Isizathu Sokuba Kufuneka Sibe Nolwazi Oluchanileyo
“Ngenxa yoku, kususela kwimini esevayo, nathi asiphezi ukunithandazela nokunicelela, ukuze nizaliswe kukukwazi kakuhle [“lulwazi oluchanileyo,” “NW”] ukuthanda kwakhe, ninokulumka nokuqonda konke okukokomoya.”—KOLOSE 1:9.
1. Bonisa umahluko okhoyo phakathi kolwazi nje nolwazi oluchanileyo.
PHANTSE wonk’ ubani uyayazi iwotshi, kodwa bangaphi abayaziyo indlela esebenza ngayo? Usenokuba unalo ufifi, kodwa ngaba ungayiqhaqha, uyilungise, uze uphinde uyidibanise? Ngokuqinisekileyo umenzi weewotshi unako. Ngoba? Kungenxa yokuba unolwazi oluchanileyo yaye uyiqonda ngokupheleleyo indlela iwotshi esebenza ngayo. Yaye oko kubonisa umahluko okhoyo phakathi kolwazi nje nokuba nolwazi oluchanileyo ngomcimbi othile.
2. Nguwuphi umahluko okhoyo phakathi kwezi ntlobo zimbini zolwazi oye wawuphawula kwimeko yonqulo?
2 Izigidi zabantu zinofifi nje ngoThixo. Zithi ziyakholelwa kuThixo, nangona izenzo zazo ngokufuthi zikukhanyela oko. Maxa wambi omnye umvangeli wasemazweni wayedla ngokubuza umnini-mzi oku: “NjengomKatolika, umele ukuba uyakholelwa kuThixo, akunjalo?” Yaye kujongwe ezulwini, impendulo yayidla ngokuba yile: “Ewe, ndiyakholelwa ukuba kumele kubekho into ethile phayaa.” Ngaba oko ubuya kuthi lulwazi oluchanileyo nokumqonda ngokupheleleyo uThixo? Unotshe. Ngokufuthi umphumo wolwazi olumfiliba olunjalo ukukuba indlela abaziphatha ngayo abo bathi bangamaKristu asiyoyabuKristu. (Thelekisa uTito 1:16.) Imeko eba ngumphumo woku yileyo ichazwa nguPawulos esithi: “Njengokuba ke bekumangele ukuhlala bemazi kakuhle uThixo, uThixo wabanikela engqiqweni engacikidekileyo.”—Roma 1:28.
3. Uba yintoni umphumo xa abantu belugatya ulwazi oluchanileyo lokuthanda kukaThixo?
3 Oko kuswela ulwazi oluchanileyo kwaphumela entwenini kwinkulungwane yokuqala? Abantu babesenza “izinto ezingafanelekileyo; bezele yiyo yonke intswela-bulungisa, okungendawo, ukubawa, ulunya; bezele ngumona, kukubulala, ziinkani, yinkohliso, bubumenemene; abasebezi, abahlebi, abathiyekileyo kuThixo, abasileyo, abanekratshi, abaqhankqalazi, abacebi bezinto ezimbi, abangabevayo abazali, abangenakuqonda, abaphuli beminqophiso, abangenabubele, abangenatarhu, abangenanceba.” Ukungabi nalwazi oluchanileyo kwabo kwakuthetha ukuba iintliziyo zabo zazingashukunyiselwa kwizenzo zobulungisa.—Roma 1:28-31; IMizekeliso 2:2, 10.
Uyintoni Umahluko?
4, 5. Ngokutsho kwabaphengululi abangamaGrike, uyintoni umahluko phakathi kwegama elithi gnoʹsis nelithi e·piʹgno·sis?
4 Lo mahluko ukhoyo phakathi kolwazi nje nolwazi oluchanileyo kubhekiselwa kuwo kwiZibhalo zesiGrike. IsiGrike santlandlolo sithetha ngegama elingugnoʹsis, ulwazi, nelithi e·piʹgno·sis, elithetha ulwazi oluchanileyo. Ngokutsho komphengululi ongumGrike uW. E. Vine, elokuqala lithetha “ngokuyintloko ukufuna ukwazi, ukubuzisa, ukuphanda,” ngokungakumbi inyaniso engokomoya ngokomongo weZibhalo.
