Ngaba Ukhangela Imbonakalo Yangaphandle Kuphela?
UHEINZ, oneshumi elivisayo nowayeqhutywa yintiyo, waceba ukubulala uyise womtshato wesibini kanina. Okuvuyisayo kukuba, akazange abe nenkalipho yokukwenza oko. Kwiminyaka eliqela kamva wagqiba ekubeni azibulale kodwa akazange akuphumeze nako oko. Wabandakanyeka ebuseleni nasekuthengiseni ngeziyobisi ngokungekho mthethweni, nto ezo ezamenza wavalelwa entolongweni. Emva koko umtshato wakhe awuzange uphumelele.
Namhlanje uHeinz akaselilo ikhoboka leziyobisi. Uphila ubomi bokunyaniseka. Unomtshato owonwabisayo nolwalamano oluhle noyise womtshato wesibini kanina. Yintoni eyenza loo mahluko? Waqalisa ukufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Ngokuthe ngcembe, imbono yakhe ngobomi yaqalisa ukuguquka.
Ngokungathandabuzekiyo, abantu abaninzi ababemazi uHeinz ngaphambili bamgweba njengoncanyiwe. Ngethamsanqa kubantu abaninzi abanjengaye, uThixo akazange amncame njengomntu ongasenakuhlangulwa. Kutheni kungenjalo nje? Isizathu sikukuba: ‘UThixo akakhangeli njengokukhangela komntu; ngokuba umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo.’—1 Samuweli 16:7.
Ngulowo umahluko omnye omkhulu phakathi komntu noThixo. Sityekela ekugwebeni ngokweembonakalo zangaphandle. Side sithi “umbono wokuqala ngomntu ngumbono ohlala uhleli.” Ngamanye amazwi, sityekele ekubahlulahluleni abantu ngokweendidi ngokwesizinzi seendlela abasabela ngazo kwisihlandlo sokuqala. Kodwa uThixo, ngenxa yokuba enako ukufunda intliziyo, ungosesikweni yaye akakhethi buso. Ibe kungenxa yoko wathuma uNyana wakhe, uYesu Kristu, emhlabeni ukuze ‘bonke abantu basindiswe, bafikelele ekuyazini inyaniso.’ (1 Timoti 2:4) Kule nkalo, amaKristu azahluleleyo anelungelo lokuba ‘ngabasebenzi kunye noThixo’ ngokushumayela ngenkuthalo iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kuluntu lonke. (1 Korinte 3:9) Sekunjalo, nawo amaKristu asikelwe umda—awanako ukufunda iintliziyo zabantu. Ngoko ke, amele angakhethi buso aze akuphephe ukuqala agwebe ngembonakalo yangaphandle.
UYakobi umntakwabo Yesu ngonina wayeyiphaphele le ngozi kwibandla lamaKristu lokuqala. Wathi: “Bazalwana bam, njengokuba nikholwa kwiNkosi yethu uYesu Kristu, olawula eluzukweni, ningaze nibonakalise ukuzidla. Ngokomzekelo, kusenokungena iindwendwe ezimbini kwindawo yenu yokunqulela, olunye lunxibe kakuhle lunemisesane yegolide, olunye lulihlwempu elinxibe iimpahla ezidlakadlaka. Masithi ninikela ingqalelo ekhethekileyo kule ndoda inxibe kakuhle . . . Aniyiboni na into yokuba ningoomalal’ ephethuka yaye nigweba ngemilinganiselo ephosakeleyo?” Ngokusekelwe koku, ngaba nathi maxa wambi sibagweba phosakeleyo abantu abaqalayo ukuza kwiHolo yoBukumkani okwesihlandlo sokuqala?—Yakobi 2:1-4, The New English Bible.
