“Sifundise Ukuthandaza”
“Wathi othile wakubafundi bakhe kuye, Nkosi, sifundise ukuthandaza.”—LUKA 11:1.
1-3. (a) Kwakutheni ukuze abafundi bakaYesu bafune ukufundiswa ukuthandaza? (b) Yiyiphi imibuzo ephakamayo ngokuphathelele umthandazo?
BAMBI abantu banesiphiwo selizwi elimnandi lokucula. Abanye banobuchule bemvelo bokudlala izixhobo ezithile. Kodwa ukuze zifikelele ekubeni ziincutshe, kwanezi mvumi nabadlali bezixhobo zomculo zimele zifundiswe. Kuyafana nangomthandazo. Abafundi bakaYesu Kristu baqonda ukuba babefuna ukufundiswa ukuba uThixo wayeza kuyiphulaphula imithandazo yabo.
2 Ngokuqhelekileyo uYesu wayesondela kuyise ngomthandazo ngasese, njengoko wenzayo ubusuku bonke ngaphambi kokukhetha kwakhe abapostile abali-12. (Luka 6:12-16) Nangona wababongozayo abafundi bakhe ukuba bathandaze ngasese, bamva ethandaza ekuhleni baza baphawula ukuba wayengafani nabahanahanisi bonqulo ababethandaza ukuze babonwe ngabantu. (Mateyu 6:5, 6) Ngoko, kwakusengqiqweni ngabalandeli bakaYesu ukuba nomnqweno wokufundiswa okungakumbi ngomthandazo. Ngaloo ndlela, sifunda oku: “Kwathi, esendaweni ethile ethandaza, akupheza, wathi othile wakubafundi bakhe kuye, Nkosi, sifundise ukuthandaza, kwanjengoko uYohane [uMbhaptizi] wabafundisayo abafundi bakhe.”—Luka 11:1.
3 Wasabela njani uYesu? Sinokufunda ntoni kumzekelo wakhe? Yaye sinokungenelwa njani kwindlela awafundisa ngayo ngomthandazo?
Oko Sikufundayo
4. Kutheni sifanele “sithandaze singayeki,” yaye kuthetha ukuthini ukwenjenjalo?
4 Sinokufunda okuninzi kumazwi kaYesu nakumzekelo wakhe njengomntu owayewuxabisile umthandazo. Into yokuqala esiyifundayo yeyokuba ukuba uNyana kaThixo owayefezekile kwafuneka ethandaze rhoqo, abafundi bakhe abangafezekanga banentswelo engakumbi yokukhangela kuThixo ngamaxesha onke ukuze bazuze ulwalathiso, intuthuzelo nenkxaso engokomoya. Ngoko ke, sifanele ‘sithandaze singayeki.’ (1 Tesalonika 5:17) Kambe ke, oku akuthethi ukuba sifanele ngamaxesha onke sisoloko siguqile. Kunoko, sifanele sisoloko sinesimo sengqondo sokuthandaza. Sifanele sikhangele kuThixo ngolwalathiso kuzo zonke iinkalo zobomi ukuze senze ngokuqonda size ngamaxesha onke sizuze inkoliseko yakhe.—IMizekeliso 15:24.
5. Yintoni enokunyebelezela kwixesha esifanele silinikele emthandazweni, yaye yintoni esimele siyenze ngoku?
5 Kule “mihla yokugqibela,” kusenokunyebelezela izinto ezithile kwixesha esifanele silichithe sithandaza. (2 Timoti 3:1) Kodwa ukuba iingxaki zasekhaya, imicimbi yezoshishino nezinto ezinjengezo ziphazamisana nomthandazo othe rhoqo oya kuBawo wethu osezulwini, oko kuthetha ukuba sizisindise gqitha ngamaxhala obu bomi. Imeko enjalo imele ilungiswe ngokukhawuleza, kuba ukungathandazi kukhokelela ekuphelelweni lukholo. Kusenokuba sifanele sinciphise iimbopheleleko zethu zomsebenzi wempangelo okanye silungelelanise imicimbi yobomi ngokuzibhokoxa ngakumbi ngokunyanisekileyo nangokuphindaphindiweyo sifuna ulwalathiso lukaThixo. Sifanele “sihlale sikuphaphele ukuthandaza.”—1 Petros 4:7.
