Indima Yomfazi EZibhalweni
“Lo yena ukubizwa kothiwa ngumfazi, ngokuba ethatyathwe endodeni.”—GENESIS 2:23.
1, 2. (a) Bambi abantu bacinga ukuba bagqalwa njani abafazi eBhayibhileni? (b) Ukuze sigwebe kakuhle, luluphi uthelekiso olufanele lwenziwe, yaye ithini enye incwadi eneembekiselo?
ABAFAZI bagqalwa njani kwiZibhalo Ezingcwele? Kukho iingcamango ezahlukahlukeneyo ngokuphathelele oku. Enye incwadi yakutshanje ishikixa lo mbandela isithi: “Ingcamango engenasiseko yanamhlanje yeyokuba abafazi baye bajongelwa phantsi eBhayibhileni.” Bambi abantu bathi kwimibhalo yayo yesiHebhere neyesiGrike, iBhayibhile ithetha kakubi ngabafazi. Ngaba kuyinyaniso oku?
2 Ukuze sigwebe kakuhle, kuhle ukuba sikhe siqale sihlolisise indlela abafazi ababephathwa ngayo ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile phakathi kwabantu ababengengabo abanquli bakaYehova. Kumazwe amandulo awayehambele phambili kwezempucuko nawayenqula oothixokazi abangoomama, abafazi babehlonelwa njengemifuziselo yenzala. Kubonakala ukuba babexatyiswe kakhulu eBhabhiloni naseYiputa. Kodwa kweminye imimandla babengaxatyiswanga kangako. KwiAsiriya yamandulo indoda yayinokusuka nje ngaphandle kwesizathu imale umfazi wayo ibe yayinokude imbulale ukuba wayengathembekanga. Xa engaphandle kwamasango, kwakufuneka athwale isigqubuthelo. EGrisi naseRoma, yayingabafazi abazizityebi kuphela, abaninzi babo ababethandana namadoda azizinhanha ezaziwayo, okanye engamahenyukazi odidi oluphakamileyo, ababefumana ithuba lokuzuza imfundo baze banandiphe umlinganiselo othile wenkululeko. Ngenxa yoko, kubangel’ umdla ukufunda amagqabaza akwiThe New International Dictionary of New Testament Theology athi:a “Ngokwahlukileyo kwingcamango yawo onke amazwe (angokonqulo) asempuma, [umfazi kwiZibhalo zesiHebhere] ugqalwa njengomntu nanjengedlelane lendoda.” Oku kuchazwe kakuhle kwincwadi yokugqibela yeZibhalo zesiHebhere, apho umprofeti kaYehova amchaza khona umfazi wendoda ‘njengedlelane’ lakhe, esongezelela esithi: “Ungamnginizeli umfazi wobutsha bakho.”—Malaki 2:14, 15.
Wadalwa Njengeqabane Lendoda
3 nombhalo osemazantsi. (a) Emva kokudala uAdam, ziziphi izabelo zomsebenzi uYehova awamnika zona? (b) Nakubeni ngoko wayengenamfazi, yayinjani imeko ka-Adam ngaphambi kokudalwa kukaEva, ibe yayinjani yona imeko ‘ka-Adam wokugqibela,’ uYesu?
3 Ngokutsho kweBhayibhile, uYehova wamdala uAdam “ngothuli lwasemhlabeni” waza wambeka kumyezo wase-Eden, ukuba awusebenze. UThixo wazisa kuAdam izilwanyana zasendle kwaneentaka ukuze akwazi ukuzihlolisisa aze azithiye amagama. Ebudeni balo lonke elo xesha lokwenza kwakhe oko, uAdam wayeyedwa. Wayefezekile, ephelele, engaswelanga nto eyayinokuba yimfuneko ekuphumezeni kwakhe izabelo awayezinikwe nguYehova okwelo thuba.b Wayengenaye ‘umncedi onguwabo.’—Genesis 2:7, 15, 19, 20.