UYesu Wamisela Umzekelo
UYesu akazange abajonge abantu njengaboni abangenakuze baguquke, kodwa wabajonga njengabantu abanyanisekileyo ababekulungele ukuguquka ukuba babenokunikwa uncedo olufunekayo nokhuthazo olufanelekileyo. Kungenxa yoko “wazinikelayo ukuba abe yintlawulelo yokukhulula abantu bonke.” (1 Timoti 2:6) Kumsebenzi wakhe wokushumayela, akukho namnye kwabantliziyo zilungileyo awamjonga njengoyinqambi, ongakufanelekelanga ukuba kunikelwe ingqalelo kuye. Imbono yakhe ngabantu ayizange ityhile iimvakalelo zekratshi zokuzenza ilungisa.—Luka 5:12, 13.
Hayi indlela awayengafani ngayo nabaFarisi, esifunda oku ngabo: “Baye ababhali kwanabaFarisi, bakumbona esidla ndawonye nababuthi berhafu, besithi kubafundi bakhe, yini na ukuba adle asele nababuthi berhafu naboni? Ekuvile oko uYesu, wathi kubo, Akufuneki gqirha kwabaphilileyo, lifuneka kwabafayo. Andize kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.”—Marko 2:16, 17.
Kakade ke, oku akuthethi ukuba uYesu wayeluthethelela uqheliselo lokunganyaniseki oluphosakeleyo olwalusenziwa ngaboni nangababuthi berhafu. Kodwa wayesazi ukuba abantu basenokubanjiswa kwindlela ephosakeleyo yobomi, mhlawumbi ngokungazi okanye ngenxa yeemeko ezingalawulekiyo. Ngoko ke wabonisa ukuba ngoqondayo, ‘esikwa yimfesane ngabo, ngokuba babenjengezimvu ezingenamalusi.’ (Marko 6:34) Ngokunothando wenza umahluko phakathi kwezenzo zabo ezibi neentliziyo zabo ekwakunokwenzeka ukuba zilungile.
Ekuqhubaneni nabalandeli bakhe, uYesu wakhangela ngaphaya kweembonakalo zangaphandle. Babengaboni ngokufuthi ababesenza iimpazamo, kodwa uYesu wayengenguye umntu ofuna imfezeko ngokungenangqiqo, esoloko ebohlwaya ngazo zonke iimpazamo ezincinane abazenzayo. Wayesazi ukuba iinjongo zabo zazilungile okanye, njengoko sisengatsho namhlanje, intliziyo yabo yayilangazelela ukwenza okulungileyo. Into ababeyifuna luncedo nokhuthazo; ekwenzeni oku uYesu akazange azibandeze. Ngaphandle kwamathandabuzo, wabajonga abantu ngendlela uThixo abajonga ngayo. Ngaba siyazama ukuxelisa umzekelo wakhe omangalisayo?
Ngaba ‘Ugweba Ngomgwebo Wobulungisa’?
Ngaxa lithile uYesu wayejamelene neqela labakhalazi abazenza amalungisa ababecatshukiswe kukuba waphilisa ngeSabatha. Wabayalela esithi: “Musani ukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngomgwebo olungisayo.” Kwakutheni ukuze bangakuvuyeli ukumbona uYesu Kristu njengomntu owenza imimangaliso ‘owayephilise umntu, waphila kwaphela’ kunokuba ‘bamjalele’ baze bambone njengowaphula umthetho weSabatha? Ngokugweba ngembonakalo yangaphandle, babebonakalisa iintshukumisa zabo ezimbi. Balubhenca ugwebo lwabo lokuzenza amalungisa nolungenabulungisa.—Yohane 7:23, 24.
Mhlawumbi besinokuyenza njani impazamo ekwanjalo? Ngokuthi sisilele ukuvuyisana nomntu oguqukileyo obuyela ebandleni okanye xa umntu otyekele kakhulu ehlabathini efunda inyaniso aze aqalise ukungenelwa ekuphilisweni ngokomoya. Maxa wambi sisenokubagweba abantu ngokwendlela abanxiba okanye abazilungisa ngayo ethandabuzekayo size sibagwebe njengabangasoze babe ngamaNgqina. Sekunjalo, abaninzi ababefudula bengamahippie nabanye ababeneendlela zobomi ezithandabuzekayo ekugqibeleni baye baba ngamaNgqina kaYehova angamaKristu. Ngoxa kunjalo beqhubeka besenza uhlengahlengiso, asifuni ukuvumela ‘ukugweba ngokwembonakalo yangaphandle’, kusimfamekise ngakwimeko elungileyo yentliziyo yabo.
Hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo, nekuvumelana ngayo nomzekelo omhle kaYesu, ukubathandazela nokubanika uncedo olusebenzisekayo ekufikeleleni ekukhuleni kobuKristu! Kusenokubonakala kunzima ukubona into enokusivuyisa kubo. Kodwa ukuba uYehova ubatsalela kuye ngoKristu, singoobani thina ukuba sibabukule ngokusekelwe kwimilinganiselo yethu yeembono ezilinganiselweyo? (Yohane 6:44) Ukugweba omnye ngogwebo lokuzenz’ ilungisa, ngoxa singakwazi oko kusentliziyweni yakhe okanye iimeko zakhe, kusenokusenza abafanelwe ngumgwebo oqatha.—Thelekisa uMateyu 7:1-5.
Kunokuba sibagwebe kabukhali abasebatsha abanjalo, simele sibancede, sibakhuthaze size sibaluleke ngokuba ngumzekelo kubo. Noko ke, ngoxa sibonakalisa ububele, ngokuqinisekileyo asimele sibenze izithixo aba basebatsha ekunokwenzeka ukuba bangabantu abadumileyo ehlabathini. Oko bekuya kuba luhlobo oluthile lokukhetha ubuso. Kwakhona ibiya kuba luphawu lokuba asikhulanga. Ngokuphathelele lowo, ngaba ukumthabathela phezulu kwethu bekuya kumnceda ukuba athobeke? Okanye, kungenjalo, ngaba bekuya kumenza azive eneentloni?—Levitikus 19:15.
Musa Ukulindela Okungaphezu Kokulindelwe NguThixo
Imbono yethu ngabanye ilinganiselwe gqitha xa ithelekiswa nekaYehova, yena ufunda intliziyo. (1 Kronike 28:9) Ukukuqonda oku kuya kusithintela ekubeni ngabaFarisi banamhlanje, abazenza amalungisa, sizame ukucinezelela abantu kwindlela yethu yobulungisa esizenzele yona njengabantu ukuze bafanelane neembono zethu zoko kulungileyo. Ukuba sizama ukubajonga abantu njengokuba uThixo ebajonga, asiyi kufuna okungakumbi kubo ngaphezu kokuba yena esenza. Asiyi ‘kuzicingela ngaphezu koko kubhaliweyo.’ (1 Korinte 4:6) Oku kubaluleke ngokukhethekileyo kubadala abangamaKristu ukuba bakuthabathele entliziyweni.—1 Petros 5:2, 3.
Oku sinokukuzekelisa ngombandela wesinxibo. Imfuneko engokweBhayibhile—imfuneko kaThixo—ikukuba iimpahla zamaKristu zimele zibe ntle yaye zicoceke, zibe zezifanelekileyo yaye zingabonakalisi ‘ukungabi nazintloni nokungabi nasidima.’ (1 Timoti 2:9; 3:2) Ke ngoko, ngokucacileyo, kwiminyaka embalwa eyadlulayo abadala kwelinye ibandla ‘bazicingela ngaphezu koko kubhaliweyo’ ngokuthi bafune ukuba isithethi ngasinye sesidlangalala ebandleni labo sinxibe ihempe emhlophe, nangona imibala ekhanyayo engeminye yayamkelekile kwelo lizwe. Izithethi ezityeleleyo ezazisiza zinxibe iihempe ezinemibalabala zazicelwa ukuba zitshintshe zize zinxibe enye yeehempe eziliqela ezimhlophe ezazigcinwe eHolweni yoBukumkani ukwenzela iimeko zongxamiseko ezilolo hlobo. Hayi indlela esimele silumke ngayo ukuze singanyanzelisi ukhetho lwethu lobuqu kwabanye! Ibe hayi indlela esifaneleke ngayo isiluleko sikaPawulos: “Ukuba nengqiqo kwenu makwazeke kubantu bonke.”—Filipi 4:5, NW.