6. Nguwuphi umthandazo ngoku esiza kufundisisa ngawo, yaye ngayiphi injongo?
6 Koko kuye kwabizwa ngokuba ngumthandazo ongumzekelo, uYesu wafundisa abafundi bakhe indlela yokuthandaza, kungeyiyo into abamele bayithethe ngokungqalileyo. Ingxelo kaLuka ngandlel’ ithile iyahluka kuleyo kaMateyu kuba ezi yayizizihlandlo ezahlukahlukeneyo. Siya kufundisisa lo mthandazo njengohlobo olungumzekelo lwemithandazo yethu njengabalandeli bakaYesu namaNgqina kaYehova.
UBawo Wethu Negama Lakhe
7. Ngoobani abanelungelo lokumbiza uYehova ngokuthi “Bawo wethu”?
7 “Bawo wethu osemazulwini.” (Mateyu 6:9; Luka 11:2) Ekubeni uYehova enguMdali woluntu yaye ehlala kummandla osezulwini, kufanelekile ukumbiza ‘njengoBawo wethu osemazulwini.’ (1 Kumkani 8:49; IZenzo 17:24, 28) Ukusetyenziswa kwebinzana elithi “wethu” kukuvuma ukuba nabanye banolwalamano olusondeleyo noThixo. Kodwa ngoobani abanelungelo elingasikelwanga mda lokumbiza njengoBawo wabo? Kuphela ngabantu abazahluleleyo nababhaptiziweyo kwintsapho yabanquli bakhe. Ukubiza uYehova ngokuthi “Bawo wethu” kubonisa ukuba sinokholo kuThixo yaye siyaqonda ukuba ekuphela kwesizinzi sokuxolelaniswa naye kukwamkela ngokupheleleyo idini lentlawulelo likaYesu.—Hebhere 4:14-16; 11:6.
8. Kutheni sifanele sibe nomnqweno onzulu wokuchitha ixesha sithandaza kuYehova?
8 Enjani yona indlela esifanele sizive sisondele ngayo kuBawo wethu wasezulwini! Njengabantwana abangaze badinwe kukuya kuBawo wabo, sifanele sikulangazelele ukuchitha ixesha sithandaza kuThixo. Ukuba nombulelo onzulu ngenxa yeentsikelelo asithululela zona ezingokomoya nezinto eziphathekayo kufanele kusishukumisele ukuba simbulele ngokulunga kwakhe. Sifanele sizive sikulungele ukuyilahlela kuye yonke imithwalo esisindayo, siqinisekile ukuba uza kusixhasa. (INdumiso 55:22) Sinokuqiniseka kwelokuba ukuba sinyanisekile, ekugqibeleni yonke into iya kuphumelela kuba esikhathalele.—1 Petros 5:6, 7.
9. Ukuthandazela ukungcwaliswa kwegama likaThixo kusisicelo santoni?
9 “Malingcwaliswe igama lakho.” (Mateyu 6:9; Luka 11:2) Ibinzana elithi “igama” maxa wambi libhekisela kumntu ngokwakhe, yaye “ukungcwalisa” kuthetha “ukwenza ngcwele, ukubekelwa bucala okanye ukuphatha ngobungcwele.” (Thelekisa iSityhilelo 3:4.) Enyanisweni, ukuthandazela ukungcwaliswa kwegama likaThixo sisicelo sokuba uThixo enze okuthile ukuze azingcwalise. Njani? Ngokususa lonke ugculelo oluye lwafunjwa egameni lakhe. (INdumiso 135:13) Kuloo nkalo, uThixo uya kususa ubungendawo, azenze mkhulu, azazise iintlanga ukuba unguYehova. (Hezekile 36:23; 38:23) Ukuba silangazelela ukuwubona loo mhla yaye ngokwenyaniso siyabuqonda ubukhulu bukaYehova, siya kusoloko sisiya kuye ngomoya wentlonelo obonakaliswa ngamazwi athi “malingcwaliswe igama lakho.”
