Amathemba EParadisi Aqinisekile Phezu Kwako Nje Ukungathobeli Komntu
1. Njengoko sekudlule ixesha elithile, indoda nomfazi bokuqala babonakala bephi yaye bejikelezwe yimekobume enjani?
SEKUDLULE ixesha elithile. Indoda nomfazi wokuqala abasabethi nje ngengubo yesele. Banxibile—iingubo ezinde zesikhumba sesilwanyana. Bangaphandle nje kwesango lomyezo omhle ngokugqibeleleyo wase-Eden. Bayawushiya lo myezo. Bakhangele phambili koko bakubonayo. Babona nje kuphela amafusi. Ngokucacileyo wona awasikelelwanga nguThixo. Phambi kwabo kubonakala ameva neenkunzane. Ngaba lo asingomhlaba ababeyalelwe ukuba baweyise? Ewe, kodwa le ndoda nomfazi wokuqala balapha kungekhona ngenjongo yokwandisa umyezo wase-Eden kuloo mhlaba unganyanyekelwanga ngolo hlobo.
2. Kutheni le nto le ndoda nalo mfazi bengazami ukungena kwakhona kumyezo oyiParadisi?
2 Kulo mbono ungemhle ngentelekiso, kutheni le nto bengabuyeli emva baze bangene kumyezo oyiParadisi? Kulula ukubacebisa ngaloo ndlela, kodwa khangela oko kusemva kwabo esangweni lomyezo. Kukho izidalwa abangazange bazalama ngaphambili, kwanangaphakathi kulo myezo, iikherubhi, nelangatye lekrele elijikeleza lingemi. Loo ndoda naloo mfazi babengenakudlula kwezo zinto baze basinde bangene kuloo myezo!—Genesis 3:24.
3. Yintoni eyayenzekile eyabangela iinguqulelo eziphawuleka kangaka kwiimeko zeso sibini sokuqala?
3 Kwakwenzeke ntoni? Okwakwenzekile akuyomfihlelo entsonkothe ngokokude iqhekeze iintloko kwezenzululwazi kangangamawaka eminyaka. Ichazwa nje ngokucacileyo. Loo ndoda nomfazi wokuqala babeza kubona izinto ezimangalisayo ezazithenjisiwe uThixo awayethethe ngazo kubo ngomhla wokutshata kwabo kodwa oko kusenzeka kuphela xa babethobela uYise wasezulwini kowona mbandela mncinane. Intobelo yabo egqibeleleyo yayiza kuvavanywa ngesalelo esinye sokutya ukutya okuthile: Babemele bangasidli isiqhamo ‘somthi wokwazi okulungileyo nokubi.’ (Genesis 2:16, 17) Ukuba babesenjenjalo ngokunxamnye nemithetho kaThixo, ngokuqinisekileyo babeza kufa. Oko koko uAdam, njengomprofeti kaThixo, wakuxelela umfazi wakhe, isidalwa esingumntu esasisandul’ ukubakho. Kodwa ngokothusayo, ina·chashʹ, inyoka, yabukhanyela ubunyaniso boko uThixo wayekuxelele uAdam ekumlumkiseni Kwakhe ngokudla ‘kumthi’ owalelweyo ‘wokwazi okulungileyo nokubi.’ Inyoka yamkhohlisa loo mfazi ukuba akholelwe kwelokuba ukwaphula umthetho kaThixo nokudla isiqhamo esalelweyo kwakuya kumbangela abe njengoThixo kuze kumenze angaxhomekeki kuThixo ekugqibeni ngokulungileyo nokubi.—Genesis 3:1-5.
Akuyongxelo Eyintsomi
4, 5. Umpostile uPawulos ubonisa njani ukuba ingxelo engokukhohlisa kwenyoka umfazi wokuqala yayingeyontsomi?