5 Ngokutsho komphengululi ongumGrike uThayer, igama elithi e·piʹgno·sis, lithetha “ulwazi oluthe ngqo noluchanileyo.” Yaye xa likwimo yesenzi, lithetha “ukuqhelana ngokupheleleyo, ukuyazi ngokupheleleyo; ukuyazi ngokuchanileyo, nokuyazi kakuhle into ethile.” UW. E. Vine uthi igama elithi e·piʹgno·sis, “libonisa ukuba nolwazi oluthe ngqo okanye olupheleleyo, ingqiqo, ukuqonda.” Wongezelela ngokuthi libonisa “ulwazi oluthe kratya okanye olupheleleyo, ukubandakanyeka ngokuthe chatha kwalowo unolwazi kuloo nto yaziwayo, ngaloo ndlela imphembelela ngamandla ngakumbi.” (Akekeliswe sithi.) Njengokuba siza kubona, eli binzana lokugqibela libaluleke gqitha kumKristu.
6. Ngabaphi ababhali beBhayibhile abasebenzisa igama elithi “ulwazi” nelithi “ulwazi oluchanileyo,” yaye kutheni ulwazi oluchanileyo lubalulekile nje?
6 Babini kuphela ababhali beBhayibhile abasebenzisa eli gama lesiGrike elithi e·piʹgno·sis. NguPawulos noPetros, abalisebenzisayo eli gama izihlandlo ezingama-20 zizonke.a Ngaphandle kukaLuka, kwakhona bangabakuphela kwabasebenzisa igama elithi gnoʹsis, uPawulos elisebenzisa izihlandlo ezingama-23 ngoxa uPetros elisebenzisa izihlandlo ezine. Ngoko ke imibhalo yabo ilukhokelo oluxabisekileyo ngokubhekisele kwimbaluleka yolwazi oluchanileyo ngenjongo yokuba sisinde. Kunjengokuba uPawulos watsho njalo kuTimoti: “Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo; onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini [“ngokuchanileyo,” NW] inyaniso.”—1 Timoti 2:3, 4.
Isizathu Sokuba Ulwazi Oluchanileyo Lube Lolubalulekileyo
7. (a) Ukuze lube loluxabisekileyo, ulwazi lumele lusichaphazele njani? (b) Yiyiphi ingozi ekhoyo ukuba siyalutyeshela ulwazi?
7 Ngoko ke, ukufumana ulwazi oluchanileyo ngenyaniso njengoko ifundiswa eBhayibhileni kusisikhokelo esisa elusindisweni. Noko ke, olo lwazi lumele lufikelele intliziyo, apho iphuma khona intshukumisa. Alunakuhlala njengobulumko okanye uqeqesho olungokwemfundo. Ngaphezu koko, lwakuba lufunyenwe, ulwazi lwenyaniso lumele lusetyenziswe luze luphuculwe. Kutheni kunjalo nje? Kungenxa yokuba amandla enkumbulo, njengesihlunu esingasetyenziswayo, asenokuba buthathaka yaye abe mancinane, nto leyo enokusibangela ukuba ngokulula nje sibutyeshele ubumoya bethu size siqalise ukukhukuliseka nokuxengaxenga elukholweni. Sisenokuyekelela ekubambeleleni ngokuthe nkqi ‘ekumazini uThixo.’ Kungekudala oku kuxengaxenga kusenokubonakala kwindlela yokungakhathali esicinga ngayo kwanasekuziphatheni ngendlela engeyoyabuKristu.—IMizekeliso 2:5; Hebhere 2:1.
8. Yintoni uSolomon awayibona ixabisekile kubulumko nakulwazi?
8 Ngoko, siyasiqonda isizathu sokuba uSolomon, ngoxa wayethembekile, abe wayebugqala bubaluleke gqitha ubulumko, ukuqonda namandla okucinga. Wabhala oku: “Kuba ubulumko buya kungena entliziyweni yakho, ukwazi kwenze mnandi umphefumlo wakho. Ukunkqangiyela [“amandla okucinga,” NW] kokugcina, ukuqonda kokulondoloza; ukuba kukuhlangule endleleni embi.”b (IMizekeliso 2:10-12) La mazwi abonisa ukuba simele sihlakulele umdla ofudumeleyo ngolwazi oluchanileyo, olunokuchaphazela intliziyo kwanomphefumlo ngokwawo. Ngaphezu koko, lusisiseko samandla afanelekileyo okucinga. Yaye kutheni oku kubaluleke kangaka namhlanje?
