Uxolo—Luza Kubakho Ngokwenene
ABAMBALWA baya kuzigxeka iimbono zeZizwe Ezimanyeneyo eziphembelela imigudu yazo yokugcina uxolo. “‘Masiwakhande Amakrele Ethu Abe Ngamakhuba’ leyo yindlela iZizwe Ezimanyeneyo eziyivakalisa ngayo injongo yazo yokuzisa uxolo lwehlabathi,” itsho njalo i-“The World Book Encyclopedia,” isongezelela ngokuthi, “IZizwe Ezimanyeneyo zinosukelo oluntlu-mbini oluyintloko: ukuzisa uxolo nesidima soluntu.”
Umbhalo oboniswe phantsi komfanekiso oqingqiweyo ushwankathela amazwi esiprofeto seBhayibhile esikuIsaya isahluko 2, indinyana 4. Afundeka ngolu hlobo, ngokusuka kwinguqulelo yezi mini:
“Ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya.”
Ngokuqinisekileyo la mazwi azukileyo afanele ukuba awavuselela amazwe angamalungu eZizwe Ezimanyeneyo ukuba agcine uxolo oluhlala luhleli nokuba aphelise izixhobo. Kodwa, okulusizi kukuba, ukususela kwixesha ezasekwa ngalo ekupheleni kwemfazwe yesibini yehlabathi ngowe-1945, imbali yeZizwe Ezimanyeneyo iye yatyhila okwahlukileyo. Ngoba? Kuba ngokusisiseko amazwi angasentla acatshulwe kuIsaya awanakwahlukaniswa, njengokuba baye benjenjalo oorhulumente babantu. Umongo wala mazwi ubaluleke kakhulu. Khawuqwalasele isizathu sokuba kube njalo.
Isigidimi SikaIsaya
UIsaya wayengumprofeti. Uthetha ngombono ozukileyo wemvisiswano noxolo kubantu bezizwe zonke. Ukuze lo mbono ube yinto yokwenene, kufuneka ukuba benze okuthile. Yintoni leyo? Qwalasela intsingiselo yendinyana 2 neyesi-3 njengokuba zihlobene nendinyana 4.
“[2] Ke kaloku kuya kuthi ekupheleni kwemihla, intaba yendlu kaYehova ivelele ezincotsheni zazo iintaba, izongamele iinduli, zibe ngumsinga ukuya kuyo zonke iintlanga. [3] Kuya kuhamba izizwe ezininzi, zithi, Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwini kaThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe, sihambe ngomendo wakhe. Kuba kuya kuphuma umyalelo eZiyon, nelizwi likaYehova eYerusalem. [4] Uya kugweba phakathi kweentlanga, ohlwaye izizwe ezininzi; ziwakhande amakrele azo abe ngamakhuba, nezikhali zazo zibe zizitshetshe zeediliya; uhlanga lungaphakamiseli uhlanga ikrele, nezizwe zingaphindi zifunde ukulwa.”
Okokuqala, simele sivume ukuba uMdali wethu, uYehova, unelungelo lokusiyalela “iindlela zakhe,” ndlela ezo ‘ziziphakameleyo iindlela zethu’ njengoko uIsaya kamva wabhala esitsho. (Isaya 55:9) Abantu abaninzi, ngokukodwa iinkokeli zehlabathi ezizigqala zibalulekile zikufumanisa kunzima ukuyivuma loo nto. Kuphela ziindlela zazo ezilungileyo emehlweni azo. Sekunjalo, isibakala sokuba iindlela zazo zingakhange zikhokelele kuxolo lwehlabathi nokupheliswa kwezixhobo ngokuqinisekileyo kubonisa ukuba lilize kokuqhubeka ngekhondo elinjalo.
Okwesibini, phawula umnqweno onyanisekileyo wabantu ngabanye wokufuna ukuvisisanisa iindlela zabo nemithetho kaThixo: “Sihambe ngomendo wakhe.” Kuphela kungeso sizinzi aya kuthi amakrele akhandwe abe ngamakhuba nemikhonto ibe zizitshetshe zokuthena iidiliya ngokomlinganiselo wehlabathi lonke. Luya kuze lufikelelwe nini olu sukelo ekudala lulangazelelwa?
Imfundiso Engokobuthixo
Abantu abaninzi banawo umbhalo weBhayibhile, incwadi ephethe imiyalelo kaYehova uThixo, kodwa kufuneka okungakumbi kunokuba nayo nje kuphela. UIsaya uthi umthetho namazwi kaYehova avela “eYerusalem.” Kuthetha ukuthini oko? Ngomhla kaIsaya, esi sixeko sokoqobo sasingumthombo wegunya lobukumkani awayekhangele kuso onke amaSirayeli awayethembekile. (Isaya 60:14) Kamva, ngexesha labapostile bakaYesu Kristu, iYerusalem yayisajongwa njengendawo ekuphuma kuyo imiyalelo yequmrhu elilawulayo lamaKristu kweso sixeko.—IZenzo 15:2; 16:4.
Kuthekani namhlanje? Phawula ukuba uIsaya utshayelela isigidimi sakhe ngamazwi athi: “Ke kaloku kuya kuthi ekupheleni kwemihla.” Ezinye iinguqulelo zithi: “Ngemihla yokugqibela.” (New International Version) Ubungqina obukhoyo busoloko buboniswa kumaphepha eli phephancwadi ukuxhasa ukuba besiphila kwimihla yokugqibela yale nkqubo yehlabathi ikhoyo ukususela ngowe-1914. Ngoko, yintoni esifanele silindele ukuyibona, ngokutsho kwendinyana 3 neye-4?
