IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w91 9/15 iphe. 9-14
  • Bonakalisa Ukholo Olusekelwe Kwinyaniso

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Bonakalisa Ukholo Olusekelwe Kwinyaniso
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Luyintoni Ukholo?
  • Lusekelwe Kwiinyaniso Ezisisiseko
  • Isiqhamo Somoya Oyingcwele
  • Ukugqibelelisa Ukholo
  • Kutheni Simele Siluhlolisise Ukholo Lwethu?
  • Bonisa Ukuba Unokholo Kwizithembiso ZikaYehova
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2016
  • Ukholo​—Lusinceda Somelele
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2019
  • “Sinike Ukholo Olungakumbi”
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2015
  • Ngaba Ngokwenene Unokholo Kwiindaba Ezilungileyo?
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2003
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
w91 9/15 iphe. 9-14

Bonakalisa Ukholo Olusekelwe Kwinyaniso

“Lungekho ukholo, akunakubakho ukumkholisa kakuhle; kuba lowo uzayo kuThixo, umelwe kukukholwa ukuba ukho, nokuba ungumvuzi wabo bamfunayo.”—HEBHERE 11:6.

1, 2. Lwavavanywa njani ukholo luka-Adam, yaye waba yintoni umphumo?

UKHOLO lufuna okungakumbi kunokukholwa ukuba uThixo ukho. Umntu wokuqala, uAdam, wayengabuthandabuzi ubukho bukaYehova uThixo. UThixo wayenxibelelana noAdam, ngokunokwenzeka esebenzisa uNyana Wakhe, uLizwi. (Yohane 1:1-3; Kolose 1:15-17) Sekunjalo, uAdam waphulukana nethemba lobomi obungapheliyo ngenxa yokuba wasilela ukuthobela uYehova nokubonakalisa ukholo kuye.

2 Ulonwabo luka-Adam lwexesha elizayo lwabonakala lusengozini xa umfazi wakhe, uEva, wathi akamthobela uYehova. Kaloku, kwaukucinga nje ngokuphulukana naye kwaluvavanya ukholo lomntu wokuqala! Ngaba uThixo wayenokuyicombulula le ngxaki ngendlela eyayiya kuqinisekisa ukuba ulonwabo nentlalo-ntle ka-Adam zaziya kuhlala zihleli? Ngokuthelela uEva esonweni, uAdam wabonisa ukuba ngokucacileyo wayengacingi njalo. Wazama ukuyicombulula le ngxaki ngeyakhe indlela, kunokuthi ngokunyaniseka afune ukhokelo lukaThixo. Ngokusilela ukubonakalisa ukholo kuYehova, uAdam wabangela ukufa kuye nakwinzala yakhe.—Roma 5:12.

Luyintoni Ukholo?

3. Indlela iBhayibhile eluchaza ngayo ukholo yahluke njani kuleyo yesinye isichazi-magama?

3 Esinye isichazi-magama siluchaza ukholo ngokuthi “yinkolelo eqinileyo kwinto ekungekho bungqina bayo.” Noko ke, kunokuxhasa loo ngcamango, iBhayibhile igxininisa okwahlukileyo koko. Ukholo lusekelwe kwizibakala, kwizinto eziyinene, kwinyaniso. IZibhalo zithi: “Ukholo ke kukukholosa ngezinto ezithenjiweyo; kukweyiseka bubukho bezinto ezingabonwayo.” (Hebhere 11:1) Umntu onokholo unesiqinisekiso sokuba yonke into ethenjiswe nguThixo iyafana nesele yenzekile. Ubungqina bezinto eziyinene ezingabonwayo buqine kangangokuba kuthiwa ukholo lulingana nobo bungqina.