UBukumkani BukaThixo Nokuthanda Kwakhe
10. Kuthetha ukuthini xa kuthandazelwa ukufika koBukumkani bukaThixo?
10 “Mabufike ubukumkani bakho.” (Mateyu 6:10; Luka 11:2) UBukumkani ekuthethwa ngabo apha lulawulo lukaYehova oluzukileyo, njengoko lubonakaliswa ngorhulumente wasezulwini ongoMesiya osezandleni zikaYesu Kristu nezinxulumani zakhe ‘ezingabangcwele.’ (Daniyeli 7:13, 14, 18, 27; Isaya 9:6, 7; 11:1-5) Kuthetha ukuthini xa kuthandazelwa ukuba “bufike”? Oku kuthetha ukuba sicela uBukumkani bukaThixo bufike ngokuchasene nabo bonke abachasi bolawulo lukaThixo. Emva kokuba uBukumkani ‘buzicole bazigqiba zonke ezo zikumkani zehlabathi,’ buya kuguqula umhlaba ube yiparadisi yehlabathi lonke.—Daniyeli 2:44; Luka 23:43.
11. Ukuba sinqwenela ukubona ukuthanda kukaYehova kusenziwa emhlabeni wonke, yintoni esiya kuyenza?
11 “Makwenziwe ukuthanda kwakho nasemhlabeni, njengokuba kusenziwa emazulwini.” (Mateyu 6:10) Esi sisicelo sokuba uThixo aphumeze injongo yakhe emhlabeni, nto leyo equka ukushenxisa iintshaba zakhe. (INdumiso 83:9-18; 135:6-10) Enyanisweni, oko kuthetha ukuba silangazelela ukubona ukuthanda kukaThixo kusenziwa emhlabeni wonke. Ukuba oku kusentliziyweni yethu, siya kusoloko sikwenza ukuthanda kukaYehova kangangoko sinako. Asinakusenza ngokunyanisekileyo isicelo esinjalo ukuba thina asizabalazi ngokunyanisekileyo ukuba senze ukuthanda kukaThixo. Ngoko, ukuba sithandaza ngale ndlela, sifanele siqiniseke ukuba asizenzi izinto ezichasene nokuthanda kwakhe, ezinjengokwenza amadinga nabangakholwayo okanye ukwamkela iindlela zehlabathi. (1 Korinte 7:39; 1 Yohane 2:15-17) Kunoko, sifanele sisoloko sicinga ngokuba, ‘Kuyintoni ukuthanda kukaYehova kulo mcimbi?’ Ewe, ukuba simthanda uThixo ngentliziyo yethu iphela, siya kufuna ulwalathiso lwakhe kuyo yonke imicimbi yobomi.—Mateyu 22:37.
Isonka Sethu Semihla Ngemihla
12. Ukucela kuphela ‘isonka semihla ngemihla’ kunawuphi umphumo omhle kuthi?
12 “Siphe namhla isonka sethu semihla ngemihla.” (Mateyu 6:11) Ingxelo kaLuka ifundeka ngolu hlobo: “Siphe isonka sethu sanamhla ngokweentswelo zalo mhla.” (Luka 11:3, NW) Ukucela uThixo ukuba asilungiselele ukutya okufuneka ‘ngalo mhla’ kukhulisa ukuba nokholo kumandla akhe okunyamekela iintswelo zethu zemihla ngemihla. Kwakufuneka amaSirayeli abuthe imana “isabelo semini esilingene imini,” singesiso esilingene iveki okanye ixesha elingakumbi. (Eksodus 16:4) Lo asingomthandazo wokufuna izimuncumuncu okanye intabalala yokutya kodwa ngoweentswelo zethu zemihla ngemihla njengokuba zivela. Ukucela kuphela isonka semihla ngemihla kwakhona kusinceda ukuba singabi ngamabawa.—1 Korinte 6:9, 10.
13. (a) Ngengqiqo ephangaleleyo, kuthetha ukuthini ukucela isonka semihla ngemihla? (b) Simele sibe yintoni isimo sethu sengqondo, enoba sisebenza nzima size singabi nazo ngokwaneleyo izinto eziyimfuneko zokusixhasa?
