa nanjengesithonga selangatye lomlilo otshisa iindiza. Njengokuba iinkumbi ziqhubela phambili “njengabantu abanamandla abakhe uluhlu,” zinyuka ngeendonga, ziphithizela emzini yaye zingena ezindlwini. Kwanelanga inyanga neenkwenkwezi ziba mnyama ebudeni ‘bemini kaYehova eyoyikeka kunene.’—2:1-11.
Indlela Yosindiso
Ukuze sisindiswe, kufuneka sivume ukuba ‘uYehova unguThixo yaye akukho wumbi.’ UYehova ubaluleka ngelithi, “Buyelani kum ngentliziyo yenu yonke.” Abakhulu nabancinane, babongozwa ukuba bahlanganisane kwingqungquthela bakhunge kuThixo abababale. UThixo uya kubenzela inceba, ababuyisele okwatshatyalaliswa ziinkumbi aze abasikelele abantu bakhe ngentabalala. Abo basigqalayo isigxina sikaYehova njengokuphela koThixo oyinyaniso noMthombo wosindiso abayi kudaniswa.—2:12-27.
Usindiso lwethu kwakhona luxhomekeke ekunquleni igama likaYehova ngokholo. Ngaphambi ‘kwemini enkulu kaYehova eyoyikeka kunene,’ uThixo ‘uya kuthulula umoya wakhe phezu kwenyama yonke.’ Abancinane nabakhulu, amadoda kunye nabafazi, baya kuprofeta. Ngoko ke, baninzi abaya kufunda ukuba ‘bonke abanqula igama likaYehova bosindiswa.’—2:28-32.
Umgwebo Phezu Kweentlanga
UYehova uya kubasindisa abantu bakhe abathembekileyo xa ephumeza umgwebo phezu kweentlanga. (Thelekisa uHezekile 38:18-23; iSityhilelo 16:14-16.) ITire, iTsidon nelamaFilisti kufuneka zimbuyisele uThixo ngokuphatha kakubi abantu bakhe nangokubathengisa ebukhobokeni. UYehova uza kubabuyisa abathinjwa bakwaYuda nabaseYerusalem, ibe uzicela umngeni iintshaba zakhe, esithi: “Ngcwalisani imfazwe!” Kodwa azinakumelana noThixo, ophumeza umgwebo phezu kwazo “entilini yakwaYoshafati” yokomfuziselo. Nangona izulu nehlabathi liya kunyikima, uYehova uya kuba ligwiba labantu bakhe. Abathembekileyo baya kusinda kumgwebo oza kuphunyezwa phezu kweentlanga ibe baya kunandipha ubomi phantsi kweemeko zeparadisi.—3:1-21.
Izifundo zokukhunjulwa: Yinguquko efunekayo kuqala ukuba umntu uya kusindiswa ebudeni bemini eyoyikeka kunene kaYehova. Ukusondela kwaloo mini kufanele kusishukumisele ukubandakanyeka kwiihambo ezingcwele nokuhlonela uThixo. Kambe ke, usindiso lwethu luxhomekeke ekugqaleni uYehova njengokuphela koThixo. Yaye ukuba sinqula igama lakhe ngokholo, uya kusisindisa xa ephumeza umgwebo phezu kweentlanga.
Isiprofeto sikaYoweli sisinika okuthe chatha esimele sicinge ngako. Ewe, “imini eyoyikekayo kaYehova, leyo inkulu yoyikekayo” ikufuphi! Uluntu kufuneka lulunyukiswe. Njengeenkumbi ezikwisiprofeto sikaYoweli, amaNgqina kaYehova abhuqa iNgqobhoko ngokungayekeleli ekubhenceni imeko yayo yobudlolo bokomoya. Oku kuziphath’ emanyeni yaye kuvus’ inkcaso kwiinkokeli zayo, kodwa nayiphi na imiqobo enjengeendonga ezizama ukuyibeka endleleni yeenkumbi zokomfuziselo ingqineka ingenampumelelo. UYehova uthulule umoya wakhe ebantwini bakhe, ebaxhobisela ukuvakalisa imigwebo yakhe. Ngoko ke, kweli xesha lincinane lisaseleyo ngaphambi kwemini eyoyikeka kunene kaThixo, masibe nesabelo ngokuzeleyo ekuncedeni abanye ‘banqule igama likaYehova ukuze basindiswe.’
