Buvakalise Ngokungafihlisiyo UBukumkani BukaYehova!
“Wabamkela bonke ababesiza kuye, ebuvakalisa ubukumkani bukaThixo.”—IZENZO 28:30, 31.
1, 2. Bubuphi ubungqina obubonisa ukuba umpostile uPawulos wayexhaswa nguThixo, yaye nguwuphi umzekelo awawumiselayo?
UYEHOVA usoloko ebaxhasa abavakalisi boBukumkani. Hayi indlela okwaba yinyaniso ngayo oku ngompostile uPawulos! Exhaswa nguThixo, wema phambi kwabalawuli, wanyamezela ukuhlaselwa lihlokondiba, waza wabuvakalisa ngokungafihlisiyo uBukumkani bukaYehova.
2 Kwananjengebanjwa eRoma, uPawulos “wabamkela bonke ababesiza kuye, ebuvakalisa ubukumkani bukaThixo.” (IZenzo 28:30, 31) Onjani wona ukuba mhle umzekelo kumaNgqina kaYehova namhlanje! Sinokufunda okuninzi kubulungiseleli bukaPawulos njengokuba bubaliswa nguLuka kwizahluko zokugqibela zencwadi yeZenzo eBhayibhileni.—20:1–28:31.
Ukomeleza Amakholwa Angoowabo
3. Kwenzeka ntoni eTrowa, yaye yintoni efanayo eyenzekayo kumhla wethu?
3 Ngemva kokuba isaqunge sidambile e-Efese, uPawulos waqhubeka nokhenketho lwakhe lwesithathu lobuvangeli basemazweni. (20:1-12) Noko ke, xa wayeza kuhamba ngomkhombe aye eSiriya, wafumanisa ukuba amaYuda ayemenzele iyelenqe. Ekubeni kunokwenzeka ukuba ayecebe ukukhwela umkhombe awayeza kuwukhwela aze ambulale uPawulos, wahamba ngendlela ecanda eMakedoni. ETrowa, wachitha iveki esomeleza amakholwa angoowabo njengokuba abaveleli abahambahambayo besenjenjalo ngoku phakathi kwamaNgqina kaYehova. Ngobusuku obungaphambi kokuhamba kwakhe, uPawulos wayolula intetho yakhe kwada kwaba sezinzulwini zobusuku. UYutiko, owayehleli efestileni, kwakubonakala ukuba wayediniwe ngumsebenzi wemini. Woyiswa bubuthongo, waza wawa esuka kumgangatho wesithathu wafa, kodwa uPawulos wambuyisela ebomini. Olunjani lona uvuyo olunokuba lwabangelwa koku. Ngoko, cinga ngovuyo oluya kubakho xa izigidi ezininzi zivuselwa kwihlabathi elitsha elizayo—Yohane 5:28, 29.
4. Mayela nobulungiseleli, yintoni uPawulos awayifundisa amadoda amakhulu ase-Efese?
4 Endleleni eya eYerusalem, uPawulos waba nentlanganiso eMileto namadoda amakhulu ase-Efese. (20:13-21) Wawakhumbuza ukuba wayewafundisile “kwizindlu ngezindlu” nokuba ‘waqononondisa kumaYuda nakumaGrike ukuguqukela kuThixo, nokukholwa kuyo iNkosi yethu, uYesu.’ Abo ekugqibeleni bathi baba ngamadoda amakhulu babeguqukile, yaye babenokholo. Lo mpostile wayekwawaqeqeshele ukuvakalisa uBukumkani ngokungafihlisiyo kwabangakholwayo ngobulungiseleli bendlu ngendlu obunjengobo benziwa ngamaNgqina kaYehova namhlanje.
5. (a) UPawulos waba ngumzekelo njani ngokubhekisele kulwalathiso lomoya oyingcwele? (b) Kwakutheni ukuze kufuneke ukuba la madoda makhulu afumane isiluleko sokuba ‘awulumkele wonke umhlambi’?