4. Enye incwadi yeembekiselo iyixhasa njani indlela iBhayibhile eluchaza ngayo ukholo?

4 KwiNew World Translation, isixando sokwenzisa sesenzi sesiHebhere esithi ’a·manʹ maxa wambi siguqulelwa ngokuthi “bonakalisa ukholo.” Ngokutsho kweTheological Wordbook of the Old Testament, “intsingiselo yengcambu yalo isekelwe kwingcamango yokuqiniseka . . . ngokuchaseneyo neengcamango zanamhlanje zokuba ukholo lubakho kwinto esenokwenzeka, mhlawumbi eyinyaniso, kodwa ekungaqinisekwanga ngayo.” Kwale ncwadi ithi: “Igama eliphuma kwelithi ʼāmēn ‘makube njalo’ lidlulela kwiTestamente Entsha kwigama elithi amēn igama lesiNgesi elithi ‘amen.’ UYesu walisebenzisa ngokufuthi eli gama (Mat. 5:18, 26, njl.) ukugxininisa ukuqiniseka kombandela othile.” Igama eliguqulelwe ngokuthi “ukholo” kwiZibhalo zamaKristu zesiGrike likwathetha inkolelo kokuthile okusekelwe ngokuqinileyo kwisibakala esithile okanye kwinyaniso.

5. Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukukholosa” kumaHebhere 11:1 lalisetyenziswa njani kumaxwebhu oshishino amandulo, yaye oku kubaluleke ngantoni kumaKristu?

5 Igama lesiGrike (hy·poʹsta·sis) eliguqulelwe ngokuthi “ukukholosa” kumaHebhere 11:1 ngokuqhelekileyo lalisetyenziswa kumaxwebhu oshishino amandulo enziwe ngephepha lomzi ukudlulisela ingcamango yokuthile okuqinisekisa ukuba into ethile iza kuba yeyakho. Umphengululi uMoulton noMilligan bakubeka ngolu hlobo: “Ukholo sisiqinisekiso sezinto esinethemba lazo.” (Vocabulary of the Greek Testament) Ngokucacileyo, ukuba umntu unesiqinisekiso (title deed) somhlaba othile, unokuba ‘nenkoloseko’ yokuba ngaminazana ithile ithemba lakhe lokuwufumana liya kuzaliseka.

6. Iyintoni intsingiselo yegama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukweyiseka bubukho” kumaHebhere 11:1?

6 Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukweyiseka bubukho” (eʹleg·khos), kumaHebhere 11:1, lidlulisela ingcamango yokunikela ubungqina ukubonisa okuthile, ngokukodwa okuthile okuchasene noko kubonakala ngathi kuyinyaniso. Ubungqina obunamandla bukwenza kucace nakuphi na obekungaqondwa kwixa elidluleyo, ngaloo ndlela kuphikisana noko bekubonakala kuyinyaniso. Ngoko kwiZibhalo zesiHebhere nakwezesiGrike, ukholo aluyiyo kwaphela “inkolelo eqinileyo kwinto ekungekho bungqina bayo.” Ngokuchasene noko, ukholo lusekelwe kwinyaniso.

Lusekelwe Kwiinyaniso Ezisisiseko

7. UPawulos noDavide babachaza njani abo babukhanyelayo ubukho bukaThixo?

7 Umpostile uPawulos wachaza inyaniso esisiseko xa wabhala ukuba “kwasekudalweni kwehlabathi, iindawo [zoMdali] ezibe zingenakubonwa zibonwa kakuhle, ziqondeke, ngezinto ezenziweyo, kwa-amandla akhe angunaphakade, nobuThixo bakhe, ukuze [abachasi benyaniso] bangabi nakuziphendulela.” (Roma 1:20) Ewe, “izulu libalisa uzuko lukaThixo,” ibe “uzele umhlaba zizidalwa [zakhe].” (INdumiso 19:1; 104:24) Kodwa kuthekani ukuba umntu akafuni kubamkela obu bungqina? Umdumisi uDavide wathi: “Ongendawo ngobuchi bakhe [“kuko konke ukungazi kwakhe,” The New English Bible] uthi, akasayi kubuza. Yonke iminkqangiyelo yakhe ithi, Akukho Thixo.” (INdumiso 10:4; 14:1) Ngokuyinxenye, ukholo lusekelwe kwinyaniso esisiseko yokuba uThixo ukho.