[Ibhokisi ekwiphepha 30]
UKUHLOLISISWA KWEENDINYANA ZEBHAYIBHILE
○ 1:2—UYoweli uthetha ‘namadoda amakhulu’ athe alahlekisa uhlanga. Ngenxa yokuba ‘abemi belizwe’ balandela olo khokelo lobuxoki, nabo babeza kuziphendulela kuYehova. Namhlanje, iinkokeli zonqulo zeNgqobhoko ziyilahlekise ngendlela efanayo imihlambi. NjengoYoweli, amaNgqina kaYehova atsolisa izigidimi kudidi lwabefundisi. Kanti, abantu ngokubanzi kufuneka belivakaliselwe iLizwi likaThixo kuba nabo baza kuphendula kuYehova.—Isaya 9:15-17; Roma 14:12.
○ 2:1-10, 28—AmaSirayeli alunyukiswa ngokuba ukuba ayengamthobeli uThixo, iinkumbi nezinye izinambuzane zaziya kuzinqunqutha izilimo zawo. (Duteronomi 28:38-45) Ekubeni iZibhalo zingenangxelo yentlaselo yezinambuzane kumaKanan ngokomlinganiselo okhankanywe nguYoweli, isibetho asicacisileyo ngokubonakalayo sasingokomfuziselo. Kuyabonakala ukuba, esi siprofeto saqala ukuzaliseka ngePentekoste yowama-33 C.E., xa uYehova waqalisa ‘ukuthulula umoya wakhe’ kubalandeli bakaYesu, ababethuthumbisa abantu bonqulo lobuxoki ngesigidimi sabo ababesinikwe nguThixo. (IZenzo 2:1, 14-21; 5:27-29) NgamaNgqina kaYehova ngoku aphumeza umsebenzi onjalo wokubhuqa.
○ 2:12, 13—Kumaxesha amandulo, ukukrazula kukabani ingubo yakhe kwakuyimbonakaliso yentlungu. (Genesis 37:29, 30; 44:13) Kodwa oku kwakunokwenziwa ngokunganyanisekanga, nangokuhanahanisayo. UYoweli wacacisa ukuba imbonakalo yangaphandle yentlungu azanelanga. Abantu kufuneka ‘bakrazule iintliziyo zabo’ ngokubonisa inguquko esuk’ entliziyweni.
○ 2:31, 32—Ngexesha likaYoweli uYehova walungiselela abathembekileyo indlela yokusinda kwintshabalalo. Ngoku, kule “mihla yokugqibela,” uThixo wenza usindiso lube nokwenzeka ngoYesu Kristu. (2 Timoti 3:1; Roma 5:8, 12; 6:23) Phofu ke, abantu abanesono bamele banqule igama likaYehova ukuze basindiswe ngonaphakade. Oku kuthetha ukwazi igama likaThixo, ukulihlonela ngokupheleleyo, nokuthembela ngokupheleleyo ngaLowo ubizwa ngaloo. Ngaloo ndlela abo banqula igama likaYehova benokholo ‘baya kusindiswa’ xa uYehova ephumeza umgwebo wakhe phezu kweentlanga ebudeni bemini yakhe enkulu eyoyikekayo.—Zefaniya 2:2, 3; 3:12; Roma 10:11-13.
○ 3:2, 14—Indawo yokomfuziselo yokuphunyezwa komgwebo kaThixo ‘ngemini kaYehova’ ibizwa ngokuba ‘yintili yesigqibo.’ Ikwabizwa ngokuba ‘yintili yakwaYoshafati.’ Oku kufanelekile, ekubeni igama elithi Yoshafati lithetha ukuba “uYehova nguMgwebi.” Ebudeni bokulawula koKumkani uYehoshafati, uThixo walisindisa elakwaYuda neYerusalem kwimikhosi yamaMowabhi, ama-Amon nasezintabeni zommandla wakwaSehire, wayenza yabhideka yabulalana kwayodwa. (2 Kronike 20:1-30) Kumhla wethu, ‘intili yakwaYoshafati’ isebenza njengesixovulelo seediliya sokomfuziselo ekuthi kuso iintlanga zicunyuzwe njengeediliya ngenxa yokuphatha kakubi abantu bakaYehova.
○ 3:6—ITire, iTsidon nelamaFilisti zazinetyala lokuthengisa abantu bakwaYuda nabaseYerusalem njengamakhoboka kumaGrike. Ngokunokwenzeka, abanye kumaYuda ababethinjwe zezinye iintlanga bathengwa ngaborhwebo lwamakhoboka baseTire, eTsidon kunye nakwelamaFilisti. Kanti okubi ngakumbi, mhlawumbi ezi ntlanga zenza amakhoboka amaYuda awayefuna ukusaba ezintshabeni zawo. Nokuba ke imeko yayinjani, uThixo wabenza baphendula abo barhwebi ngobomi babantu nangokuphatha kakubi abantu bakhe. Oku kubonisa oko kulindele iintlanga ezitshutshisa abakhonzi bakaYehova namhlanje.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 31]
Pictorial Archive (Near Eastern History) Est.