IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w89 11/1 iphe. 18-22
  • Musani Ukuzibophelela Dyokhweni Nye Nabangakholwayo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Musani Ukuzibophelela Dyokhweni Nye Nabangakholwayo
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Isizathu Sokuba Abanye Bakhangele Kwenye Indawo
  • Imbonakaliso Yenkxalabo KaThixo Enothando
  • Imibuzo Ebuzwa Ngokuqhelekileyo
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2004
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1993
  • Umtshato—Isipho Esivela KuThixo Onothando
    “Zigcineni Kuthando LukaThixo”
  • Ulwalathiso LukaThixo Ekukhetheni Iqabane Lomtshato
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2001
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1989
w89 11/1 iphe. 18-22

Musani Ukuzibophelela Dyokhweni Nye Nabangakholwayo

“Musani ukunxulumana [“ukuzibophelela dyokhweni nye,” “NW”] nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; . . . Unasahlulelwano sini na okholwayo nongakholwayo?”—2 KORINTE 6:14, 15.

1. Kwenzeka njani ukuba omnye udade atshate nongakholwayo?

ELINYE lamaNgqina kaYehova akumbindi-ntshona weUnited States laphulukana nomyeni walo kwingozi yenqwelo-mafutha kwiminyaka ethile eyadlulayo. Eli Ngqina libalisa lisithi, “Ekuqaleni kwandenzakalisa gqitha oku, kodwa ndandizimisele ukuba andisayi kukuvumela ukuba kuphazamisane nenkonzo yam kuYehova. Noko ke, emva kweqela leminyaka ndaqalisa ukuziva ndinjengojobela phakathi kweentakazana xa ndiphakathi kwezibini ezitshatileyo ebandleni. Mna nentombi yam sasingasoloko simenywa xa iintsapho zibethwa ngumoya. Ndandisithi xa ndiphawula izibini ezitshatileyo ezingamaKristu zibukana, ndizive ndilikheswa ngokungakumbi. Akukho namnye owabonakala ekuphawula ukuba ndandisiya ndisiba buthathaka ngakumbi ngokomoya. Ngoko xa enye indoda yehlabathi endandiyazela emsebenzini yandimemela kwisidlo sangokuhlwa, ndavuma. Ngaphambi kokuba ndikuqonde oku, ndandithandana nayo. Ekugqibeleni, ndandibuthathaka gqitha yaye ndisoyiswa bubulolo bam kangangokuba ndavuma ukutshata nayo.”

2. Kutheni umnqweno wokutshata ungowokwemvelo, yaye umtshato wawucetyelwe ukuyila ntoni?

2 Ewe, umnqweno wokudlelana ngobomi neqabane usenokuba namandla gqitha, yaye ukwangowemvelo. Kunjengokuba uYehova wakubekayo: “Akulungile ukuba umntu abe yedwa; ndiya kumenzela umncedi [“umphelelisi,” into emfaneleyo] onguwabo.” (Genesis 2:18, umbhalo osemazantsi weNew World Translation Reference Bible) Umtshato wawucetyelwe ukuyila iqhina elimanyanisa ngokusondeleleneyo nelihlala lihleli phakathi kwendoda nomfazi. YayingengoAdam kodwa yayinguYehova owathi: “Indoda yomshiya uyise nonina, inamathele kumkayo, babe nyama-nye ke.” (Genesis 2:22-24; thelekisa uMateyu 19:4-6.) Mhlawumbi intliziyo yakho ilangazelela umphelelisi onjalo.

3, 4. (a) IBhayibhile ilumkisa njani nxamnye nokuba nonxulumano olusondeleyo nabangakholwayo? (b) Sinokusebenza njani emtshatweni isiluleko sikaPawulos esingokubotshelelwa edyokhweni enye okungafanelaniyo? (c) AmaKristu aseKorinte amele ukuba aliqonda njani ibinzana elithi ‘abangakholwayo’? (Bona umbhalo osemazantsi.)