9. Ngoobani abazintshaba zobumoya bamaKristu?
9 Siphila ‘kwimihla yokugqibela’ yaxa, njengoko uPawulos waprofetayo, ‘kufike amaxesha engcinezelo’ okanye “amaxesha eenkathazo.” (2 Timoti 3:1, Revised Standard Version; The New English Bible) Kuya kusiba nzima ngakumbi ukulondoloza ingqibelelo yethu yobuKristu kweli hlabathi lonakeleyo. Imilinganiselo nemigaqo ephakamileyo yokuziphatha kwamaKristu iyagxekwa ize icekiswe. Ukholo lwamaNgqina kaYehova luhlaselwa mbombo zone—ngabefundisi beNgqobhoko abasithiyileyo isigidimi soBukumkani esisivakalisa kwindlu ngendlu, ngabawexuki abasebenzisana nabefundisi beNgqobhoko, ngamagosa ezonyango anyanzelisa ukuba sitofelwe igazi thina nabantwana bethu, zizazinzulu ezingakholelwayo kubukho bukaThixo nakwindalo nangabo bazama ukusinyanzelela ukuba silalanise kubundilele bethu. Yonke le nkcaso ibangelwa nguSathana, umphathi wobumnyama nowokungazi, utshaba lolwazi oluchanileyo.—2 Korinte 4:3-6; Efese 4:17, 18; 6:11, 12.
10. Ziziphi iingcinezelo ezinokuziswa phezu kwethu, yaye yintoni esiyifunayo ukuze sikwazi ukuhlangabezana nazo?
10 Kunokubakho iingcinezelo kubomi bemihla ngemihla ukuze ziphembelele umKristu ukuba enze oko kwenziwa ngabanye, enoba kukusebenzisa iziyobisi, kukuzintyintya ngotywala, kukuqhelisela ukuziphatha okubi nogonyamelo, kukuba, kukuxoka, kukuqhatha, kukukreqa esikolweni, okanye ukufuna nje ubomi bokuzonwabisa ngokuzingca. Kungeso sizathu le nto ulwazi oluchanileyo lubalulekile. Ukuba nolwazi oluthe kratya lweLizwi likaThixo nenjongo yakhe lunokuyiphembelela ngokungakumbi ingcinga nezenzo zethu ngendlela efanelekileyo.—Roma 12:1, 2.
Unyana Wolahleko Wale Mihla
11, 12. Ngawaphi amava obomi bokwenene abonisa ubuyatha bokugatya ulwazi oluchanileyo lwenyaniso?
11 Oku sinokukubonisa ngemeko yobomi bokwenene bomfana oselula owathi, xa wayeneminyaka emalunga neli-14 ubudala yaye sele engumKristu obhaptiziweyo, uthando lwakhe ngenyaniso lwavavanywa. Njengabantu abaselula abaninzi, wayeyithanda imidlalo, ngokungakumbi ibhola ekhatywayo. Kodwa kwakukho ingxaki. Kwisikolo awayefunda kuso ibhola ekhatywayo yayidlalwa ngobusuku obunye ibandla elaliqhuba iintlanganiso zalo ngalo. Wayengomelelanga ngokwaneleyo ngokomoya ukuba akwazi ukukuqonda ngokufanelekileyo ukungabaluleki kangako kwebhola ekhatywayo xa kuthelekiswa nokubaluleka okuhlala kuhleli kokuya kwiintlanganiso zamaKristu nonina owayengumhlolokazi nomninawa wakhe nodade wabo. Ngoko wakutyeshela ukwenza ngokuvisisana nolwazi oluchanileyo waza wagqiba ekubeni akreqe enyanisweni. Ekugqibeleni, wasuswa kubudlelane. Kamva, waya emkhosini, apho wabandakanyeka ekusebenziseni iziyobisi.
12 Ngowe-1986, xa lo mfana wakhululwayo emkhosini, wabuyela ezingqondweni, waza wabhala ileta eyibhalela umhlobo wakokwabo owayekhonze kwikomiti egwebayo eyamsusa kubudlelane. Kuloo leta wathi: “Ndivuyiswa kukukubalisela ezi ndaba zibalulekileyo: ndibuyele enyanisweni. . . . Ndiye ndakuqonda oko kwathethwa ngumpostile uPawulos kweyesi-2 yabaseKorinte 4:4, okokuba kukho uthixo wale nkqubo yezinto omfamekisa ingqondo. Kangangethuba elide, bendimfamekile ngokomoya ngenxa yezinto ebezisenzeka kum. Xa ndathi ndayishiya inyaniso, ndandingayazi ingozi endandizifaka kuyo. Kodwa ngokuhamba kwexesha, ibe nangenxa kaYehova uThixo, ndiye ndakwazi ukuqonda ngokucacileyo ukuba oko ndakwenzayo kwakuphosakele.”—Thelekisa uLuka 15:11-24.