4, 5. (a) Xa kwabonakala kungalunganga ukuba uAdam abe yedwa, wenza ntoni uYehova? (b) Sisiphi isabelo sexesha elide uYehova awasinika uAdam noEva, yaye oku kwakuya kufuna ntoni kubo bobabini?
4 Phofu ke, emva kwethuba elithile, uYehova wavakalisa ukuba “akulungile ukuba umntu abe yedwa,” waza ke wamenzela uAdam iqabane elaliza kubambisana naye kwimisebenzi awayeza kuyenza. Wamwisela ubuthongo obukhulu uAdam, wakhupha olunye lweembambo zakhe, waza ngalo wabumba umfazi, ‘ithambo lamathambo ka-Adam nenyama yenyama yakhe.’ Ngoku uAdam wayeza kuba “nomncedi,” “umphelelisi,” okanye iqabane. “Wabasikelela uThixo, wathi kubo uThixo, Qhamani, nande, niwuzalise umhlaba niweyise; nibe nobukhosi ezintlanzini zolwandle, nasezintakeni zezulu, nasezintweni zonke eziphilileyo ezinambuzelayo emhlabeni.”—Genesis 1:25, 28; 2:18, 21-23.
5 Phawula ukuba esi sabelo sanikelwa “kubo,” kwindoda nomfazi. Ukusebenza kwabo kunye kwakungazi kuphelela nje ekuzaliseni umhlaba. Kwakuza kuquka nokuweyisa umhlaba kwanokulawula ngokufanelekileyo zonke izidalwa ezingaphantsi kwabo. Kwakuya kufuna ukuba basebenzise ingqondo baze bahlakulele iimpawu zokomoya, yaye bobabini indoda nomfazi babenethuba elaneleyo lokwenjenjalo ngokuvisisana nokuthanda kukaThixo.
Indima Esengqiqweni Yomfazi
6. (a) Ibonisa ntoni iBhayibhile ngomlinganiselo wamandla omzimba endoda nawomfazi? (b) Yiyiphi indlela efanelekileyo abafanele abafazi baqiqe ngayo ukuze bamkele indlela uYehova azicwangcise ngayo izinto?
6 Kambe ke, ukuweyisa umhlaba bekuya kufuna ukuba basebenzise namandla abo omzimba. Ngobulumko bakhe obungenakulinganiswa nanto, uYehova wadala uAdam kuqala, walandelisa ngoEva. UEva wadalwa ‘ngokuphuma endodeni,’ “ngenxa yendoda,” yaye ngokucacileyo wayenamandla anganeno kunawendoda. (1 Timoti 2:13; 1 Korinte 11:8, 9; thelekisa eyoku-1 kaPetros 3:7.) Esi sisibakala esiyinyaniso abantu abaninzi abalwela amalungelo amabhinqa, kwanabafazi abathile, abangavumiyo ukusamkela. Ngokuqinisekileyo bangonwaba ngakumbi ukuba banokuzama ukuqonda isizathu sokuba uYehova azicwangcise ngolu hlobo izinto, ngaloo ndlela beyamkela indima yabo abayinikwe nguThixo. Abantu abawakhalazelayo amalungiselelo kaThixo banokufaniswa nentaka inightingale ethi ngokucaphuka ihlale kwindlwane yayo ngenxa yokuba ingenamandla njengengabangaba, endaweni yokuba ibhabhele kwisebe eliphakamileyo ize intyiloze ibonakalisa umbulelo ngesipho esikhethekileyo uThixo ayiphe sona.
7. Yintoni ebangela ukuba abe uAdam wayekwimeko entle yokubonakalisa ubuntloko kuEva nakubo bonke abantwana ababeza kuzalwa, kodwa ngaba oku kwakuza kumtsalisa nzima uEva?