4 Ngaba kuyamangalisa oko? Ngaba kuvakala kunjengentsomi ngokupheleleyo, ibali nje elithelekelelwayo elingasekelwanga kwizibakala lize ngenxa yoko lingamkeleki kwiingqondo zabantu banamhla abakhulileyo nabakhanyiselweyo? Hayi, akunjalo kumbhali osafunda ngengqondo ephangaleleyo, kumbhali othenjiweyo, umpostile owakhethwa ngokukhethekileyo, owayekwazi ukuchana koko wayekubhala. Ebhalela ibandla lamaKristu akhulileyo awayekwisixeko sezilumko saseKorinte, loo mpostile unguPawulos wabhala: “Ndiyoyika ke, hleze kuthi, njengokuba inyoka yamlukuhlayo uEva ngobuqhetseba bayo, zonakaliswe ngokunjalo nani iingqiqo zenu, zimke ekunyaniseni kuye uKristu.”—2 Korinte 11:3.
5 Kwakuya kuba ngenkankulu ukuba uPawulos athethe ngentsomi, aze asebenzise intelekelelo enjalo ekufundiseni kwakhe loo maKorinte, awayeqhelene kakuhle neentsomi zonqulo lobuhedeni lwamaGrike. Ecaphula kwiZibhalo zesiHebhere eziphefumlelweyo, awavakalisa ukuba ‘zililizwi likaThixo,’ umpostile uPawulos wangqina ukuba “inyoka yamlukuhla uEva ngobuqhetseba bayo.” (1 Tesalonika 2:13) Ngaphezu koko, xa wayebhalela umveleli ongumKristu owayenikwe umsebenzi wokufundisa “umzekelo wamazwi aphilileyo,” umpostile uPawulos wathi: “Kwabunjwa uAdam kuqala, kwandula ke ukubunjwa uEva. Kanjalo akulukuhlwanga uAdam; kulukuhlwe umfazi, waba sekugqitheni.”—2 Timoti 1:13; 1 Timoti 2:13, 14.
6. (a) Sahluka njani isigqitho sika-Adam kuThixo kweso somfazi? (b) Kutheni le nto sinokuqiniseka kukuba lo mfazi wayengaqwebi nje ibali elingenyoka?
6 Into yokuba umfazi wakhohliswa yinyoka iyinyaniso, kungekhona intsomi, iyinyaniso eqinisekileyo kanye njengokuba imiphumo yokutya kwakhe ngemvukelo kwisiqhamo esalelweyo izizibakala eziyinyaniso zembali. Ngaloo ndlela emva kokwenza isigqitho kuThixo, walukuhla indoda yakhe ukuba idle nayo, kodwa ukutya kwayo kwakungengenxa yokuba nayo yayikhohliswe ngokupheleleyo. (Genesis 3:6) Ibali elingokunikela kwabo kamva ingxelo kuThixo lithi: “Wathi uAdam, Umfazi owandinikayo ukuba abe nam, nguye ondinikileyo kuwo umthi, ndadla ke. Wathi uYehova uThixo kumfazi, Yintoni na le nto uyenzileyo? Wathi umfazi, Inyoka indilukuhlile, ndadla ke.” (Genesis 3:12, 13) Loo mfazi wayengaqwebi nje ibali ngaloo na·chashʹ, loo nyoka, ibe uYehova uThixo akazange acinge ukuba ingcaciso yakhe yayiyintsomi nje. Waqhubana naloo nyoka njengaleyo yaba sisixhobo sokukhohlisa umfazi ukuba enze isigqitho Kuye, uThixo noMdali wakhe. Kwakuya kumthoba isidima uThixo ukuba abe wayethetha nje ngenyoka yasentsomini.
7. (a) Ingxelo yeBhayibhile iyichaza njani indlela uThixo awayigweba ngayo loo nyoka? (b) Inyoka eyakhohlisa umfazi wokuqala inokusikhohlisa njani nathi? (Quka amagqabaza akumbhalo osemazantsi.)
