Izigidi Ezifileyo Ngoku Ziya Kubuya Ziphile
IZIGIDI ezifileyo ngoku ziya kubuya ziphile—elinjani lona ukuchukumis’ intliziyo ithemba! Kodwa ngaba lelokwenene? Yintoni eya kukwenza ukuba weyiseke koku? Ukuze ukholelwe kwithemba elithile, kuya kufuneka uqiniseke ukuba lowo wenza isithembiso ukulungele ibe uyakwazi ukusizalisekisa. Ngoko, ngubani othembise ukuba izigidi ezifileyo ngoku ziya kubuye ziphile?
Ngentlakohlaza yowama-31 C.E., uYesu Kristu ngenkalipho wachaza ukuba uye wanikwa amandla okuvusa abafileyo nguYehova uThixo. UYesu wathembisa wathi: “Kuba, njengokuba uYise abavusayo abafileyo, abadlise ubomi, kwangokunjalo noNyana ubadlisa ubomi abo athandayo. Musani ukumangaliswa kuko oko; ngokuba kuza ilixa abaya kuthi ngalo bonke abasemangcwabeni balive ilizwi lakhe [uYesu]; baphume ke.” (Yohane 5:21, 28, 29) Ewe, uYesu Kristu wathembisa ukuba izigidi ezifileyo ngoku ziya kuphinda ziphile kulo mhlaba zize zibe nethemba lokuhlala kuwo ngonaphakade. (Yohane 3:16; 17:3; thelekisa iNdumiso 37:29 noMateyu 5:5.)a Ekubeni uYesu wenza eso sithembiso, kuhle ukukholelwa ukuba ukulungele ukusizalisekisa. Kodwa ngaba unako ukukwenza oko?
Ngokwengxelo yeBhayibhile, ukuza kutsho ngexesha laxa uYesu wenza eso sithembiso, wayengekavusi namnye. Kodwa kwixesha elingaphantsi nje kweminyaka emibini kamva, wakubonisa ngendlela enamandla ukuba ukulungele yaye uyakwazi ukuvusa abantu.
“Lazaro, Phuma!”
Yayingumbono ochukumisayo. ULazaro wayegulel’ ukufa. Oodade wabo ababini, uMariya noMarta, bathumela ilizwi kuYesu, owayengaphesheya komlambo iYordan bathi: “Nkosi, uyabona, lowo umthandayo uyafa.” (Yohane 11:3) Ewe, uYesu wayeyithanda kakhulu le ntsapho. Wayelundwendwe lwabo eBhetani, mhlawumbi ebatyelela ngokufuthi. (Luka 10:38-42; thelekisa uLuka 9:58.) Kodwa ngoku umhlobo kaYesu amthandayo wayelele ngandletyananye.
Noko ke, uMariya noMarta babelindele ukuba uYesu enze ntoni? Abazange bamcele ukuba eze eBhetani. Kodwa babesazi ukuba uYesu uyamthanda uLazaro. Ngaba uYesu wayengafuni ukumbona umhlobo wakhe ogulayo? Ngokungathandabuzekiyo babenethemba lokuba uYesu wayeya kumphilisa ngokumangalisayo. Ngapha koko, ngeli xesha kubulungiseleli bakhe, uYesu wayenze imimangaliso emininzi yokuphilisa, yaye kwanomgama wawungeyongxaki yakhe. (Thelekisa uMateyu 8:5-13.) Ngaba wayengenako ukwenza okufanayo kumhlobo wakhe amthandayo? Okumangalisayo kukuba, endaweni yokuya eBhetani kwangoko, uYesu wahlala apho wayekhona iintsuku ezimbini ezilandelayo.—Yohane 11:5, 6.