5 UPawulos wayengumzekelo ekwamkeleni ulwalathiso lomoya oyingcwele kaThixo. (20:22-30) ‘Ebotshiwe ngumoya’ okanye eziva enyanzelekile ukulandela ukhokelo lwawo, lo mpostile wayeza kuya eYerusalem, nangona apho wayelindelwe ngamakhamandela neembandezelo. Wayebuxabisa ubomi, kodwa ukugcina ingqibelelo kuThixo kwakuyeyona nto ibaluleke kakhulu kuye, njengokuba kufanele kube njalo nakuthi. UPawulos wawabongoza la madoda makhulu ukuba ‘awunyamekele wonke umhlambi athe umoya oyingcwele wawamisa ukuba ngabaveleli bawo.’ Emva ‘kokumka kwakhe’ (ngokucacileyo xa esifa), “iingcuka ezibawayo” zaziya ‘kungawucongi umhlambi.’ Amadoda anjalo ayeya kuvela phakathi kwabadala ngokwabo, yaye abafundi abangaphaphanga ngokwaneleyo babeya kuzamkela iimfundiso zawo ezigqwethekileyo.—2 Tesalonika 2:6.
6. (a) Kutheni le nto uPawulos wayenokuthi ngokuqiniseka awayaleze la madoda makhulu kuThixo? (b) UPawulos wawulandela njani umgaqo okwiZenzo 20:35?
6 Kwakufuneka ukuba amadoda amakhulu kwakufuneka ahlale ephaphile ngokomoya ukuze azilinde kuwexuko. (20:31-38) Lo mpostile wayewafundisile iZibhalo zesiHebhere neemfundiso zikaYesu, ezinamandla angcwalisayo nawayenokuwanceda ukuba afumane uBukumkani basezulwini, “ilifa phakathi kwabo bonke abangcwalisiweyo.” Ngokusebenzela ukuzixhasa yena namaqabane akhe, uPawulos wakwakhuthaza loo madoda makhulu ukuba abe ngabakhutheleyo. (IZenzo 18:1-3; 1 Tesalonika 2:9) Ukuba sisukela ikhondo elifanayo yaye sinceda abanye bazuze ubomi obungenasiphelo, siya kuyiqonda intsingiselo yamazwi kaYesu athi: “Ukupha kunoyolo ngaphezu kokuphiwa.” Intsingiselo yala mazwi ifumaneka kwiincwadi zeVangeli kodwa acatshulwa kuphela nguPawulos, ekusenokuba wawaxelelwa ngomlomo okanye ngokuphefumlelwa. Sinokufumana ulonwabo olukhulu ukuba sizincama njengoko uPawulos wenzayo. Ewe, wayezinikele kangangokuba ukuhamba kwakhe kwawenza buhlungu gqitha amadoda amakhulu ase-Efese!
Makwenzeke Ukuthanda KukaYehova
7. UPawulos wawumisela njani umzekelo wokuzithoba kukuthanda kukaThixo?
7 Njengokuba uhambo lukaPawulos lwesithathu lobuvangeli basemazweni lwalusondela esiphelweni salo (malunga nowama-56 C.E.), wamisela umzekelo omhle wokuvumelana nokuthanda kukaThixo. (21:1-14) EKesareya yena namaqabane akhe bahlala noFilipu, ontombi zakhe ezine ‘zaziprofeta,’ zixela iziganeko kusengaphambili ngomoya oyingcwele. Apho umprofeti ongumKristu uAgabho wazibopha izandla neenyawo ngombhinqo kaPawulos waza washukunyiswa ngumoya ukuba athi amaYuda ayeya kumbopha umntu waloo mbhinqo eYerusalem aze amnikele ezandleni zeeNtlanga. UPawulos wathi: ‘Andilungele kubotshwa kodwa; ndilungele nokufa eYerusalem, ngenxa yegama leNkosi uYesu.’ Abafundi banikezela besithi: “Makwenzeke ukuthanda kweNkosi.”
8. Ukuba ngamathuba athile sikufumanisa kunzima ukwamkela icebiso elilungileyo, sinokukhumbula ntoni?
8 EYerusalem uPawulos wawaxelela amadoda amakhulu oko uThixo wakwenzayo ngobulungiseleli bakhe phakathi kweeNtlanga. (21:15-26) Ukuba nanini na sikufumanisa kunzima ukwamkela icebiso elilungileyo, sinokukhumbula indlela uPawulos awalamkela ngayo. Ukungqina ukuba wayengafundisi amaYuda aphakathi kweentlanga “ukuba ahlukane noMoses,” wasithobela isiluleko samadoda amakhulu sokuba enze inkqubo yokuzenza nyulu aze ahlawule iindleko zakhe nezamanye amadoda amane. Nangona ukufa kukaYesu kwawubhangisayo uMthetho, kwakungekho nto iphosakeleyo ngoPawulos ukwenza okuthile okwakuyinxalenye yawo mayela nezibhambathiso.—Roma 7:12-14.
