Londoloza Ukholo Nesazela Esilungileyo
Iimbalasane ZeyokuQala KuTimoti
MALUNGA nomnyaka wama-56 C.E., umpostile uPawulos walumkisa abadala bebandla lase-Efese esithi kwakuya kuvela “iingcuka ezibawayo” phakathi kwabo zize ‘zithethe izinto ezigwenxa, ukuba zirhole abafundi emva kwazo.’ (IZenzo 20:29, 30) Kwiminyaka embalwa, imfundiso yowexuko yayingumbandela onzulu kangangokuba uPawulos wabongoza uTimoti ukuba alwe umlo wokomoya ngaphakathi ebandleni ukuze aligcine linyulu aze ancede amakholwa angoowabo ukuba ahlale elukholweni. Eso yayisisizathu esiyintloko sokubhala kukaPawulos incwadi yakhe yokuqala eya kuTimoti eseMakedoni malunga nowama-61-64 C.E.
UTimoti wayalelwa ngemisebenzi yomdala, indima abafazi abayabelwe nguThixo, iimfaneleko zabadala nezicaka zolungiselelo, neminye imibandela. Uyalelo olunjalo luyingenelo nanamhlanje.
Isibongozo Sokuba Nokholo
UPawulos uqalisa ngesiluleko sokuba nokholo nesazela esilungileyo. (1Ti 1:1-20) Wamkhuthaza uTimoti ukuba ahlale e-Efese nokuba ‘abathethele abanye, bangafundisi mfundiso yimbi.’ UPawulos wayenombulelo ngobulungiseleli awayebunikiwe, evuma ukuba wayenze izinto ngokungazi nangokungabi nalukholo xa wayetshutshisa abalandeli bakaYesu. Lo mpostile wamyalela uTimoti ukuba aqhubeke esilwa umlo wokomoya, ‘enokholo nesazela esilungileyo’ nokuba angabi njengabo ‘baphukelwa ngumkhombe mayelana nokholo.’
Isiluleko Esingonqulo
Ngokulandelayo, uPawulos wanikela isiluleko ‘njengomfundisi weentlanga elukholweni nasenyanisweni.’ (2:1-15) Kwakumele kwenziwe imithandazo ngenxa yabo basekongameni ukuze amaKristu ahlale ngoxolo. Kukuthanda kukaThixo ukuba zonke iindidi zabantu zisindiswe, yaye imfundiso ebalulekileyo ikukuba uKristu ‘wazinikela ukuba abe yintlawulelo yokukhulula abantu bonke.’ UPawulos wabonisa ukuba umfazi ufanele abe nokundileka aze angayilawuli indoda.
Ibandla limele lilungelelaniswe kakuhle. (3:1-16) Ngoko uPawulos wamisela iimfaneleko zabaveleli nezezicaka zolungiselelo. Ngokusuka kwizinto awazibhalayo lo mpostile, uTimoti wayeya kuyazi indlela awayemele ahambe ngayo ebandleni, “intsika nesiseko sayo inyaniso.”
UPawulos wamluleka ngokobuqu uTimoti ukuze amncede azilinde nxamnye nemfundiso yobuxoki. (4:1-16) Kumaxesha amva inxenye yayiya kumka elukholweni. Kodwa ngokuhlala ezilumkele yena nemfundiso yakhe, uTimoti wayeya ‘kuzisindisa yena, abasindise nabo bamvayo.’
Kwakhona uTimoti walulekwa ngendlela yokuqhubana nabantu ngabanye, abaselula nabadala. (5:1-25) Ngokomzekelo, kwakumele kwenziwe amalungiselelo afanelekileyo okunceda abahlolokazi abadala abaziwa njengamaKristu afanelekileyo. Kunokuba ngabahlebi, abahlolokazi abaselula bafanele batshate baze babe nabantwana. Amadoda amakhulu ongamela kakuhle ayefanele agqalwe njengalawo afanelwe yimbeko ephindwe kabini.
Ukuhlonela UThixo Nokwanela
Incwadi kaPawulos yaqukunjelwa ngesiluleko esingokuhlonela uThixo. (6:1-21) “Ukuhlonela uThixo, kundawonye nokwanela” kusekelezele inzuzo enkulu, kodwa ukuzimisela ukuba sisityebi kukhokelela ekuzonakaliseni nasekuzibhodlozeni. UPawulos wabongoza uTimoti ukuba awuzame umzamo omhle wokholo aze ‘abubambe ubomi obungunaphakade.’ Ukuze babubambe obo bomi bokwenene, abazizityebi babemele “bangathembeli butyebini bungagqalekiyo; mabathembele kuThixo ophilileyo.”
[Ibhokisi/Umfanekiso okwiphepha 30]
Ukusindiswa Ngokuzala: UPawulos wayengaxubushi ngokusindiselwa kubomi obungenasiphelo kodwa wayexubusha ngendima efanelekileyo yomfazi xa wabhala oku: “Wosindiswa ngokuzala, ukuba bathe bema elukholweni, naseluthandweni, nasebungcwaliseni, benesidima.” (1 Timoti 2:11-15) Ngokuzala, ukunyamekela abantwana, nokunyamekela umzi, umfazi ‘wayeya kusindiswa’ ekubeni ngumhlebi ongenanto yakwenza nogxuphuleka kwimicimbi yabanye abantu. (1 Timoti 5:11-15) Imisebenzi yakhe yekhaya yayiya kongezelela kwinkonzo yakhe kuYehova. Kambe ke, onke amaKristu afanele ayilinde ihambo yawo aze alisebenzise ngobulumko ixesha lawo.—Efese 5:15, 16.