3 Noko ke, iBhayibhile ilumkisa nxamnye nokuba nonxulumano olusondeleleneyo nabangakholwayo. Kunjengokuba umpostile uPawulos wakubekayo oku ngokuthi: “Musani ukunxulumana [ukuzibophelela dyokhweni nye] [“Musani ukuzibophelela kwisipani esinganifanelanga,” The Jerusalem Bible] nabolunye uhlobo, abangakholwayo kea; kuba . . . Unasahlulelwano sini na okholwayo nongakholwayo?”b (2 Korinte 6:14, 15) Kusenokuba uPawulos wayecinga ngesalelo esikuMthetho kaMoses esinxamnye nokubophelela edyokhweni enye inkomo ne-esile xa kulinywa. (Duteronomi 22:10) Iesile lincinane ngomzimba yaye alomelelanga njengenkomo yaye ngenxa yoku beliya kutsala nzima ngenxa yoko kubotshelelwa dyokhweni nye kungafanelaniyo. Ekubeni umtshato unjengedyokhwe ebophelela indoda nomfazi kunye, ukutshata komKristu nongakholwayo bekuya kuba kukubotshelelwa dyokhweni nye okungafanelaniyo. (Mateyu 19:6) Ukubotshelelwa okunjalo edyokhweni ngokufuthi kuzisa ingcinezelo nobunzima obongezelelekileyo emtshatweni.—Thelekisa eyoku-1 yabaseKorinte 7:28.

4 Kanti, njengokuba amava asekuqaleni ebonisa, wambi amaKristu aye akhetha ukutshata nabangakholwayo. Kutheni bambi bekufumanise kunzima ukutshata “[kuphela, NW] ngokwaseNkosini”?—1 Korinte 7:39.

Isizathu Sokuba Abanye Bakhangele Kwenye Indawo

5. Cacisa unobangela wokuba bambi bathandane nongakholwayo.

5 Asikuba ngokuyimfuneko bazimisele ukutyeshela isiluleko sikaThixo. Khawucinge ngemeko yodade ongumKristu osenokunqwenela ukutshata. Usenokuba ulangazelela indoda engumKristu, kodwa akubonakali bebaninzi abazalwana abakufanelekeleyo ukutshata naye kwabo bangabahlobo bakhe abakholwayo. Uxhalabele ubudala bakhe. Usenokuba unqwenela ukuba nentsapho. Uloyiko lokududelwa nguJambase nokufuna ukuthandwa kusenokumenza abe lixhoba. Ngoko, ukuba indoda yehlabathi ibonakala inomdla kuye, kusenokuba nzima ukuyibhebhetha. Isenokubonakala inobubele, ilinene. Isenokuba ayitshayi okanye ayithuki. Kuthi ke kulandele ukuzithethelela ngelithi: ‘Ewe, uneempawu ezintle ngakumbi kunabazalwana abaninzi endibaziyo!’ ‘Unomdla ekufundisiseni.’ ‘Kukho iimeko ezithile endizaziyo apho udade watshata nendoda engakholwayo yaza ekugqibeleni yaba likholwa kunye naye.’ ‘Kukho imitshato ethile yamaKristu engaphumeleliyo!’—Bona uYeremiya 17:9.

6, 7. (a) Omnye udade ongatshatanga wakuchaza njani ukunxunguphala kwakhe? (b) Nguwuphi umbuzo esimele siwuqwalasele?

6 Ewe, oku kusenokubangela unxunguphalo olukhulu kumKristu ongatshatanga ofuna ukutshata. Bambi bade bazive bephelelwe lithemba. Omnye udade ongatshatanga wathi xa wayechaza imeko ekummandla akuwo wathi, “Bambalwa gqitha abazalwana abakufanelekeleyo ukutshata. Kodwa baninzi gqitha oodade abangatshatanga. Njengoko udade ebona iminyaka yakhe yobutsha igqitha ngokukhawuleza, ngokukruquka angade akhethe ukungatshati kwaphela okanye atshate nalowo ufike kuqala.”

