IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w89 4/15 iphe. 10-17
  • Ihenyukazi Elidume Kakubi—Ukutshatyalaliswa Kwalo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ihenyukazi Elidume Kakubi—Ukutshatyalaliswa Kwalo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuqwalaselwa Kwehenyukazi
  • ‘IMFIHLELO YENKAZANA NEYERHAMNCWA’
  • Ukutshatyalaliswa Kwehenyukazi
  • Ukugwetywa Kwehenyukazi Elidume Kakubi
    ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
  • Unqulo NobuNazi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Ukutshatyalaliswa KweBhabhiloni Enkulu
    ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele!
  • Unqulo Lobuxoki Luya Entshabalalweni!
    Vukani!—1996
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
w89 4/15 iphe. 10-17

Ihenyukazi Elidume Kakubi—Ukutshatyalaliswa Kwalo

“Haleluya! Usindiso, nozuko, nembeko, namandla ngaweNkosi uThixo wethu! Ngokuba iyinyaniso, inobulungisa, imigwebo yayo; ngokuba ihenyukazi elikhulu, elo laliwonakalisa umhlaba ngobuhenyu balo, uligwebile, igazi labakhonzi bayo yaliphindezelela esandleni salo.”—ISITYHILELO 19:1, 2.

1. Ihenyukazi elikhulu liye lahenyuza njani ‘nookumkani bomhlaba,’ ibe oku kuye kwanawuphi umphumo?

KONKE oko besikuxubusha kungumcimbi onzulu ngokwaneleyo. Noko ke, sifanele siphawule ukuba ISityhilelo 17:2 sikwathetha ngokuhenyuza kwehenyukazi elikhulu ‘nookumkani bomhlaba.’ Nangona liye lawa, lisesisihlobo esikhulu sehlabathi, ibe lizama ukusebenzisa ngobuchule abalawuli behlabathi ukuze liphumeze iinjongo zalo. (Yakobi 4:4) Oku kuhenyuza ngokomoya, okuquka ubuhlobo obungafanelekanga phakathi kweBhabhiloni Enkulu nabalawuli bezobupolitika, kuye kwabangela ukufa okungalindelekanga kwamashumi ezigidi zabantu abamsulwa! Kwaba lelona sikizi ukuba ihenyukazi elikhulu libandakanyeke kumacala omabini awayesilwa kwiMfazwe Yehlabathi I. Kodwa izono zalo mayela neMfazwe Yehlabathi II ngokuqinisekileyo ziye “zafikelela emazulwini”! (ISityhilelo 18:5) Kutheni sisitsho njalo nje?

2. (a) UFranz von Papen wamnceda njani uAdolf Hitler ukuba abe ngumlawuli waseJamani, ibe owayesakuba yingqonyela yaseJamani walichaza njani elo khalipha lepopu? (b) KwiSivumelwano esiphakathi korhulumente wamaNazi neVatican, ngawaphi amaxwebhu amabini awagcinwa eyimfihlo? (Bona umbhalo osemazantsi.)

2 Kaloku, ukuqwalasela nje umzekelo omnye, uzwilakhe onguAdolf Hitler waba yiyo njani ingqonyela—nomlawuli onguzwilakhe—waseJamani? Oko kwenzeka ngeyelenqe elenziwa likhalipha likapopu owathi uKurt von Schleicher, owayesakuba yingqonyela yaseJamani, wamchaza ‘njengohlobo lomngcatshi ekunokuthiwa uYuda Sikariyoti ungcwele kunaye.’ Lo yayinguFranz von Papen, owaququzelela iSenzo samaKatolika neenkokeli kwinjongo yokulwa ubukomanisi nokuze amanyanise elaseJamani phantsi koHitler. Njengenxalenye yentlawulo yokuba ngumngcatshi, uvon Papen wenziwa isekela-ngqonyela. UHitler wathumela abameli eRoma ababekhokelwa ngulo kavon Papen ukuba baye kwenza uthethathethwano ngesivumelwano phakathi koRhulumente wamaNazi neVatican. UPopu Pius XI wagqabaza kubameli borhulumente waseJamani ngendlela okwakumvuyisa ngayo ukuba “ngoku uRhulumente waseJamani wayekhokelwa yindoda engacengi solala phi ekulweni ubuKomanisi,” ibe ngoJulayi 20, 1933, kwisibhadlalala setheko eVatican, uKhadinali Pacelli (okwakungentsuku zatywala ukuba abe nguPopu Pius XII) wasityobela eso sivumelwano.a

3. (a) Umbhali-mbali wabhala ntoni mayela neSivumelwano esiphakathi korhulumente wamaNazi neVatican? (b) Ebudeni bamatheko eVatican, wazukiswa ngantoni uFranz von Papen? (c) Yiyiphi indima awaba nayo uFranz von Papen ekuthimbeni kwamaNazi iOstriya?