7 Ichaza indlela uThixo awayigweba ngayo loo nyoka kumyezo wase-Eden, ingxelo ithi: “Wathi uYehova uThixo kwinyoka, Ngokuba uyenzile le nto, uqalekisiwe wena ngaphezu kwezinto zonke ezizitho zine, neento zonke eziphilileyo zasendle; uya kuhamba ngesisu, udle uthuli, yonke imihla yobomi bakho. Ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.” (Genesis 3:14, 15) Nayiphi na inkundla engafekethiyo ithetha ngezinto ezizizibakala ize ihluze ubungqina bokwenene, kungekhona amabali entelekelelo. UYehova uThixo wayengazenzi ongenangqondo, oziphambanisayo, ngokukhupha isigwebo esasisiya kwinyoka yasentsomini, kodwa wayenikela isigwebo kwisidalwa esasiphila nesasikho ngokwenene esasinetyala. Bekungayi kuhlekisa, kodwa bekuya kuba yinto ebuhlungu ukuba kwaloo nyoka inye isikhohlisele ekucingeni ukuba ayizange ibekho, ukuba yayiyeyasentsomini nje, ukuba yayingenatyala konke konke emhlabeni.a
8. UThixo wamgweba njani umfazi, ibe oko kubangela imiphumo enjani kwiintombi nakubazukulwana bakhe abaziintombi?
8 Ibonisa amazwi omfazi abandakanya inyoka njengayinyaniso, ingxelo emayela nomfazi waloo ndoda ithi: “Wathi kumfazi, Ndiya kukwandisa kakhulu ukubulaleka kwakho ekumitheni, uzale abantwana unembulaleko; inkanuko yakho ibe sendodeni yakho, ikulawule yona.” (Genesis 3:16) Oku kwakungazange kuqukwe kwintsikelelo kaThixo ekutshateni kwakhe noAdam xa uThixo wathi kubo: “Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba.” (Genesis 1:28) Loo myalelo uyintsikelelo wawubhekiswa kweso sibini singabantu sasifezekile ubonisa ukuba umfazi wayeya kumitha izihlandlo ezininzi kungekhona ukubulaleka okungafanelekanga nenimba egqithiseleyo yaye wayengayi kulawulwa ngengcinezelo yindoda yakhe. Esi sigwebo sawiswa kuloo mfazi wenza isigqitho sasiza kuchaphazela iintombi nabazukulwana bakhe abaziintombi ngokokulandelelana kwezizukulwana.
Umthetho KaThixo Uyazukiswa Ngesigwebo Esawiswa KuAdam
9, 10. (a) Sisiphi isilumkiso uThixo awayesibhekise ngokungqalileyo kuAdam, ibe yayiya kuba yintoni imiphumo ukuba uThixo wayeya kubambelela kweso sohlwayo? (b) UThixo wamgweba njani uAdam?
9 Noko ke, ngaba umfazi, kule mekobume iguqukileyo wayezakutsala nzima nendoda awayilukuhlayo ukuba imthelele kwisigqitho? Ngokungqalileyo, uThixo wathi kule ndoda: “Ke wona umthi wokwazi okulungileyo nokubi uze ungawudli; kuba mhlana uthe wawudla, uya kufa.” (Genesis 2:17) Ngaba uThixo, owayenguMgwebi, wayeza kubambelela kwisigwebo esingenakuguqulwa ngolo hlobo ngenxa nje yokuluma kuka-Adam kweso siqhamo? Khawucinge nje ngoko kwakuya kuthethwa kukukhutshwa kwesohlwayo esinjalo! Kwakuza kubhangisa ithemba elivuyisayo nelonwabisa uAdam noEva ngosuku lokutshata kwabo, ithemba lokuzalisa wonke umhlaba ngenzala yabo, ngesizwe soluntu olufezekileyo oluhlelisene ngoxolo kumhlaba owenziwe iparadisi ngonaphakade nobutsha obungenasiphelo, sinolwalamano loxolo noThixo waso noYise wasezulwini! Ngokuqinisekileyo, uThixo wayengayi kubhangisa injongo yakhe emangalisayo ngoluntu nangekhaya lomntu lasemhlabeni ngokuthi ngokungqongqo anyanzelise isohlwayo sokufa kwabo bazali bokuqala balo lonke uluntu! Kodwa khawubeke indlebe kumazwi kaThixo njengoko ebhalwe ngokucacileyo kwingxelo yeBhayibhile:
10 “KuAdam wathi, Ngokuba uphulaphule izwi lomkakho, wadla kuwo umthi endakuwisela umthetho ngawo, ndathi, Uze ungadli kuwo, uqalekisiwe umhlaba ngenxa yakho; uya kudla kuwo ubulaleka, yonke imihla yobomi bakho. Uya kukuntshulela imithana enameva neenkunzane, udle umfuno wasendle. Uya kudla ukudla kokubila kobuso bakho, ude ubuyele emhlabeni, kuba uthatyathwe kuwo; ngokuba uluthuli, uya kubuyela kwaseluthulini.”—Genesis 3:17-19.