13 Ngengqiqo ephangaleleyo, ukucela isonka semihla ngemihla kubonisa ukuba asinamvakalelo yokuzimela geqe kodwa sisoloko sijonge kuThixo ngokutya, ngento eselwayo, ngempahla nezinye izinto eziyimfuneko. Njengamalungu azahluleleyo entsapho yabanquli bakhe, sikholose ngoBawo wethu kodwa asihlelanga nje singenzi nto silindele ukuba asilungiselele ngokungummangaliso. Siyasebenza size sisebenzise nantoni na esemandleni ethu ukuze sizuze ukutya nezinye izinto eziyimfuneko. Kanti, ngokufanelekileyo siyambulela uThixo emthandazweni kuba indlela asilungiselela ngayo ibonakalisa uthando, ubulumko namandla oBawo wethu wasezulwini. (IZenzo 14:15-17; thelekisa uLuka 22:19.) Ukukhuthala kwethu kusenokusibangela siphumelele. Kodwa enoba sisebenza nzima size sekunjalo kube nzima ukuzuza izinto ezaneleyo, masibe nombulelo size sanele. (Filipi 4:12; 1 Timoti 6:6-8) Enyanisweni, umntu ohlonela uThixo enento edliwayo neyambathwayo usenokuba wonwabe gqitha kunabo baqhubela phambili ngokwezinto eziphathekayo. Ngoko enoba sihlelelekile ngenxa yeemeko esingakwaziyo ukuzilawula, masinganxunguphali. Sisenokuba zizityebi ngokomoya. Eneneni, akukho mfuneko yokuba siphelelwe lukholo, ithemba, nothando ngoYehova, kulowo sinyusela kuye indumiso nemibulelo yethu ngomthandazo osuk’ entliziyweni.
Sixolele Amatyala Ethu
14. Ngawaphi amatyala esicela ukuxolelwa kuwo, yaye yintoni uThixo ayisebenzisayo kuwo?
14 “Usixolele amatyala ethu, njengokuba nathi sibaxolela abo banamatyala kuthi.” (Mateyu 6:12) Ingxelo kaLuka ibonisa ukuba loo matyala zizono. (Luka 11:4) Ukuba nesono kwethu esikuzuz’ ilifa kuyasithintela ekubeni izinto zonke sizenze ngokuthanda okugqibeleleyo koBawo wethu. Ngoko ke, ngandlel’ ithile, ezi ntsilelo ziye zangamatyala esinawo, okanye iimfanelo zethu kuThixo, ekubeni sathi saqala ‘ukuphila nokuhamba ngokomoya.’ (Galati 5:16-25; thelekisa amaRoma 7:21-25.) Sinala matyala kuba asifezekanga yaye ngoku asikwazi ukufikelela ngokupheleleyo kwimilinganiselo kaThixo. Kukuxolelwa kwezi zono esinelungelo lokukuthandazela. Okuvuyisayo kukuba, uThixo unokusebenzisa idini likaYesu lentlawulelo kula matyala, okanye izono.—Roma 5:8; 6:23.
15. Sisiphi isimo sengqondo esifanele sibe naso ngoqeqesho olufunekayo?
15 Ukuba silindele ukuba uThixo asixolele amatyala ethu, okanye izono, simele siguquke yaye sikulungele ukwamkela uqeqesho. (IMizekeliso 28:13; IZenzo 3:19) Ngenxa yokuba uYehova esithanda, unikela uqeqesho oluyimfuneko kuthi ngabanye ukuze sikwazi ukulungisa ubuthathaka esinabo. (IMizekeliso 6:23; Hebhere 12:4-6) Kambe ke, sinokuvuyiswa kukwanda kokholo nolwazi kwiintliziyo zethu ukuze zizaliswe kukuqonda imithetho nemigaqo kaThixo esingasayi kuze siyaphule ngabom. Kodwa kuthekani ukuba siphawula utyekelo oluthile lokona ngabom? Ngoko sifanele sibe buhlungu ngokunzulu yaye sifanele sithandaze ngokunyanisekileyo sicele ukuxolelwa. (Hebhere 10:26-31) Ngokusebenzisa isiluleko esiye sasizuza sifanele silungise ikhondo lethu ngokukhawuleza.