3 Omnye umbhali-mbali ubhala oku: “ISivumelwano [esenziwa neVatican] sasiluloyiso olukhulu lukaHitler. Okwesihlandlo sokuqala samnika olona zuko wakha walufumana kumazwe angaphandle, ibe olu zuko lwaluvela kwezona ndawo zibalulekileyo.” Ebudeni bemibhiyozo eyayiqhutyelwa eVatican, lo kaPacelli wajizeka uvon Papen ngeyona mbasa intle yoopopu ebizwa ngokuba yiGrand Cross kwiSikhundla sikaPius.b Kwincwadi yakhe ethi The Gathering Storm, eyapapashwa ngowe-1948, uWinston Churchill usixelela indlela awathi uvon Papen ngokubhekele phaya wakusebenzisa ngayo “ukuduma kwakhe njengomKatolika olungileyo” ukuze abangele ukuba icawa ixhase amaNazi ekuthimbeni iOstriya. Ngowe-1938, ukuze kuzukiswe umhla wokuzalwa kukaHitler, uKhadinali Innitzer wakhupha umyalelo wokuba zonke iicawa zaseOstriya ziphakamise indwe yeswastika, zikhalise iintsimbi zazo, zize zithandazele uzwilakhe wamaNazi.

4, 5. (a) Kutheni le nto ityala elibi legazi libekwa kwiVatican? (b) Oobhishophu abangamaKatolika baseJamani bamxhasa njani ngokuphandle uHitler?

4 Ngoko ke iVatican inetyala elibi legazi! Njengenxalenye ephambili yeBhabhiloni Enkulu, yanceda ngendlela ebalaseleyo ekubekeni uHitler esikhundleni sokulawula ‘nokumxhasa.’ IVatican yaqhubeka ithe cwaka ekuvumelaneni nezenzo zikaHitler zenkohlakalo. Ebudeni beminyaka elishumi yethuba elide yolawulo oloyikekayo lwamaNazi, ubhishophu omkhulu wamaRoma waba yinkuku isikw’ umlomo ngoxa amakhulu amawaka amajoni amaKatolika ayesilwa yaye esifa ngenxa yozuko lolawulo lwamaNazi nangoxa izigidi zabo babehlelwe lilishwa zazibulawelwa kumagumbi kaHitler okurhaxisa.

5 Oobhishophu abangamaKatolika baseJamani bade bamxhasa ngokuphandle uHitler. Kusuku olunye eyathi ngalo iJapan, eyayiliqabane leJamani ngexesha lemfazwe ngelo xesha, yahlasela ingabhungisanga kwiZibuko lasePearl, iThe New York Times yaba nale ngxelo: “Inkomfa yoobhishophu bamaKatolika aseJamani ebiqhutyelwe eFulda incomele ukuba ngokukhethekileyo kwenziwe ‘umthandazo wemfazwe’ omele ufundwe ekuqalekeni nasekupheleni kwazo zonke iinkonzo zobuthixo. Lo mthandazo ubongoza uThixo ukuba asikelele izixhobo zaseJamani ngoloyiso aze akhusele ubomi nempilo yawo onke amajoni. Ngokungakumbi oobhishophu bayalela abefundisi bamaKatolika ukuba kwintshumayelo ekhethekileyo yangeCawa bahlale bekhankanya ubuncinane kube kanye ngenyanga amajoni aseJamani ‘akumkhosi wangaphandle, waselwandle nowasemoyeni.’”

6. Ihlabathi ngelalisinde kuyiphi intlungu engcungcuthekisayo nezenzo zenkohlakalo ukuba kwakungekho kuhenyuza ngokomoya kweVatican namaNazi?

