Abavakalisi BoBukumkani Bayabalisa
Ukushunyayelwa Kweendaba Ezilungileyo ‘Ekupheleni Komhlaba’
“EZI ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kuvakaliswa kulo elimiweyo liphela, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke ukufika ukuphela.” Watsho njalo uYesu kubafundi bakhe ngaphambi nje kokufa kwakhe. Kungekudala emva kokuba evukile, wahlabela mgama esithi: “Nibe ngamangqina am eYerusalem, kwanakulo lonke elakwaYuda nelaseSamariya, kude kuse nasekupheleni komhlaba.” (Mateyu 24:14; IZenzo 1:8) Namhlanje, ezi ziprofeto ziyazalisekiswa kumazwe angaphezu kwama-200, kuquka nelizwe eliseMzantsi Merika iPeru.
AmaNgqina angaphezu kwama-32 000 ashumayela iindaba ezilungileyo kwelo lizwe lihle, ibe ngokuqinisekileyo ummandla wawo uquka eminye imimandla esekupheleni komhlaba: iintaba eziphakamileyo zeAndes, ezifikelela kwiimitha ezimalunga nezingama-4 000 ukuya kwezingama-4 500 ukuphakama, kwanamahlathi afudumeleyo eAmazon, apho abantu banokufikeleleka kuphela ngokuthi uye kubo ngamaphenyane asetyenziswa emilanjeni. Isebe lasePeru linikela le ngxelo:
◻ “Kulo mmandla unamahlathi, sinoovulindlela abakhethekileyo abasibhozo abasebenzisa amaphenyane amabini amancinane ukuwela umlambo abizwa ngokuba ziilanchas. La maphenyane mancinane anokuhamba nakumanzi [aziimitha ezisisi-0,3] kuphela ubunzulu, ngoko kuye kwanokwenzeka ukuba kwandiswe ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kusandiselwa kwimimandla emininzi emitsha ephahle imilambo emincinane. Ukuza kuthi ga ngoku, abazalwana abasebenzisa la maphenyane baye bahambisa amakhulu amawaka amaphephancwadi, iincwadi neeBhayibhile kuyo yonke iNtlambo yeAmazon yasePeru. Ngenxa yoko, kuye kwasekwa amabandla amane amatsha, ndawonye namaqela akwanti anikela ingxelo ngomsebenzi wawo naqhuba iintlanganiso. Kukho ithemba lokuba la maqela kungekudala aza kuba ngamabandla.”
◻ Kwakhiwa enye idolophu kumahlathi akufuphi nesikhululo esinoomatshini abampompa ioli etsalwa ngemibhobho yeTrans-Andean, ehambisa ioli esuka kwezi ndawo zinamahlathi ukudlulela kwiintaba eziphakamileyo zeAndes ukuya kutsho kunxweme olungasentshona. Ngenxa yokuba kukho abo basebenza kule mibhobho yeoli, le dolophu yayineebhari ezimalunga nama-20 ibe yayisaziwa njengendawo yamanxila neyolonwabo. Noko ke, emva kokuba oovulindlela abakhethekileyo benikele ubungqina obucokisekileyo, uninzi lwasabela kwisigidimi soBukumkani, ibe ngoku kusele iibhari ezine kuphela kule dolophu! Ebudeni botyelelo lwakutshanje lomveleli wesiphaluka, abantu abali-189 beza kwintetho yesidlangalala. Ngoku kukho iqela labavakalisi abasixhenxe kule dolophu, yaye abantu abangaphezu kwama-45 baya kuzo zonke iintlanganiso. Kungekudala, ngentsikelelo kaYehova, eli qela lifanele libe libandla.
◻ Kwelinye lamabandla angama-221 akwisixeko esilikomkhulu sasePeru, iLima, indoda ethile eneminyaka engama-29 ubudala ichaza indlela eyafumana ngayo inyaniso. Yakuba isishiyile isikolo ineminyaka eli-13 ubudala, yathelela iqela leendlobongela yaza yaqalisa ukuthand’ ukulwa, ukusebenzisa iziyobisi nokuqhelisela ukuziphatha okubi. Emva kweminyaka emibini ikwinkonzo yasemkhosini enyanzeliswayo, yaqalisa ukugula ngengqondo. Kwandula ke, ngowe-1983, udade othobekileyo nolulamileyo wadibana nayo kwinkonzo yakhe yendlu ngendlu. Okwesihlandlo sokuqala, yeva ngehlabathi elitsha lothando noxolo. Kwaqaliswa isifundo seBhayibhile, yaye ngoncedo olunothando olwaluvela ebandleni nakumandla kaYehova, yakwazi ukoyisa imikhwa yayo emibi. Ngowe-1986 yabhaptizwa yaye ngoku ikhonza ebandleni njengesicaka solungiselelo.
Ngokwenyaniso, amazwi kaYesu athi uBukumkani buya kushunyayelwa kude kuse “nasekupheleni komhlaba” ayazalisekiswa ePeru ngemiphumo emangalisayo, eyingenelo yabaninimzi abakwelo lizwe abalambele nabanxanelwe inyaniso.