7 Ngaphambi kokudalwa kukaEva, ngokungathandabuzekiyo uAdam wafumana amava amaninzi ebomini. Ebudeni beli thuba, uYehova wamnika imiyalelo ethile. Kwakufuneka ukuba uAdam adlulisele le miyalelo kumfazi wakhe, ngaloo ndlela esiba sisithethi sikaThixo. Ngokusengqiqweni, kwakufuneka ekhokele kuyo yonke imibandela ephathelele unqulo nemisebenzi yobuthixo ekwakufuneka beyiphumezile njengesabelo sabo. Xa bazala abantwana, kwakufuneka abe yintloko-ntsapho. Kodwa oku kwakungayi kumtsalisa nzima umfazi wakhe. Kunoko, kwakuza kuba kokokulungelwa kwakhe kuba wayeza kuba nomntu omxhasayo xa esebenzisa igunya alinikwe nguThixo kubantwana bakhe.
8. Luluphi ulungelelwano lwezinto olungokobuthixo olwandlalwe eBhayibhileni?
8 Ngokwendlela uThixo awayecwangcise ngayo izinto, uAdam wayemele aphendule kuYehova, uEva wayephantsi kobuntloko buka-Adam, nabaphi na abantwana babeza kuba phantsi kolwalathiso lwabazali babo, yaye izilwanyana zaziphantsi kolawulo lwabantu. Indoda yayinendima yayo nomfazi eneyakhe, yaye ngamnye kubo wayenokuphila ubomi obumnandi nobunempumelelo. Ngaloo ndlela, ‘zonke izinto zazinokwenziwa ngokubekekileyo nangolungelelwano.’—1 Korinte 11:3; 14:33, 40.
Isono Sayiguqula Indima Yomfazi
9, 10. Ukuwela esonweni kwendoda nomfazi kwaphumela entwenini, yaye oku kube nawuphi umphumo kubafazi abaninzi?
9 Ngokwemvelo, ukungenelela kwesono nokungafezeki kwiParadisi yantlandlolo kwayiphazamisa le ndlela zazicwangciswe ngayo izinto. (Roma 7:14-20) Kwazisa ingcinezelo kumntu onemvukelo nakumfazi wakhe ongathobeliyo. (Genesis 3:16-19) Ukususela ngoko, amadoda amaninzi azingcayo aye alisebenzisa kakubi igunya lawo lobuntloko, nto leyo eyazisa ingcinezelo enkulu kumabhinqa ukutyhubela izizukulwana.
10 Ewubona kwangaphambili lo mphumo wesono, uYehova wathi kuEva: “Inkanuko yakho [iya kuba] sendodeni yakho, ikulawule yona.” (Genesis 3:16) Ukulisebenzisa kakubi ngolo hlobo igunya lokulawula akuyondlela efanelekileyo yokusebenzisa ubuntloko. Kube yimbonakaliso yemeko yendoda enesono kwaneyokungafezeki komfazi, kuba maxa wambi abafazi baye babandezeleka ngenxa yokufuna ukuthabath’ igunya lendoda.
11. Sisiphi isibakala esiyinyaniso ngabafazi abaninzi, ibe wabhala wathini omnye umbhali ngabafazi bamaxesha oosolusapho?
11 Kodwa ngokomlinganiselo abayithobela ngawo imigaqo yeBhayibhile, abafazi abaninzi baye bafumana ulwaneliseko nolonwabo. Oku kwakunjalo kwanangamaxesha oosolusapho. Ethetha ngelo xesha kwincwadi yakhe ethi La Bible au Féminin (IBhayibhile Kumabhinqa), umbhali uLaure Aynard ubhala oku: “Eyona nto ikhethekileyo kuzo zonke ezi ngxelo yindima ebalulekileyo ephunyezwe ngabafazi, indlela ababeligugu ngayo koosolusapho, isibindi ababenaso ekuthabatheni inyathelo lokuqala ekwenzeni izinto, nenkululeko ababeyinandipha ebomini.”
Abafazi Phantsi KoMthetho KaMoses
12, 13. (a) Yayinjani imeko yabafazi phantsi koMthetho kaMoses? (b) Abafazi babeqhuba njani ngokomoya phantsi koMthetho?