13. Ukuba baguquka ngokwenene, unokuba yintoni umphumo omhle kwabathile abaye bakhukuliseka? (2 Timoti 2:24-26)
13 Lo mfana uye wabuyela kwindlela yolwazi oluchanileyo. Ngoku uyakwazi ‘ukuhamba ngokuyifaneleyo iNkosi, aze ase kuko konke ukuyikholisa.’ Kwakhona ‘unokuxakatha isiqhamo kuwo wonke umsebenzi olungileyo ekhulela ekumazini [ngokuchanileyo] uThixo’ njengoko ezamele ukunxulumana nebandla lamaKristu. Yaye enjani yona intsikelelo ukuhlaziya aye wayiyo kwintsapho yakokwabo ngokuthi kwakhona abe ngumlandeli kaKristu! Ngaba unabantu abathile obaziyo abamisele umzekelo onjengalo?—Kolose 1:9, 10; Mateyu 11:28-30.
Imiphumo Eyintlekele Yokutyeshela Izinto Zokomoya
14. (a) Ukuze siphephe ukukhukuliseka, yintoni esifanele siyenze? (b) Yintoni eye yenzeka kumaKristu athile?
14 Sisiphi isifundo esinokufundwa koku nakwiimeko ezinjengale? Sesokuba sakuba silufumene ulwazi oluchanileyo lwenyaniso, kufuneka sihlale siwahlaziya amandla okuqiqa engqondo angokomoya ukuze singakhukuliseki. Amandla ethu okomoya asenokuba buthathaka ukuba siyalutyeshela ufundisiso lobuqu nesifundo sentsapho, iintlanganiso zamaKristu nobulungiseleli. Emva koko yintoni enokwenzeka? UmKristu owayekhe womelela usenokukhukuliseka elukholweni, mhlawumbi ade awele kwihambo embi, njengokuziphatha okubi, okanye abe nomkhwa ombi wokuthandabuza aze athi engenalwazi luchanileyo abe ngumwexuki. (Hebhere 2:1; 3:12; 6:11, 12) Okububudenge kukuba, bambi bade babuyela kwiimfundiso ezibuBhabhilonirha zikaBathathu Emnye nokungafi komphefumlo!
15. Sisiphi isilumkiso uPetros awasinikelayo esingokukhukuliseka?
15 Ngokuqinisekileyo amazwi kaPetros afanelekile: “Kuba xa bathi, besindile nje kuzo izidyobho zehlabathi ngokuyazi [ngokuchanileyo] iNkosi, uMsindisi uYesu Kristu, babuye ke bazibhijele ngazo, boyiswe zizo, zisuke iziphelo zabo zaba mandundu kuneziqalo zabo. Kuba ngekubalungele kanye, ukuba babengayazanga indlela yobulungisa, kunokuba bathi beyazile, babuye umva, baphume kuwo umthetho ongcwele abawuwiselwayo. Bahlelwe ke ngokomlinganiselo oyinene, othi, Inja ibuyele emhlanzweni wayo, nehagukazi eyahlanjwayo iye ekuzityikatyikeni eludakeni.”—2 Petros 2:20-22.
16. (a) Bambi baye balahlekiswa njani kumaxesha akutshanje? (b) Ziziphi izenzo zokuziphatha abaye abo balahlekisiweyo bawela kuzo?
16 Abo balugatyayo ulwazi oluchanileyo lwenyaniso ngokufuthi basukela ikhondo lokuzingca. Abasayamkeli imbopheleleko yokuya kwiintlanganiso zamaKristu rhoqo okanye yokuba nenxaxheba kubulungiseleli bendlu ngendlu. Bambi bade babuyele ekutshayeni! Abanye bayavuya kuba kungasafuneki ukuba babonakale bahlukile kumcimbi wobundilele bamaKristu nowokusetyenziswa kakubi kwegazi. Enjani yona inkululeko! Ngoku banokukwazi nokuvotela elinye iqela lezobupolitika ‘lerhamncwa.’ (ISityhilelo 13:1, 7) Ngaloo ndlela, njengabangazinzanga, bambi baye balukuhlwa baze balahlekiswa kwindlela engqalileyo yolwazi oluchanileyo ngabo bathi, ngoxa ‘bebathembisa nje inkululeko, babe bona ngokwabo bengabakhonzi bokonakala.’—2 Petros 2:15-19.
