Imibuzo Evela Kubafundi
◼ Kutheni le nto IZililo 4:10 zibhekisela koomama abatya abantwana babo ‘njengabafazi abanemfesane’?
Echaza imeko elusizi yamaYuda ebudeni bokuhlasela kweBhabhiloni iYerusalem ngowama-607 B.C.E., uYeremiya wabhala: “Izandla zabafazi abanemfesane zipheke abantwana babo, baba kukudla kwabo ekwaphukeni kwentombi yabantu bakowethu.”—IZililo 4:10.
Kwiinkulungwane ngaphambi koko, uMoses wayewalumkisile amaSirayeli ngokuba ikamva lawo laliya kuphawulwa ‘yintsikelelo’ okanye ‘sisiqalekiso.’ Ayeza kunandipha iintsikelelo ukuba ayegcine imithetho kaThixo, kodwa ayeza kuzizisela iintlungu ukuba ayezichasa iindlela zakhe zobulungisa. Omnye wemiphumo eyoyikisayo woku kukuba amaSirayeli ayeza kunyanzeleka ukuba ade atye abantwana bawo. (Duteronomi 28:1, 11-15, 54, 55; 30:1; Levitikus 26:3-5, 29) Eneneni oku kwenzeka emva kokuba uYehova elushiyile olu hlanga lungenalukholo, nolungathobeliyo elushiyela ezandleni zamaBhabhiloni.
KwiZililo 4:10 umprofeti uYeremiya uzisa engqalelweni isibakala esaziwa kakuhle sokuba umama ngokwemvelo unemfesane, unovelwano kwaye ebakhusela abantwana bakhe. (1 Kumkani 3:26, 27; 1 Tesalonika 2:7) Ukanti, indlala kwiYerusalem engqingiweyo yayinkulu gqitha ibe indlala yayingamandla gqitha kangangokuba oomama ababedla ngokuthi ngokuqhelekileyo babe novelwano bayibilisa baza ngenkohlakalo bayidla inzala yabo.—Thelekisa IZililo 2:20.
Imeko efanayo yenzeka emva kokuba amaYuda emchasile uMesiya, owayelumkise ngokuhlaselwa kweYerusalem. (Mateyu 23:37, 38; 24:15-19; Luka 21:20-24) Umbhali-mbali uJosephus wayichaza ngale ndlela eminye yemiphumo eyoyikekayo yokuhlaselwa okwenzeka ngowama-70 C.E.: “UMariya intombi kaEliyezere . . . wabulala unyana wakhe, wandula ke wamqhotsa waza watya isiqingatha somzimba wakhe, ewufihla yaye ewugcinile oseleyo.”—The Jewish War, eguqulelwe nguG. A. Williamson, isahluko 20, iphepha 319.
Kuyinyaniso ukuba, ukutyeshela imithetho neendlela zikaThixo akulokhondo labulumko.