12 Ngokwemithetho kaYehova awayidlulisela ngoMoses, abafazi babefanele ‘baxatyiswe.’ (Duteronomi 13:6, NW) Isidima somfazi sasimele sihlonelwe kwimibandela ephathelele isini, yaye akukho mfazi owayefanele axhatshazwe ngokwesini. (Levitikus 18:8-19) Amadoda nabafazi babegwetywa ngokufanayo ngokoMthetho ukuba babefunyaniswe benetyala lokukrexeza, lokwenza umbulo, okanye lokuba neentlobano zesini nesilwanyana. (Levitikus 18:6, 23; 20:10-12) Umthetho wesihlanu wawuyalela ukuba kuhlonelwe uyihlo nonyoko ngokulinganayo.—Eksodus 20:12.
13 Ngaphezu kwako konke, uMthetho wawunikela ilungelo elipheleleyo kubafazi lokuba benze inkqubela engokomoya. Babengenelwa kukufundwa koMthetho. (Yoshuwa 8:35; Nehemiya 8:2, 3) Babelindeleke ukuba bagcine imithendeleko engokonqulo. (Duteronomi 12:12, 18; 16:11, 14) Babenesabelo kwiiSabatha zeeveki ngeeveki yaye babenako nokwenza isibhambathiso sokuba ngabahlulwa bakaYehova. (Eksodus 20:8; Numeri 6:2) Babenolwalamano lobuqu noYehova yaye ingulowo ethandaza kuye.—1 Samuweli 1:10.
14. Uthini umphengululi weBhayibhile ongumKatolika ngabafazi bamaHebhere, yaye kunokuthiwani ngendima yabafazi phantsi koMthetho?
14 Egqabaza ngabafazi abangamaHebhere, umphengululi weBhayibhile ongumKatolika uRoland de Vaux ubhala oku: “Ngokuqinisekileyo yonke imisebenzi enzima yekhaya yayisemagxeni akhe; wayesalusa imihlambi, esebenza emasimini, epheka ukutya, esenza imisonto, ndibala ntoni na. Phofu ke, yonke le misebenzi enzima yayingamthobi isidima, kunoko yayimenza axatyiswe kunene. . . . Yaye imibhalo embalwa esithela thsuphe ngomanyano lobomi bentsapho ibonisa ukuba umfazi ongumSirayeli wayethandwa kwaye ephulaphulwa yindoda yakhe, yaye imphatha njengolingana nayo. . . . Yaye akukho mathandabuzo okuba leyo yindlela ababephathwa ngayo. Oku kwakuyimbonakaliso yokwenyaniso yemfundiso engcwele yeGenesis, apho kuthiwa uThixo wamdala umfazi njengomncedi wendoda, ekwakufuneka yona inamathele kuye (Gen. 2:18, 24); yaye isahluko sokugqibela seMizekeliso siyingoma yokudumisa umfazi olungileyo, onconywa ngabantwana bakhe, yaye nendoda yakhe inelunda ngaye (IMize. 31:10-31).” (Ancient Israel—Its Life and Institutions) Ngokungathandabuzekiyo, xa uMthetho wawuthotyelwa kwaSirayeli, abafazi babengaphathwa kakubi.
Abafazi Ababalaseleyo
15. (a) Ikhondo likaSara lilubonakalisa njani ulwalamano olufanelekileyo phakathi kwendoda nomfazi wayo? (b) Kutheni le nto kufanelekile ukuphawula imeko kaRahabhi?
15 KwiZibhalo zesiHebhere kukho imizekelo emininzi yabafazi ababengabakhonzi ababalaseleyo bakaYehova uThixo. USara ungumzekelo omhle wendlela umfazi ohlonel’ uThixo anokuthi ngayo kwangaxeshanye athobele indoda yakhe aze ancedisane nayo ekwenzeni izigqibo. (Genesis 21:9-13; 1 Petros 3:5, 6) Imeko kaRahabhi iyephawulekayo. Ilingqina libubuxoki ibango lokuba uYehova unomkhethe yaye ungqwabalala kubafazi. URahabhi wayelihenyukazi elingengomSirayeli. UYehova akazange nje kuphela amamkele njengomnquli kodwa ngenxa yokholo lwakhe oluqinileyo, olwaluxhaswa yimisebenzi kuquka nokuguqula ikhondo lakhe lobomi, wamvakalisa elilungisa. Ukongezelela, wamjizeka ngewonga lokuba ngukhokhokazi kaMesiya.—Mateyu 1:1, 5; Hebhere 11:31; Yakobi 2:25.