17. Yiyiphi ingozi ekhoyo kwabo bakhukulisekayo kulwazi oluchanileyo lwenyaniso?
17 Ngaphandle kokuba abanjalo baguquke baze babuyele enyanisweni, bazichanaba kumgwebo uPawulos awathi ngawo: “Kuba, xa sisithi sone ngabom, emveni kokuba sakwamkelayo ukwazi inyaniso, akusasele dini ngenxa yezono; sekusele ke ukulinda okoyikekayo kakhulu, umgwebo nomsindo womlilo, oza kudla abo bachasileyo.” Hayi indlela ekububuyatha nokungabi nambono iphangaleleyo ngayo ukutyeshela ulwazi oluchanileyo ngoYehova uThixo nangoKristu Yesu ngenxa yeemfundiso zowexuko zeNgqobhoko!—Hebhere 6:4-6; 10:26, 27.
Inzondelelo Kunye Nolwazi Oluchanileyo
18. Ngokutsho kukaPawulos, kwakutheni ukuze abefundisi abangamaYuda basilele ukwamkela uKristu?
18 Abefundisi abangamaYuda bomhla kaPawulos ngokuqinisekileyo babenalo ulwazi lweZibhalo zesiHebhere. Kodwa ngaba yayilulwazi oluchanileyo? Ngaba lwabatsalela kuKristu njengoMesiya owayethenjisiwe? UPawulos uphikisa ngelithi babexakeke gqitha ekuveliseni obabo ubulungisa ngoMthetho kangangokuba babengayi kuzithoba ‘kwintsingiselo yomthetho eyayinguKristu.’ Ngoko ke uPawulos wayenokuthi ngabo: “Kuba ndiyabangqinela ukuba banokumzondelela uThixo, koko bengamzondeleli ngokokwazi okukuko [okuchanileyo].”—Roma 10:1-4.
19, 20. (a) Sinokuluzuza njani ulwazi oluchanileyo? (b) Yiyiphi imibuzo ekusafuneka iphendulwe?
19 Ngoko sinokuluzuza njani olu lwazi luchanileyo? Ngofundisiso lobuqu nokucamngca, ndawonye nokuthandaza nokuya ezintlanganisweni. Oku kuthetha ukuqhubeka siwahlaziya amandla ethu okomoya. Asinakuthembela kuphela kulwazi esalufumana ekuqaliseni kwethu ukwamkela inyaniso. Ngokuqhubekayo, sifanele sizondle ngokutya okuqinileyo kokomoya, ulwazi oluchanileyo, ngofundisiso lobuqu olufanelekileyo. Ngaloo ndlela sifanelekile isiluleko sikaPawulos esithi: “Kokwabakhulileyo ke ukudla okuqinileyo, abo bathi, ngenxa yobugcisa, babe nezimvo eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi. Endithi ngoko, masithi, siyeka elengqalo ilizwi elithetha ngoKristu, siqhubele kwelokukhula; singabuyi siseke ngeloguquko emisebenzini efileyo, nokukholwa kuThixo . . . Oko ke sokwenza, ukuba angaba uthe uThixo wavuma.”—Hebhere 5:14–6:3.
20 Ngoku imibuzo ekhoyo yile, Ziziphi izixhobo esinazo zokusinceda ukuze sizuze ulwazi oluchanileyo? Yaye ngenxa yobomi bethu obuxakekileyo, sinokulifundisisa nini iLizwi likaThixo? Inqaku elilandelayo liya kuqwalasela le mibuzo nemibandela enxulumene nayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Kunjengokuba kudwelisiwe kwiComprehensive Concordance of the New World Translation of the Holy Scriptures, iphepha 17; kwanakuFilemon 6 (Bona iThe Kingdom Interlinear Translation of the Greek Scriptures.).
b Ukuze uyiqonde kakuhle intsingiselo yegama elithi “ulwazi,” “amandla okucinga,” “ubulumko,” namanye afumaneka kwiMizekeliso, bona ethi Insight on the Scriptures, Umqulu 2, iphepha 180, 1094, 1189, epapashwe ngesiNgesi yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
Imibuzo Efanele Iphendulwe
◻ Uyintoni umahluko phakathi ‘kolwazi’ ‘nolwazi oluchanileyo’?
◻ Kutheni le nto ulwazi oluchanileyo lubaluleke kangaka kule mihla yokugqibela?
◻ Bambi banokulingelwa njani ekubeni bakhukuliseke kwinyaniso?
◻ Sisiphi isilumkiso uPetros asinika sona esingokugatya ulwazi oluchanileyo?
◻ Yintoni esifanele siyenze ukuze sizuze nokuze silondoloze ulwazi oluchanileyo?