8. Yintoni abathi abo babonakalisa ukholo babe nokuqiniseka ngayo baze bayiqonde?

8 UYehova akaphelelanga ekubeni ngokhoyo nje kuphela; ukwangonokuthenjwa, yaye sinokukholosa ngamadinga akhe. Uthe: “Inyaniso, njengoko ndicinge ngako, koba njalo; njengoko ndicebe ngako, koma ngolo hlobo.” (Isaya 14:24; 46:9, 10) La asingomazwi angenantsingiselo. Kukho ubungqina obucacileyo bokuba amakhulu eziprofeto ezibhalwe eLizwini likaThixo aye azaliseka. Ekubeni bekwazi oku, abo babonakalisa ukholo bayakuqonda ukuzaliseka okuqhubekayo kwezinye iziprofeto zeBhayibhile ezininzi. (Efese 1:18) Ngokomzekelo, bayakubona ukuzaliseka ‘komqondiso’ wobukho bukaYesu, kuquka nokushunyayelwa koBukumkani obumiselweyo okuqhubeka ngesantya esiphezulu, kwanokwanda konqulo lokwenyaniso okwaxelwa kwangaphambili. (Mateyu 24:3-14; Isaya 2:2-4; 60:8, 22) Bayazi ukuba kungekudala iintlanga ziza kuvakalisa “Uxolo nokunqaba!” nokuba ngokukhawuleza emva koko uThixo uza “konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba.” (1 Tesalonika 5:3; ISityhilelo 11:18) Enjani yona intsikelelo ekuyiyo ukuba nokholo olusekelwe kwiinyaniso zesiprofeto!

Isiqhamo Somoya Oyingcwele

9. Kukuphi ukuhlobana okukhoyo phakathi kokholo nomoya oyingcwele?

9 Inyaniso olusekelwe kuyo ukholo ifumaneka eBhayibhileni, ebekho ngoncedo lomoya oyingcwele kaThixo. (2 Samuweli 23:2; Zekariya 7:12; Marko 12:36) Ngoko, ngokusengqiqweni ukholo alunakubakho ngaphandle kokusebenza komoya oyingcwele. Kungenxa yoko uPawulos wabhala oku: “Esomoya isiqhamo [siquka] . . . ukholo.” (Galati 5:22, NW) Kodwa abaninzi bayayigatya inyaniso kaThixo, bengcolisa ubomi babo ngeminqweno yenyama neembono ezimenza buhlungu umoya kaThixo. Ngaloo ndlela, “ukholo alubantwini bonke,” kuba abanasiseko abanokulwakhela phezu kwaso.—2 Tesalonika 3:2; Galati 5:16-21; Efese 4:30.

10. Abanye babakhonzi bakaYehova bangaphambili babonisa njani ukuba babenokholo?

10 Noko ke, phakathi kwenzala ka-Adam abantu abathile baye babonakalisa ukuba nokholo. AmaHebhere isahluko 11 akhankanya uAbheli, uEnoki, uNowa, uAbraham, uSara, uIsake, uYakobi, uYosefu, uMoses, uRahabhi, uGidiyon, uBharaki, uSamson, uYifeta, uDavide noSamuweli, kwakunye nabanye abakhonzi bakaYehova abaninzi abangabizwanga ngamagama, ‘ababengqinelwe ngalo ukholo.’ Phawula oko kwenziwa “ngalo ukholo.” Kwakungokholo awathi uAbheli “wasondeza kuye uThixo umbingelelo” waza uNowa “wawakha umkhombe.” Ngokholo uAbraham “wakululamela ukuba aphume, aye kuloo ndawo abeza kuyamkela ukuba ibe lilifa.” Yaye ngokholo, uMoses “wayishiya iYiputa.”—Hebhere 11:4, 7, 8, 27, 29, 39.