Ukuhlaselwa Lihlokondiba Kodwa Engatyhafi
9. Ngokubhekisele kwintlaselo yehlokondiba, afana ngantoni amava kaPawulos nalawo amaNgqina kaYehova namhlanje?
9 Ngokufuthi amaNgqina kaYehova aye agcina ingqibelelo kuThixo xa ejamelene nogonyamelo lwamahlokondiba. (Ngokomzekelo, bona i-1975 Yearbook of Jehovah’s Witnesses, iphe. 180-90.) Ngokufanayo amaYuda aseAsiya Mayina aphembelela ihlokondiba ukuba lihlasele uPawulos. (21:27-40) Ebona uTrofimo wase-Efese ekunye naye, amtyhola ngobuxoki lo mpostile ngokuyenza inqambi itempile ngokungenisa amaGrike kuyo. Kwakusele kancinane ukuba uPawulos abulawe xa wathi umthetheli-waka womRoma uKlawudiyo Lisiya namadoda akhe basiphelisa eso saqunge! Njengoko kwaxelwa kusengaphambili (kodwa kubangelwa ngamaYuda), uLisiya wathi makakhonkxwe ngemixokelelwano uPawulos. (IZenzo 21:11) Kwakuxa kanye lo mpostile wayeza kungeniswa kwinqaba yomkhosi eyayamene nenkundla yetempile awathi uLisiya wafumanisa ukuba wayengengomqhwayi wesiphendu kodwa wayengumYuda ovumelekileyo ukungena kummandla wetempile. Efumana imvume yokuthetha, uPawulos wathetha nabantu ngesiHebhere.
10. Intetho kaPawulos yamkelwa njani ngamaYuda aseYerusalem, yaye kwenzeka ntoni ukuze angatyakatywa?
10 UPawulos wanikela ubungqina ngokungafihlisiyo. (22:1-30) Wazichaza njengomYuda owayefundiswe nguGamaliyeli ohlonelwa kakhulu. Lo mpostile wachaza ukuba esendleleni eya eDamasko esiya kutshutshisa abalandeli bale Ndlela, waphanyaka akubona uYesu Kristu ozukisiweyo, kodwa uHananiya wamenza wabona kwakhona. Kamva iNkosi yamxelela oku uPawulos: “Hamba; ngokuba mna ndiya kukuthuma kude kwiintlanga.” Loo mazwi awa njengelahle edotyeni. Sinkqangaza sisithi uPawulos wayengafanele kudla ubomi, isihlwele sazilahla iingubo zaso zokwaleka saza saphosa uthuli phezulu sinomsindo. Ngoko uLisiya wathi uPawulos makasiwe kwinqaba yomkhosi ukuze ancinwe ngekatsi ukufumanisa isizathu sokuba amaYuda amchase. Wasinda ekutyakatyweni (ngesixhobo esinemitya eqhinwe okanye encanyathiselwe amasuntswana entsimbi okanye ethambo) xa uPawulos wabuza oku: ‘Kufanelekile na ukutyakatya umntu ongumRoma engagwetywanga?’ Akufumanisa ukuba uPawulos wayengumRoma, uLisiya woyika waza wamthabatha wamsa kwiNtlanganiso yababingeleli abakhulu ukuze eve isizathu sokumangalelwa kwakhe ngamaYuda.
11. UPawulos wayengumFarisi ngayiphi ingqiqo?
11 Xa uPawulos waqalisa ukuzithethelela phambi kweNtlanganiso yababingeleli abakhulu ngokuthi ‘wayehlala ngokwalowo ungowakwaThixo, enesazela esilungileyo,’ uMbingeleli Omkhulu uHananiya wathi makabethwe. (23:1-10) UPawulos wathi, “Uza kukubetha uThixo, ludongandini luqatyiweyo.” Abathile babuza: “Uyamthuka na umbingeleli omkhulu?” Kusenokuba uPawulos akazange amqonde uHananiya ngenxa yokungaboni kakuhle. Kodwa ephawula ukuba elo bhunga lalibunjwe ngabaFarisi nabaSadusi, uPawulos wathi: ‘Mna ndingumFarisi omangalelwe ngalo ithemba lovuko.’ Oku kwayahlula kubini iNtlanganiso yababingeleli abakhulu, kuba abaFarisi babekholelwa eluvukweni yaye abaSadusi bengakholelwa. Kwabakho impikiswano enkulu kangangokuba uLisiya kwafuneka amhlangule lo mpostile.