7 Sekunjalo, isiluleko seBhayibhile sicacile kuba sithi: ‘Musani ukuzibophelela dyokhweni nye nabangakholwayo.’ (2 Korinte 6:14, NW) Ngaba esi silumkiso sikaThixo singqwabalala okanye asikho ngqiqweni?

Imbonakaliso Yenkxalabo KaThixo Enothando

8. UYehova ukubonakalise njani ukuba unomdla osuka entliziyweni wokulungelwa kwethu?

8 UYehova unenkxalabo enzulu ngempilo-ntle yethu kanaphakade. Akazange kusini na anikele ngoNyana wakhe ‘ukuze abe yintlawulelo yokukhulula abaninzi,’ nto leyo eyaba yindleko enkulu kuye? (Mateyu 20:28) Ngaba ‘akanguLowo usifundisa okungasincedayo’? (Isaya 48:17) Ngaba akathembisi ukuba ‘akayi kuvumela ukuba silingwe ngaphezu kwesinako’? (1 Korinte 10:13) Ngoko, ngokusengqiqweni, xa esixelela ukuba singazibopheleli dyokhweni nye nabangakholwayo, umele ukuba wenzela ukulungelwa kwethu! Khawucinge ngendlela esi silumkiso esiyimbonakaliso ngayo yenkxalabo enothando yakhe ngathi.

9. (a) Sisiphi isilumkiso uPawulos asinikelayo nxamnye nokuyila kwamaKristu ulwalamano olusondeleyo nongakholwayo? (b) Yiyiphi intsingiselo yegama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “imvisiswano,” yaye ibuzekelisa njani ubunzima obubakho xa umKristu ezibophelele edyokhweni enye nongakholwayo?

9 UMdali wayewucebele umtshato ukuba uyile elona qhina lisondelelanisayo phakathi kwabantu, indoda nomfazi besiba “nyama-nye.” (Genesis 2:24) Ngaba kububulumko ngomKristu ukuba ayile iqhina elisondelelanisa ngolo hlobo nongakholwayo? UPawulos uphendula ngokuphakamisa uthotho lwemibuzo egocagocayo, ngamnye wayo okhokelela kwimpendulo elandulayo: “Kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama? Unakuvumelana [ngesiGrike, sym·phoʹne·sis] kuni na ke uKristu noBheliyali [uSathana]? Unasahlulelwano sini na okholwayo nongakholwayo?” (2 Korinte 6:14, 15) Igama lesiGrike elithi sym·phoʹne·sis ngokoqobo lithetha “ukucula kunye” (ngokusuka kusyn, othetha ukuthi “kunye,” nelithi pho·neʹ, “isandi”). Eli gama libhekisela kwimvisiswano eveliswa zizixhobo zomculo. Kambe ke, akukho mvisiswano phakathi koKristu noSathana. Ngokufanayo, ukuba dyokhweni nye okungafanelaniyo kwenza kube kunzima gqitha ukuba indoda nomfazi ‘bacofe amaqhosha afanayo.’ Bafana nezixhobo zomculo ezibini ezingavisisaniyo, ezivelisa ingxolo yamasele kunokuba zivelise umculo.

10. Ziintoni eziyimfuneko kumtshato owonwabileyo, yaye ziziphi iingenelo ezibakho xa ababini bebotshelelwe dyokhweni nye ngokungafanelaniyo?

