“Zilingeni Ukuba Niselukholweni Olu Na”
Iimbalasane ZeyesiBini KwabaseKorinte
UMPOSTILE uPawulos wayewaxhalabele amaKristu aseKorinte. Ayeza kusijonga njani isiluleko esasinikelwe kwincwadi yakhe yokuqala eyayisiya kuwo? WayeseMakedoni xa uTito wafikayo nengxelo entle yokuba loo ncwadi yayiwenze buhlungu amaKorinte kangangokuba aguquka. Hayi indlela okwamvuyisa ngayo uPawulos oko!—2 Korinte 7:8-13.
UPawulos wabhala eyesiBini kwabaseKorinte eseMakedoni, kubonakala ukuba emva kwesiqingatha sokuqala sonyaka ngowama-55 C.E. Kule ncwadi, waxubusha amanyathelo athatyathwayo ukuze kugcinwe ibandla licocekile, wakha umnqweno wokunikela kumakholwa asweleyo akwelakwaYuda, waza wabumela ubupostile bakhe. Okuninzi koko uPawulos wakuthethayo kunokusinceda ukuba ‘sizilinge ukuba siselukholweni olu na.’ (13:5) Ngoko, sinokufunda ntoni kule ncwadi?
Umlungiseleli WoThixo Wentuthuzelo
Lo mpostile wabonisa ukuba njengoko uThixo esithuthuzela kuyo yonke imbandezelo yethu, nathi sifanele sibathuthuzele abanye size sibathandazele. (1:1–2:11) Nangona uPawulos namaqabane akhe babephantsi kwengcinezelo enkulu, uThixo wabahlangula. Kanti, amaKorinte ayenokunceda ngokubathandazela, kanye njengokuba sifanele sibathandazele abanye abamkele ukholo lokwenyaniso. Kodwa kuthekani ngendoda eyayiziphethe kakubi ekhankanywe kweyoku-1 kwabaseKorinte isahluko 5? Kuyacaca ukuba yayisusiwe kubudlelane kodwa yaguquka. Hayi indlela emele ukuba yathuthuzeleka ngayo xa amaKorinte ayixolelayo aza ngokunothando ayibuyisela kubudlelane phakathi kwawo.
Amazwi kaPawulos anokulukhulisa uxabiso lwethu ngobulungiseleli bobuKristu, esomeleza ukulumela kwethu ukholo lokwenyaniso. (2:12–6:10) Kaloku, abalungiseleli bomnqophiso omtsha banelungelo lokuba “kumngcelele woloyiso” (NW) bekhokelwa nguThixo! UPawulos nabasebenzi abangoowabo babenobulungiseleli begugu ngenxa yenceba eyayibonakaliswe kubo. Njengabo, abathanjiswa banamhlanje banobulungiseleli boxolelaniso. Kanti, onke amaNgqina kaYehova enza abanye babe zizityebi ngobulungiseleli bawo.
Bufeze Ubungcwele Uze Ube Nesisa
UPawulos usibonisa ukuba abalungiseleli abangamaKristu bamele babufeze ubungcwele besoyika uYehova. (6:11–7:16) Ukuba siza kuma siqinile elukholweni, simele sikuphephe ukubotshelelwa dyokhweni-nye nabangakholwayo, yaye kufuneka sicocwe kukungcoliswa ngokwenyama nangokomoya. AmaKorinte azicoca ngokususa kubudlelane umenzi bubi owayeziphethe kakubi, yaye uPawulos wavuya kuba incwadi yakhe yokuqala yayiwenze buhlungu ukuze aguquke ukwenzela usindiso.
Sikwafunda ukuba abalungiseleli aboyika uThixo bayavuzwa ngesisa sabo. (8:1–9:15) Mayela neminikelo ‘yabangcwele’ abasweleyo, uPawulos wacaphula umzekelo omhle wabantu baseMakedoni. Babenesisa ngaphezu kwamandla abo, yaye wayenethemba lokubona isisa esifanayo kwabo baseKorinte. Ukupha kwabo—nokwethu—kufanele kube kokusuka entliziyweni, kuba “uThixo uthanda umphi ochwayitileyo” yaye uyabatyebisa abantu bakhe ngaso sonke isisa abasibonakalisayo.
UPawulos—Umpostile Onenyameko
Xa sifeza nantoni na kwinkonzo kaYehova njengabalungiseleli, masiqhayise ngaye, kungekhona ngeziqu zethu. (10:1–12:13) Ngapha koko, kuphela kungezixhobo zomoya ‘ezinamandla kuThixo’ esinokuthi siwise iindlela zokuqiqa zobuxoki. ‘Abapostile abaziincamisa’ abaqhayisayo phakathi kwamaKorinte babengenakululingana unyamezelo lukaPawulos njengomlungiseleli kaKristu. Kanti, ukuze angaziphakamisi ngokungaphezulu, uThixo akazange alususe “uviko enyameni”—mhlawumbi ukungaboni kakuhle okanye abo bapostile bobuxoki. UPawulos wayekhetha ukuqhayisa ngobuthathaka bakhe ukuze “amandla kaKristu” ahlale phezu kwakhe njengentente. Njengendoda eyayimi ngokuqinileyo elukholweni, wayengangqinekanga engongaphantsi kwabo bapostile baziincamisa. AmaKorinte ayebubonile ubungqina bokuba ngumpostile uPawulos awayebubonisile phakathi kwawo “ngokunyamezela konke, ngemiqondiso, nezimanga, nemisebenzi yamandla.”
