“Ngumzimba Wam Lo”
“THABATHANI nidle; ngumzimba wam lo.” (Mateyu 26:26, The New Jerusalem Bible)
Ngoxa wayethetha la mazwi, uYesu Kristu wadlulisela isonka esingenagwele kubapostile bakhe xa wayesungula iSidlo seNkosi Sangokuhlwa. Kodwa wayethetha ukuthini ngamazwi athi, “Ngumzimba wam lo”?
IMPENDULO kulo mbuzo ibalulekile kumaRoma Katolika, ekubeni amazwi kaYesu esisiseko semfundiso yokuba isonka newayini ziguquka zibe ngumzimba kaYesu wokoqobo. Ngokwale nkolelo, xa amaKatolika esenza idini leMisa aze aginye isonka somthendeleko, siguquka sibe ngumzimba kaKristu ongokoqobo, okanye inyama yakhe. Ngoko ke, awanakuvumelana kwaphela neNew World Translation of the Holy Scriptures, eguqulela amazwi kaYesu ngokuthi: “Thabathani, nidle. Oku kumele umzimba wam.” Le nguqulelo inikela ingcamango yokuba isonka sasingumfuziselo wenyama kaYesu, kungekhona inyama ngokwayo. Yiyiphi inguqulelo edlulisela ingcamango echanileyo?
Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “Ngu” okanye “kumele” lelithi e·stinʹ. Ngokusisiseko lithetha “ngu,” kodwa lisekwanokuthetha ukuthi “kubonisa, kusingisele.” Yiyiphi inguqulelo efanelekileyo kulo mongo?
Okubalulekileyo koko kuthethwa ngumbhalo osemazantsi kuMateyu 26:26 ngolwimi lweSpanish kwiLa Sagrada Escritura, Texto y comentario por Profesores de la Compañía de Jesús, Nuevo Testamento I (IZibhalo Ezingcwele, Isibhalo Namagqabaza NgooNjingalwazi Bebutho LikaYesu, KwiTestamente Entsha) Uthi: ‘Le nguqulelo, xa siyijonga ngokwendlela yomgaqo-ntetho, inokuguqulelwa ngokufanayo ngokuthi kusingisele okanye kufuzisela nokuthi ngu—nto leyo ebhekisela kuyo ngokoqobo. Njengemizekelo apho intsingiselo iligama elithi kufuzisela, kunokucatshulwa iGenesis 41:26; Hezekile 5:5; Daniyeli 7:17; Luka 8:11; Mateyu 13:38; 16:18; Galati 4:24; ISityhilelo 1:20. Intsingiselo yokuba ngu ([ngengqiqo yokuba] iyafana ne) iqondwa, njengokuba kunokubonwa kwiincwadi zemfundiso esisiseko, ngaphandle kokucinga ukuba kusenokwenzeka ibe sisikweko, okanye ufaniso, yaye nangendlela iCawa yamandulo eyaliqonda ngayo eli binzana.’
Njengokuba le nguqulelo yamaRoma Katolika ibonisa ngokucacileyo, ngokomgaqo-ntetho amazwi kaYesu anokuqondwa nangayiphi na indlela. Enyanisweni, igama lesiGrike elithi e·stinʹ liguqulelwa ngokuthi “esimele” kwezinye iindawo kwiNew Jerusalem Bible yamaKatolika. (Mateyu 12:7) Liliphi igama umguquleli afanele alikhethe kuMateyu 26:26? Ekubeni uYesu wayesaphila kumzimba ofezekileyo xa wathetha amazwi akweso sibhalo, isonka awayesidlulisela kubafundi bakhe sasingenakuba yinyama yakhe yokoqobo. Ngaphezu koko, umzimba wakhe ofezekileyo wobuntu uphela wanikelwa njengedini lentlawulelo. (Kolose 1:21-23) Ngenxa yoko, eyona ndlela ilungileyo yokuguqulela le ndinyana yile: “Oku kumele umzimba wam.” Isonka esingenagwele safuzisela umzimba kaYesu, ekwakuza kuthi kungekudala kubingelelwe ngawo ngenxa yoluntu.
Kwanokuba iBhayibhile oyisebenzisayo inamazwi athi “ngumzimba wam lo,” akukho mfuneko yokuba udideke. UYesu wayisebenzisa ngokufuthi loo ndlela yokuthetha. Xa wathi, “Ndim isango” naxa wathi, “mna ndingumdiliya wenyaniso,” akukho namnye owacinga ukuba wayelisango lokoqobo okanye umdiliya wokoqobo. (Yohane 10:7; 15:1) Ibe xa ngokutsho kweThe New Jerusalem Bible, wayedlulisela indebe yewayini kubafundi bakhe waza wathi: “Le ndebe ingumnqophiso omtsha,” akukho namnye owacinga ukuba loo ndebe yayingumnqophiso omtsha ngokoqobo. (Luka 22:20) Ngokufanayo, xa wathi isonka ‘sasingumzimba’ wakhe, simele siqonde ukuba isonka ‘sasimele,’ okanye sasifuzisela, umzimba wakhe.