ULazaro wafa sekulithutyana sithunyelwe esi sigidimi, mhlawumbi ngexesha uYesu afumana ezi ndaba. (Thelekisa uYohane 11:3, 6, 17.) Kodwa kwakungekho sigidimi sibhekele phaya sasiyimfuneko. UYesu wayelazi ixesha lokufa kukaLazaro, ibe wayenenjongo yokwenza okuthile ngako. Ethetha ngokufa kukaLazaro, waxelela abafundi bakhe oku: “ULazaro, umhlobo wethu, ulele; ndiyaya ukuba ndimvuse.” (Yohane 11:11) UYesu wayesandul’ ukuvusa abantu ababini ekufeni, sihlandlo ngasinye ekwenza oko ixeshana nje elifutshane emva kokuba loo mntu efile.b Noko ke, esi yayiya kuba sisihlandlo esahlukileyo. Ngexesha athi ekugqibeleni uYesu afike ngalo eBhetani, umhlobo wakhe othandekayo wayeseneentsuku ezine efile. (Yohane 11:17, 39) Ngaba uYesu wayenokubuyisela ebomini umntu owayefe ixesha elide kangako nomzimba wakhe owawusele uqalise ukubola?
Akuva ukuba uYesu uyeza, uMarta, ibhinqa elalidlamkile, wabaleka ukuya kumkhawulela. (Thelekisa uLuka 10:38-42.) Ukudibana kwakhe nje noYesu, intliziyo yakhe yamshukumisela ekubeni athi: “Nkosi, ukuba ubulapha, umnakwethu ange engafanga.” Sekunjalo, wavakalisa ukholo lwakhe ngokuthi: “Ndiyazi ukuba, ongathi ukucele kuThixo, oko wokunika uThixo.” Echukunyiswe kukukhala kwakhe, uYesu wamqinisekisa: “Umnakwenu uya kubuya avuke.” Xa wabonisa ukholo kuvuko oluzayo, ngokucacileyo uYesu wamxelela oku: “Ndim uvuko, ndim ubomi; lowo ukholwayo kum nokuba ebethe wafa, wodla ubomi.”—Yohane 11:20-25.
Akufika engcwabeni, uYesu wayalela ukuba ilitye elalivale indawo yokungena lisuswe. Ekuqaleni uMarta wala esithi: “Nkosi, uselenuka, kuba untsuku-ne efile.” Kodwa uYesu wamqinisekisa wathi: “Anditshongo na kuwe ukuthi, Ukuba uthe wakholwa, wolubona uzuko lukaThixo?” Wandula ke, emva kokuthandaza ngokuvakalayo, wayalela: “Lazaro, phuma.” Ngokomyalelo kaYesu uLazaro waphuma, nakubeni kwakuziintsuku ezine efile!—Yohane 11:38-44.
Ngaba Oku Kwenzeka Ngokwenene?
Ingxelo yokuvuswa kukaLazaro ibhalwe kwiVangeli kaYohane njengesibakala esingokwembali. Iinkcukacha zicace gqitha ukuba zibe yintsomi nje. Ukuthandabuza ubunyaniso besi sibakala singokwembali kuthetha ukuthandabuza yonke imimangaliso eseBhayibhileni, kuquka nokuvuswa kukaYesu Kristu ngokwakhe.c Ibe ukukhanyela ukuvuka kukaYesu kukukhanyela ukholo lobuKristu lulonke.—1 Korinte 15:13-15.
Enyanisweni, ukuba uyabuvuma ubukho bukaThixo, ufanele ungabi nangxaki ekubeni nokholo eluvukweni. Ngokomzekelo, ubani usenokuwurekhoda ngevideo umyolelo wakhe, ibe emva kokufa kwakhe izalamane nabahlobo bakhe banokumbona baze bamve, njengoko echaza indlela emaziphathwe ngayo izinto zakhe. Kwiminyaka elikhulu eyadlulayo, into enjalo yayingenakucingwa. Ibe ngoku kubantu abathile abahlala kumazwe asesemva ngempucuko ehlabathini, “ummangaliso” wokurekhoda ngevideo uyinto engaqondakaliyo. Ukuba imithetho engokwenzululwazi eyenziwa nguMdali inokusetyenziswa ngabantu ukwenza umboniso obonakala ngolo hlobo, ngaba uMdali akanakukwazi ukwenza ngaphezulu kunoko? Ngoko, ngaba akukho ngqiqweni ukuba Lowo udale izinto eziphilayo unako ukuvusa umntu ngokuvelisa kwakhona iimpawu zakhe zobuntu kumzimba owenziwe ngokutsha?