12. UPawulos wasinda njani kwiyelenqe lokubulawa eYerusalem?
12 Ngokulandelayo uPawulos wasinda kwiyelenqe lokubulawa. (23:11-35) AmaYuda angamashumi amane ayefungile ukuba ayengayi kudla okanye asele de abe ambulele. Umtshana kaPawulos wamxelela oku waza waxelela noLisiya. Ekhuselwe ngamajoni, lo mpostile wasiwa kwiRhuluneli uAntoniyo Felikis eKesareya, ikomkhulu lolawulo lweRoma elalikwelakwaYuda. Ngemva kokuthembisa ukuba uza kulichophela ityala likaPawulos, uFelikis wamgcina kwibhotwe elinqabisekileyo likaHerode Omkhulu, ikomkhulu lerhuluneli.
Ukungafihlisi Phambi Kwabalawuli
13. UPawulos wanikela ubungqina ngantoni kuFelikis, yaye ngawuphi umphumo?
13 Ngokukhawuleza lo mpostile wazithethelela kwizityholo zobuxoki waza wanikela ubungqina ngokungafihlisiyo kuFelikis. (24:1-27) Ephambi kwamaYuda awayemmangalele, uPawulos wabonisa ukuba wayengalicaphukisanga ihlokondiba. Wathi wayekholelwa kwizinto ezibhalwe eMthethweni nakubaProfeti yaye enethemba ‘kuvuko lwabafileyo, lwamalungisa kwanolwabangemalungisa.’ UPawulos wayezise eYerusalem “amalizo neminikelo” (iminikelo eyenzelwa abalandeli bakaYesu ekusenokuba baba ngamahlwempu ngenxa yentshutshiso) waza wenziwa nyulu ngokwenkqubo yamaYuda. Nangona uFelikis wawuhlehlisayo umhla wesigwebo, kamva uPawulos wamshumayeza ekunye nomfazi wakhe uDrusila (intombi kaHerode Agripa I) ngoKristu, ngobulungisa, ngokuzeyisa nangomgwebo ozayo. Esoyikiswa yintetho elolo hlobo, uFelikis wamndulula uPawulos. Noko ke, kamva wambiza ngokufuthi lo mpostile, ngelize enyeke ukunyotywa. UFelikis wayesazi ukuba uPawulos wayemsulwa kodwa wamshiya ekhonkxiwe, ngethemba lokuzithandisa kumaYuda. Kwiminyaka emibini kamva, uPorkiyo Festo wangena ezihlangwini zikaFelikis.
14. Liliphi ilungiselelo elingokomthetho uPawulos awalisebenzisayo xa wayevele phambi koFesto, yaye oku kufana nantoni?
14 UPawulos wazithethelela ngokungafihlisi naphambi koFesto. (25:1-12) Ukuba lo mpostile wayefanelwe kukufa, wayengayi kwala ukufa, kodwa kwakungekho mntu wayenokuzithandisa kumaYuda ngokumnikela kuwo. UPawulos wathi: “Ndibhenele kuKesare!” esebenzisa ilungelo lakhe njengommi waseRoma lokuba ityala lakhe lithethwe eRoma (ngelo xesha elaliza kuchotshelwa nguNero). Sivunyiwe isibheno, uPawulos wayeza ‘kunikela ubungqina naseRoma’ njengoko kwakuxelwe kusengaphambili. (IZenzo 23:11) AmaNgqina kaYehova nawo ayawasebenzisa amalungiselelo akhoyo ‘okuziphendulela nokuziqinisa [“nokuzimela nasemthethweni,” NW] iindaba ezilungileyo.’—Filipi 1:7.
15. (a) Sisiphi isiprofeto esazalisekayo xa uPawulos wayephambi koKumkani uAgripa noKesare? (b) UPawulos ‘wazikhaba njani iimviko’?
15 UKumkani uHerode Agripa II wasemantla kwelakwaYuda nodade wabo uBernike (owayesenza umbulo kunye naye) bamva uPawulos xa babetyelele uFesto eKesareya. (25:13–26:23) Ngokunikela ubungqina kuAgripa noKesare, uPawulos wasizalisekisa isiprofeto sokuba wayeya kungqinela igama leNkosi kookumkani. (IZenzo 9:15) Exelela uAgripa oko kwakwenzekile endleleni eya eDamasko, uPawulos waphawula ukuba uYesu wathi: “Wenzakala, ukhaba iimviko nje.” Njengokuba inkunzi yenkomo eneenkani izenzakalisa ngokuxhathisa ukuhlatywa luviko, uSawule wayezenzakalisile ngokulwa nabalandeli bakaYesu, ababexhaswa nguThixo.
