Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu
Umthandazo Wokuqukumbela Kwigumbi Eliphezulu
ESHUKUNYISWE luthando olunzulu ngabapostile bakhe, uYesu ubebalungiselela ukunduluka kwakhe okusemnyango. Ngoku, emva kokubaluleka nokubathuthuzela ngokupheleleyo, uphakamisela amehlo akhe ezulwini aze abongoze uYise esithi: “Mzukise uNyana wakho, ukuze noNyana wakho akuzukise; njengokuba wamnika igunya kubantu bonke, ukuze bonke omnike bona, abanike ubomi obungunaphakade.”
Onjani wona ukuchukumisa umxholo uYesu awukhankanyayo—ubomi obungunaphakade! Ekubeni enikwe “igunya kubantu bonke,” uYesu unokudlulisela iingenelo zedini lakhe lentlawulelo kulo lonke uluntu olufayo. Ukanti, unika “ubomi obungunaphakade” kuphela abo uYise abamkelayo. Etyatyadula ngalo mxholo wobomi obungunaphakade, uYesu uqhubeka nomthandazo wakhe:
“Bubo ke obu ubomi obungunaphakade, ukuba mabakwazi, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, naye uYesu Kristu omthumileyo.” Ewe, usindiso luxhomekeke ekungeniseni kwethu ulwazi ngoThixo noNyana wakhe. Kodwa kufuneka okungakumbi kunokuba nolwazi nje lwasentloko.
Umntu umele abazi kakuhle, ekhulisa ubuhlobo bokubaqonda. Ubani umele avakalelwe ngendlela abavakalelwa ngayo ngezinto aze azibone izinto ngendlela abazibona ngayo. Yaye ngaphezu kwako konke, umntu umele azame ngamandla ukuxelisa iimpawu zabo ezingenakulinganiswa nanto ekuqhubaneni nabanye.
UYesu ngokulandelayo uthandaza athi: “Mna ndikuzukisile emhlabeni, ndiwufezile umsebenzi obundinike ukuba ndiwenze.” Ekubeni ngaloo ndlela esifezile isabelo sakhe ukuza kuthi ga kweli nqanaba yaye eqinisekile ngoloyiso lwakhe lwexesha elizayo, uyambongoza esithi: “Ndizukise ke ngoku, wena Bawo, kuwe ngokwakho, ngozuko ebendinalo kuwe, lingekabikho ihlabathi.” Ewe, ngoku ucela ukuba abuyiselwe kuzuko kwakhe lwasezulwini lwangaphambili ngovuko.
Eshwankathela umsebenzi wakhe oyintloko emhlabeni, uYesu uthi: “Ndilibonakalisile igama lakho kubo abantu obundinike bona, bephuma ehlabathini; babengabakho, wabanika mna; ilizwi lakho balibambile ke.” UYesu wasebenzisa igama likaThixo, uYehova, kubulungiseleli bakhe waza wafundisa indlela elungileyo yokubizwa kwalo, kodwa wenza okungakumbi kunoko ukuze abonakalise igama likaThixo kubapostile bakhe. Walwandisa ulwazi noxabiso lwabo ngoYehova, ngobuntu bakhe nangeenjongo zakhe.
Emgqala uYehova njengoMkhulu kunaye, Lowo akhonza phantsi kwakhe, uYesu uvuma ngokuzithoba esithi: “Amazwi ondinike wona, ndiwanike bona; bona bawathabatha, baqonda ngokwenyaniso ukuba ndaphuma kuwe; bakholwa ukuba wena wandithuma.”
Esenza umahluko phakathi kwabalandeli bakhe noluntu luphela, uYesu ngokulandelayo uthandaza athi: “Mna ndicelela bona; andiceleli lona ihlabathi, ndicelela abo undinike bona . . . Oko bendinabo ehlabathini mna, bendibalondolozile . . . , owandinika bona ndibagcinile; akukho namnye kubo utshabaleleyo, ingenguye lowo wentshabalalo,” obizwa ngokuba, nguYuda Sikariyoti. Kanye ngeli thuba, uYuda ukumsebenzi wakhe ombi wokungcatsha uYesu. Ngaloo ndlela, uYuda engazi uzalisekisa iZibhalo.
