Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Abantu Abalishumi Abaneqhenqa Bayaphiliswa Ebudeni Bohambo Lokugqibela LukaYesu Lokuya EYerusalem
UYESU utshitshisa imigudu yentlanganiso yamatyala yokumbulala ngokuthi ayishiye iYerusalem aze ahambele kwisixeko sakwaEfrayim, mhlawumbi esimalunga neekhilomitha ezingama-24 kuphela ngakumntla-mpuma weYerusalem. Apho uthi ahlale nabafundi bakhe, kude neentshaba zakhe.
Noko ke, ixesha lePasika yowama-33 C.E. liyasondela, yaye ngokukhawuleza uYesu uyanduluka kwakhona. Ucanda phakathi kwelaseSamariya enyukela kwelaseGalili. Olu lutyelelo lwakhe lokugqibela kulo mmandla ngaphambi kokufa kwakhe. Ngoxa eseGalili, kunokwenzeka ukuba yena kunye nabafundi bakhe badibana nabanye abasendleleni eya eYerusalem ukuya kubhiyozela iPasika. Bahamba ngendlela enqumla kwisithili sasePereya, kwimpuma yoMlambo iYordan.
Ekuqaliseni kohambo, ngoxa uYesu engena kwidolophana yaseSamariya kungenjalo eyaseGalili, uhlangatyezwa ngamadoda alishumi aneqhenqa. Esi sifo soyikekayo siwadla ngokuthe ngcembe amalungu omzimba womntu—iminwe yakhe, iinzwane zakhe, iindlebe zakhe, impumlo yakhe, kwanemilebe yakhe. Ukuze kukhuselwe abanye ekosulelweni siso, uMthetho kaThixo uthi ngokuphathelele oneqhenqa: “Azigqubuthele iindevu, adanduluke, esithi, Ndiyinqambi, ndiyinqambi! Yonke imihla esikhoyo kuye isibetho, woba yinqambi kuphele, ahlale yedwa ngaphandle kweminquba, ukuhlala kwakhe.”
Aba bantu balishumi baneqhenqa bayazigqala izithintelo zomthetho kwabaneqhenqa yaye bamela kude kuYesu. Kanti, badanduluka ngamazwi amakhulu besithi: “Yesu, Mongameli, senzele inceba.”
Ebabonela mgama, uYesu ubayalela esithi: “Hambani niye kuzibonakalalisa kubabingeleli.” UYesu ukuthetha oku ngenxa yokuba uMthetho kaThixo uyabagunyazisa ababingeleli ukuba bavakalise ukuba bangabahlambulukileyo abo baye bachacha kwisifo seqhenqa. Ngale ndlela abanjalo bayamkelwa ukuba bahlale nabantu abaphilileyo kwakhona.
Aba bantu balishumi baneqhenqa banentembelo kumandla kaYesu okwenza imimangaliso. Ngoko bayakhawuleza ukuya kubabingeleli, nakubeni bengekaphiliswa. Ngoxa besesendleleni, ukukholwa kwabo kuYesu kuyavuzwa. Bayaqala ukubona nokuziva bebuyele empilweni!
Abasithoba kwabo bahlanjululweyo bebeneqhenqa bahamba indlela yabo, kodwa omnye oneqhenqa, ongumSamariya, ubuyela emva ukuya kufuna uYesu. Ngasiphi isizathu? Kuba unombulelo ngoko kwenzeke kuye. Udumisa uThixo ngelizwi elikhulu, yaye xa emfumana uYesu, uwa ezinyaweni zakhe, embulela.
Ekuphenduleni uYesu uthi: “Babengahlanjululwanga belishumi na? Baphi na ke abasithoba? Akufumanekanga na babuyileyo, besiza kuzukisa uThixo, ngulo wolunye uhlanga yedwa na?”
Wandula ke axelele umSamariya oku: “Vuka, uhambe; ukholo lwakho lukusindisile.”
Xa sifunda ngokuphilisa kukaYesu abantu abalishumi abaneqhenqa, sifanele sisithabathele entliziyweni isifundo obhekisela kuso umbuzo wakhe othi: “Baphi na ke abasithoba?” Ukungabi nambulelo okwabonakaliswa ngabasithoba kuyimpazamo enzulu. Ngaba thina, njengomSamariya, siya kuzibonakalisa sinombulelo ngezinto esizifumana kuThixo, kuquka idinga eliqinisekileyo lobomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha lobulungisa likaThixo? Yohane 11:54, 55; Luka 17:11-19; Levitikus 13:16, 17, 45, 46; ISityhilelo 21:3, 4.
◆ UYesu uyitshitshisa njani imigudu yokumbulala?
◆ Ngokulandelayo uYesu uhambela phi; yaye yiyiphi indawo aza kuphelela kuyo?
◆ Kutheni le nto abantu abaneqhenqa bemela mgama, ibe kungani uYesu ebaxelela ukuba baye kubabingeleli?
◆ Sisiphi isifundo esinokusifunda kula mava?
[Umfanekiso ozalise iphepha, kwiphepha 9]