Lutsha OlungamaKristu—Zimasekani Elukholweni
“WONK’ UMNTU umele abekho.” Eso yayisisaziso esavakaliswayo. Bonke abafundi kwisikolo esithile saseJapan babefanele babekho kwingqungquthela eyayiza kuba kwiholo yalapho. Umfundi oselula ongumKristu wayengavumelani neengcamango ezazivakaliswa kwigwijo lesikolo. Ecinga wathi, “Phofu ke, ndiyazi ukuba igwijo lesikolo liza kuculwa. Kodwa andisayi kufumana bunzima. Ndiza kusuka nje ndihlale emva ngokwesiqhelo.”
Noko ke, xa eli Ngqina likaYehova liselula langenayo eholweni, lafumanisa ukuba bonke abafundisi-ntsapho babehleli kwizihlalo ezingasemva. Ngenxa yoko, kwafuneka lihlale phambi kwabo. Xa abanye abafundi baphakamela igwijo lesikolo lahlala phantsi ngentlonelo. Kodwa abafundisi-ntsapho balo bacatshukiswa yile nto. Bazama ngokoqobo ukulinyanzela ukuba liphakame. Ngaba unokuzithelekelela ukwimeko enjalo? Ngewawenze ntoni wena?
Isizathu Sokuba Ukholo Olomeleleyo Lufuneka
Bekungayi kubakho ngxaki ukuba abantu bebewayeka amaKristu baze bawavumele ukuba aphile ngokuvisisana nezazela zawo eziqeqeshwe ngeBhayibhile. Noko ke, ngokufuthi, amaKristu kufuneka ajamelane neemeko ezicinezelayo. Oku akufanele kusimangalise kuba uNyana kaThixo, uYesu Kristu, wathi: “Ukuba banditshutshisa mna, bonitshutshisa nani.” (Yohane 15:20) Ngaphandle kwentshutshiso eqatha, abakhonzi bakaYehova bajamelana neemvavanyo ezahlukahlukeneyo zokholo.
Ulutsha olungamaKristu ngokufuthi lufanele lube nokholo olomeleleyo ukuze lujamelane neemvavanyo oludibana nazo esikolweni. Lunokunyanzeleka ukuba lunxulumane nabantwana olufunda nabo abasebenzisa intetho engamanyala okanye abanesimo sengqondo sokungahloneli Thixo. AmaKristu aselula asenokujamelana nogxininiso olwandayo lobuhlanga nengcinezelo yokungenelela imibutho ethile, iipolitiki zesikolo, okanye eminye imicimbi enokuba yeyenzakalisayo ngokomoya. Abafundisi-ntsapho okanye abanye abafundi basenokuzama ukucinezelela amaKristu aselula ukuba alalanise. Ngenxa yoko, ulutsha oloyika uThixo lumele luthembele kumoya kaYehova ukuze luzuze ukholo olufunekayo lokuziphendulela ngokucacileyo ngethemba elinalo.—Mateyu 10:19, 20; Galati 5:22, 23.
‘Hlalani Nikulungele Ukuziphendulela’
Isiluleko sompostile uPetros sifanelekile kumaKristu aselula nakhulileyo. Wathi: “[Hlalani] ke nikulungele ukuziphendulela kumntu wonke obuzayo kuni ilizwi, ngalo ithemba elingaphakathi kwenu, ninobulali, noloyiko.” (1 Petros 3:15) Yintoni efunekayo ukuze uhlale ukulungele ukuziphendulela? Okokuqala, umele ukuqonde oko iZibhalo zikufundisayo. Ukuthabatha ukuma okuqinileyo esikolweni kwimicimbi enjengobuhlanga, iipolitiki, ukusetyenziswa kakubi kweziyobisi, okanye ukuziphatha, umele kuqala usiqonde isizathu sokuma kwamaKristu yaye umele usikholelwe ngokunyanisekileyo.
Ngokomzekelo, umpostile uPawulos waxelela amaKristu awayekhonza kunye nawo oku: “Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo.” (1 Korinte 15:33) Ngaba uyavumelana noko? Njengokuba uPawulos wabonisayo, kulula ukulahlekiswa kumcimbi wonxulumano. Umntu usenokubonakala enobuhlobo yaye efanelekile. Kodwa ukuba akanankxalabo enjengonayo ngenkonzo kaYehova okanye akakholelwa kwaphela kumadinga aseBhayibhileni, usisinxulumani esibi. Ngoba? Ngenxa yokuba ubomi bakhe busekelwe kwimigaqo eyahlukileyo, yaye izinto ezibaluleke gqitha kumKristu zinokuba azibalulekanga kangako kuye.
