Xelisa Inceba KaThixo Namhlanje
“Masesisiwa esandleni sikaYehova; ngokuba ininzi imfesane yakhe.”—2 SAMUWELI 24:14.
1. UDavide wavakalelwa njani yinceba kaThixo, yaye ngoba?
UKUMKANI UDAVIDE wayesazi ngokusuka kumava ukuba uYehova unenceba ngaphezu kwabantu. Enentembelo kwiindlela zikaThixo, okanye kumanyathelo akhe, kuba ngawona alungileyo, uDavide wayenomnqweno wokufunda iindlela Zakhe nokuhamba enyanisweni Yakhe. (1 Kronike 21:13; INdumiso 25:4, 5) Ngaba uvakalelwa ngendlela uDavide awavakalelwa ngayo?
2. Liliphi icebiso uYesu awalinikelayo kuMateyu 18:15-17 elingokusingatha izono ezinzulu?
2 IBhayibhile isinika ukuqonda ngeengcinga zikaThixo, kwanakwimibandela enjengoko sifanele sikwenze xa uthile esona. UYesu waxelela abapostile bakhe, ababeya kuthi kamva babe ngabaveleli abangamaKristu esithi: “Ukuba ke umzalwana wakho uthe wakona, yiya umohlwaye inguwe naye ninedwa; ukuba uthe wakuva, woba umzuzile umzalwana wakho.” Isiphoso esasibandakanyekile apha yayingesosiphoso nje esincinane sobuqu kodwa yayisisono esinzulu, esinjengobuqhetseba okanye ukudla abanye izithende. UYesu wathi ukuba eli nyathelo aliwuzinzisi lo mbandela, yaye ukuba kukho amangqina, lowo woniweyo ufanele eze nawo ukwenzela ukungqina ukuba woniwe ngokwenene. Ngaba eli nyathelo lilinge lokugqibela? Akunjalo. “Ke ukuba [umoni] uthe akeva buya uthabathe nawe abe mnye nokuba babini, ukuze onke amazwi amiswe ngomlomo wamangqina amabini, nokuba ngamathathu. Ukuba ke uthe akabeva, xelela ibandla; ukuba ke uthe akaliva nebandla, kuwe makabe njengoweentlanga nombuthi werhafu.”—Mateyu 18:15-17.
3. Wayethetha ukuthini uYesu xa wathi umenzi wobubi ongaguqukiyo makabe “njengoweentlanga nombuthi werhafu”?
3 Ekubeni babengamaYuda, abapostile babeya kukuqonda oko kwakuthethwa kukuphatha umoni “njengoweentlanga nombuthi werhafu.” AmaYuda ayekuphepha ukunxulumana nabantu beentlanga, yaye ayewacekisa amaYuda awayesebenza njengababuthi berhafu yamaRoma.a (Yohane 4:9; IZenzo 10:28) Ngenxa yoko, uYesu wayexelela abafundi bakhe ukuba ukuba ibandla limgxothile umoni, kwakufuneka bayeke ukunxulumana naye. Noko ke, oku kuvisisana njani nokuhlala kukaYesu nababuthi berhafu ngamathub’ athile?
4. Ngenxa yamazwi akhe akuMateyu 18:17, kwakutheni ukuze uYesu anxulumane nababuthi berhafu naboni?
4 ULuka 15:1 uthi: “Babesondela kuye bonke ababuthi berhafu naboni, ukuba bamve.” Babengekho apho bonke ababuthi berhafu okanye aboni, kodwa igama elithi “bonke” kule nkalo lithetha abaninzi. (Thelekisa uLuka 4:40.) Abaphi? Abo babenomdla wokuxolelwa izono zabo. Bambi baba ngaphambilana babenomdla kwisigidimi senguquko sikaYohane uMbhaptizi. (Luka 3:12; 7:29) Ngoko xa abanye beza kuYesu, ukubashumayeza kwakhe kwakungangqubani nesiluleko sakhe esikuMateyu 18:17. Phawula ukuba ‘into eninzi yababuthi berhafu naboni yayimva uYesu kwaye ke yayimlandela.’ (Marko 2:15) Aba asingabo abo babesafuna ukuqhubeka nekhondo labo elibi lokuphila, bengalwamkeli naluphi uncedo. Kunoko, basiva isigidimi sikaYesu yaye iintliziyo zabo zachukumiseka. Nangona basenokuba babesona, kunokwenzeka ukuba babeqalisa ukwenza iinguqulelo, ngokubashumayeza kwakhe, “umalusi olungileyo” wayexelisa uYise onenceba.—Yohane 10:14.