10 Ngoko, umntu wokomoya unokuvisisana ngokupheleleyo njani nomntu wenyama? (1 Korinte 2:14) Ukukholelwa ngendlela efanayo, ukuba nemigaqo nosukelo olufanayo kuyimfuneko kumtshato owonwabileyo. Akukho nto ewomeleza ngamandla umtshato kunokuzinikela komnye nomnye kuMdali. Xa ababini bebotshelelwe dyokhweni nye ngokufanelanayo, indoda nomfazi banokukhuthazana elunqulweni. Bobabini banokukhangela kwiZibhalo ukuze bacombulule ukungavisisani kwabo. Ngoko, alicacanga kusini na elokuba, ukusixelela kukaYehova ukuba singazibopheleli edyokhweni enye nabangakholwayo kungenxa yokuba efuna sinandiphe olona manyano lusondele kangangoko kunokwenzeka namaqabane ethu omtshato?

11. Kwakutheni ukuze lwalelwe umanyano lomtshato nabo babengengobanquli bakaThixo kwaSirayeli, yaye nguwuphi umbuzo ogocagocayo ophakanyiswayo?

11 Ukusithobela esi silumkiso seBhayibhile kukwasikhusela kwimiphumo ebuhlungu ngokufuthi eba ngumphumo waxa umKristu ezibophelele edyokhweni enye nomntu ongakholwayo. Ngokomzekelo, kunokwenzeka ukuba ongakholwayo uya kulityekisa iqabane lakhe elingumKristu ekukhonzeni uYehova. Cinga ngesilumkiso sikaYehova kuSirayeli wamandulo. Umanyano lomtshato nabo babengengobanquli bakhe lwalalelwe. Kwakutheni? UYehova walumkisa esithi: “Kuba yomtyekisa unyana wakho angandilandeli, bakhonze thixo bambi.” (Duteronomi 7:3, 4) Xa ujamelene nenkcaso evela kwiqabane elingakholwayo, kusenokubakho utyekelo lokuba ukhukuliselwe kwikhondo lokuyekelel’ umxakatho. Kulula ukucinga ukuba, ‘Oku akusoze kwenzeke kum!’ Kodwa kwenzeka kwindoda eyayisisilumko uSolomon. Ngaba akunakwenzeka okufanayo nakuwe?—1 Kumkani 11:1-6; thelekisa eyoku-1 yooKumkani 4:29, 30.

12. Umthetho kaThixo owawusalela ukutshata nabasemzini wasebenza njani njengesikhuselo kumaSirayeli? Zekelisa.

12 Enoba okholwayo akatyekiswanga kunqulo oluyinyaniso, sekunjalo kukho iingxaki neengcinezelo ngokufuthi ezinxulumene nekhaya elahluleleneyo ngokonqulo. Kwakhona, cinga ngomthetho kaThixo kuSirayeli. Masithi intombi engumSirayeli yayivume ukutshata nomfana ongumKanan. Xa ucinga ngoqheliselo lwesini olwalesamele kwilizwe lakwaKanan, ngaba loo ndoda yayiya kuba nentlonelo ngomthetho kaThixo owayenqulwa nguloo mfazi? Ngokomzekelo, ngaba yayiya kuvumelana nokungabi nantlobano zesini nomkayo ebudeni bexesha lokuya kwakhe exesheni, njengoko kwakufuneka ngokoMthetho kaMoses?c (Levitikus 18:19; 20:18; thelekisa iLevitikus 18:27.) Kwimeko yomfana ongumSirayeli owayenokutshata intombi engumKanan, loo mfazi wayeya kuyixhasa kangakanani loo ndoda xa kufuneka kuthatyathwe uhambo kathathu ngonyaka ngamnye ukuya eYerusalem kwimisitho eyayibakho ngamaxesha athile onyaka? (Duteronomi 16:16) Ngokucacileyo, ukwalelwa kwemitshato enjalo yimithetho kaThixo kwakuyindlela yokukhusela amaSirayeli.

13. (a) Kutheni le nto umntu wehlabathi engenaso isazela somKristu esiqeqeshwe ngeBhayibhile? (b) Wambi amakhaya ahluleleneyo ngokonqulo ajamelana naziphi iingcinezelo neengxaki?