Oku akumangalisi, kuba uYesu wathi ngabalandeli bakhe: “Abangabo abehlabathi, njengokuba nam ndingenguye owehlabathi.” (Yohane 17:16) Akunakwenzeka ngomntu ukuba abe ngumKristu wokwenyaniso aze kwangaxeshanye abe yinxalenye yeli hlabathi, uSathana anguthixo walo. (2 Korinte 4:4) Ngaba uyakubona ukwahluka okunjalo ehlabathini okumkhusela ngayo umKristu ekungcoleni nakukruthakruthano olukhathaza abaninzi namhlanje? Ukuba kunjalo, ngoko unokusiqonda isizathu sokuba umele uzigcine wahlukile, nokuba oku kuthetha ukuba akunakungenelela kwimicimbi ethile yesikolo.a
Imbaluleka yokuzimaseka elukholweni neyokubeka izilangazelelo zoBukumkani kuqala ebomini yaboniswa kwimeko yomnye umKristu oselula oyintombazana. (Mateyu 6:33) Xa kwabhengezwa umhla wokuqhelisela okwakuza kwenziwa ngemini yokuthweswa kwezidanga wafumanisa ukuba wawungosuku olunye nowendibano yesiphaluka yamaNgqina kaYehova awayecebe ukuya kuyo. Wabhala ileta ebonakalisa intlonelo ecacisa isizathu sokuba abe wayengenakubakho kuqheliselo waza wayinika umfundisi-ntsapho wakhe ngaphambi kokungena kwesikolo. Ukuphuma kwesikolo, umfundisi-ntsapho wambizela ecaleni waza wamcela ukuba aphinde amcacisele isizathu sokuba wayengenakubakho kuqheliselo. Le ntombazana ithi: “Wayefuna ukubona enoba ndandiza kuthetha amazwi afanayo kusini na. Ngaba oku kwakuyimvakalelo yam, okanye ngaba ileta yayiqulethe kuphela amazwi kamama? Ekuboneni inkolelo yam yobuqu ngalo mbandela, akazange akuchase oku.”
‘Ziphenduleleni Kumntu Wonke’
Ulutsha olungamaKristu ngokufuthi lufumanisa ukuba ukuba lwenza ukuma kwalo kwaziwe ngokucacileyo ngabafundisi-ntsapho nangabafundi ngaphambi kokuba kuvuke imbambano, ingcinezelo ayibikho kangako xa kufuneka kujanyelwene neengxaki. Omnye umKristu oselula waseJapan ubalisa ukuba ngoxa wayeneminyaka eli-11 ubudala, banyanzelwa bonke abafundi kwisikolo sakhe ukuba baye kwitheko leKrismesi. Abafundi abakumabanga aphakamileyo bamcinezelela ukuba abe nenxaxheba, kodwa akazange aye, yaye umfundisi-ntsapho wakhe wakuqonda ukuma kwakhe. Ngoba? Kuba ekuqaleni konyaka ekuvulweni kwezikolo, eli Ngqina nabazali balo baya kubafundisi-ntsapho baza bacacisa ukuma kwabo njengamaKristu kwiinkalo eziliqela.
Ngoxa exakekile kubulungiseleli basentsimini, amanye amaKristu aselula ayoyika ukudibana nabantwana afunda nabo okanye abafundisi-ntsapho. Ngaba uvakalelwa ngaloo ndlela? Ukuba kunjalo, kutheni ungathabathi inyathelo lokuqala uze wazise abantwana ofunda nabo ukuba ushumayela kwindlu ngendlu nesizathu sokuba wenze oko. Elinye iNgqina likaYehova elineminyaka eli-14 ubudala lathi: “Wonk’ umntu esikolweni uyakwazi ukuma kwam njengomKristu. Eneneni, bakwazi kakuhle kangangokuba ukuba ndidibene nomntwana endifunda naye ngoxa ndikubulungiseleli, andibi nazintloni. Abafundi endifunda kunye nabo ngokuqhelekileyo bayaphulaphula, yaye amaxesha amaninzi bayalwamkela uncwadi lweBhayibhile.” Oneminyaka eli-12 uthi xa enenxaxheba kubulungiseleli uhlala ekulindele ukudibana nabantwana afunda nabo. Kunokuba abe nexhala akucinga ngoku, ngokuthe rhoqo uqhelisela oko aza kukuthetha xa oko kusenzeka. Ngaloo ndlela, ukulungele ukunikela izizathu ezibambekayo zokholo lwakhe.