11. IZenzo 5:32 zibonisa ntoni ngabantu abamthobelayo uThixo?

11 Ngokucacileyo, bonke abo bakhonzi bakaYehova benza okungakumbi kunokukholwa nje ukuba uThixo ukho. Bebonakalisa ukholo, bakholosa ngaye njengalowo “ungumvuzi wabo bamfunayo.” (Hebhere 11:6) Benza oko umoya kaThixo wawubalathisa ukuba bakwenze, besenza ngokuvisisana nolwazi oluchanileyo lwenyaniso olwalufumaneka ngoko, nangona lwalungeluninzi. Hayi indlela ababohluke ngayo kuAdam! Akazange enze ngokuvisisana nokholo olusekelwe kwinyaniso okanye ngokuvisisana nolwalathiso lomoya oyingcwele. UThixo unika kuphela abo bamthobelayo umoya wakhe.—IZenzo 5:32.

12. (a) UAbheli wayenokholo entwenini, yaye wakubonisa njani oku? (b) Nangona ayenokholo, yintoni angazange ayifumane amangqina kaYehova angaphambi kwexesha lobuKristu?

12 Ngokungafaniyo noyise, uAdam, uAbheli owayehlonel’ uThixo wayenokholo. Ngokucacileyo kubazali bakhe, weva ngesiprofeto sokuqala esavakaliswayo: “[Mna Yehova uThixo] ndiya kumisa ubutshaba phakathi kwakho nomfazi, naphakathi kwembewu yakho nembewu yakhe; yona iya kukutyumza intloko, wena uya kuyityumza isithende.” (Genesis 3:15) Ngaloo ndlela uThixo wathembisa ukuphelisa ubungendawo aze abuyisele ubulungisa. Indlela esasiza kuzalisekiswa ngayo esi siprofeto, uAbheli wayengayazi. Kodwa ukholo lwakhe lokuba uThixo ungumvuzi wabo bamfuna ngokunyanisekileyo lwalomelele kangangokuba lwamshukumisela ukuba anyuse idini. Kusenokwenzeka ukuba wayecingisise nzulu ngeso siprofeto waza wakholelwa kwelokuba kwakuya kufuneka kuphalale igazi ukuze kuzalisekiswe elo dinga luze uluntu lwenziwe lufezeke. Ngenxa yoko, idini lesilwanyana elenziwa nguAbheli lalifanelekile. Noko ke, phezu kwalo nje ukholo ababenalo, uAbheli namanye amangqina kaYehova angaphambi kwexesha lobuKristu ‘abazuzananga nalo idinga.’—Hebhere 11:39.

Ukugqibelelisa Ukholo

13. (a) Yintoni eyayiqondwa nguAbraham noDavide ngokuzaliseka kwedinga? (b) Kutheni kunokuthiwa ‘inyaniso yabakho ngoYesu Kristu’?

13 Ngamaxesha athile ukutyhubela iinkulungwane, uThixo uye watyhila inyaniso eyongezelelekileyo ngendlela eliya kuzaliseka ngayo idinga ‘elingembewu yomfazi.’ UAbraham waxelelwa oku: “Zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi.” (Genesis 22:18) Kamva, uKumkani uDavide waxelelwa ukuba iMbewu ethenjisiweyo yayiya kuvela kumnombo wakhe wasebukhosini. Ngowama-29 C.E., loo Mbewu yabonakala inguYesu Kristu. (INdumiso 89:3, 4; Mateyu 1:1; 3:16, 17) Ngokwahlukileyo kuAdam owayengenalukholo, “owokugqibela uAdam,” uYesu Kristu, wayengumzekelo ekubonakaliseni ukholo. (1 Korinte 15:45) Waphila ubomi benkonzo yokuzinikela kuYehova waza wazalisekisa iziprofeto ezininzi ezazixelwe kusengaphambili ngoMesiya. Ngaloo ndlela uYesu wayenza yacaca ngakumbi inyaniso engeMbewu ethenjisiweyo waza wazalisekisa izinto ezazifuziselwa nguMthetho kaMoses. (Kolose 2:16, 17) Ngoko ke kwakunokuthiwa ‘inyaniso yabakho ngoYesu Kristu.’—Yohane 1:17.

