Isizathu Sokuba Kufuneka Sibe Nokholo Nobulumko
Iimbalasane Zencwadi KaYakobi
ABAKHONZI bakaYehova kufuneka banyamezele xa bephantsi kwesilingo. Bakwamele bayiphephe ihambo ebiya kuphumela ekubeni bangayifumani inkoloseko kaThixo. Iingongoma ezinjalo ziyagxininiswa kwincwadi kaYakobi, yaye ukunikel’ ingqalelo efanelekileyo kuzo kufuna ukholo olunemisebenzi nobulumko basezulwini.
Umbhali wale ncwadi akazichazi njengomnye wabapostile ababini bakaYesu ababizwa ngokuba ngooYakobi kodwa ‘njengomkhonzi kaThixo noKristu.’ Ngokufanayo, umnakwaboYesu ngonina uYuda uthi ‘ungumkhonzi kaYesu Kristu, umzalwana ke kaYakobi.’ (Yakobi 1:1; Yuda 1; Mateyu 10:2, 3) Ngenxa yoko, umnakwaboYesu ngonina uYakobi ngokucacileyo wayibhala ngokwakhe le ncwadi ibizwa ngegama lakhe.—Marko 6:3.
Le ncwadi ayikukhankanyi ukutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-70 C.E., yaye umbhali-mbali uJosephus ubonisa ukuba uYakobi wabulawelwa ukholo kancinane nje emva kokufa kwebamba leRoma uFesto malunga nowama-62 C.E. Ngoko, ngokucacileyo le ncwadi yabhalwa ngaphambi kowama-62 C.E. Yayibhalelwa “izizwe ezilishumi elinazibini” zikaSirayeli wokomoya, kuba yayibhekiswa kwabo babenako “ukukholwa yiNkosi yethu yozuko, uYesu Kristu.”—Yakobi 1:1; 2:1; Galati 6:16.
UYakobi usebenzisa imizekeliso enokusinceda sikhumbule isiluleko sakhe. Ngokomzekelo, ubonisa ukuba umntu ocela ubulumko kuThixo ufanele angathandabuzi, “kuba lowo uthandabuzayo ufana nokulatyuza kolwandle, luqhutywa ngumoya, luntsileka.” (1:5-8) Ulwimi lwethu lufanele lulawulwe kuba lunokulawula umendo wethu njengoko umthi wokujika umkhombe ulawula umkhombe. (3:1, 4) Yaye ukuze sikwazi ukumelana nezilingo, kufuneka sibonakalise ukunyamezela ngomonde njengoko esenjenjalo umlimi xa elinde isivuno.—5:7, 8.
Ukholo, Iimvavanyo Nemisebenzi
Okokuqala uYakobi ubonisa ukuba sinokonwaba njengamaKristu phezu kwazo nje izilingo esijamelene nazo. (1:1-18) Zimbi zezi zilingo, ezinjengezigulo, zenzeka kubantu bonke, kodwa amaKristu akwava ubunzima kuba engabakhonzi bakaThixo nabakaKristu. UYehova uya kusinika ubulumko esibufunayo ukuze sinyamezele ukuba siqhubeka sibucela sinokholo. Akaze asihende ngezinto ezingendawo, yaye sinokukholosa ngaye ekusilungiseleleni oko kulungileyo.
Ukuze sizuze uncedo lukaThixo, simele simnqule ngokwenza imisebenzi ebonakalisa ukholo lwethu. (1:19–2:26) Oku kufuna ukuba sibe “ngabenzi belizwi,” kungekhona abaphulaphuli nje. Simele silulawule ulwimi, sibanyamekele abaziinkedama nabahlolokazi, size sihlale singenabala kulo ihlabathi. Ukuba sithanda abazizityebi size sibajongele phantsi abangamahlwempu, siya kuba saphula “umthetho wakomkhulu” wothando. Kukwafuneka sikhumbule ukuba ukholo lubonakaliswa ngemisebenzi, njengoko imizekelo ka-Abraham noRahabhi ibonisa kakuhle. Eneneni, “ukholo, ingekho imisebenzi, lufile.”
Ubulumko Basezulwini Nomthandazo
Abo bafundisayo kufuneka babe nokholo nobulumko ukuze baphumeze imisebenzi abayabelweyo. (3:1-18) Banembopheleleko enzima kakhulu njengabayaleli. Njengabo, simele silulawule ulwimi—nto leyo ubulumko basezulwini businceda ukuba siyenze.
Kwakhona ubulumko benza sikwazi ukuqonda ukuba ukuyekelela kutyekelo lwehlabathi kunokulonakalisa ulwalamano lwethu noThixo. (4:1–5:12) Ukuba siye sazabalazela ukwanelisa iminqweno yokuzingca okanye siye sagxeka abazalwana bethu, kufuneka siguquke. Yaye hayi indlela ekubaluleke ngayo ukuphepha ukuba sisihlobo neli hlabathi, kuba oku kukukrexeza ngokomoya! Masingaze sikugatye ukuthanda kukaThixo ngokuceba ngohlobo olubonakalisa ukuthanda izinto eziphathekayo, yaye ngamana singazilinda nxamnye nokungabi namonde ngokomoya nokukhalazelana.
Nabani na ogulayo ngokomoya ufanele afune uncedo lwabadala bebandla. (5:13-20) Ukuba kuye kwenziwa izono, imithandazo nesiluleko sabo esinobulumko ziya kunceda ekubuyiseleni impilo engokomoya yomoni oguqukayo. Enyanisweni, “lowo wamguqulayo umoni ekulahlekeni kwakhe, woba usindise umphefumlo [womoni] ekufeni [okungokomoya nokungunaphakade].”
[Ibhokisi ekwiphepha 23]
Abenzi Belizwi: Sifanele sibe ‘ngabenzi belizwi, singabi ngabaphulaphuli bodwa.’ (Yakobi 1:22-25) Umphulaphuli nje “ufana nendoda eqiqa ubuso bayo bobuntu esipilini.” Emva kokuzihlola ngokufutshane, iyemka “ilibale kwaoko ukuba ibinjani na.” Kodwa ‘umenzi welizwi’ uwujonga ngenyameko umthetho kaThixo ogqibeleleyo, okanye opheleleyo, esamkela yonke into efunekayo kumKristu. ‘Uhlala ehleli kuwo,’ eqhubeka ewuhlolisisa ngenyameko loo mthetho enenjongo yokulungisa ukuze avisisane nawo ngokusondeleyo. (INdumiso 119:16) ‘Umenzi womsebenzi’ wahluka njani emntwini ozijonga esipilini aze alibale oko sikubonisayo? Ewe, umenzi usebenzisa ilizwi likaThixo yaye unandipha inkoloseko Yakhe!—INdumiso 19:7-11.