16. Kutheni kuyingenelo nje ukusoloko sicela uThixo ukuba asixolele izono zethu?
16 Kuyingenelo ukusoloko sicela uThixo ukuba asixolele. Ukwenza oku kusenza sisoloko siyikhumbula imeko yethu yokuba nesono yaye kufanele kusenze sithobeke. (INdumiso 51:3, 4, 7) Sifanele sicele uBawo wethu wasezulwini ukuba “asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.” (1 Yohane 1:8, 9) Ngaphezu koko, ukukhankanya izono zethu emthandazweni kuya kusinceda ukuze siqhubeke sisilwa ngamandla nxamnye nazo. Ngaloo ndlela sikwasoloko sikhunjuzwa ngemfuneko yentlawulelo nexabiso legazi likaYesu elaphalalayo.—1 Yohane 2:1, 2; ISityhilelo 7:9, 14.
17. Ukuthandazela ukuxolelwa kusinceda njani kulwalamano lwethu nabanye?
17 Ukuthandazela ukuxolelwa kwakhona kuyasinceda ukuze sibe nenceba, sibe novelwano, size sibe nesisa kwabo basenokuba banamatyala kuthi kwimicimbi emikhulu nemincinane. Ingxelo kaLuka ithi: “Usixolele izono zethu; kuba nathi sibaxolela bonke abanamatyala kuthi.” (Luka 11:4) Enyanisweni, uThixo unokusixolela kuphela ukuba sele ‘sibaxolele abo banamatyala kuthi,’ abantu abasonayo. (Mateyu 6:12; Marko 11:25) UYesu wongezelela ngokuthi: “Kuba xa nithi nibaxolele abantu iziphoso zabo, uYihlo osemazulwini wonixolela nani. Xa nithi ningabaxoleli abantu iziphoso zabo, noYihlo ke akayi kunixolela izono zenu.” (Mateyu 6:14, 15) Ukuthandazela ukuxolelwa iziphoso zethu kufanelwe kusishukumisele ukuba sibanyamezele abanye size sibaxolele. Umpostile uPawulos wabhala: “Xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi [uYehova, NW] yanixolelayo.”—Kolose 3:13, TE; Efese 4:32.
Isilingo Nongendawo
18. Kutheni singafanele simbek’ ityala nanini na uThixo ngezilingo neemvavanyo esizifumanayo?
18 “Ungasingenisi ekulingweni.” (Mateyu 6:13; Luka 11:4) La mazwi awathethi kuthi uYehova uyasihenda ukuze senze isono. Maxa wambi iZibhalo zithetha ngoThixo njengowenze okanye obangele izinto kuphela nje kuba ezivumele zenzeka. (Rute 1:20, 21; thelekisa iNtshumayeli 11:5.) Kodwa “uThixo akanakuhendeka kokubi, akahendi namnye ke yena,” wabhala esitsho umfundi uYakobi. (Yakobi 1:13) Ngoko ke, singaze simbeke ityala uBawo wethu wasezulwini ngenxa yezilingo neemvavanyo zokwenza okubi, kuba uSathana unguMlingi ozama ukusilukuhla ukuba sone kuThixo.—Mateyu 4:3; 1 Tesalonika 3:5.
19. Sinokuzithandazela njani izilingo?
19 Ngesicelo esithi, “Ungasingenisi ekulingweni,” enyanisweni sicela kuYehova angasivumeli ukuba sinikezele xa silingwa okanye sinyanzelelwa ukungamthobeli. Sinokumbongoza uBawo wethu ukukhokela ukunyathela kwethu ukuze singangeni ekulingweni okunzima gqitha ukuba sikunyamezele. Ngokuphathelele oku, uPawulos wabhala esithi: “Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.” (1 Korinte 10:13) Sinokuthandazela ukuba uYehova asikhokele ukuze singahendwa ngaphezu koko sinokukuthwala aze avelise ithuba lokuphuma xa sinxunguphele ngokunzulu. Izilingo zibangelwa nguMtyholi, yinyama yethu enesono nabubuthathaka babanye, kodwa uBawo wethu onothando unokusikhokela ukuze singoyisakali.