Ummangaliso wokubuyiselwa kukaLazaro ebomini wasebenza ukuze wakhe ukholo kuYesu naseluvukweni. (Yohane 11:41, 42; 12:9-11, 17-19) Ngendlela echukumisayo, ukwatyhila ukukulungela nomnqweno kaYehova noNyana wakhe wokuvusa abafileyo.
‘UThixo Uya Kulangazelela’
Indlela awasabela ngayo uYesu ekufeni kukaLazaro ityhila indlela anobubele ngayo uNyana kaThixo. Ukuvakalelwa kwakhe ngokunzulu kwesi sihlandlo ngokucacileyo kubonisa umnqweno wakhe wokuvusa abafileyo. Sifunda oku: “UMariya ngoko, akufika apho uYesu ebekhona, akumbona, wawa ezinyaweni zakhe, esithi kuye, Nkosi, ukuba ubulapha, ange engafanga umnakwethu. Uthe ngoko uYesu, akumbona elila, namaYuda abeze naye elila, wafutheka, wakhathazeka. Wathi, Nimbeke phi na? Bathi kuye, Nkosi, yiza ubone. UYesu walila. Ayesithi ngoko amaYuda, yabonani ke ukumthanda kwakhe!”—Yohane 11:32-36.
Imfesane kaYesu esuk’ entliziyweni apha iboniswa ngamabinzana amathathu: ‘ukufutheka,’ ‘ukukhathazeka,’ ‘nokulila.’ Amagama olwimi lwamandulo asetyenziswa ngumpostile uYohane xa wayenikel’ ingxelo ngalo mbono uchukumisayo abonisa umlinganiselo uYesu awayechukumiseke ngawo ngokweemvakalelo.
Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “wafutheka” lisuka kwisenzi esithi (em·bri·maʹo·mai) elichaza ukuchukumiseka kabuhlungu, okanye ngokunzulu. Umgqabazi ngeBhayibhile uWilliam Barclay uphawula oku: “Kulwimi nje oluqhelekileyo lwesiGrike ukusetyenziswa okuqhelekileyo kwegama elithi [em·bri·maʹo·mai] lithetha ukufutha kwehashe. Apha linokuthetha nje ukuba uYesu wavakalelwa ngokunzulu ngolo hlobo kangangokuba ngokungalindelekanga wafutheka ngokusuka entliziyweni.”
Ibinzana eliguqulelwe ngokuthi “wakhathazeka” lisuka kwigama lesiGrike elithi (ta·rasʹso) elibonisa ukuchukumiseka. Ngokutsho kweThe New Thayer’s Greek-English Lexicon of the New Testament, kuthetha ukubangela ubani intlungu yangaphakathi, . . . ukuba buhlungu gqitha okanye ukuba lusizi.” Ibinzana elithi “walila” livela kwigama elisisenzi sesiGrike elithi (da·kryʹo) elithetha “ukuphalaza iinyembezi, nokulilela ngaphakathi.” Oku kwahlukile ‘ekulileni’ kukaMariya namaYuda akunye naye, okukhankanywe kuYohane 11:33. Apho igama lesiGrike elisetyenzisiweyo (elithatyathwe kwelithi klaiʹo) lithetha ukulila ngokuvakalayo okanye kakhulu.d
Ngoko, uYesu wachukumiseka ngokunzulu kukufa komhlobo wakhe othandekayo uLazaro nokubona udade boLazaro elila. Intliziyo kaYesu yayizaliswe kakhulu ziimvakalelo kangangokuba amehlo akhe ayethe gwantyi ziinyembezi. Okumangalisa gqitha kukuba uYesu wayesandul’ ukubuyisela ebomini abanye ababini. Ibe ngesi sihlandlo wayenenjongo ezeleyo yokwenza okufanayo kuLazaro. (Yohane 11:11, 23, 25) Ukanti, “walila.” Ngoko, ukubuyisela abantu ebomini, kwakungeyonkqubo nje uYesu awayeyilandela. Iimvakalelo zakhe ezinothando nezinzulu njengokuba ziboniswe kwesi sihlandlo ngokucacileyo zibonisa umnqweno wakhe onzulu wokuphelisa intlungu yokufa.