Kwizikolo ezininzi, imicimbi esemva kweeyure zesikolo kuthiwa ngumcimbi wokhetho. Kodwa inyaniso ikukuba, abafundisi-ntsapho nabafundi bayabacinezela abantu ngabanye ukuba babe nenxaxheba kwimicimbi enjalo. UmKristu oneminyaka engama-20 ubudala wafumanisa enye indlela elungileyo yokuhlangabezana nale ngcinezelo. Uthi: “Ndandikhonza njengovulindlela ongumncedani ngalo lonke ixesha endandikwisikolo semfundo ephakamileyo. Wonk’ umntu wayesazi ukuba ndandixakeke gqitha yimicimbi engokonqulo ukuba ndinganenxaxheba kwezinye izinto.” Udade omncinane weli Ngqina walandela ikhondo elifanayo. Amanye amaKristu aselula asuka nje kwinkonzo yobuvulindlela bokwexeshana ebudeni beminyaka yesikolo aze emva kokuba egqibile esikolweni angenelele kumsebenzi wobuvulindlela obuthe ngxi njengabavakalisi boBukumkani bexesha elizeleyo.
Ungaze uyijongele phantsi imiphumo emihle yesimilo sakho esihle nokunikela kwakho ubungqina ngenkalipho. Kunokuba uhlale uthule, kutheni ungazibonakalisi ukuba uzimasekile elukholweni ngokuthetha ngentlonelo kodwa ngenkalipho? Oko koko kwenziwa yintombazana engumSirayeli eyayithinjiwe yaza yaya endlwini yomAram unjengele Nahaman. (2 Kumkani 5:2-4) Igama likaYehova ladunyiswa ngenxa yenyathelo lokuqala laloo ntombazana iselula. Ukholo lwakho olufanayo lusenokuzisa uzuko kuThixo yaye lunokunceda abanye ukuba bammele njengabadumisi begama lakhe.
Inyaniso ikukuba asinakulalanisa elukholweni lwethu size sihlale singamaKristu. UYesu wathi: “Wonke umntu ngoko oya kundivuma phambi kwabantu, ndiya kumvuma nam phambi koBawo osemazulwini. Osukuba ke eya kundikhanyela phambi kwabantu, ndiya kumkhanyela nam phambi koBawo osemazulwini.” (Mateyu 10:32, 33) Ukuzimaseka elukholweni njengomlandeli kaYesu kuyimbopheleleko enzulu, akunjalo na?
Uncedo Luyafumaneka
Ukuze ukwazi ukuma uqine njengomnye wamaNgqina kaYehova, ufanele ube nokholo olomeleleyo. Ukuze ube nokholo olomeleleyo, umele ufundisise iBhayibhile ngenkuthalo, uye kwiintlanganiso zamaKristu, uze uxakeke kubulungiseleli basentsimini. Ukuba usavakalelwa kukuba kusekho into esilelayo, yintoni onokuyenza? Umfundi onguYakobi wathi: “Ukuba ubani kuni uswele ubulumko, makacele kuThixo, onika bonke engenakumbi, engangcikivi, wobunikwa.” (Yakobi 1:5) Thetha noYehova ngomthandazo ngengxaki yakho; unokukomeleza ujamelane nezilingo okanye neemvavanyo zokholo lwakho.
Yintoni enye umKristu anokuyenza? Incwadi yeMizekeliso isixelela oku: “Mphulaphule uyihlo, lowo wakuzalayo, ungamdeli unyoko akuba mkhulu.” (IMizekeliso 23:22) Umpostile uPawulos wasixhasa esi siluleko, kuba wathi: “Nina bantwana, balulameleni abazali benu ezintweni zonke, kuba oko kukholekile kuyo iNkosi.” (Kolose 3:20) Abazali abangamaKristu banokukunceda ukuba uzimaseke elukholweni. Phulaphula amacebiso abo. Ngoncedo lwabo, phanda eZibhalweni nakwiimpapasho ezisekelwe eBhayibhileni, ukhangela amacebiso, iziluleko namava. Wena nabazali bakho niya kukunandipha oku, yaye kuya kukunceda woyise iintloni okanye uloyiko.—2 Timoti 1:7.