11. Ziziphi izibakala ezimayela nokuthobela ezibonisa ukufaneleka kwesigwebo sikaThixo kuAdam?
11 Eso sigwebo sathetha ukuwiswa kwesohlwayo sokufa phezu komntu kungakhathaliseki imiphumo esasiya kuba nayo kwinjongo kaThixo yokuba kubekho iparadisi ezaliswe ngamadoda nangamabhinqa afezekileyo ahlalisene kunye ngothando nangoxolo yaye ngonaphakade belima yaye benyamekele umyezo oyiParadisi yazwenibanzi. Loo ndoda yayiphulaphule ilizwi lomfazi wayo kunokuba iphulaphule ilizwi likaThixo elalithe mayingadli ‘kumthi’ owalelweyo “wokwazi okulungileyo nokubi.” Ibe ke ukuba ayizange ithobele ilizwi lalowo wayenguThixo noMdali wayo, ngaba ngokukwanjalo, yayiya kufundisa abantwana bayo ukuba benjenjalo? Ngaba umzekelo wayo wawuya kuba ngundoqo ekubafundiseni ukuba bathobele uYehova uThixo?—Thelekisa eyoku-1 kaSamuweli 15:22.
12, 13. (a) Isono sika-Adam sasiza kubachaphazela njani abantwana bakhe? (b) Kutheni le nto uAdam wayengakufanelekelanga ukuphila ngonaphakade eParadisi okanye kwaukuphila nje emhlabeni?
12 Ngaba abantwana baka-Adam babeya kukwazi ukugcina umthetho kaThixo ngokugqibeleleyo, njengokuba yena ngoxa wayengumntu ofezekileyo wakhe wakwazi ukwenjenjalo? Ngokusebenza kwemithetho yemfuza, ngaba wayengayi kudlulisela kubantwana bakhe ubuthathaka notyekelo awayenalo lokungathobeli ilizwi likaThixo nokuphulaphula ilizwi lothile ongomnye? Izibakala ezingokwembali zinikela iimpendulo kule mibuzo.—Roma 5:12.
13 Ngaba umntu onjalo owathi, ngenxa nje yesidalwa esingumntu, watyeka ekuthobeleni uThixo ngokugqibeleleyo nto leyo eyayikukubonakalisa uthando olugqibeleleyo ngoThixo, wayengakufanelekela ukuphila ngonaphakade kwiParadesi okanye kwaukuphila nje emhlabeni? Ngaba kwakuya kuba yinkuselo ukumvumela ukuba aphile ngonaphakade emhlabeni? Ngaba ukuvunyelwa kwakhe ukuba aphile ngonaphakade emhlabeni ekubeni wayenze isigqitho kwakuya kuwuzukisa umthetho kaThixo kuze kubonakalise ukuba sesikweni Kwakhe ngokupheleleyo, okanye ngaba kwakuya kufundisa ukungabi nantlonelo ngomthetho kaThixo kuze kudlulisele ingcamango yokuba ilizwi likaThixo lalilelingenakuthenjwa?
Ukugxothwa Kumyezo Wase-Eden
14. Ingxelo yeBhayibhile ikuchaza njani ukuthabatha kukaThixo inyathelo elinxamnye noAdam noEva?
14 Ingxelo yeBhayibhile isixelela indlela uThixo awagqiba ngayo ngale micimbi: “UYehova uThixo wabenzela iingubo zezintsu uAdam nomkakhe, wabambathisa. Wathi uYehova uThixo, Yabonani, umntu usuke waba njengomnye wethu, ukwazi okulungileyo nokubi; hleze ke olule isandla sakhe, athabathe nakuwo umthi wobomi, adle, aphile ngonaphakade: uYehova uThixo wamndulula emyezweni we-Eden, ukuba asebenze umhlaba abethatyathwe kuwo. Wamgxotha ke umntu; wamisa ke ngasempumalanga kuwo umyezo we-Eden iikerubhi nelangatye lekrele elijikajikayo lokugcina indlela eya emthini wobomi.”—Genesis 3:21-24.