16. Ubonisa ntoni umzekelo ka-Abhigali, yaye kutheni le nto lalithetheleleka ikhondo lakhe?
16 Enye imeko engqinela ukuba uYehova akalindelanga ukuba umfazi ayithobele indoda yakhe nakwizinto ezingekho ngqiqweni yileyo ka-Abhigali. Indoda yakhe yayisisigwili somfo, onomhlambi omkhulu weegusha neebhokhwe. Kodwa “yayiyingcuka, zimbi iintlondi zayo.” UAbhigali akazange avume ukuyilandela indoda yakhe kwikhondo layo elibi. Ngokubonakalisa ukuba nengqiqo, ubulumko, ukuzithoba, nobukrelekrele, wathintela imeko engeyayibangele intlekele kwintsapho yakhe, yaye wasikelelwa ngokutyebileyo nguYehova.—1 Samuweli 25:2-42.
17. (a) Liliphi ilungelo elibalaseleyo bambi abafazi ababenalo kwaSirayeli? (b) Sisiphi isifundo esiqulethwe ngumzekelo kaMiriyam kubafazi abangamaKristu abasenokunikwa amalungelo athile enkonzo?
17 Abafazi abaliqela babede babe ngabaprofetikazi. Omnye wabo yayinguDebhora, ngexesha laBagwebi. (ABagwebi, isahluko 4 nesesi-5) UHulda wayengumprofetikazi kwaYuda, ngaphambi nje kokutshatyalaliswa kweYerusalem. (2 Kumkani 22:14-20) Kuhle ukuba sikhe sihlolisise nemeko kaMiriyam. Nangona kuthethwa ngaye njengomprofetikazi, owayethunywe nguYehova, kubonakala ukuba ngaxa lithile eli lungelo lamenza waba nekratshi. Akazange alinanze igunya uYehova awayelinike umnakwabo omncinane uMoses lokukhokela uSirayeli, yaye wohlwaywa ngako oku, nangona kubonakala ukuba waguquka waza waxolelwa.—Eksodus 15:20, 21; Numeri 12:1-15; Mika 6:4.
Abafazi Kunqulo LobuYuda
18, 19. Yayinjani imeko yabafazi phantsi kobuYuda, yaye yintoni eyabangela oku?
18 Njengoko sibonile, uMthetho kaMoses wawuwakhusela amalungelo abafazi yaye, xa wawuthotyelwa, wawuvulela amathuba okuba abasetyhini baphile ubomi obanelisayo. Kodwa ekuhambeni kwexesha, ingakumbi emva kokutshatyalaliswa kweYerusalem ngowama-607 B.C.E., kwaye kwavela unqulo lobuYuda, olwalusekelwe ubukhulu becala kwizithethe ezivakaliswa ngomlomo kunakuMthetho obhaliweyo kaYehova. Ukususela ngenkulungwane yesine Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo ukusa phambili, ubuYuda bamkela iintanda-bulumko zamaGrike. Ngokubanzi izithandi zobulumko zamaGrike zazinganikeli ngqalelo ingako kumalungelo abafazi, ngoko wehla umlinganiselo wendlela ababegqalwa ngayo abafazi kubuYuda. Ukususela ngenkulungwane yesithathu Ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, abafazi baqalisa ukwahlulwa kumadoda kwizindlu zesikhungu zamaYuda yaye babesalelwa ukufunda iTorah (uMthetho kaMoses). IEncyclopaedia Judaica ingqina ngelithi: “Ngenxa yoko babembalwa abafazi abafundileyo.” Ngokuyintloko imfundo yayenzelwe amakhwenkwe.