Njengomlungiseleli nanjengompostile, uPawulos wayezixhalabele iintswelo zokomoya zamakholwa angoowabo, kanye njengokuba simele senjenjalo. (12:14–13:14) ‘Kuye kwakuya kuba mnandi ukuba adleke aphele, ngenxa yemiphefumlo yawo.’ Kodwa uPawulos wayesoyikela ukuba ekufikeni kwakhe eKorinte, wayeya kufumana abathile abangaguqukanga kwimisebenzi yenyama. Ngenxa yoko, wabacebisa bonke ukuba baqhubeke bezilinga ukuba baseselukholweni olu na waza wathandazela ukuba ‘bangenzi nanye into embi.’ Ekuqukumbeleni, wababongoza ukuba bavuye, bazilungise baze bathuthuzeleke, bacinge nto-nye, baze bahlale ngoxolo. Esinjani sona ukuba sihle isiluleko kwanakuthi!
Zilingeni!
Ngaloo ndlela incwadi yesibini kaPawulos kumaKristu aseKorinte icebisa iindlela ezahlukahlukeneyo zokuqhubeka sizilinga enoba siselukholweni na. Amazwi akhe ngokuqinisekileyo afanele asishukumisele ukuthuthuzela abanye, kanye njengokuba uThixo esithuthuzela kuyo yonke imbandezelo yethu. Oko umpostile wakutshoyo ngobulungiseleli bobuKristu kufanele kusishukumisele ukubufeza ngokuthembekileyo ngoxa sifeza ubungcwele sisoyika uYehova.
Ukusebenzisa isiluleko sikaPawulos kusenokusenza sibe ngabanesisa nabaluncedo ngakumbi. Kanti, amazwi akhe afanele asishukumisele ukuqhayisa ngoYehova, kungekhona ngeziqu zethu. Afanele akhulise inkxalabo yethu yothando ngamakholwa angoowethu. Yaye ngokuqinisekileyo ezi nezinye iingongoma ezikweyesiBini kwabaseKorinte zinokusinceda ukuba ‘sizilinge ukuba siselukholweni olu na.’
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 26]
BONAKALISA UZUKO LUKAYEHOVA: Xa uMoses wehlayo kwiNtaba yaseSinayi namacwecwe esiNgqino, ubuso bakhe babukhazimla kuba uThixo wayethethe naye. (Eksodus 34:29, 30) UPawulos wakukhankanya oku waza wathi: “Thina ke sonke, sinobuso nje obubhenqwe isigqubuthelo, sibukhangela njengokwasesipilini ubuqaqawuli beNkosi, senziwa similise okwaloo mfanekiselo, sivela ebuqaqawulini sisinge ebuqaqawulini, kwanjengokuvela eNkosini enguMoya.” (2 Korinte 3:7-18) Izipili zamandulo zazenziwe ngezimbiwa ezinjengobhedu yaye zazimenyezeliswa kakhulu ukuze zibonakalise umfanekiso ocacileyo. Njengezipili, abathanjisiweyo babonakalisa uzuko lukaThixo olubengezela kubo lusuka kuYesu Kristu, oluthi ngokuqhubekayo ‘lubaguqulele kumfanekiselo’ odluliselwa nguNyana kaYehova onobuqaqawuli. (2 Korinte 4:6; Efese 5:1) Ngomoya oyingcwele nangeZibhalo, uThixo udala kubo “umntu omtsha,” umfanekiselo weempawu zakhe. (Efese 4:24; Kolose 3:10) Enoba ithemba lethu lelasezulwini okanye lelasemhlabeni, masibonakalise obo buntu size silixabise ilungelo lokubonakalisa uzuko lukaThixo kubulungiseleli bethu.
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 27]
“IINTONGA ZOBULUNGISA”: Enye indlela uPawulos namaqabane akhe abazincomela ngayo njengabalungiseleli bakaThixo ‘kwakungeentonga zobulungisa zasekunene nezasekhohlo.’ (2 Korinte 6:3-7) Isandla sasekunene sasisetyenziselwa ukuphatha ikrele, yaye esasekhohlo isesokubamba ikhaka. Nangona behlaselwa macala onke, uPawulos nabasebenzi abangoowabo babexhobele imfazwe yokomoya. Babesilwa nxamnye nabefundisi bobuxoki ‘nabapostile abaziincamisa’ ukuze ibandla laseKorinte lingakhukuliswa kuzahlulelo kuKristu. UPawulos akazange abhenele kwizixhobo zenyama enesono—ubuqhinga, ubuqhetseba, okanye inkohliso. (2 Korinte 10:8-10; 11:3, 12-14; 12:11, 16) Kunoko, “iintonga” ezazisetyenziswa yayiziindlela zobulungisa, okanye zokusesikweni, zokuhambisela phambili unqulo lokwenyaniso nxamnye nako konke ukuhlaselwa. Ngoku amaNgqina kaYehova asebenzisa “iintonga zobulungisa” ezinjalo ukwenzela ukufeza injongo efanayo.