UYesu uqhubeka nokuthandaza athi, “Ihlabathi labathiya . . . Andiceli ukuba ubasuse ehlabathini; ndicela ukuba ubagcine kuyo inkohlakalo. Abangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.” Abalandeli bakaYesu basehlabathini, eli butho labantu lilungelelanisiweyo nelilawulwa nguSathana, kodwa bahlukile yaye bamele ngamaxesha onke bahlale bahlukile kulo nakubungendawo balo.
UYesu uhlabela mgama esithi: “Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso.” Apha uYesu uzibiza iZibhalo zesiHebhere eziphefumlelweyo, awathi ngokuqhubekayo wacaphula kuzo ngokuthi, “inyaniso.” Kodwa oko wakufundisa abafundi bakhe noko bathi kamva bakubhala phantsi kokuphefumlelwa njengeZibhalo zesiGrike zamaKristu ngokufanayo ‘kuyinyaniso.’ Le nyaniso inokumngcwalisa umntu, ibuguqule ngokupheleleyo ubomi bakhe, ize imenze umntu owahlukileyo ehlabathini.
UYesu ngoku akaceleli ‘aba bodwa, ucelela nabo baya kukholwa kuye ngelizwi labo.’ Ngoku uYesu uthandazela abo baya kuba ngabalandeli bakhe abathanjisiweyo nabanye abafundi bexesha elizayo kodwa abaseza kuqokelelwa babe “mhlambi mnye.” Yintoni ayicelela bonke aba? “Ukuze bonke babe banye; njengokuba wena, Bawo, ukum, nam ndikuwe, . . . ukuze babe banye, njengokuba thina sibanye.”
UYesu noYise abangomntu omnye ngokoqobo, kodwa bayavumelana ngazo zonke izinto. UYesu uthandazela ukuba abalandeli bakhe banandiphe obu bunye bufanayo ukuze “liqonde ihlabathi ukuba wena undithumile, [nokuba] wabathanda, njengokuba wandithandayo nam.”
Egameni labo babeza kuba ngabalandeli bakhe abathanjisiweyo, uYesu ngoku wenza isicelo kuYise osezulwini. Isicelo santoni? “Babe nam, apho ndikhona mna; ukuze balubone uzuko lwam owandinika lona; ngokuba wandithanda kwaphambi kokusekwa kwehlabathi,” oko kukuthi, xa uAdam noEva bathi bakhawula inzala yabo yokuqala. Kude kudala ngaphambi koko, uThixo wamthanda uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, owaba nguYesu Kristu.
Equkumbela umthandazo wakhe, uYesu kwakhona ugxininisa oku: “Ndabazisa igama lakho, ndandiya kubazisa; ukuze uthando ondithande ngalo lube kubo, nam ndibe kubo.” Kubapostile, ukufunda ngegama likaThixo kuye kwabandakanya ukulazi ngokobuqu uthando lukaThixo. Yohane 17:1-26; 10:16; IMizekeliso 8:22, 30.
▪ UYesu uye walinikwa ngokwayiphi ingqiqo “igunya kubantu bonke”?
▪ Kuthetha ukuthini ukungenisa ulwazi ngoThixo nangoNyana wakhe?
▪ UYesu walibonakalisa ngaziphi iindlela igama likaThixo?
▪ Iyintoni “inyaniso,” yaye ‘imngcwalisa’ njani umKristu?
▪ UThixo, uNyana wakhe, nabo bonke abanquli bokwenyaniso banye njani?
▪ Kwakunini ‘ukusekwa kwehlabathi’?