IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w91 1/1 iphe. 8-9
  • “Nanko Umntu”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Nanko Umntu”
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Amanqaku Afanayo
  • “Nanko Umntu”
    Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila
  • “Nantsi Le Ndoda!”
    UYesu—Indlela, Inyaniso, Ubomi
  • Wayengubani UPontiyo Pilato?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2005
  • Ukusuka KuPilato Ukuya KuHerode Nokubuyela Kuye
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1990
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
w91 1/1 iphe. 8-9

Ubomi Nobulungiseleli BukaYesu

“Nanko Umntu”

ECHUKUMISEKILE sisimilo sikaYesu yaye eqonda ukuba msulwa kwakhe, uPilato uzama enye indlela yokumkhulula. Uzixelela oku izihlwele: “Ninesiko lokuba ndinikhululele abe mnye ngepasika.”

UBharabhas, umbulali odume kakubi, naye ulibanjwa, ngoko uPilato ubuza athi: “Nithanda ukuba ndinikhululele wuphi na, uBharabhas, uYesu ekuthiwa nguKristu, kusini na?”

Beqhutywa ngababingeleli abakhulu abaye babaphembelela, abantu bacela ukuba uBharabhas akhululwe kodwa uYesu abulawe. Enganikezeli, uPilato uyasabela, ebuza kwakhona esithi: “Nguwuphi na kwaba bobabini enithanda ukuba ndinikhululele yena?”

Bakhwaza bathi: “NguBharabhas.”

“Ndimenzeni na ke uYesu ekuthiwa nguKristu?” uPilato ubuza atsho ngokudana.

Ngomgqumo omnye otsho iindlebe zivaleke, baphendula bathi: “Makabethelelwe emthini.” “Bethelela emthini; mbethelele emthini.”

Esazi ukuba bafuna kufe umntu omsulwa, uPilato ubongoza athi: “Kuba enze bubi buni na lo? Andifumananga tyala lakufa kuye; ndothi ngoko, ndakumbetha, ndimkhulule.”

Phezu kwayo nje imigudu yakhe, isihlwele esivuthayo ngumsindo, sithundezwe ziinkokeli zaso zonqulo, siqhubeka sikhwaza sisithi: “Makabethelelwe emthini.” Senziwe saphambana ngababingeleli, isihlwele sinxanelwe igazi. Yaye khawufane ucinge nje, kwiintsuku ezintlanu nje ngaphambilana, abanye kuso ngokunokwenzeka bebephakathi kwabo bamkela uYesu njengoKumkani eYerusalem! Lonke eli xesha, abafundi bakaYesu, ukuba bakhona, bathe cwaka yaye abaphawulwa.

UPilato, ebona ukuba izibongozo zakhe azincedi nto kodwa, kunoko, isiphithiphithi siyanda, uthabatha amanzi aze ahlambe izandla zakhe phambi kwesihlwele, yaye uthi: “Andinatyala egazini lalo mntu ulilungisa; ziboneleni nina.” Akuba ethethe oko abantu baphendula bathi: “Igazi lakhe malibe phezu kwethu, naphezu kwabantwana bethu.”

Ngoko, ngokuvisisana noko bakuthethayo—yaye enqwenela ukwanelisa isihlwele ngaphezu kokwenza oko akwaziyo ukuba kulungile—uPilato ubakhululela uBharabhas. Uthabatha uYesu yaye uyamkhulula aze amtyakatye. Oku yayingekokubethwa kuqhelekileyo. IThe Journal of the American Medical Association ichaza uqheliselo lwamaRoma lokutyakatya isithi:

“Isixhobo esiqhelekileyo sasisisabhokhwe esifutshane (iflagrum okanye iflagellum) esineentambo eziliqela zofele ezinganye okanye ezalukiweyo zobude obahlukahlukeneyo, ekwakuthi kuzo kubotshelelwe iintsimbi ezincinane okanye iingceba ezibukhali zamathambo egusha. . . . Njengoko amasoldati amaRoma ayewubetha ngokuphindaphindiweyo nangezithonga ezivakalayo umqolo wexhoba, iintsimbi ezincinane beziye zenze imivumbo enzulu, yaye iintambo zofele namathambo egusha ebeye asike isikhumba nezicwili ezingaphantsi kwesikhumba. Kwandule ke, njengoko ukutyakatya kwakuqhubeka, amanxeba ebeye akrazuke aveze izihlunu aze avelise inyama eyophayo eyimicu.”

Emva koku kubethwa kuthuthumbisayo, uYesu usiwa kwibhotwe lerhuluneli, yaye lonke ibutho lamasoldati libizelwa ndawonye. Apho amasoldati amxhaphaza ngakumbi ngokuthi oluke isithsaba sameva aze asinyanzele entlokweni yakhe. Abeka ingcongolo esandleni sakhe sokunene, yaye amnxibisa ingubo ebomvu, uhlobo olunxitywa ngabasebukhosini. Emva koko athi kuye ngokugculelayo: “Aa! Kumkani wamaYuda!” Kwakhona, ayamtshicela aze amqhwabe ebusweni. Ethabatha ingcongolo eyomeleleyo esandleni sakhe, ayisebenzisela ukumbetha entloko, enyanzela ngakumbi kukhakhayi lwakhe ameva abukhali “esithsaba” sakhe sokumhlazisa.

Isidima namandla kaYesu aphawulekayo phezu koku kuphathwa kakubi kumchukumisa kakhulu uPilato kangangokuba ushukunyiselwa ukuba enze omnye umgudu wokumkhulula. Uxelela izihlwele oku: “Yabonani, ndimzisa phandle kuni, ukuze nazi ukuba andifumani nalinye ityala kuye.” Kunokwenzeka ukuba ucinga ukuba ukubona uYesu ekwimeko yokuthuthunjiswa kuya kuzithambisa iintliziyo zaso. Njengoko uYesu eme phambi kwehlokondiba elingenalusizi, enxibe isithsaba sameva nengubo yokwaleka ebomvu nobuso bakhe obophayo buzele intlungu, uPilato uvakalisa oku: “Nanko umntu.”

Nangona eyiloo nto ngamanxeba nokubethwa, apha kume oyena mntu ubalaseleyo kuyo yonke imbali, enyanisweni oyena mntu mkhulu owakha waphila! Ewe, uYesu ubonakalisa isidima ngokungakhuphi nelimdaka nangokuzola okubonisa ubukhulu kangangokuba noPilato umele avume, kuba amazwi akhe ngokuphandle avakalisa intlonelo nosizi. Yohane 18:39–19:5; Mateyu 27:15-17, 20-30, NW; Marko 15:6-19, NW; Luka 23:18-25, NW.

◆ UPilato uzama ngayiphi indlela ukukhulula uYesu?

◆ UPilato uzama njani ukuzikhulula kwimbopheleleko?

◆ Ukutyakatywa kubandakanya ntoni?

◆ UYesu ugculelwa njani emva kokuba etyakatyiwe?

◆ Nguwuphi umgudu owongezelelekileyo owenziwa nguPilato wokukhulula uYesu?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share