6 Ukuba kwakungekho mvisiswano yothando phakathi kweVatican namaNazi, ihlabathi ngelasinda kwintlungu engcungcuthekisayo yokubulawa kwamajoni nabantu abamsulwa abazizigidi ezininzi kuloo mfazwe, yokubulawa kwamaYuda azizigidi ezithandathu ngenxa yokungabi ngamaJamani, yaye—okona kubaluleke kakhulu emehlweni kaYehova—ukubulawa kwamaNgqina akhe angamawaka, athanjisiweyo ‘nawezinye izimvu,’ awabandezelekayo ngenxa yezenzo zenkohlakalo, nto leyo eyabangela ukuba amaNgqina amaninzi afele kwiikampu zoxinaniso zamaNazi.—Yohane 10:10, 16.

Ukuqwalaselwa Kwehenyukazi

7. Umpostile uYohane uwuchaza njani umbono wakhe otyhilwayo wehenyukazi elikhulu?

7 Hayi indlela ofaneleka ngayo umbono otyhilwa ngokulandelayo kwisiprofeto seSityhilelo! Xa sityhila kwisahluko 17, indinyana 3 ukuya kweyesi-5, sifumana uYohane ethetha oku ngesithunywa sezulu: “Sandisa entlango ndikumoya; ndabona inkazana ihleli phezu kwerhamncwa elimfusa, lizele ngamagama onyeliso, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi. Yaye inkazana leyo ithiwe wambi ngengubo ebomvu nemfusa, ihonjiswe ngegolide, nelitye elinqabileyo, neeperile, inendebe yegolide esandleni sayo, izele ngamasikizi nezingcoliso zobuhenyu bayo. Ebunzi kubhalwe igama elithi, IMFIHLELO, IBHABHELI ENKULU, UNINA WAMAHENYUKAZI NOWAMASIKIZI OMHLABA.”

8. (a) Yintoni ekwindebe yegolide ephethwe lihenyukazi elikhulu, ngaloo ndlela loo nto ilifanisa njani? (b) IBhabhiloni Enkulu ithiwe wambu njani ngokufuziselayo “ngengubo ebomvu nemfusa” ibe ihonjiswe njani “ngegolide, ngelitye elinqabileyo, neeperile”?

8 Apha uYohane ubona iBhabhiloni Enkulu ekwindawo echanileyo, Ngokwenyaniso ithe zinzi entlango, phakathi kwamarhamncwa ahlala apho. Eli henyukazi likhulu lifaniswa ngokucacileyo ngenxa yoko kusendebeni yalo, nangona ngokukhohlisayo kubonakala kuyinto exabisekileyo ngaphandle. Lirhabula ithamo lento elisikizi emehlweni kaThixo. Ubuhlobo balo nehlabathi, iimfundiso zalo zobuxoki, uvula-zibhuqe ekuziphatheni kwalo, ukuhambisana kwalo ngeenjongo zothando lwamagunya ezobupolitika—akukho nokuba ibe nye yezi zinto anokuyinyamezela uYehova, “uMgwebi wehlabathi lonke.” (Genesis 18:22-26; ISityhilelo 18:21, 24) Hayi indlela elizilungisa kakuhle ngayo! Lidumile ngezindlu zeenkonzo ezintle nezakhiwe ngendlela echukumisayo ezineefestile zeegilasi ezimibalabala, iitempile zalo zamaBhuda namaHindu ezihonjiswe ngamatye anqabileyo, iitempile nezindlu zalo zeenkonzo ezizukiswayo ngenxa yobudala bazo. Ngokungqinelana neendlela ezisexesheni elizilungisa ngazo ihenyukazi elikhulu, abefundisi noonongendi balo abangamadoda banxiba iingubo ezibomvu, ezimfusa nezityheli ezixabisa imali eninzi.—ISityhilelo 17:1.

9. IBhabhiloni Enkulu inayiphi imbali ende yetyala legazi, ibe uYohane uyiqukumbela njani ngokufanelekileyo inkcazelo engayo?