Imiphumo Elungileyo Efumaneka Ngokukhangela Ngaphaya Kwembonakalo Yangaphandle
Ukuyiqonda into yokuba asinako ukufunda iintliziyo zabantu kuya kusinceda silondoloze ulwalamano olulungileyo nabo basingqongileyo, kokubini ngaphakathi nangaphandle kwebandla lamaKristu. Kuya kusinceda ukuba sicinge ngendlela eyakhayo ngabanye, singazithandabuzi iintshukumisa zabo, “kuba nathi sibe sifudula singabasweli-kuqonda, singeva, silahleka, sikhonza iinkanuko neziyolo ngeziyolo.” (Tito 3:3) Sikuqonda oku, siya kuba ngabakuvumayo ukushumayela kubantu bonke, nakwabo ngokwembonakalo yangaphandle besenokubonakala bengafanelekanga. Ngapha koko, isigqibo sokuyamkela okanye sokuyigatya inyaniso sesabo. Imbopheleleko yethu kukuyishumayela kumntu wonke.
Uninzi lwamaNgqina kaYehova, njengoHeinz, luyavuya kuba lwamkelwa kwibandla lamaKristu ngabazalwana noodade abakhangele ngaphaya kweembonakalo zangaphandle yaye bengazange bagwebe ngoko bakubonayo xa babeqala ukumbona loo mntu.
Thabatha uFrank, owathi ngenye iCawa waya kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova kumzantsi weJamani. Yintoni abayibonayo abo babekho? Umfana olinikiniki owayerhaphilili ziindevu eneenwele ezinde ezibeth’ emagxeni, enxibe impahla ezimdaka, owayedume ngokuquqa ebuyelela kwiinkanti zasekuhlaleni yaye eyingedle yecuba eyaziwayo—umntu owayelahle intombazana awayethandana nayo namawele abo eseziintsana. Sekunjalo, wamkelwa ngokufudumeleyo ezintlanganisweni. Wachukumiseka kangangokuba waphinda weza kwiveki kamva. Babona ntoni ngoko? Umfana ozilungise kakuhle nonxibe iimpahla ezicocekileyo. Kwiveki yesithathu babona umfana owayengasatshayi, ngeli thuba ephelekwa sisithandwanekazi sakhe nabantwana babo ababini. KwiCawa yesine, babona umfana nentokazi eselula ababesandul’ ukufumana isiqinisekiso somtshato sokwenza ulwalamano lwabo lube lolusemthethweni. KwiCawa yesihlanu, babona umfana owayewaqhawula onke amaqhina nonqulo lobuxoki. Namhlanje, kwiminyaka emine kamva, babona, ngokutsho komnye wamaNgqina kaYehova, “intsapho engumzekelo omhle kangangokuba ungade ucinge ukuba ibingabazalwana bethu kangangeminyaka emininzi.”
Umgangatho wencwadi awusoloko ngalo lonke ixesha ubonakala kwiqweqwe layo ngokunjalo nowendlu awubonakali ngomphambili wayo. Ngokufanayo, ubunjani bokwenyaniso bomntu abusoloko ngalo lonke ixesha bubonakala kwimbonakalo yangaphandle. AmaKristu azama ukubajonga abantu njengokuba uThixo esenza abayi kugweba ngokwembonakalo abayibonakalise kwisihlandlo sokuqala abo bantu. UThixo unikela ingqalelo ‘kumntu ofihlakeleyo wentliziyo,’ ibe sinokuba nombulelo ngako oko.—1 Petros 3:3, 4.