Ekubeni uYesu ‘engumbhalo wenkqu kaYehova uThixo,’ ngokufanelekileyo silindele okufanayo nakuBawo wethu osemazulwini. (Hebhere 1:3) Ngokuphathelele ukukulungela kukaYehova ukuvusa abafileyo indoda eyayithembekile uYobhi yathi: “Ukuba uthe umfo wafa, wophila na? . . . Ubungabizayo ke, ndisabele mna, uwulangazelele umsebenzi wezandla zakho.” (Yobhi 14:14, 15) Igama lolwimi lwamandulo eliguqulelwe ngokuthi “uwulangazelele” lithetha ukukhumbula nokuba nomnqweno onyanisekileyo. (Genesis 31:30; INdumiso 84:2) Ngokucacileyo, uYehova umele ngokunyanisekileyo aluphumeze uvuko.
Ngaba sinokukholelwa ngokwenene kwithemba lovuko? Kambe ke, akukho mathandabuzo okuba uYehova noNyana wakhe bakulungele ibe banako ukulizalisekisa. Oku kuthetha ntoni kuwe? Unethemba lokuphinda umanyane nabathandekayo bakho kanye apha emhlabeni phantsi kweemeko zoxolo!
Ngoku elo lithemba uRoberta analo (njengoko bekukhankanywe kwinqaku elandulelayo). Kwiminyaka eliqela emva kokufa kukanina, amaNgqina kaYehova amnceda ukuze enze ufundisiso olunyamekileyo lweBhayibhile. Ukhumbula oku: “Emva kokufunda ngethemba lovuko, ndalila. Kwakuyinto evuyisa kakhulu ukwazi ukuba ndandiya kuphinda ndimbone umama.” Ngokufanayo ukuba intliziyo yakho ilangazelela ukuphinda ibone omthandayo, akuthandabuzeki ukuba uya kufuna ukufunda okungakumbi ngeli themba limangalisayo. Ukuqiniseka kweli themba kuxutyushwa ngokweenkcukacha kwiphepha 18-28 kweli phephancwadi.
[Imibhalo esemazantsi]
a Bona inqaku elithi “Yiba Nokholo Ukuze Uzuze Ubomi Obungunaphakade,” kwiphepha 23-8.
b Ebudeni bexesha eladlula emva kokuba uYesu enze isithembiso esibhalwe kuYohane 5:28, 29 nokufa kukaLazaro, uYesu wavusa unyana womhlolokazi waseNayin nentombi kaYayiro.—Luka 7:11-17; 8:40-56.
c Bona isahluko 6, phantsi komxholo othi “Imimangaliso—Ngaba Yenzeka Ngokwenene?” kwincwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
d Okubangel’ umdla kukuba, igama lesiGrike elithetha ukulila ngokuvakalayo (uklaiʹo) lisetyenziswe kuYesu ngesihlandlo awayexela kwangaphambili intshabalalo ezayo yaseYerusalem. Ingxelo kaLuka ithi: “Akusondela, wawubona umzi, [iYerusalem] wawulilela.”—Luka 19:41.
[Umfanekiso okwiphepha 5]
Ukuvusa kukaYesu intombi kaYayiro kunikela isiseko sokholo kwithemba lokuvuswa kwabafileyo kwixesha elizayo
[Umfanekiso okwiphepha 6]
UYesu wachukumiseka ngokunzulu kukufa kukaLazaro
[Umfanekiso okwiphepha 7]
Uvuyo lwabo babona ukuvuswa kwabafileyo luya kufana novuyo lomhlolokazi waseNayin xa uYesu wavusa unyana wakhe owayefile