13 Kuthekani namhlanje? Imilinganiselo yokuziphatha yabantu behlabathi yahluke kwaphela kuleyo yeBhayibhile. Ingakhathaliseki indlela abanye abantu behlabathi ababonakala befaneleke ngayo, abanaso isazela somKristu esiqeqeshwe ngeBhayibhile. Abachithanga minyaka mininzi befundisisa iLizwi likaThixo, ‘beguqula iingqondo zabo’ yaye ‘bezihluba umntu omdala.’ (Roma 12:2; Kolose 3:9) Ngenxa yoko, umKristu ozibophelela edyokhweni enye nongakholwayo ngokufuthi uzibeka esichengeni sokuzizisela intliziyo ebuhlungu nosizi olukhulu. Bambi ngokuphindaphindiweyo bajamelana nengcinezelo yokubandakanyeka kuqheliselo lwesini esigqwethekileyo okanye ukubhiyozela iiholide zehlabathi. Yaye bambi bade bakhalazele ukuba ngamalolo. Kunjengokuba omnye udade wabhala wathi: “Indlela oziva ulilolo ngayo xa utshate nomntu ongamthandiyo uYehova iyeyona ndlela imbi yobulolo unokuyithelekelela. Eneneni, akunamntu unokwabelana naye ngenyaniso, nto leyo eyiyeyona ibalulekileyo ebomini bakho.”

14. (a) Kwikhaya elahluleleneyo, kutheni kunzima ukukhulisela abantwana “ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi”? (b) Usenokuba yintoni umphumo kubantwana abakwikhaya elahluleleneyo?

14 Kwikhaya elahluleleneyo kusenokuba nzima gqitha ukukhulisela abantwana “ekuqeqesheni nasekululekeni kweNkosi.” (Efese 6:4) Ngokomzekelo, ngaba ongakholwayo uya kubakhulula ngokuvumayo abantwana ukuba baye kwiintlanganiso okanye babe nesabelo kwinkonzo yasentsimini? Ngokufuthi abantwana baphelela ekubeni bangazi ukuba mabathande bani na—babathanda bobabini abazali, kodwa mnye kuphela umzali othanda uYehova. Omnye udade owatshata nendoda engakholwayo wathi: “Ndatyhubela kumanzithinzithi amaninzi ebudeni beminyaka engama-20 yomtshato wam. Oonyana bam bakhulela kwisiphithiphithi esingathethekiyo nokuphazamiseka ngokweemvakalelo ibe ngoku bayinxalenye yehlabathi. Ngokufuthi intombi yam isoloko iphazamisekile kuba kufuneka ibe kude kum ixesha elide ngenxa yamalungelo kayise okuyityelela. Zonke ezi ngxaki zibangelwa kukuba xa ndandineminyaka eli-18 ubudala, ndakhetha ukuwutyeshela omnye wemigaqo kaYehova.” Wuphi umgaqo? Musani ukuzibophelela dyokhweni nye nabangakholwayo!

15. Kutheni uYehova esiluleka ukuba singazibopheleli dyokhweni nye nabangakholwayo?

15 Ngokucacileyo, uYehova ufuna sifumane okona kulungileyo ebomini. Akufunayo kuthi, kuquka nesiluleko sakhe sokungazibopheleli dyokhweni nye nabangakholwayo, sesokulungelwa kwethu. (Duteronomi 10:12, 13) Ukutshata nongakholwayo kukutyeshela isiluleko esingokweZibhalo, ubulumko obububo namava abuhlungu afunyanwa ngabanye ngokufuthi.

Imibuzo Ebuzwa Ngokuqhelekileyo

16, 17. (a) Ukuba asilumkanga, iimvakalelo zinokuphazamisana njani nengcinga ephilileyo? (b) Ngaba isiluleko sikaThixo simele sityeshelwe ngenxa yeemeko ezikhethekileyo apho umKristu watshata nongakholwayo yaye bobabini ngoku bakhonza uYehova? Cacisa.