9 Noko ke, eyona nto imbi kakhulu kukunxanelwa kwalo igazi. UYehova unembambano yethuba elide aza kuyizinzisa kulo mbandela! Eli henyukazi liye laxhasa oozwilakhe abanxanelwe igazi bamaxesha anamhla, ibe imbali yalo elisikizi yokuphalaza igazi isusela emva kwiinkulungwane ezininzi kwiimfazwe zonqulo, kumaxesha okuNcina amakholwa kwamaRoma, kwiiMfazwe zoMnqamlezo, ewe, de kufikelele ekufelen’ inkolo kwabapostile abathile nokubulawa koNyana kaThixo ngenkqu, iNkosi uYesu Kristu, nakwezinye iziganeko kumaxesha asemva. (IZenzo 3:15; Hebhere 11:36, 37) Ukongezelela kuko konke oku kuye kwabulawa amaNgqina kaYehova kwiminyaka emininzi yakutshanje kusetyenziswa iqela lomkhosi odubulayo, ukuxhoma, izembe, oomatshini bokunqumla intloko, ikrele nokuphathwa kakubi ezintolongweni nakwiikampu zoxinaniso. Akumangalisi ke ukuba uYohane aqukumbele inkcazelo yakhe ngokuthi: “Ndayibona inkazana leyo inxila ligazi labangcwele, naligazi lamangqina kaYesu”!—ISityhilelo 17:6.

‘IMFIHLELO YENKAZANA NEYERHAMNCWA’

10. (a) Ihenyukazi elikhulu liye lawatshutshisa njani amaNgqina kaYehova ukuhla ukuza kuthi ga kulo mhla? (b) Abefundisi beBhabhiloni Enkulu baluhlobo olunjani lweenkokeli?

10 UYohane ‘wamangaliswa ngokumangaliswa okukhulu’ zizinto awazibonayo. Namhlanje, nathi siyamangaliswa! Ebudeni beminyaka yee-1930 nee-1940, ihenyukazi elikhulu lasebenzisa iSenzo samaKatolika neyelenqe lezobupolitika ukuze litshutshise lize libhangise amaNgqina kaYehova athembekileyo. Ukuza kuthi ga kulo mhla, apho iBhabhiloni inako ukusebenzisa impembelelo eyaneleyo, iyaqhubeka ithintela, iwubekela imiqathango, yaye iwumela kakubi umsebenzi wamaNgqina kaYehova, avakalisa ithemba elizukileyo loBukumkani bukaThixo. Ngokugcina amakhulu ezigidi zabantu ekuthinjweni ziintlangano zonqulo zehenyukazi elikhulu, abefundisi bayo ‘banjengeenkokeli eziziimfama ezikhokela iimfama,’ bezikhokelela emhadini wentshabalalo. Alinakuze nakancinane eli henyukazi lidume kakubi litsho kunye nompostile uPawulos: “Kungoko ndingqinayo . . . ukuba ndimsulwa egazini labo bonke.”—Mateyu 15:7-9, 14; 23:13; IZenzo 20:26.

11, 12. Iyintoni imfihlelo ‘yerhamncwa elimfusa’ elithwele ihenyukazi elidume kakubi, ibe luluphi ukhanyiselo awalufumanayo amaNgqina kaYehova ngale mfihlelo ngowe-1942?

11 Sibona ukumangaliswa kukaYohane, isithunywa sezulu sathi kuye: “Umangaliswe yini na? Ndokuxelela mna imfihlelo yenkazana le, neyerhamncwa eli liyithweleyo, lineentloko ezisixhenxe neempondo ezilishumi.” (ISityhilelo 17:7) Liyintoni eli “rhamncwa”? Ngaphezu kweminyaka engama-600 ngaphambilana, umprofeti uDaniyeli wayebone amarhamncwa asembonweni, ibe wayecaciselwe ukuba la marhamncwa ayemela ‘izikumkani,’ okanye ulawulo lwezobupolitika apha emhlabeni. (Daniyeli 7:2-8, 17; 8:2-8, 19-22) Apha embonweni uYohane ubona intlanganisela yamagunya anjalo—“irhamncwa elimfusa.” Eli rhamncwa ngumbutho woManyano lweZizwe owayilwa ngabantu nowabonakala ehlabathini ngowe-1920 kodwa watshona enzonzobileni yokungasebenzi xa kwaqhambuka iMfazwe Yehlabathi II ngowe-1939. Noko ke, iyintoni “imfihlelo yenkazana le, neyerhamncwa”?