15. (a) UThixo walubonakalisa njani ulwazelelelo ngemvakalelo yehlazo ababa nayo uAdam nomfazi wakhe ngokuhamba ze? (b) Isibini sokuqala sagxothwa njani kumyezo wase-Eden? (c) Ziziphi iimeko eziguqukileyo awajamelana nazo uAdam nomfazi wakhe ngaphandle komyezo wase-Eden?
15 Umgwebi onguThixo wabonakalisa ulwazelelelo ngemvakalelo yehlazo awaba nayo umoni onguAdam nomfazi wakhe ngeli thuba ngenxa yokuba ze. Ngandlel’ ithile engachazwayo, wabenzela iingubo zezintsu ezinde ezathabathela indawo imibhinqo yamagqabi omkhiwane athungiweyo ababezenzele yona. (Genesis 3:7) Ezo ngubo zezintsu zaziza kuhlala ixesha elide zize zibakhusele kumeva nakwiinkunzane nakwezinye izinto ezenzakalisayo ngaphandle komyezo wase-Eden. Ngenxa yokuba nesazela esikhathazekileyo emva kokona kwabo, bazama ukuzimela uThixo phakathi kwemithi yomyezo wase-Eden. (Genesis 3:8) Ngeli thuba, emva kokuba isigwebo siwisiwe kubo, bafumana ingcinezelo ethile engokobuthixo ngokugxothwa emyezweni nguThixo. Bagxothelwa kwicala lasempuma, ibe kungethuba lide bazifumanisa bengaphandle kwaloo myezo, begxothwe ngonaphakade kuwo. Babengasayi kuba sasebenzela ukwandisa loo myezo baze benze banzi iimeko zawo zeParadisi ukusa kwiziphelo zomhlaba. Ukususela kweli thuba ukusa phambili, babeza kudla isonka esenziwe ngemifuno yasendle, kodwa sasingayi kubazimasa ngonaphakade kubomi bobuntu. Benziwa abakwazi ukufikelela ‘kumthi wobomi.’ Emva kwexesha elithile—elingakanani?—babemele bafe!
Injongo KaYehova Yantlandlolo Ayinakoyiswa
16. Yintoni uThixo awayengenanjongo yayo, ibe ngoba?
16 Ngaba ngoku uThixo wagqiba ekubeni awutshabalalise umhlaba, kunye nenyanga nelanga neenkwenkwezi, kwimbubhiso yendalo iphela ngenxa yokuba ezi zidalwa zibini ezenziwe ngothuli lomhlaba zamonayo? Ukuba wayenokwenza into enjalo, ngaba oku kwakungayi kuthetha ukuba injongo yakhe ezukileyo yayoyisiwe, konke oku kusenzeka ngenxa yoko kwakuqaliswe yina·chashʹ? Ngaba loo ngantweni wenyoka wayenokuyibhangisa nje kuphele injongo kaThixo? Wayeyandlalile injongo yakhe kuAdam noEva ngosuku lomtshato wabo xa wabasikelelayo waza wabaxelela oko kwakukukuthanda kwakhe ngabo: ukuzaliswa komhlaba wonke ngesizwe sabantu esifezekileyo, ukoyiswa komhlaba wonke ukuze kwenziwe umyezo wase-Eden ugqibelele nokuba lonke uluntu ngoxolo lube nobukhosi kuzo zonke izidalwa ezingaphantsi eziphila emhlabeni nasemanzini. Oko yayikukuzalisekiswa kombono oqaqambileyo uThixo awayenenjongo yawo, awawulungiselela ngemihla emithandathu yomsebenzi wokudala owathabatha ixesha elingaphezu kweminyaka engamawaka! Ngaba ngeli thuba le njongo izukileyo yayiza kuyekwa ingazalisekiswanga ngenxa nje yenyoka nokuwexuka kwesibini sokuqala esingabantu? Unotshe!—Thelekisa uIsaya 46:9-11.