16 Kanti, ukuba asilumkanga, iimvakalelo zisenokuphazamisana nengcinga ephilileyo. Sisenokuqalisa ukuvakalelwa kukuba imeko yethu isenokuba yimeko ekhethekileyo. Khawuqwalasele eminye yemibuzo ebuzwa ngokuqheleke ngakumbi.

17 Kuthekani ngeemeko apho umzalwana okanye udade watshata nongakholwayo, yaye ngoku bobabini bakhonza uYehova? Sekunjalo, imigaqo kaYehova yaphulwa. Ngaba umphumo uyayithethelela indlela esetyenzisiweyo? Okuzekelisa imbono kaYehova ngabo basityeshelayo isiluleko sakhe yimeko yamaYuda awayevela ebukhobokeni eBhabhiloni. Xa wambi awo athabatha abafazi abangabahedeni, ababhali beBhayibhile uEzra noNehemiya abazange bashwantshwathe ekuzigwebeni izenzo zawo. Loo maYuda ‘ayenze ubumenemene,’ ayenze ‘ububi obukhulu,’ yaye ayezizekele ‘ityala.’ (Ezra 10:10-14; Nehemiya 13:27) Nantsi enye into emele iqwalaselwe: Xa sityeshela isiluleko sikaThixo, sinokuzenzakalisa ngokomoya, sisenzakalisa isazela sethu. Omnye udade owayesakuba nomyeni ongakholwayo nowaba likholwa ekugqibeleni wathi: ‘Kude kube ngoku ndisajamelene nokwenzakala okungokweemvakalelo. Andinakukuxelela indlela endivakalelwa kabuhlungu ngayo xa abanye besalatha kum baze bathi, “Kodwa oku kwaphumelela kubo.”’

18. Liliphi ikhondo lobulumko ukuba unomdla kuthile ongekabhaptizwa, yaye ngaloo ndlela uya kuba ubonakalisa ntoni?

18 Kuthekani ukuba unomdla kuthile ofundisisa iBhayibhile nozayo ezintlanganisweni, nangona engekabhaptizwa? Siyavuya xa nabani na ebonakalisa umdla kwinyaniso yeBhayibhile. Noko ke, umbuzo ngulo: Ngaba ufanele uqhubeke ngeengcinga onazo? Ngeliphandle, ikhondo lobulumko likukulinda de kube lixesha elithile emva kokuba umhlobo wakho ebhaptiziwe ibe esenza inkqubela ekubonakaliseni iziqhamo zomoya kaThixo ngaphambi kokwenza amadinga naye. (Galati 5:22, 23) Kusenokungabi lula ukulisebenzisa icebiso elinjalo, kodwa ngokwenjenjalo uya kuba ubonakalisa ukuzinikela kwakho kwimigaqo yeBhayibhile; oku kuya kuba sisiseko esihle solonwabo lokwenyaniso emtshatweni. Ukuba umhlobo wakho ukukhathalele ngokwenene yaye ngokwenyaniso ukhulela ekumthandeni uThixo, alithandabuzeki elokuba uya kukulungela ukulinda de nibe nobabini ‘niseNkosini’—nizahlulele yaye nibhaptiziwe—ngaphambi kokuthandana ngaphambi komtshato. Kwakhona, khumbula ukuba, uthando lokwenyaniso alutshitshiswa kukuhamba kwexesha—1 Korinte 7:39; Genesis 29:20.