12 Ngokhokelo lukaThixo, amaNgqina kaYehova afumana ukukhanyiselwa ekuqondeni loo mfihlelo ngowe-1942. Ngelo xesha iMfazwe Yehlabathi II yayigquba ifikelele kwincopho yayo, ibe abaninzi babecinga ukuba yayiza kuphethukela ekubeni yiArmagedon. Kodwa uYehova wayecinga ngokwahlukileyo! Kwakusekho umsebenzi omkhulu owawumele wenziwe ngamaNgqina akhe! KwiiNdibano zawo Zolawulo Lobuthixo Lwehlabathi Elitsha ezaqhutywa ngoSeptemba 18-20, 1942, kuqhakamshelwe ezinye izixeko ezingama-51 zaseUnited States kwisixeko esiyintloko saseCleveland, eOhio, uNathan H. Knorr, umongameli weWatch Tower Society, wanikela intetho yesidlangalala enomxholo othi, “Uxolo—Ngaba Lunokuhlala Lukho?” Kuloo ntetho wahlolisisa ISityhilelo 17:8, esithetha ‘ngerhamncwa elimfusa’ sisithi “likho, alikho; liza kunyuka liphume enzonzobileni, liye entshabalalweni.” Wabonisa indlela uManyano Lwezizwe ‘olwalukho’ ngayo ukususela ngowe-1920 ukusa kowe-1939. Emva koko kwakufikelele kwinqanaba lokuba kuthiwe “alikho” ngenxa yokuba olu Manyano lwalunyamalele. Kodwa emva kweMfazwe Yehlabathi II, olu manyano lwezizwe lwaluza kunyuka luphume enzonzobileni. Ngaba loo mazwi axelwa kwangaphambili nasekelwe eBhayibhileni azaliseka? Ngokwenyaniso azaliseka! Ngowe-1945 eli “rhamncwa” lezizwe ngezizwe laphuma kwinzonzobila yalo yokungasebenzi njengeZizwe Ezimanyeneyo.

13. IBhabhiloni Enkulu iye yaqhubeka njani isenza ngokweendlela zayo ezinjengezehenyukazi ‘nerhamncwa’ eliziZizwe Ezimanyeneyo?

13 Nangona iBhabhiloni Enkulu iye yabuthathaka ngenxa yokuwa kwayo, iye yaqhubeka isenza ngeendlela zayo ezinjengezehenyukazi ‘nerhamncwa’ eliziZizwe Ezimanyeneyo. Ngokomzekelo, ngoJuni 1965, izinxiba-mxhaka eziphuma kumasebe asixhenxe onqulo oluphambili lwehlabathi, zabantu ekuthiwa ngamaKristu nabangengomaKristu, ekwathiwa zimele isiqingatha sabemi behlabathi, zahlanganisana eSan Francisco ukuze zibhiyozele iZizwe Ezimanyeneyo kuba zazigqiba iminyaka engama-20 zikho.c Kwangaloo nyaka, uPopu Paul VI wachaza iZizwe Ezimanyeneyo ‘njengethemba lokugqibela kwisivumelwano noxolo,’ ibe kamva uPopu John Paul II wavakalisa ithemba lakhe lokuba “iZizwe Ezimanyeneyo ziya kuhlala ngalo lonke ixesha zinguthunywashe ophambili woxolo nokusesikweni.” Ngowe-1986 ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki bakhokela ekuxhaseni uNyaka Woxolo Wezizwe Ngezizwe owawumiselwe ziZizwe Ezimanyeneyo. Kodwa ngaba uxolo nonqabiseko lokwenyaniso lwabakho kwimpendulo yemithandazo yabo yeenkonzo? Nakanye! Ngakumbi nangakumbi, izizwe ezingamalungu eZizwe Ezimanyeneyo zibonisa ukuba azilithandi ngokwenene ihenyukazi elikhulu.

Ukutshatyalaliswa Kwehenyukazi

14. Nguwuphi umsebenzi okhethekileyo omele wenziwe ‘lirhamncwa’ eliziZizwe Ezimanyeneyo, yaye sichaza njani isithunywa sezulu sikaThixo?

