IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w90 8/15 iphe. 8-9
  • Ukunandipha Ulwalamano Olusenyongweni

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukunandipha Ulwalamano Olusenyongweni
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
  • Amanqaku Afanayo
  • Abafundi Kufuneka Bavelise Isiqhamo Baze Babe Ngabahlobo BakaYesu
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Uxhobisa Abapostile Ngaphambi Kokwahlukana Nabo
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • ‘Hlalani Nithwala Isiqhamo Esininzi’
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
  • Ngaba Uphakathi Kwabo Bathandwa NguThixo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2002
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
w90 8/15 iphe. 8-9

Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu

Ukunandipha Ulwalamano Olusenyongweni

EMVA kwesidlo sesikhumbuzo, uYesu ebekhuthaza abapostile bakhe ngencoko engacwangciswanga nesuka entliziyweni. Kusenokwenzeka ukuba kusemva kwasezinzulwini zobusuku. Ngoko uYesu uyabongoza: “Vukani, simke apha.” Noko ke, ngaphambi kokuba bahambe, uYesu, eshukunyiswe luthando lwakhe ngabo, uyaqhubeka ethetha, enikela umzekeliso okhuthazayo.

Uqalisa ngokuthi, “Mna ndingumdiliya wenyaniso, umlimi wawo ke nguBawo.” UMlimi Omkhulu, uYehova uThixo, wawulima lo mdiliya wokomfuziselo xa wathambisa uYesu ngomoya oyingcwele ekubhaptizweni kwakhe ekwindla ngowama-29 C.E. Kodwa uYesu uhlabela mgama ebonisa ukuba umdiliya ufanekisela okungaphezulu kunaye nje, esithi:

“Amasebe onke akum angathwali siqhamo, uyawasusa; onke athwala isiqhamo uyawathena, ukuze athwale isiqhamo ngakumbi. . . . Njengokuba isebe lingenako ukuthwala isiqhamo ngokwalo, lingahlalanga emdiliyeni, ngokunjalo aninako nani, ningahlalanga kum. Umdiliya ndim, nina ningamasebe.”

Kwiintsuku ezingama-51 kamva, ngePentekoste, abapostile nabanye baba ngamasebe alo mdiliya xa umoya oyingcwele uthululelwa phezu kwabo. Ekugqibeleni, abantu abali-144 000 baba ngamasebe alo mdiliya wokomfuziselo. Bekunye nesiqu somdiliya, uYesu Kristu, aba babumba umdiliya wokomfuziselo ovelisa iziqhamo zoBukumkani bukaThixo.

UYesu ucacisa indlela yokuvelisa isiqhamo: “Lowo uhleli kum, ndibe mna ndihleli kuye, yena uthwala isiqhamo esininzi; ngokuba, ningekum, aninakwenza nto.” Noko ke, ukuba umntu uyasilela ukuvelisa isiqhamo, uYesu uthi, “Ulahlelwa phandle njengesebe, ome; baze abantu bawabuthe, bawaphose emlilweni, atshiswe.” Kwelinye icala, uYesu uthembisa oku: “Ukuba nithe nahlala kum, namazwi am ahlala kuni, nocela into enisukuba niyithanda niyenzelwe.”

UYesu uhlabela mgama ebonisa abapostile bakhe oko kuzukisa uBawo, okukoku, “nithwale isiqhamo esininzi; niya kuba ngabam abafundi ke.” Isiqhamo uThixo asinqwenelayo kumasebe kukuvelisa kwawo iimpawu ezifana nezikaKristu, ingakumbi uthando. Ngaphezu koko, ekubeni uKristu wayengumvakalisi woBukumkani bukaThixo, isiqhamo esinqwenelwayo sikwaquka umsebenzi wabo wokwenza abafundi njengoko wenzayo.