19. Yintoni ofanele uyikhumbule ukuba ukufumanisa kunzima ukufumana iqabane lomtshato phakathi kwamakholwa angoowenu?

19 Kuthekani ukuba ukufumanisa kunzima ukufumana iqabane lomtshato elifanelekileyo phakathi kwamakholwa angoowenu? Omnye udade wathi, “Ndineminyaka engama-26 ubudala, anditshatanga, yaye ngokwenene ndiziva ndililolo.” Kuyinyaniso ukuba, kusenoba kunzima kuwe ukuba ngongatshatanga, kodwa iingxaki ezibangelwa kukubotshelelwa dyokhweni nye okungafanelaniyo emtshatweni zisenokuba nzima ngakumbi! Ukuthobela isiluleko sikaThixo kusenokufuna ukholo, ukuzeyisa nomonde, kodwa qinisekiswa kukuba uYehova uyakwazi okona kukulungeleyo yaye ukunqwenelela kona. (1 Petros 5:6, 7) Wuthandazele lo mcimbi, wandule ke ulindele kuYehova. (INdumiso 55:22) Kule nkqubo yezinto, akukho namnye onobomi obanelisa ngokupheleleyo. Usenokuba ulangazelela ukuba neqabane. Noko ke, abanye baneengxaki zabo, zimbi zazo ezingenakucombululeka kule nkqubo. Kuphela kukwihlabathi elitsha elizayo apho uya kwaneliswa ngokupheleleyo “umnqweno wento yonke ephilayo.”—INdumiso 145:16, NW.

20. Omnye udade ongatshatanga wakuvakalisa njani ukuzimisela kwakhe, yaye ngokuzimisela ngokufanayo, unokuzuza luphi ulwaneliseko?

20 Okwangoku, zimisele ukungazibopheleli dyokhweni nye nongakholwayo. Udade ongatshatanga oneminyaka engama-36 ubudala wavakalisa ukuzimisela kwakhe ngolu hlobo: “Ndithandazela iqabane lomtshato kuYehova imihla ngemihla. Andinamnqweno wokukhangela ngaphandle kwentlangano kaYehova, kodwa izilingo zisoloko zikho. Okwangoku, ndiceba ukusebenzela kwiimpawu eziya kuphucula ubuntu bam ukuze ndibe luhlobo lomfazi wokomoya olukhangelwa yindoda engokomoya.” Ngaba nawe uzimisele ngokufanayo? Ukuba kunjalo, unokufumana ulwaneliseko oluzuzwa ngokuzingqina unyanisekile kuThixo wokusesikweni.—INdumiso 37:27, 28.

[Imibhalo esemazantsi]

a Kweyoku-1 yabaseKorinte 14:22, uPawulos wasebenzisa ibinzana elithi ‘abangakholwayo’ elithelekisa nelithi “abakholwayo,” okanye abantu ababhaptiziweyo. Ngoko, abaseKorinte babeya kuliqonda igama elithi ‘abangakholwayo’ njengelibhekisela kubantu abangabhaptizwanga.—Bona IZenzo 8:13; 16:31-34; 18:8.

b “Ngaloo ndlela xa sisolula intetho lo mgaqo usenokuvakaliswa ngokuthi: ‘Musani ukuba nalo naluphi na ulwalamano, enoba lolokwexeshana okanye lolusisigxina, nabangakholwayo olunokukhokelela ekubeni nilalanise kwimigaqo yobuKristu okanye lonakalise ibango lenu lokuba ngamaKristu. Yaye kutheni kumele kubekho umahluko onjalo? Kuba ongakholwayo akanasabelo kwimilinganiselo, kwiimvakalelo, okanye kusukelo lomKristu.’”—IThe Expositor’s Bible Commentary, umqulu 10, iphepha 359.

c Bona iMboniselo kaJanuwari 15, 1973, iphepha 47-8.

Ngaba Unokucacisa?

◻ IBhayibhile ilumkisa njani nxamnye nokuba nonxulumano olusondeleyo nabangakholwayo?

◻ Kutheni le nto amanye amaKristu azahluleleyo elikhangela ngaphandle kwebandla iqabane lomtshato?

◻ Isilumkiso sikaYehova esimayela nokungazibopheleli dyokhweni nye okungafanelaniyo siyibonakalisa ngokwenene njani inkathalo yakhe enothando ngathi?

◻ Ngokuqhelekileyo, yiyiphi imibuzo ebuzwayo mayela nokufumana iqabane, yaye ubuya kuyiphendula njani?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share