14. UPawulos wababonisa njani abaseGalati ukuba ukholo lwalunezinye iinkalo?

14 Ekubeni ke ngoko inyaniso yabakho ngoYesu Kristu, kwabakho isiseko esomelele ngakumbi sokwakhela ukholo ‘kwidinga.’ Ukholo lwalwenziwe lwaqina ngakumbi, ngokungathi kunjalo, lwaqalisa ukuba neenkalo ezintsha. Kule nkalo uPawulos waxelela amanye amaKristu athanjisiweyo oku: “Isibhalo sisuke sazivalela ndawonye izinto zonke phantsi kwesono, ukuze idinga eliphuma ekukholweni kuYesu Kristu linikwe abakholwayo. Ngaphambi ke kokufika kokholo, sasilindwa, siphantsi komthetho, sivalelwe ndawonye kude kufike ukholo olu, lube luza kutyhilwa. Ngoko ke umthetho waba ngosikhaphela kuKristu, ukuze sigwetyelwe ngokwaselukholweni. Lwakuba lufikile ke ukholo, asibi saba phantsi kwamkhapheli. Kuba nina nonke ningoonyana bakaThixo ngako ukukholwa, nikuKristu Yesu.”—Galati 3:22-26.

15. Yiyiphi ekuphela kwendlela ukholo olwalunokwenziwa lugqibelele ngayo?

15 AmaSirayeli ayebonakalisa ukholo kwiindlela uThixo awayeqhubana ngazo nawo ngokusebenzisa umnqophiso woMthetho. Kodwa ngoku olu kholo kwakufuneka luqalise ukusebenza. Njani? Ngokubonakalisa ukholo kuYesu othanjiswe ngomoya uMthetho owawenzelwe ukuwakhaphelela kuye. Kungaloo ndlela kuphela olwalunokwenziwa lugqibelele ukholo lwangaphambi kwexesha lobuKristu. Hayi indlela ekwakubaluleke ngayo ukuba loo maKristu okuqala ‘ase amehlo kuyo iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwawo’! (Hebhere 12:2) Enyanisweni, onke amaKristu afanele enjenjalo.

16. Umoya oyingcwele wafika njani ngomlinganiselo omkhudlwana, yaye ngoba?

16 Ngenxa yolwazi olwandisiweyo lwenyaniso kaThixo nokholo olugqibeleleyo olungumphumo walo, ngaba umoya oyingcwele nawo wawuza kufika ngomlinganiselo omkhudlwana? Ewe. NgePentekoste yowama-33 C.E., umoya kaThixo, umncedi othenjisiweyo uYesu awayethethe ngaye, wathululelwa kubafundi bakhe. (Yohane 14:26, NW; IZenzo 2:1-4) Umoya oyingcwele wawusebenza kubo ngendlela entsha ngokupheleleyo njengabazalwana bakaKristu abathanjisiweyo. Ukholo lwabo, isiqhamo somoya oyingcwele, lwalomeleziwe. Oku kwabaxhobisela umsebenzi omkhulu wokwenza abafundi ababemele bawenze.—Mateyu 28:19, 20.

17. (a) Inyaniso iye yabakho njani yaye ukholo lwenziwa lwagqibelela njani ukususela ngowe-1914? (b) Bubuphi ubungqina esinabo bokusebenza komoya oyingcwele ukususela ngowe-1919?

17 Ukholo lwafika xa uYesu wazibonakalisa njengoKumkani Onyuliweyo ngaphezu kweminyaka eli-1 900 eyadlulayo. Kodwa ekubeni ngoku enguKumkani olawulayo ezulwini, isiseko sokholo lwethu—inyaniso etyhiliweyo—somelele ngokumangalisayo, ngaloo ndlela sisenza ukholo lwethu lugqibelele. Ngokufanayo, umoya oyingcwele uye wasebenza ngamandla. Oku kwangqineka ngokucacileyo ngowe-1919, xa umoya oyingcwele wahlaziya abakhonzi bakaThixo kwimeko yokuphantse bangasebenzi. (Hezekile 37:1-14; ISityhilelo 11:7-12) Ukususela ngoko kwaye kwabekwa isiseko separadisi yokomoya, esiye kumashumi eminyaka alandelayo sacaca ngakumbi yaye sazuka ngakumbi unyaka emva komnye. Ngaba bekunokubakho ubungqina obungakumbi bokusebenza komoya oyingcwele kaThixo?