14 Ngexesha elifanelekileyo, “irhamncwa elimfusa” nalo limele liye kwantshabalalo. Kodwa ngaphambi kokuba oku kwenzeke, kwanangaphambi kokuba lona lihlasele okokugqibela ngokuneengcwangu abantu bakaThixo, elo rhamncwa liziZizwe Ezimanyeneyo linomsebenzi okhethekileyo elimele liwenze. UYehova ufaka ‘ingcinga yakhe entliziyweni yerhamncwa nakwiimpondo zalo ezixhobileyo.’ Uba yintoni ke umphumo woku? Isithunywa sezulu sikaThixo siyaphendula: “Iimpondo ezilishumi owazibonayo ziserhamncweni, ngabo baya kulithiya ihenyukazi, baliphanzise, balihlube, bayidle inyama yalo, balitshise ngomlilo.” ‘Liyazizukisa lize lixhamle iziyolo,’ kodwa konke oku kuba nemiphumo ethi ilijikele. Izakhiwo zalo ezihle zonqulo nabantu abakuzo abayi kulisindisa. Kunjengokuba isithunywa sezulu sivakalisa: “Ngenxa yoko ziya kufika ngamini-nye izibetho zayo, ukufa, nesijwili, nendlala. Iya kutsha ngumlilo, ngokuba ligorha iNkosi uThixo, lowo uyigwebayo.”—ISityhilelo 17:16, 17; 18:7, 8.

15. Izithandane zobupolitika zehenyukazi, kunye nezidwangube zoshishino olukhulu, ziya kusabela njani ekufeni kwalo?

15 Izithandane zalo zobupolitika ziya kukhala ngenxa yokufa kwalo, zisithi: “Yeha, yeha, yeha, mzi mkhulu Bhabheli, mzi unamandla! Ngokuba kufike ngaxa linye ukugwetywa kwakho.” Ngokukwanjalo, izidwangube zoshishino olukhulu, eziye zenza iingeniso zokunganyaniseki kunye nalo, ziya ‘kulila, zenze isijwili, zisithi, Yeha, yeha, mzi mkhulu, ngokuba buphanziswe ngaxa linye ubutyebi obungaka.’—ISityhilelo 18:9-17.

16. Baya kusabela njani abantu bakaThixo ekutshatyalalisweni kwehenyukazi elikhulu, yaye ISityhilelo sikuqinisekisa njani oku?

16 Phofu ke, bona abantu bakaThixo baya kusabela njani? Isithunywa sezulu sithetha ngabo bonke aba bantu sisithi: “Wenzele imihlali, nina mazulu, nani bapostile abangcwele, nani baprofeti; ngokuba uThixo eniphindezelele kuwo.” Ngephanyazo iBhabhiloni Enkulu iya kube ilahlelwe phantsi, ayisayi kuze iphinde iligculele igama likaYehova elingcwele. Ukutshatyalaliswa kwehenyukazi elikhulu kuya kubangela ukuba kubekho umbhiyozo neengoma zoloyiso kudunyiswa uYehova. Njengeyokuqala kungcelele lweengoma zokudumisa uYehova, le ngoma yovuyo iya kuhlokoma nkalo zonke: “Haleluya! Usindiso, nozuko, nembeko, namandla ngaweNkosi uThixo wethu! Ngokuba iyinyaniso, inobulungisa, imigwebo yayo; ngokuba ihenyukazi elikhulu, elo laliwonakalisa umhlaba ngobuhenyu balo, iligwebile, igazi labakhonzi bayo yaliphindezelela esandleni salo.”—ISityhilelo 18:20–19:3.

17. Emva kokutshatyalaliswa kwehenyukazi elikhulu, izenzo zikaThixo zomgwebo ziya kufikelela njani kwisiphelo sazo?

17 Izenzo zomgwebo kaThixo ziya kulenya okombane njengoko “uKumkani kakumkani, uNkosi kankosi,” uKristu Yesu, enyathela “isixovulelo sewayini yomsindo neyengqumbo kaThixo uSomandla” eArmagedon. Apho uya kutshabalalisa abalawuli abangendawo nabo bonke abanye abaseleyo bentlangano kaSathana esemhlabeni. Iintaka ezidla inyama ziya kuzifikisela kwizidumbu zabo. (ISityhilelo 16:14, 16; 19:11-21) Hayi indlela esifanele sivuye ngayo kuba ixesha likaThixo elimisiweyo likufuphi lokuba atshabalalise yonke into engengcwele, engcolileyo neyonakalisayo emhlabeni wethu omhle!