Ukuxolela, Imfanelo YamaKristu
5. Ngokusisiseko uYehova ukujonga njani ukuxolela?
5 Sinala mazwi asiqinisekisayo nafudumez’ intliziyo omdla kaThixo wokuxolela: “Ukuba sithi sizivume izono zethu, uthembekile, ulilungisa, ukuba asixolele izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.” “Ndinibhalela ezi zinto, ukuze ningoni. Ukuba kukho othe wona, sinoMthetheleli kuye uYise, uYesu Kristu ilungisa.” (1 Yohane 1:9; 2:1) Ngaba umntu osusiweyo kubudlelane angaxolelwa?
6. Yintoni afanele ayenze umntu osusiweyo kubudlelane ukuze axolelwe aze abuyiselwe?
6 Ewe. Ngexesha lokususwa komntu othile kubudlelane ngenxa yokungaguquki esonweni, abadala abamela ibandla bayamchazela ukuba kunokwenzeka ukuba aguquke aze axolelwe nguThixo. Usenokuza kwiintlanganiso eziqhutyelwa eHolweni yoBukumkani, apho anokuphulaphula khona imfundiso yeBhayibhile enokumnceda ukuze aguquke. (Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 14:23-25.) Ekuhambeni kwexesha usenokufuna ukubuyiselwa kwibandla elicocekileyo. Xa ngelo xesha abadala behlanganisana naye, baya kuzama ukufumanisa enoba uguqukile kusini na waza walishiya ikhondo lakhe lesono. (Mateyu 18:18) Ukuba kunjalo, unokubuyiselwa, ngokuvisisana nomgaqo okweyesi-2 kwabaseKorinte 2:5-8. Ukuba ebesuswe kubudlelane kangangeminyaka emininzi, kuya kufuneka enze umgudu ongamandla wokwenza inkqubela. Emva koko usenokufuna uncedo olukhulu ukuze akhe ulwazi lwakhe lweBhayibhile noxabiso ukuze abe ngumKristu owomeleleyo ngokomoya.
Ukubuyela KuYehova
7, 8. Nguwuphi umzekelo uThixo awawumiselayo ngokuphathelele abantu bakhe ababethinjiwe?
7 Kodwa ngaba abadala banokuqalisa ngokwabo ukuthabatha nawaphi na amanyathelo okuthetha nomntu osusiweyo kubudlelane? Ewe. IBhayibhile ibonisa ukuba inceba ibonakaliswa kungekhona ngokusuka nje kurhoxotyiswe ekuphumezeni isohlwayo kodwa ngokufuthi ibonakaliswa ngokuthi kuthatyathwe amanyathelo angqalileyo okunceda. Apha sinomzekelo kaYehova. Ngaphambi kokuvumela ukuba abantu bakhe ababengathembekanga bathinjwe, wanikela isiprofeto sokuba babeya kubuya: “Khumbula ezo zinto, Yakobi, Sirayeli, ngokuba ungumkhonzi wam. . . . Ndilucimile njengelifu elingqingqwa ukreqo lwakho, nezono zakho njengelifu elisibekeleyo; buyela kum, ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela.”—Isaya 44:21, 22.
8 Wandula ke, ngoxa babesekuthinjweni, uYehova wathabatha amanye amanyathelo, enikela uncedo. Wathumela abaprofeti, abameli bakhe, ukukhuthaza amaSirayeli ukuba ‘amfune aze amfumane.’ (Yeremiya 29:1, 10-14) KuHezekile 34:16, wazifanisa nomalusi waza abantu bohlanga lakwaSirayeli wabafanisa nezimvu ezilahlekileyo esithi: “Ezilahlekileyo ndiya kuzifuna, ndibuyise eziziintsali.” KuYeremiya 31:10, uYehova kwakhona uzichaza njengomalusi kaSirayeli. Phofu ke, akazange azifanise nomalusi osebuhlanti olindele imvu elahlekileyo ukuba izibuyele; kunoko, wazibonakalisa engumalusi ozikhangelayo izimvu ezilahlekileyo. Phawula ukuba kwanaxa abantu ngokubanzi babengaguquki yaye besekuthinjweni, uThixo waqalisa ngokwakhe ukwenza imigudu yokuba babuye. Yaye ngokuvisisana noMalaki 3:6, uThixo wayengayi kuyiguqula indlela awayeqhubana ngayo nabantu kwilungiselelo lamaKristu.