Wasebenzise ngokuzeleyo amalungiselelo uYehova uThixo awenzileyo ngebandla lamaKristu. Zilungiselele kakuhle iintlanganiso. Thetha nabadala abamiselweyo nabanye ababenamava anjengalawo ujamelene nawo ngoku. USolomon wathi: “Umntu uya kuphulaphula aze afunde okungakumbi yaye umntu oqondayo ngulowo wamkele ukhokelo lobulumko.” (IMizekeliso 1:5, NW) Ngoko funda kwaba badala kunawe. Kwakhona, usenokufunda kumaKristu aselula aphumelelayo ukuhlangabezana neengxaki ezifana nezo unazo.
Ukuthembeka Kuzisa Iintsikelelo
Ngokuma uqinile elukholweni, uya kuba usebenzisa isiluleko sikaPawulos ‘sokuqina ungabi nakushukuma; uhlale uphuphuma umsebenzi weNkosi.’ (1 Korinte 15:58) UYehova uyazazi yaye uyaziqonda iingxaki ojamelana nazo. Uye womeleza abaninzi ababejamelene neenzima ezifanayo, yaye uya kukomeleza nawe. Ukuba ukholose ngoThixo, uya kukuxhasa, kuba umdumisi wathi: “Umthwalo wakho wulahlele kuYehova; yena wokuzimasa; akayi kuliyekela ilungisa lishukunyiswe naphakade.”—INdumiso 55:22.
UPetros wabhala: “[Yibani] nesazela esilungileyo, ukuze kuloo nto banithethela okubi, ngathi ningabenzi bokubi, badane abo bayigxekayo ihambo yenu elungileyo kuKristu.” (1 Petros 3:16) Ukuba akuvumi ukulalanisa ngokuphathelele imithetho nemigaqo kaThixo yobulungisa, uya kuba nesazela esilungileyo, nto leyo eyintsikelelo yokwenene evela kuYehova. Ngaphezu koko uya kumisela umzekelo omhle kumaKristu aselula asenokuba anokholo olubuthathaka. (1 Timoti 4:15, 16) Ihambo yakho inokuwakhuthaza ukuze enze imigudu yokuzimaseka elukholweni yaye ngaloo ndlela akwazi ukunyamezela izilingo.
Usenokude uncede abo ngaphambili babekuchasa ukuma kwakho kobuKristu. Khumbula la mazwi anik’ ithemba athi: “Kusasa hlwayela imbewu yakho, nangokuhlwa ungasiphumzi isandla sakho; ngokuba ungazi ukuba kolunga yiphi na, nokuba yile nokuba yileya, kusini na, nokuba zolunga ngakunye zombini na.” (INtshumayeli 11:6) Ngubani oyaziyo imiphumo enokuveliswa kukuhlwayela kwakho imbewu elungileyo ngemigudu yezenzo zokuthembeka?
Phakathi kweentsikelelo ezininzi oya kuzivuna kukuma okwamkelekileyo noYehova. Ekugqibeleni, ukuhlala uzimasekile elukholweni kuya kuphumela kubomi obungunaphakade. (Yohane 17:3; thelekisa uYakobi 1:12.) Akukho nesiqabu sokwexeshana kwizilingo esifunyenwe ngokulalanisa esikufaneleyo ukukuphulukanisa neso sipho.
Kuthekani ngoselula okhankanywe ekuqaleni kweli nqaku? Kaloku wasinyamezela isilingo sakhe esinzima. Emva kokuphuma kwengqungquthela yesikolo, ngobuchule wazama ukucacisa ukuma kwakhe kubafundisi-ntsapho. Nangona engazange afumane ntsabelo intle, waba nolwaneliseko lokwazi ukuba uvuyise intliziyo kaYehova. (IMizekeliso 27:11) Waqhubeka emela ukholo lwakhe de wagqiba esikolweni. Emva koko waba nguvulindlela. Ngamana unyamezelo lwakho olunyanisekileyo lunganemiphumo ekwanjalo ukuvuyisa. Luya kuba njalo ukuba uzingqina uzimasekile elukholweni.
[Umbhalo osemazantsi]
a Ukuze ufumane ingxubusho yoku neminye imigaqo yeBhayibhile, bona incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, epapashwe yiWatchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
[Ibhokisi ekwiphepha 25]
UNCEDO OLUFUMANEKAYO
◻ Phulaphula kubulumko babazali bakho aboyik’ uThixo.
◻ Wasebenzise amalungiselelo okomoya ebandleni lamaKristu.
◻ Thetha nabadala abamiselweyo nabanye abasenokuba babenee- ngxaki ezifana nezakho.
◻ Thetha namanye amaKristu aselula ahlangabezana ngokunempumele- lo nemiqobo efanayo.