19 Kwincwadi yakhe ethi Jerusalem in the Time of Jesus, uJ. Jeremias ubhala oku: “Lilonke, isikhundla sabafazi kumthetho wezonqulo sichazwa ngokufanelekileyo ngala mazwi esicengcelezo: ‘Abafazi, amakhoboka (eeNtlanga) nabantwana.’ . . . Ukongezelela koku singatsho nokuba kwakukho iintetho ezininzi ezazithoba isidima sabafazi. . . . Ngenxa yoko sinengcamango yokuba nakubuYuda bexesha likaYesu abafazi babejongelwa phantsi.”
Abafazi Abathembekileyo Ababelindele UMesiya
20, 21. (a) Phezu kwaso nje isimo sengqondo seenkokeli zonqulo zamaYuda sokudelela abafazi, ngoobani ababekho phakathi kwabo babelindile njengoko ixesha lokufika kukaMesiya lalisondela? (b) Yintoni ebonisa ukuba uElizabhete noMariya babenozinikelo olunzulu olungokobuthixo?
20 Esi simo sengqondo sokudelela abafazi sasiyenye indlela abathi oorabhi bamaYuda ‘baliphanga igunya ngayo ilizwi likaThixo ngesithethe sabo.’ (Marko 7:13) Kodwa phezu kwako nje oko kujongelwa phantsi, njengoko ixesha lokufika kukaMesiya lalisondela, bambi abafazi abahlonel’ uThixo babelinde ngokuphaphileyo. Omnye wabo yayinguElizabhete, umfazi wombingeleli ongumLevi uZekariya. Yena nendoda yakhe ‘babengamalungisa emehlweni kaThixo, behamba ngayo yonke imithetho nemimiselo kaYehova.’ (Luka 1:5, 6) UElizabhete wababalwa nguYehova ngokuthi, nakubeni wayelidlolo yaye aluphele, abe ngunina kaYohane umBhaptizi.—Luka 1:7, 13.
21 Eqhutywa ngumoya oyingcwele, uElizabhete wavakalisa uthando olunzulu ngomnye umfazi owayehlonel’ uThixo ngomhla wakhe, isalamane esigama linguMariya. Xa, malunga nasekupheleni kowe-3 B.C.E., isithunywa sezulu esinguGabriyeli saxelela uMariya ukuba wayeza kuthi ngokungummangaliso akhawule umntwana (uYesu), sambiza ngokuthi, “Wena ubabalweyo,” songezelela ngelithi: “INkosi [“uYehova,” NW] inawe.” Ngokukhawuleza emva koko, uMariya watyelela uElizabhete, owathi wamsikelela yena nomntwana ongekazalwa awayemthwele esiswini, embiza uYesu ngokuthi ‘yiNkosi’ yakhe kwanangaphambi kokuba azalwe. Ngenxa yoko, uMariya wadanduluka ebonga uYehova ngamazwi obuciko angqinela uzinikelo lwakhe olunzulu olungokobuthixo.—Luka 1:28, 31, 36-55.
22. Emva kokuzalwa kukaYesu, yintoni eyenziwa ngomnye umfazi owoyika uThixo ukubonisa ukuba wayengomnye wabo babelindele uMesiya?
22 Akuba uYesu ezelwe waza uMariya wamzisa etempileni eYerusalem ukuza kumnikezela kuYehova, omnye umfazi omoyikayo uThixo, umprofetikazi uAna owalupheleyo, wavakalisa uvuyo lwakhe. Wamdumisa uYehova waza wathetha ngoYesu kubo bonke ababejonge enkalweni belindele uMesiya othenjisiweyo.—Luka 2:36-38.
23. Umpostile uPetros uthetha njani ngabafazi abathembekileyo bexesha langaphambi kobuKristu, yaye yiyiphi imibuzo eza kuhlolisiswa kwinqaku elilandelayo?