9. Walandelwa njani umzekelo kaThixo kwibandla lamaKristu?
9 Ngaba oku akuthethi kuthi kusenokubakho isizathu sokuthabatha kuqala amanyathelo okuya kwabathile abasusiweyo kubudlelane nabasenokuba ngoku baguqukile? Khumbula ukuba umpostile uPawulos wayalela ukuba umntu ongendawo agxothwe kwibandla laseKorinte. Kamva wayalela ukuba ibandla liluqinise uthando lwalo ngomntu onjalo ngenxa yokuba wayeguqukile, nto leyo eyayikhokelela ekubeni abuyiselwe ebandleni.—1 Korinte 5:9-13; 2 Korinte 2:5-11.
10. (a) Yiyiphi intshukumisa efanele ikhokelele kuyo nayiphi na imigudu yokuba kuqhagamshelwane nabantu abasusiweyo kubudlelane? (b) Kutheni ingenakuba zizalamane ezingamaKristu eziqalisa olo qhagamshelwano?
10 Intyilalwazi ecatshulwe ngaphambilana ithe: ‘Uqheliselo olusisiseko lokususa kubudlelane yayikukulondoloza imigaqo yelo qela: “igwele elincinane libilisa intlama iphela” (1 Kor. 5:6). Le ntshukumisa icacile kwinkoliso yeendinyana zeBhayibhile nakwezinye iincwadi ekuthiwa ziphefumlelwe, kodwa inkxalabo ngomntu lowo, kwanasemva kokugxothwa kwakhe, yayisisiseko sesibongozo sikaPawulos kweyesi-2 kwabaseKorinte 2:7-10.’ (Akekeliswe sithi.) Ngenxa yoku, abalusi bomhlambi banamhlanje bafanele ngokusengqiqweni babonakalise inkxalabo elolu hlobo. (IZenzo 20:28; 1 Petros 5:2) Abahlobo bangaphambili nezalamane basenokuba nethemba lokuba umntu othile osusiweyo kubudlelane uza kubuya; kodwa ngenxa yokuthobela umyalelo okweyoku-1 kwabaseKorinte 5:11, abanxulumani nomntu ogxothiweyo.b Oku bakushiyela kubalusi abanyuliweyo ukuba bathabathe amanyathelo okuqala ukubona enoba umntu lowo unomdla ekubuyeni kusini na.
11, 12. Luhlobo olunjani lwabantu abagxothiweyo abangasayi kuthi nabadala bafune ukuqhagamshelana nabo, kodwa ngabaluhlobo luni abanokubatyelela?
11 Bekungayi kuba kokufanelekileyo kwanangabadala ukuthabatha inyathelo lokuqala lokuya kwabathile abagxothiweyo, njengabawexuki, ‘abathetha izinto ezigwenxa, ukuba babarhole abafundi emva kwabo.’ Aba ‘ngabafundisi ababuxoki, abangenisa amahlelo entshabalalo nabathi benokubawa balibonelele ibandla ngamazwi alalanisayo.’ (IZenzo 20:30; 2 Petros 2:1, 3) Kwakhona iBhayibhile ayinikeli nasiphi na isiseko sokuzingela abantu abasuswe kubudlelane abaqaqadekileyo okanye abasabambelele ngamandla ekwenzeni ububi.—2 Tesalonika 2:3; 1 Timoti 4:1; 2 Yohane 9-11; Yuda 4, 11.
12 Noko ke, abaninzi abagxothiweyo ábánjalo. Uthile usenokuba wayeka ukwenza isono esinzulu awayesenza nesabangela ukuba asuswe kubudlelane. Omnye usenokuba wayesebenzisa icuba, okanye kwixesha elidluleyo wayebusebenzisa ngokugqithiseleyo utywala, kodwa ngoku usenokuba akabakhokeleli abanye ukuba benze isono. Khumbula ukuba kwanangaphambi kokuba amaSirayeli awayethinjiwe aguqukele kuThixo, wathumela abameli bakhe ewabongoza ukuba abuyele kuye. Enoba uPawulos okanye abadala kwibandla laseKorinte bathabatha inyathelo lokuqala lokukhangela umntu owayesusiwe kubudlelane, iBhayibhile ayisixeleli. Xa umntu lowo waguqukayo waza wakuyeka ukuziphatha okubi, uPawulos wayalela ibandla ukuba limamkele.