16. UFesto noAgripa basabela njani kubungqina bukaPawulos?
16 UFesto noAgripa basabela njani? (26:24-32) Engakwazi ukuluqonda uvuko yaye emangalisiwe lukholo lukaPawulos, uFesto wathi: “Imfundo eninzi iyakugezisa!” Ngokufanayo, ngoku abathile bathi amaNgqina kaYehova aphambene, nangona eneneni efana noPawulos, ‘ngokuphimisela amazwi enyaniso nawengqondo ephilileyo.’ UAgripa owayivalayo loo ntlanganiso yamatyala wathi, “ngokuncinane undeyisela ukuba ndibe ngumKristu,” kodwa wavuma ukuba uPawulos wayenokukhululwa ukuba wayengabhenelanga kuKesare.
Iingozi Elwandle
17. Unokuzichaza njani iingozi ezabakho elwandle ebudeni bohambo lukaPawulos lokuya eRoma?
17 Uhambo lokuya eRoma lwamchanaba uPawulos ‘kwiingozi elwandle.’ (2 Korinte 11:24-27) Umthetheli-khulu ogama linguYuliyo wayegcine amabanjwa awayehamba ngomkhombe ukusuka eKesareya ukuya eRoma. (27:1-26) Xa umkhombe wabo wafika eTsidon, uPawulos wavunyelwa ukuba atyelele amakholwa, awathi amhlaziya ngokomoya. (Thelekisa eyesi-3 kaYohane 14.) EMira kwelaseAsiya Mayina, uYuliyo wawakhwelisa la mabanjwa kumkhombe othwala ukutya okuziinkozo owawusiya eItali. Phezu kwayo nje imimoya enamandla eyayivela ngaphambili, bakwazi ukufika kwizibuko lamaChweba aMahle, kufuphi nesixeko saseKrete esiyiLaseya. Bakuba bendulukile apho ukusinga eFinikis, umoya osisaqhwithi owawuvela ngasemntla-mpuma wawuthi hlasi umkhombe. Besoyikela ukutshona eSihlabeni (umgxobhozo) esisentla kweAfrika, oomatiloshe “bafinyeza iiseyile,” mhlawumbi ngokuthoba iiseyile neemasti. Kamva isiqu senqanawa sabotshwa ngeentambo ukuze iindawo adibana kuzo amaplanga zingahlukani. Ngosuku olulandelayo kwakusavuthuza uqhwithela, kwalahlwa umthwalo ukwenzela ukuba umkhombe ube lula. Ngosuku lwesithathu, balahla impahla yomkhombe (iiseyile okanye iintambo neemasti ezingasebenziyo). Njengoko ithemba lalibonakala lifiphala, kwabonakala isithunywa sezulu kuPawulos saza samxelela ukuba angoyiki, kuba wayeza kuma phambi koKesare. Esinjani sona isiqabu esabakho xa lo mpostile wathi bonke abo bahambi babeza kutyekezwa kunxweme lwesiqithi esithile!
18. Ekugqibeleni kwenzeka ntoni kuPawulos nakubahambi ababekunye naye?
18 Aba bahambi basinda. (27:27-44) Ezinzulwini zobusuku ngosuku lwe-14, oomatiloshe babona ukuba babesondele emhlabeni. Ukulinganiswa kobunzulu bamanzi kwakungqina oku, zaza iiankile zathotywa ukuphepha intlekele ematyeni. Ngokubongozwa nguPawulos, bonke abantu abangama-276 badla. Wathi ke wenziwa khaphukhaphu umkhombe ngokulahla ingqolowa. Kwakusa, oomatiloshe bazinqumla iiankile, bayikhulula nemithi yokujika, baza baxhoma iseyile yangaphambili ngasemoyeni. Umkhombe wangqubeka kwindawo esisidibi, waza umva womkhombe waqalisa ukwaphuka usiba ziingceba. Kodwa bonke bafika emhlabeni bengenzakalanga.