Sisihlwele esikhulu sabantu esingasafundi kulwa yaye esisele siwakhandile ‘amakrele angamakhuba.’ Yaye siyasibona! Amadoda, amabhinqa nabantwana bazo zonke izizwe abangaphezu kwezigidi ezisisi-3,5 kumazwe angaphezu kwama-200 bamanyene, bahlalisene ngoxolo yaye bashumayela isigidimi seBhayibhile soxolo kubamelwane babo. Baziwa ehlabathini lonke njengamaNgqina kaYehova.
BaneQumrhu Elilawulayo lanamhla lamaKristu angamadoda akhulileyo avela kwimimandla eyahlukahlukeneyo yomhlaba anikela ulwalathiso kumsebenzi owenziwa ngabantu bakaThixo kwihlabathi lonke. La madoda, njengabapostile namadoda amakhulu aseYerusalem ngenkulungwane yokuqala, angamalungu athanjisiweyo odidi lomkhonzi othembekileyo noqondayo owamiselwa nguYesu ukuba unyamekele izilangazelelo zoBukumkani apha emhlabeni. Imbali iye yangqina ukuba anokuthenjwa ukuba alandela ulwalathiso lomoya oyingcwele yaye awathembelanga kubulumko bomntu ekufundiseni umhlambi kaThixo ngeendlela zokufumana uxolo lokwenyaniso.—Mateyu 24:45-47; 1 Petros 5:1-4.
Unqulo Oluyinyaniso
Kubandakanyeke okungakumbi kunolwazi lwasengqondweni okanye umnqweno wokuphila ngokwemiyalelo kaThixo ukuze sihlale siseluxolweni. Okona kubalulekileyo kukuzinikela ngentliziyo nokunqula uMdali, uYehova, njengoko noIsaya ekucacisa oko.
Lo mprofeti uvakalisa ukuba “intaba yendlu kaYehova ivelele ezincotsheni zazo iintaba” ize “izongamele iinduli.” Kumaxesha amandulo, iintaba neenduli ezithile zazisetyenziswa njengeendawo zokunqulela imifanekiso neentendelezo zoothixo bobuxoki. Xa uKumkani uDavide wazisa iTyeya engcwele kwintente awayimisa kwiNtaba yeZiyon (eYerusalem), kwiimitha ezingama-760 ukuphakama ukususela elwandle, ngokucacileyo oko wakwenza ngolwalathiso lukaThixo. Kamva, xa itempile enkulu kaYehova yakhiwa kwiNtaba yeMoriya, ibinzana elithi “Ziyon” laquka nesiza setempile, ngaloo ndlela itempile yayikwindawo ephakamileyo kunezixeko ezithile ezaziyingqongile zabahedeni. IYerusalem yayikwabizwa ngokuba ‘yintaba engcwele’; ngaloo ndlela, unqulo lukaYehova lwahlala lukumgangatho ophakamileyo.—Isaya 8:18; 66:20.
Ngoko namhlanje, unqulo lukaYehova uThixo luye lwaphakama njengentaba yokomfuziselo. Lubalasele ngokokude lubonwe ngabo bonke, njengoko luye lwenza okuthile okungazange kwenziwe lulo naluphi na unqulo. Yintoni leyo? Luye lwamanyanisa bonke abanquli bakaYehova, abaye bathi bevuya bawakhanda amakrele abo angamakhuba yaye abasafundi kulwa. Ubuhlanga nemiqobo yobuzwe ayisabahlulahluli. Bahlala njengabantu abamanyeneyo, abazalwana, nangona besasazeke kuwo onke amazwe ehlabathi.—INdumiso 33:12.
Ixesha Lesigqibo
Ngaba konke oku kukuchaphazela njani? Amazwi omnye umprofeti ongumHebhere angawona afanelekileyo: “Yimbuthumbuthu, yimbuthumbuthu entilini yesigqibo! Kuba isondele imini kaYehova entilini yesigqibo.” (Yoweli 3:14) Eli lixesha elibalulekileyo lokuba lonke uluntu lwenze isigqibo, enoba luya kufunda iindlela zoxolo lokwenyaniso oluvela kuYehova okanye ukuqhubeka luxhasa ubomi obusekelwe kwizixhobo eziza kuphela kungekudala.
UYesu waxela kwangaphambili ukuba umsebenzi omkhulu wokushumayela wawuza kufezwa ngomhla wethu. Lo msebenzi wokushumayela uphathelele “iindaba ezilungileyo” zokuba uBukumkani bukaThixo buya kuzisa uxolo kulo mhlaba udlavulwe yimfazwe. (Mateyu 24:14) Kunyaka ophelileyo amaNgqina kaYehova aye aqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezingaphezu kwezigidi ezithathu ehlabathini lonke. Zimbi zezi zifundo zeeveki ngeeveki ziye zaqhutywa nabantu ngabanye, kodwa uninzi lwazo beziqhutywa namaqela aziintsapho. Ngaloo ndlela abantwana abazizigidi baye bafumana ithemba eliqinisekileyo lekamva labo, yaye abazali babo baye bazuza isiqinisekiso sokuba iimfazwe, njengezo baye bazibona mhlawumbi nabaye banenxaxheba kuzo azisayi kuba yinxalenye yehlabathi elitsha eliza kwenziwa nguYehova uThixo.
Elinjani lona ihlabathi lokuthembana noxolo elo eliya kuba lilo! Akusayi kubakho sizathu sakuxhalabela ukupheliswa kwezixhobo, njengoko izixhobo zemfazwe ziya kuba zizinto zexesha elidluleyo. Yaye ngako konke oku sibulela uYehova, “uThixo woxolo,” osiyalela ngothando ukuba ngoku sizilungiselele ukuphila ubomi obungenasiphelo phantsi koBukumkani bakhe bobulungisa.—Roma 15:33.