13, 14. (a) Yintoni ebonakalisa ukuba abathile abagxothiweyo banokusabela ngokufanelekileyo xa kubonakaliswa inceba? (b) Iqumrhu labadala linokulungiselela njani ukuba kuqhagamshelwane nomntu onjalo?
13 Kumaxesha akutshanje kuye kwakho iimeko apho athi umdala engalindelanga adibane nomntu othile osusiweyo kubudlelane.c Xa ebona kufanelekile, ngokufutshane loo malusi ebemchazela ubani lowo osusiweyo kubudlelane amanyathelo anokuwathabatha ukuze abuyiselwe. Bambi babantu abanjalo baye baguquka baza babuyiselwa. Imiphumo evuyisa ngolo hlobo ibonisa ukuba kusenokuba kukho abantu abathile ababesusiwe kubudlelane okanye ababezahlulile abaya kusabela xa abalusi besiza kubo ngenjongo yokubonakalisa inceba. Kodwa abadala banokuwusingatha njani lo mbandela? Ubuncinane kanye ngonyaka, iqumrhu labadala linokuqwalasela enoba akukho bantu banjalo bahlala kumhlaba wentsimi yalo.d Abadala baya kunikela ingqalelo kwabo baye bagxothwa ithuba elingaphezu konyaka. Ngokuvuma kweemeko, ukuba kufanelekile, baya kwabela abadala ababini (ukuba kunokwenzeka abo baqheleneyo nemeko yaloo mntu) ukuba batyelele loo mntu. Akuyi kutyelelwa nabaphi na ababonakalisa isimo sengqondo esibi gqitha nesiyingozi okanye abaye bazisa ngokuphandle ukuba bona abafuni luncedo.—Roma 16:17, 18; 1 Timoti 1:20; 2 Timoti 2:16-18.
14 Abalusi ababini banokutsala umnxeba bebuza enoba abanakwenza utyelelo olufutshane kusini na, okanye banokuthi tsi apho ngexesha elifanelekileyo. Ebudeni botyelelo, akufuneki babe ngqongqo okanye babe yeke-yeke kodwa bafanele babonakalise umdla wabo ofudumeleyo wokubonakalisa inceba. Kunokuthetha ngetyala elidluleyo, banokuxubusha ngeendinyana zeBhayibhile ezinjengoIsaya 1:18 nesama–55:6, 7 noYakobi 5:20. Ukuba loo mntu unomdla wokubuyela kumhlambi kaThixo, banokuthi ngobubele baxubushe kunye naye amanyathelo afanele awathabathe, anjengokufunda iBhayibhile neempapasho zeWatch Tower Society nokuya kwiintlanganiso kwiHolo yoBukumkani.
15. Yintoni abafanele bayikhumbule abadala abaqhagamshelana nomntu osusiweyo kubudlelane?
15 Kuya kufuneka ukuba aba badala basebenzise ubulumko nengqiqo ukuze baphawule enoba kukho mpawu zithile zenguquko kwanokuba kufanelwe kuphindwe kubuywe kusini na. Kambe ke, bafanele bakhumbule ukuba, abanye abantu abasusiweyo kubudlelane abasayi kuphinde “bahlaziyelwe enguqukweni.” (Hebhere 6:4-6; 2 Petros 2:20-22) Emva kolo tyelelo, abo babini baya kunikela ingxelo emfutshane yomlomo kwiKomiti Yenkonzo Yebandla. Nayo, ngokunjalo, iya kwazisa iqumrhu labadala kwintlanganiso yalo elandelayo. Inyathelo labadala lokubonakalisa inceba kuqala liya kubonakalisa ukuba banembono kaThixo eyile: “Buyelani kum, ndibuyele kuni; utsho uYehova wemikhosi.”—Malaki 3:7.
Olunye Uncedo Lokubonakalisa Inceba
16, 17. Simele sizigqale njani izalamane ezingamaKristu zothile osusiweyo kubudlelane?
16 Kuthekani ngathi thina singengabo abaveleli nabangasayi kuthabatha amanyathelo okuqala okunceda abantu abasusiweyo kubudlelane? Yintoni esinokuyenza ngokuvisisana neli lungiselelo yaye sixelisa uYehova?