18. Iyintoni incopho ezukileyo yencwadi yeSityhilelo?

18 Ngaba leyo yincopho yencwadi yeSityhilelo? Hayi, ayikabi yiyo! Kuba xa kugqitywa ukuvuselwa ezulwini abo be-144 000, kuqhubeka umtshato weMvana. “Umtshakazi” wayo, ehonjiselwe umyeni wakhe, ungeniswa ‘kwizulu elitsha,’ ibe apho uyehla, ngokomfuziselo, njengeqabane elingumncedani loMyeni wakhe ekuphumezeni iinjongo zikaYehova ‘zokwenza zonke izinto zibe ntsha.’ Ubuhle obungokomoya bomtshakazi bobesixeko esingcwele, iYerusalem Entsha, apho uYehova uThixo onguSomandla akhanyisa ngobuqaqawuli bakhe, ibe iMvana isisibane saso. (ISityhilelo 21:1-5, 9-11, 23) Ngoko apha ISityhilelo sifikelela incopho yaso ezukileyo, xa igama likaYehova lingcwaliswa ibe iMvana, uKristu Yesu ikunye nomtshakazi wayo, iYerusalem Entsha, beqalisa ukusikelela uluntu oluthobekileyo ngobomi obungunaphakade emhlabeni oyiParadisi.

19. (a) Ngaphandle kokuphuma kwiBhabhiloni Enkulu, yintoni enye eyimfuneko ukuze ubani asinde? (b) Sisiphi isimemo esingxamisekileyo ekusekho ithuba lokuba kusatyelwe kuso, yaye ifanele ibe yintoni intsabelo yethu?

19 Ngaba uyiqondile imeko yokuba mbaxa konqulo lobuxoki waza waphuma kwiBhabhiloni Enkulu? Ibe ngaba uthabathe inyathelo elingakumbi lokuza kuYehova uThixo, ngoKristu Yesu, ngokuzahlulela ngentliziyo epheleleyo ukuze ubhaptizwe? Nako oku kubalulekile ukuze usinde! Njengoko ixesha elimisiweyo lokuba uYehova aphumeze umgwebo wakhe wokugqibela lisondela, esi simemo sitsho nkalo zonke ngongxamiseko olunamandla: “Umoya nomtshakazi bathi, Yiza.” Ngamana bonke abo bathobela olo bizo bangahlulela ubomi babo kuYehova baze babe nenzondelelo ekuthini “Yiza” ukuze bashukumise abanye. Ewe, “lowo unxaniweyo makeze; lo uthandayo, makawathabathe amanzi obomi ngesisa.” (ISityhilelo 22:17) Lisekho ithuba lokuba kuhlokonyiswe esi simemo. Uya konwaba ngokwenene ukuba uba necala onokuma kulo uze uhlale umile kwelo cala phambi kwetrone kaThixo neyeMvana njengomnye wabantu bakaYehova abazahluleleyo nababhaptiziweyo. Ixesha elimisiweyo lisondele kakhulu kunendlela osenokucinga ngayo! Ewe, incopho ezukileyo yeSityhilelo isondele!

Ekuqukumbeleni esi Sifundo seMboniselo sale veki, umqhubi ufanele ayalele ukuba kufundwe esi Sigqibo silandelayo aze enze impinda kuso ngoncedo lwemibuzo elungiselelweyo. Esi siSigqibo esasinikelwe kwiiNdibano Zesithili “Zokuba Sesikweni KukaThixo” ezaziqhutywa ngamaNgqina kaYehova kwihlabathi lonke ngowe-1988, xa kwakuqukunjelwa intetho ethi “‘Ihenyukazi’ Eliziphethe Kakubi—Ukuwa Nokutshatyalaliswa Kwalo.”

[Imibhalo esemazantsi]

a Ngezizathu ezicacileyo, amaxwebhu amabini eSivumelwano agcinwa eyimfihlo ngelo xesha, la maxwebhu ayethetha ngokumanyana kunye ukuze kuchaswe iRashiya nangemisebenzi yabefundisi bamaKatolika ababebizelwe emkhosini kaHitler. Ukubizwa okunjalo kwakukukuvukela iinkcukacha zeSivumelwano Soxolo saseVersailles (1919) apho iJamani yayisephantsi kwemiqathango; ukwaziwa nguwonke wonke kombandela okolu xwebhu ngekwakubaphazamisile abanye ababetyobele esi sivumelwano saseVersailles.