20. Kutheni sithandazela ukusindiswa “kuMtyholi”?
20 “Koko sihlangule kuMtyholi.” (Mateyu 6:13, TE) Ngokuqinisekileyo uThixo unokumthintela uSathana, “uMtyholi” ukuba asoyise. (2 Petros 2:9) Yaye akuzange kubekho imfuneko engaphezu kwale ikhoyo ngoku yokusindiswa kuMtyholi, kuba ‘unomsindo omkhulu, esazi ukuba ixesha analo lincinane.’ (ISityhilelo 12:12) Asikho sebumnyameni ngamacebo kaMtyholi, kodwa naye akasithelwanga bubuthathaka bethu. Ngenxa yoko, kufuneka sithandaze ukuba uYehova asilondoloze kwiintlaselo zolu Tshaba lunjengengonyama. (2 Korinte 2:11; 1 Petros 5:8, 9; thelekisa iNdumiso 141:8, 9.) Ngokomzekelo, ukuba sinomdla wokutshata, kusenokufuneka sicele ukuba uYehova asisindise kumacebo kaSathana nakwisilingo sokuhlakulela ulwalamano nabantu behlabathi nto leyo enokukhokelela ekuziphatheni okubi ngokwesini okanye ekungamthobelini uThixo ngokutshata ongakholwayo. (Duteronomi 7:3, 4; 1 Korinte 7:39) Ngaba sinqwenela ukuba zizityebi? Ngoko kusenokufuneka sithandazele uncedo lokuxhathisa umnqweno wokungcakaza okanye wokuqhatha. Ekufuna ngamandla ukutshabalalisa ulwalamano lwethu noYehova, uSathana uya kusebenzisa nasiphi na isixhobo kumacebo akhe okusilinga. Ngoko ngamana singaqhubeka sithandaza kuBawo wethu osezulwini, ongaze alingenise ekulingweni ilungisa noya kuthi avelise indlela yokusinda kuMtyholi.
Umthandazo Wakha Ukholo Nethemba
21. Singenelwe njani ekuthandazeleni uBukumkani?
21 UBawo wethu wasezulwini, osisindisa kuMtyholi, uyakuvuyela ukusisikelela ngokutyebileyo. Kanti, kutheni kangangexesha elide kangaka eye wavumela ukuba abantu bakhe abathandayo bathandaze besithi, “Mabufike ubukumkani bakho”? Ewe, ekuhambeni kweminyaka, ukuthandaza ngolu hlobo kuye kwawandisa umnqweno wethu noxabiso lwethu ngoBukumkani. Umthandazo onjalo usikhumbuza ngemfuneko enkulu yalo rhulumente wasezulwini ulungileyo. Kwakhona usikhumbuza ngethemba lobomi phantsi kolawulo loBukumkani.—ISityhilelo 21:1-5.
22. Sifanele sibe yintoni isimo sethu sengqondo esiqhubekayo ngokuthandaza kuBawo wethu osezulwini, uYehova?
22 Ngokungathandabuzekiyo umthandazo wakha ukholo kuYehova. Ulwalamano lwethu kunye naye luyomelezeka xa ephendula imithandazo yethu. Ngoko ke, masingaze sidinwe ekuphethukeleni kuye imihla ngemihla ngendumiso, ngokubulela nangokukhunga. Yaye ngamana singanombulelo ngendlela uYesu awasabela ngayo kwisicelo sabalandeli bakhe esithi: “Nkosi, sifundise ukuthandaza.”
Uyakhumbula Na?
◻ Sinokufunda ntoni kumazwi kaYesu nakumzekelo wakhe njengendoda eyayiwuxabisile umthandazo?
◻ Sifanele sithandazele ntoni ngoBawo wethu wasemazulwini negama lakhe?
◻ Sicela ntoni xa sithandazela ukuba uBukumkani bukaThixo bufike kuze kwenziwe ukuthanda kwakhe emhlabeni?
◻ Sicela ntoni xa sithandazela isonka sethu semihla ngemihla?
◻ Sithetha ukuthini xa sithandazela ukuxolelwa kwamatyala ethu?
◻ Kutheni kubalulekile ukuthandaza ngokuphathelele isilingo nokusindiswa kuSathana, uMtyholi?
[Umfanekiso okwiphepha 16]
Abalandeli bakaYesu bamcela ukuba abafundise ukuthandaza. Ngaba uyayazi indlela esinokungenelwa ngayo kwimfundiso yakhe engomthandazo?