Imibuzo Evela Kubafundi
◼ Ngenxa yenkcazelo entsha emalunga nabo bangabhaptizwanga abaqalisa ubulungiseleli basentsimini, ngaba lowo uqhutyelwa isifundo seBhayibhile usenokumenywa okwexeshana ukuze abone indlela lo msebenzi owenziwa ngayo?
Ngokusisiseko, abo bangabhaptizwanga abapheleka amaNgqina kaYehova kubulungiseleli basentsimini ngabantu abaye bafaneleka njengabavakalisi beendaba ezilungileyo.
Abantu abaninzi kuwonke wonke bayawahlonela amaNgqina kaYehova ngenxa yomsebenzi wawo okhethekileyo nomhle ‘wokwenza abafundi, nowokubafundisa’ kwizindlu zabo nowokubaqhubela izifundo zeBhayibhile zamakhaya. (Mateyu 28:19, 20) Ngoko, abantu bebeya kugqiba ngelithini ngomntu opheleka ingqina kubulungiseleli? Ngokusengqiqweni bebeya kugqiba ngelithi lowo uliphelekayo naye ukwangumlungiseleli okanye usondele kakhulu ekubeni ngonjalo.
Kuyavunywa ukuba, sisenokucinga ngezihlandlo ezithile apho oku kungenjalo.
Kwizihlandlo ezithile ezingafane zibekho abadala abafanelekileyo baye bavumela abacholacholi beendaba, oonjingalwazi basekholejini okanye abathile abafana nabo ukuba bapheleke iNgqina kubulungiseleli bendlu ngendlu khon’ ukuze babone indlela obenziwa ngayo. Kakade ke, imbonakalo yaloo mntu nezenzo zakhe kwizihlandlo ezinjalo azifanele zingqubane nemilinganiselo yethu. Ibe iNgqina lisenokufuna ukukhankanya kubanini-makhaya ukuba lowo uliphelekileyo ngumcholacholi weendaba okanye unjingalwazi onomdla ekuboneni indlela esiwenza ngayo umsebenzi wethu ongokweBhayibhile.
Kwakhona, abazali abangamaKristu beza nabantwana babo kubulungiseleli kwanokuba aba basebancinane kakhulu okanye bakhulile bengekakulungeli ukuba ngabavakalisi ababhaptiziweyo. Ngaloo ndlela nabo aba bazali ababayeki nje aba bantwana babo bangabanyamekeli. Ukuhamba nabo kwinkonzo yasentsimini kuvulela ithuba lokuba abazali bathethe nabantwana babo ngeLizwi likaThixo nangeendlela zakhe njengoko ‘behamba endleleni.’ (Duteronomi 6:4-7) Kodwa le yinkalo yobomi bentsapho yamaKristu, kungekhona nje umbandela weNgqina elihamba nomntu nje ofuna ukubona. Kakade ke, uqeqesho lomzali olunjalo luxonxela abantwana ixesha laxa beya kudumisa uYehova njengabavakalisi.—Mateyu 21:15, 16; thelekisa incwadi ethi Ukulungelelaniselwa Ukufeza Ubulungiseleli Bethu, iphepha 99, 100.
Noko ke, kuthekani ngomntu oqhutyelwa isifundo seBhayibhile liNgqina, umntu osendleleni yokuba ngumfundi? Unesizathu esivakalayo sokuxelela izalamane, abo asebenza nabo, abamelwane nabanye ‘ngezinto ezinkulu zikaThixo’ azifundileyo eZibhalweni. (IZenzo 2:11) Ngokuqinisekileyo, kuya kufika ithuba lokuba akubone kuyimfuneko ukuba nesabelo namaNgqina kaYehova kumalungiselelo alungelelanisiweyo ‘okushumayela ilizwi likaThixo.’—IZenzo 13:5.
Kutshanje IMboniselo iye yandlala amanyathelo afanelekileyo ngaphambi kokuba umfundi onjalo athelele amaNgqina asekuhlaleni kubulungiseleli, ngaloo ndlela esiba ngumvakalisi ongabhatizwanga. Kuyinto esengqiqweni ukuba ufanele abe nolwazi olusisiseko lweBhayibhile, ufanele ayiqonde aze enze ngokuvisisana nemilinganiselo kaThixo yokuziphatha, ibe yena ubuqu ufanele anqwenele ukuba nenxaxheba kubulungiseleli basesidlangalaleni namaNgqina kaYehova. Ngoko abadala ababini bebandla banokuba nengxubusho eluncedo nekhuthazayo ngeengongoma ezinjalo naye neNgqina elimqhubela isifundo seBhayibhile.a Oku kufanele kwenziwa ngaphambi kokuba lowo uqhutyelwa isifundo seBhayibhile amenyelwe ukuba apheleke iNgqina kubulungiseleli basentsimini ukuze aqeqeshelwe uhambelo-phambili.
Kuyaqondakala ukuba, xa isifundo sikufanelekela ukuya kubulungiseleli basentsimini yaye kuza kuba sisihlandlo sokuqala ukuba senjenjalo, sisenokufuna ukuhamba nomvakalisi kangangezihlandlo ezimbalwa ukuze sifunde indlela owenziwa ngawo ngokwenene umsebenzi wokushumayela. Umlungiseleli okunye naso usenokulungiselela uqeqesho olungokwamanqanaba, olunjengokumcela kwisihlandlo esithile ukuba afunde izibhalo, emva koko ekuhambeni kwexesha usenokusivumela siqale ukunikela ubungqina kumnini-khaya. Ngaloo ndlela, sinokufaka ingxelo yaso yenkonzo yasentsimini xa ngokwenene sisiba nesabelo ekunikeleni ubungqina entsimini. Ukubonakalisa kwaso uhambelo-phambili ngokuba nesabelo esingakumbi emsebenzini kuvisisana namazwi kaYesu athi: “Akukho mfundi mkhulu kunomfundisi wakhe; ke wonke olungiswe kwaphela, uya kuba njengomfundisi wakhe.”—Luka 6:40.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane iinkcukacha, bona IMboniselo kaNovemba 15, 1988, iphepha 17.