b UFranz von Papen wayephakathi kwamaNazi awayevavanywe kwityala lokuba zizaphuli-mthetho zemfazwe eNuremberg, eJamani, ngeminyaka yasekupheleni kweyee-1940. Wakhululwa njengongenatyala kodwa kamva wafumana isigwebo esiqatha kwinkundla yamatyala yaseJamani eyayichasene nobuNazi. Sekunjalo kamva, ngowe-1959, wamiselwa njengoMncedisi Wangasese kaPopu.

c Egqabaza ngale ntlanganiso, uPopu Paul VI wathi: “Hayi indlela ekube yinto elunge nefaneleke ngokwenyaniso ngayo ukuba iintlanganiso zonqulo ezingemicimbi yoxolo ziqukwe kumatheko okukhumbula ukutyobelwa koMgaqo-siseko weZizwe Ezimanyeneyo kwiminyaka engamashumi amabini eyadlulayo.”

[Ibhokisi ekwiphepha 11]

UKUTHULA KUKAPOPU

Kwincwadi yakhe ethi Franz von Papen—His Life and Times, eyapapashwa ngowe-1939, uH. W. Blood-Ryan uchaza ngokweenkcukacha amayelenqe elathi ngawo ikhalipha lepopu lamenza ingqonyela uHitler laza lenza uthethathethwano kwisivumelwano seVatican namaNazi. Ngokubhekisele ekudakadweni kwabantu ngokoyikekayo, okwaquka amaYuda, amaNgqina kaYehova nabanye abantu, lo mbhali uthi: “Kwakutheni ukuze uPacelli [uPopu Pius XII] athule? Kungenxa yokuba kwicebo likavon Papen awayelenzile loBukhosi beRoma Engcwele yamaJamani aseMpuma wabona kusengaphambili iCawa yamaKatolika eyomelele ngakumbi, ixhaswe yiVatican eyayiphinde yasemandleni okwexeshana . . . Ngoku kwaloo Pacelli mnye ulawula ngegqudu ngokomoya abantu abangaphezu kwezigidi, kanti kwakunzima ukuba atsho nelimdaka ngokunxamnye nentlaselo kunye nentshutshiso eyayisenziwa nguHitler. . . . Njengoko ndibhala le migcana, sele kudlule iintsuku ezintathu zokubulawa kwabantu ibe iVatican ayikabathandazeli abo sele bebulewe, phantse isiqingatha sabo abangamaKatolika. Kuya kuba ngumbono olusizi xa beya kuthi aba bantu, bohluthwe onke amagunya abanawo emhlabeni, beme phambi koThixo wabo, Yena uya kubenza baziphendulele. Baya kuzithethelela ngantoni bethu? Baya kutshelwa zizicheku!”

[Ibhokisi ekwiphepha 15]

UKUBANDAKANYEKA KWEVATICAN

IThe New York Times kaMatshi 6, 1988, yanikela ingxelo yokuba iVatican yayilindele ingxelo engazange ibe nayo ngaphambili yemali elityala elijingayo kuqingqo-mali oluli-148,3 sezigidi zeerandi ngowe-1988. Eli phephandaba lathi: “Kucingelwa ukuba eyona ndleko iyintloko ibandakanya isithembiso esenziwa ngowe-1984 sokuhlawula ityala eyayinalo kwiBanco Ambrosiano imali emalunga nama-600 ezigidi zeerandi. IVatican yayibandakanyeke nzulu nebhanki yaseMilan ngaphambi kokutshona kwayo ngowe-1982.” Eneneni, iVatican yayibandakanyeke nzulu kangako kwelo hlazo ngokokude yale ngokuqinileyo ukunikela amagosa ayo aphakamileyo amathathu kwabasemagunyeni, kuquka ubhishophu omkhulu waseMerika, ukuze bavele kwiinkundla zamatyala zaseItali!

[Imifanekiso ekwiphepha 12]

IVatican inesabelo kwityala elibi legazi kunye novon Papen noHitler

[Inkcazelo]

UPI/Bettman Newsphotos

UPI/Bettman Newsphotos

[Imifanekiso ekwiphepha 15]

Kunokuba baxhase uBukumkani bukaThixo, oopopu baye bavakalisa ukuba iZizwe Ezimanyeneyo ‘zilithemba lokugqibela loxolo’

[Inkcazelo]

Insets: UN photos

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share