17 Logama nje ubani esusiwe kubudlelane okanye ezahlulile, sifanele silandele isiluleko esithi: “Maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; ningakhe nidle nokudla nonjalo.” (1 Korinte 5:11) Kodwa lo myalelo weBhayibhile awufanele uyichaphazele imbono yethu ngamalungu entsapho engamaKristu ahlala nomntu osusiweyo kubudlelane. AmaYuda amandulo abaphatha ngqwabalala ababuthi berhafu kangangokuba intiyo yawo yayidluliselwa kwanakwintsapho yombuthi werhafu. UYesu akazange akukhuthaze oko. Wathi umoni ongalufuniyo uncedo makagqalwe “njengoweentlanga nombuthi werhafu”; akazange athi amalungu entsapho angamaKristu afanele aphathwe ngaloo ndlela.—Mateyu 18:17.
18, 19. Ziziphi ezinye zeendlela esinokubonakalisa ngazo ubuKristu kwizalamane ezithembekileyo zomntu ogxothiweyo?
18 Simele siwaxhase ngokukhethekileyo amalungu entsapho angamaKristu athembekileyo. Kusenokwenzeka ukuba sele ejamelene nentlungu nemiqobo ethile kuba ehlala ekhaya nomntu ogxothiweyo osenokuba enyanisweni uyawadimaza kwizilangazelelo zawo zokomoya. Usenokuba akafuni ukuba amaKristu atyelele ekhayeni lakhe; okanye ukuba aze kubona amalungu athembekileyo entsapho, kusenokuba akanantlonelo yokuziphepha iindwendwe. Kwakhona usenokude ayithintele imigudu yentsapho yokuya kuzo zonke iintlanganiso neendibano zamaKristu. (Thelekisa uMateyu 23:13.) Ngaloo ndlela sifanele sibonakalise inceba kumaKristu anale ngxaki.—2 Korinte 1:3, 4.
19 Enye indlela esinokubonakalisa ngayo inceba ‘kukubathuthuzela’ nokuba neencoko ezikhuthazayo nabantu abanjalo abathembekileyo entsatsheni. (1 Tesalonika 5:14, NW) Kwakhona kukho amathuba amahle okubaxhasa ngaphambi nasemva kweentlanganiso, ngoxa sikwinkonzo yasentsimini, okanye ngoxa sikunye ngamanye amaxesha. Akuyomfuneko ukuba sikhankanye ukususwa kubudlelane kodwa sinokuxubusha ngezinto ezininzi ezakhayo. (IMizekeliso 25:11; Kolose 1:2-4) Ngoxa abadala beya kuqhubeka besenza amatyelelo okwalusa kumaKristu akuloo ntsapho, sinokufumanisa ukuba kwanathi sinokutyelela ngaphandle kokunxulumana naloo mntu ugxothiweyo. Ukuba kuyenzeka ukuba umntu osusiweyo kubudlelane asivulele xa sityelele okanye aphendule umnxeba, sisenokusuka nje sibuze isalamane sakhe esingumKristu esisifunayo. Maxa wambi amalungu aloo ntsapho angamaKristu asenokukwazi ukusamkela isimemo sokuza ekhayeni lethu ukuze azuze unxulumano. Ingongoma ikukuba: Wona—aselula nakhulileyo—akhonza kunye nathi, angamalungu athandekayo ebandla likaThixo, awafanele atyeshelwe.—INdumiso 10:14.
20, 21. Sifanele sivakalelwe size simphathe njani ubani obuyiselweyo?
20 Elinye ithuba lokubonakalisa inceba kuxa umntu obesusiwe kubudlelane ebuyiselwe. Imizekeliso kaYesu ibalaselisa uvuyo olubakho ezulwini xa ‘umoni omnye eguquka.’ (Luka 15:7, 10) UPawulos wabhalela amaKorinte ngokuphathelele indoda eyayisusiwe kubudlelane esithi: “Senimxolela, nimthuthuzele, hleze lowo unjalo aselesuka edliwa kukuba buhlungu ngokugqithiseleyo.” (2 Korinte 2:7, 8) Masilisebenzise ngokusengqiqweni nangothando elo cebiso kwiintsuku nakwiiveki ezilandela ukuba umntu lowo ebuyiselwe.