23 Ngaloo ndlela, njengoko ixesha lobulungiseleli bukaYesu basemhlabeni lalisondela, babesekho ‘abafazi abangcwele ababemthembile uThixo.’ (1 Petros 3:5) Abanye baba bafazi baba ngabafundi bakaKristu. UYesu wabaphatha njani? Yaye ngaba bakho namhlanje abafazi abayamkelayo indima yabo njengoko ichazwe eBhayibhileni? Le mibuzo iza kuhlolisiswa kwinqaku elilandelayo.
[Imibhalo esemazantsi]
a Umqulu 3, iphepha 1055.
b “Owokugqibela uAdam,” uYesu Kristu, ngokukwanjalo naye wayengumntu ofezekileyo nopheleleyo, nangona wayengenamfazi ungumntu.—1 Korinte 15:45.
Imibuzo Yempinda
◻ Indlela ababephathwa ngayo abafazi kwaSirayeli yayahluke njani kuleyo yamanye amazwe?
◻ Yayiziziphi izigxina ezihlobeneyo zika-Adam noEva, yaye ngoba?
◻ Yayinjani imeko yabafazi abangamaSirayeli phantsi koMthetho, yaye ngaba babelahlekelwa ngokomoya?
◻ Yintoni enokufundwa kubomi babafazi ababalaseleyo kwiZibhalo zesiHebhere?
◻ Yiyiphi imizekelo emihle yokholo enokufunyanwa phezu kwazo nje iimbono zobuYuda?
[Ibhokisi ekwiphepha 10]
“UMFAZI OWOYIKA UYEHOVA”
“10 Umfazi onesidima ngubani na ongamfumanayo? Lingaphezulu nakwikorale ixabiso lakhe. 11 Ikholose ngaye intliziyo yendoda yakhe, ayisayi kuswela nto. 12 Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi, yonke imihla yobomi bakhe. 13 Ufuna uboya begusha neflakisi, asebenze ethumekelele ngezandla zakhe. 14 Unjengeenqanawa zabarhwebi, ukuya kuthabatha kude ukudla kwakhe. 15 Uvuka kwasebusuku, ayinike into edliwayo indlu yakhe, awunike umsebenzi wawo umthinjana wakhe. 16 Unkqangiyela intsimi ayizuze; ngeziqhamo zezandla zakhe utyala isidiliya. 17 Ubhinqa amandla emanqeni akhe, ayomeleze imikhono yakhe. 18 Uyakuva ukuba kulungile ukurhweba kwakhe; isibane sakhe asicimi ebusuku. 19 Uzibeka izandla zakhe entongeni yokuluka, neminwe yakhe ibamba isikhanda sento yokuluka. 20 Isandla sakhe usitwabululela olusizana, azolulele izandla zakhe kumahlwempu. 21 Indlu yakhe akayoyikeli, mhlana ngekhephu, kuba yonke indlu yakhe yambethe ezisithileyo. 22 Uzenzela imiqamelo; yilinen ecikizekileyo kwanemfusa isambatho sakhe. 23 Iyaziwa indoda yakhe emasangweni, ekubutheni kwayo namadoda amakhulu elizwe. 24 Wenza iingubo zelinen entle, athengise ngazo, athengise ngemibhinqo kumaKanan. 25 Ngamandla nobungangamela isambatho sakhe; usuka ahleke ngemini ezayo. 26 Umlomo wakhe uwuvula ngobulumko; umyalelo onenceba uselulwimini lwakhe. 27 Uyayondela ihambo yendlu yakhe, angasidli isonka sobuvila. 28 Bayasuka oonyana bakhe, bathi unoyolo; iyasuka indoda yakhe imdumise; 29 Ithi, Zininzi iintombi ezenza ngokunesidima; ke wena uzidlule zonke ziphela. 30 Bubuxoki ubuhle, ngamampunge ubunzwakazi; ngumfazi owoyika uYehova yedwa oya kudunyiswa. 31 Mnikeni kwiziqhamo zezandla zakhe, zimdumise emasangweni izenzo zakhe.”—IMizekeliso 31:10-31.
[Umfanekiso okwiphepha 8, 9]
Indima yabafazi entsatsheni yayihlonelwa