19. Kwenzeka ntoni kuPawulos eMelita, yaye wabenzela ntoni abanye apho?
19 Emanzi yaye ediniwe, la maxhoba ophukelwe ngumkhombe azifumana eseMelita, apho abantu beso siqithi babenzela “ububele obungahlali busihla.” (28:1-16) Noko ke, njengokuba uPawulos wayefaka iinkuni emlilweni, ubushushu bavusa irhamba elalilele lanamathela esandleni sakhe. (Ngoku akukho zinyoka zinobuhlungu eMelita, kodwa le nyoka ‘yayisisilo esinobuhlungu.’) Abantu baseMelita bacinga ukuba uPawulos wayengumbulali “impindezelo [yokusesikweni, NW]” eyayingenakumvumela ukuba aphile, kodwa xa engazange afe okanye adumbe, bathi wayenguthixo. Kamva uPawulos waphilisa abaninzi, kuquka uyise kaPubliyo, igosa eliphezulu laseMelita. Kwiinyanga ezintathu kamva, uPawulos, uLuka noAristetos banduluka ngomkhombe onembasa “yamaWele” (uCastor noPollux, izithixo ezibini ekucingelwa ukuba zazithanda oomatiloshe). Bakuhla ePotiyoli, uYuliyo waqhubeka neqela lakhe. UPawulos wambulela uThixo yaye womelezeka xa amaKristu asuka kwikomkhulu laseRoma abahlangabeza kwiNdawo yeMbutho eApiyoforo naseTritabherne kwindlela eya eApiyoforo. Ekugqibeleni, eseRoma, uPawulos wavunyelwa ukuba ahlale yedwa, nangona wayelindwe lijoni.
Qhubeka Uvakalisa UBukumkani BukaYehova!
20. Nguwuphi umsebenzi uPawulos awazigcina exakeke nguwo kwindlu yakhe eRoma?
20 Kwindlu awayekuyo eRoma, uPawulos wabuvakalisa ngokungafihlisiyo uBukumkani bukaYehova. (28:17-31) Waxelela amadoda aziintloko amaYuda oku: “Kungenxa yethemba lakwaSirayeli endinxitywe lo mxokelelwane.” Elo themba laliquka ukwamkela uMesiya, nto leyo esimele sikulungele kwanokuva ubunzima ngenxa yayo. (Filipi 1:29) Nangona inkoliso yaloo maYuda ingazange ikholwe, abaninzi beeNtlanga nentsalela yamaYuda yayinentliziyo entle. (Isaya 6:9, 10) Kangangeminyaka emibini (malunga nowama-59-61 C.E.), uPawulos wabamkela bonke ababesiza kuye, “ebuvakalisa uBukumkani bukaThixo, efundisa iindawo ezingeNkosi uYesu Kristu ngako konke ukungafihlisi, engalelwa bani.”
21. Kude kuse esiphelweni sobomi bakhe basemhlabeni, nguwuphi umzekelo uPawulos awawumiselayo?
21 Kuyabonakala ukuba uNero wathi uPawulos akanatyala waza wamkhulula. Wandula ke lo mpostile wawuqalisa kwakhona umsebenzi wakhe ekunye noTimoti noTito. Phofu ke, waphinda wavalelwa eRoma (malunga nowama-65 C.E.) yaye kusenokwenzeka ukuba wafela ukholo ezandleni zikaNero. (2 Timoti 4:6-8) Kodwa kude kuse esiphelweni, uPawulos wamisela umzekelo omhle njengomvakalisi woBukumkani onenkalipho. Kwanga bonke abo bazinikele kuThixo, ngomoya ofanayo, bangavakalisa uBukumkani bukaYehova ngokungafihlisi kule mihla yokugqibela!
Ubuya Kuphendula Uthini?
◻ Luluphi uqeqesho lobulungiseleli uPawulos awalunikela kumadoda amakhulu ase-Efese?
◻ UPawulos wawumisela njani umzekelo wokuzithoba kukuthanda kukaThixo?
◻ Ngokubhekisele kwintlaselo yehlokondiba, afana ngantoni amava kaPawulos nalawo amaNgqina kaYehova namhlanje?
◻ Liliphi ilungiselelo elingokwasemthethweni uPawulos awalisebenzisayo xa wayephambi kweRhuluneli uFesto, yaye oku kufana nantoni namhlanje?
◻ UPawulos wazigcina exakeke nguwuphi umsebenzi kwindlu awayekuyo eRoma, emisela wuphi umzekelo?