21 Umzekeliso kaYesu ongonyana wolahleko uphuhlisa ingozi esifanele siyiphephe. Umkhuluwa wakhe akazange avuyiswe kukubuya konyana wolahleko kodwa wakhathazeka. Ngamana asingebi njalo, sifukama inzondo ngobubi bexesha elidluleyo okanye simonele nabani na ngenxa yokuba ebuyiselwe. Kunoko, usukelo lwethu lufanele lube njengolwaloo bawo, owasabela ngendlela efuzisela uYehova. Lo bawo wavuyiswa kukuba unyana wakhe, owayelahlekile nowayefana nofileyo, wafunyanwayo, okanye waphinda waphila. (Luka 15:25-32) Ngokuvisisana noko, siya kuthetha ngokukhululekileyo nomzalwana obuyiselweyo yaye ngaphezu koko simkhuthaze. Ewe, sifanele senze kucace ukuba sibonakalisa inceba, kanye njengokuba uBawo wethu wasezulwini oxolelayo nonenceba esenjenjalo.—Mateyu 5:7.
22. Yintoni ebandakanyekileyo ekuxeliseni kwethu uYehova uThixo?
22 Alithandabuzeki elokuba ukuba sifuna ukuxelisa uThixo wethu, simele sibonakalise inceba ngokuvisisana nemiyalelo yakhe nokusesikweni kwakhe. Umdumisi umchaza ngolu hlobo: “Unobabalo nemfesane uYehova, uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba. Ulungile uYehova kubo bonke, imfesane yakhe ikuzo zonke izenzo zakhe.” (INdumiso 145:8, 9) Onjani wona ukuba mhle umzekelo amaKristu afanele awuxelise!
[Imibhalo esemazantsi]
a “Ababuthi berhafu babecatshukelwa ngokukhethekileyo libutho lamaYuda asePalestina ngenxa yezizathu ezahlukahlukeneyo ezizezi: (1) babeqokelela imali yegunya langaphandle elalimi kumhlaba kaSirayeli, ngaloo ndlela ngokungangqalanga bexhasa esi senzo sibi kangaka; (2) babedume kakubi ngamaqhinga, besiba zizityebi ngeemali zabanye abantu abangoowabo; yaye (3) umsebenzi wabo wawusoloko ubahlanganisa nabantu beeNtlanga; nto leyo eyayibenza babe ziinqambi. Amazwi abonakalisa ukungathandwa kwababuthi berhafu afumaneka kwiT[estamente] E[ntsha] nakwiincwadi zoorabhi . . . Ngokutsho kweencwadi zoorabhi yayifanele ithiywe nentsapho yombuthi werhafu.”—IThe International Standard Bible Encyclopedia.
b Ukuba kwintsapho yamaKristu kukho isalamane esisusiweyo kubudlelane, loo mntu useyinxalenye yeenkqubo zamihla le nemisebenzi eyenziwa kwelo khaya. Oku kunokuquka ukubakho xa intsapho iqwalasela imibandela engokomoya.—Bona IMboniselo kaNovemba 15, 1988, iphepha 19-20.
c Bona i-1991 Yearbook of Jehovah’s Witnesses, iphepha 53-4.
d Ukuba naliphi na iNgqina, elishumayela kwindlu ngendlu okanye ngenye indlela, liva ukuba kukho umntu osusiweyo kubudlelane ohlala kuloo mmandla, lifanele oko likuchazele abadala.
Ngaba Uziphawulile Ezi Ngongoma?
◻ AmaYuda ayebaphatha njani ababuthi berhafu naboni, kodwa kwakutheni ukuze uYesu anxulumane nabathile babo?
◻ Sisiphi isizinzi esingokweziBhalo sokuthatyathwa kwenyathelo lokuqala lokubonakalisa inceba kwabaninzi abalahlekileyo?
◻ Amaqumrhu abadala anokulithabatha njani inyathelo lokuqala elinjalo, yaye koobani?
◻ Sinokuyibonakalisa njani inceba kwabo babuyiselweyo kwanakwiintsapho zabo basusiweyo kubudlelane?
[Ibhokisi ekwiphepha 23]
Nabani na owakhe wayinxalenye yebandla likaThixo elicocekileyo nelabantu abonwabileyo kodwa ngoku osusiweyo kubudlelane okanye ozahlulileyo akuyomfuneko ukuba ahlale ekuloo meko. Kunoko, loo mntu unokuguquka aze athabathe inyathelo lokuqala lokuthetha nabadala bebandla. Indlela yokubuyiselwa ivulekile.
[Inkcazelo Ngomfanekiso okwiphepha 24]
Garo Nalbandian