Ngoku uYesu uyabongoza, “Hlalani ke eluthandweni lwam.” Ukanti, banokukwenza njani oko abapostile bakhe? Uthi, “Ukuba nithi niyigcine imithetho yam, hlalani eluthandweni lwam.” Ehlabela mgama, uYesu uyacacisa: “Nguwo lo umthetho wam, wokuba nithandane, njengoko ndanithandayo nina. Akukho namnye unalo uthando olungaphezu kolu, lokuba ubomi bakhe abuncamele izihlobo zakhe.”

Kwiiyure ezingephi, uYesu uya kubonisa olu thando lugqithiseleyo ngokunikela ngobomi bakhe ngenxa yabapostile bakhe, nangenxa yabo bonke abanye abaya kuba nokholo kuye. Umzekelo wakhe ufanele ubashukumise abalandeli bakhe ukuba babe nothando lokuzincama olufanayo omnye ngomnye. Olu iya kuba luphawu olubafanisayo, njengokuba uYesu echazile ngaphambilana: “Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana.”

Efanisa abahlobo bakhe, uYesu uthi: “Nizizihlobo zam nina, ukuba nithi nikwenze konke endinimisela khona mna. Andisatsho ukuthi ningabakhonzi; ngokuba umkhonzi akakwazi okwenziwa yinkosi yakhe; mna ke ndithe nizizihlobo; ngokuba zonke izinto endaziva kuBawo, ndanazisa zona.”

Olunjani lona ukuxabiseka ulwalamano abanalo—ukuba zizihlobo ezisenyongweni zikaYesu! Kodwa ukuze baqhubeke benandipha olu lwalamano, abalandeli bakhe bamele ‘baqhubeke bethwala isiqhamo.’ Ukuba benjenjalo, uYesu uthi, “Oko enithe nakucela kuBawo egameni lam, [uya kuninika].” Ngokuqinisekileyo, lowo ngumvuzo ozukileyo wokuthwala isiqhamo soBukumkani!

Emva kokubabongoza kwakhona abapostile bakhe ukuba ‘bathandane,’ uYesu ucacisa ukuba ihlabathi liya kubathiya. Sekunjalo, uyabathuthuzela esithi: “Ukuba ihlabathi linithiyile, yazini ukuba lindithiye kuqala kunani.” Ngokulandelayo uYesu utyhila isizathu sokuba ihlabathi libathiye abalandeli bakhe, esithi: “Ngokuba ningengabehlabathi, ndaninyulayo mna kulo ihlabathi, ngenxa yoko linithiyile ihlabathi.”

Echaza ngokubhekele phaya isizathu sokuthiywa lihlabathi, uYesu uqhubeka esithi: “Ke ezi zinto baya kuzenza kuni ngenxa yegama lam ngokuba bengamazi [uYehova uThixo] owandithumayo.” Eneneni, imimangaliso uYesu awayenzayo, iyabagweba abo bamthiyileyo, njengoko ephawula: “Ukuba bendingenzanga phakathi kwabo imisebenzi engenziwanga mntu wumbi, ngebengabanga nasono; kaloku ke babonile; noko bandithiyile mna noBawo.” Ngaloo ndlela, njengoko uYesu esitsho, sizalisekile isibhalo esithi: “Bandithiya kungekho sizathu.”

Njengoko enzile ngaphambilana, kwakhona uYesu uyabathuthuzela ngokuthembisa ukuthumela umthetheli, umoya oyingcwele, ongamandla kaThixo asebenzayo. “Yena wongqina ngam. Nani ke niyangqina.” Yohane 14:31–15:27; 13:3, 35; Galati 6:16; INdumiso 35:19; 69:4.

▪ UYehova wawutyala nini umdiliya wokomfuziselo, yaye abanye baba yinxalenye yalo mdiliya nini yaye njani?

▪ Ekugqibeleni, umdiliya wokomfuziselo uba namasebe amangaphi?

▪ Sisiphi isiqhamo uThixo asinqwenelayo kumasebe?

▪ Sinokuba zizo njani izihlobo zikaYesu?

▪ Kutheni ihlabathi libathiyile nje abalandeli bakaYesu?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share