17. Yintoni uThixo awayezimisele ukuyenza mayela nomhla wesixhenxe, ibe uya kuphela unjani loo mhla?
17 Kwakusengumhla wokuphumla kukaYehova, umhla wesixhenxe. Wayezimisele ukuwusikelela nokuwungcwalisa loo mhla. Wayengayi kuvumela nantoni na ukuba iwenze ube ngoqalekisiweyo, ibe nabani na owayeza kwenza naliphi na iyelenqe ngalo mhla wokuphumla kwakhe yena wayezakulitshitshisa aze aliguqulele ekubeni yintsikelelo, esenza ukuba loo mhla ugqibele ungosikelelekileyo. Loo mhla wawuya kushiya wonke umhlaba uyindawo engcwele, kusenziwa ukuthanda kukaThixo apha emhlabeni njengokuba kusenziwa ezulwini, ibe oku kusenziwa sisizwe sabantu esifezekileyo.—Thelekisa uMateyu 6:10.
18, 19. (a) Kutheni le nto inzala ebandezelekayo yesibini sokuqala esingabantu esonayo inokuba nolangazelelo? (b) Yintoni eya kuxutyushwa kwimihlathi engakumbi yeMboniselo?
18 Oku akuzange kumkatyise uThixo. Akazange ayiguqule injongo yakhe. Wazimisela ukuzithethelela njengaLowo uthembeke ngokupheleleyo othi acebe aze akuphumeze ngokupheleleyo oko akucebileyo, aze athi ngenxa yoko afanelwe lulo lonke uzuko. (Isaya 45:18) Inzala engafezekanga nebandezelekayo yesibini sokuqala esingabantu esonayo inokuba nolangazelelo ize ikhangele phambili ekuphumezeni kukaThixo ngokuthembekileyo injongo yakhe yantlandlolo nto leyo eya kuba yingenelo kanaphakade kuyo. Sekudlule kade amawaka eminyaka kuloo mhla wakhe wokuphumla, ibe ke inxalenye yokugqibela yalo mhla aya kuyisikelela ngokukhethekileyo imele ukuba isemnyango. ‘Ixesha langokuhlwa’ lomhla wokuphumla kwakhe liyadlula, ibe njengoko bekunjalo kuyo yonke imihla emithandathu yokudala eyandulelayo kumele ‘kuse.’ Xa le ‘ntsasa’ igqibelela ngokupheleleyo yaye isenza kubonakale ngokupheleleyo kubo bonke ababukeleyo ukuzalisekiswa okuzukileyo kwenjongo kaThixo engaguqukiyo, kuya kongezelelwa ingxelo ethi: ‘Kwahlwa kwasa, kwaba ngumhla wesixhenxe.’ Eli lithemba elimangalisayo ngenene!
19 Konke oku xa ucinga ngako kubangela imincili engathethekiyo! Yaye kwimihlathi engakumbi yeMboniselo, kuya kuthethwa kophelwe ngokungeniswa kwamathemba angaphambili eParadisi alungiselelwe abantu abathobelayo, abathandi bomthetho kaThixo.
[Umbhalo osemazantsi]
a KwiSityhilelo 12:9, uSathana uMtyholi uchazwa, ‘njengenyoka yakudala’; ibe kuYohane 8:44, uYesu Kristu uthetha ngaye ‘njengoyise wamaxoki.’
Ubuya Kuthini?
◻ Kutheni le nto isibini sokuqala esingabantu saphulukana nekhaya eliyiParadisi?
◻ Kutheni le nto sisazi ukuba ukukhohliswa kukaEva yinyoka kwakungeyontsomi?
◻ Sisiphi isigwebo esawiswa nguThixo kumfazi?
◻ Sisiphi isigwebo esawiswa nguThixo kuAdam, ibe kutheni le nto oku kwazukisa umthetho kaThixo nje?
◻ Kutheni le nto uThixo engazange azive ekatyile mayela nenjongo yakhe yokuba umhlaba uzaliswe ngabantu abafezekileyo eParadisi?