Kutheni Simele Siluhlolisise Ukholo Lwethu?

18. Iintlola ezingamaSirayeli zazahluke njani enye kwenye ngokholo?

18 Kungekudala emva kokukhululwa kwamaSirayeli kubukhoboka baseYiputa, kwathunyelwa amadoda ali-12 ukuba aye kuhlola ilizwe lakwaKanan. Noko ke, alishumi kuwo ayeswele ukholo, ewathandabuza amandla kaYehova okulizalisekisa idinga lakhe lokunika uSirayeli elo lizwe. Ayekholelwa kwizinto ezazinokubonwa. Kwali-12, nguYoshuwa noKalebhi kuphela ababonakalisa ukuba babehamba ngokholo, kungekhona ngokubona. (Thelekisa eyesi-2 kwabaseKorinte 5:7.) Ngenxa yokubonakalisa ukholo, ngabo kuphela kuloo madoda abasindiswayo ukuze bangene kwiLizwe Ledinga.—Numeri 13:1-33; 14:35-38.

19. Isiseko sokwakhela ukholo sinzulu njani kunanini ngaphambili namhlanje, ukanti yintoni esifanele siyenze?

19 Namhlanje, simi emgubasini wehlabathi elitsha likaThixo lobulungisa. Ukuba siza kungena, sifanele sibe nokholo. Okuvuyisayo kukuba, isiseko senyaniso olusekelwa kuso olo kholo asizange khe sibe nzulu kunokuba sinjalo. SineLizwi likaThixo elipheleleyo, umzekelo kaYesu Kristu nabalandeli bakhe abathanjisiweyo, inkxaso yezigidi zabazalwana noodade bokomoya, nokuxhaswa ngumoya kaThixo oyingcwele ngomlinganiselo omkhulu kunanini na ngaphambili. Sekunjalo, senza kakuhle ukuhlolisisa ukholo lwethu size sithabathe amanyathelo okulomeleza ngoxa sisenako.

20. Yiyiphi imibuzo esifanele sizibuze yona?

20 Usenokuthi, ‘Ndiyakholwa ukuba le yinyaniso.’ Kodwa lomelele kangakanani ukholo lwakho? Khawuzibuze: ‘Ngaba uBukumkani bukaYehova basezulwini buyinto yokwenene kum njengokuba urhulumente wabantu enjalo? Ngaba ndiyazithoba kuyo kwaye ndiyixhasa ngokupheleleyo intlangano kaYehova ebonakalayo neQumrhu layo Elilawulayo? Ngamehlo okholo, ngaba ndiyazibona ukuba iintlanga ngoku sele zilungiselelwa iArmagedon? Ngaba ukholo lwam lunokuthelekiswa nolo babenalo abo “balilifu lamangqina” abakhankanywe kumaHebhere isahluko 11?’—Hebhere 12:1; ISityhilelo 16:14-16.

21. Ukholo lubashukumisa njani abo banalo, yaye basikelelwa njani? (Quka amagqabaza akwibhokisi ekwiphepha 13.)

21 Abo banokholo olusekelwe kwinyaniso bashukunyiselwa esenzweni. Njengedini elamkelekileyo elanikelwa nguAbheli, amadini abo endumiso ayamkholisa uThixo. (Hebhere 13:15, 16) NjengoNowa, umvakalisi wobulungisa owathobela uThixo, balandela ikhondo lobulungisa njengabashumayeli boBukumkani. (Hebhere 11:7; 2 Petros 2:5) NjengoAbraham, abo banokholo olusekelwe kwinyaniso bathobela uYehova enoba oko kubatsalisa nzima yaye bade bajamelane nezilingo ezithile. (Hebhere 11:17-19) Njengabakhonzi bakaYehova abathembekileyo bamaxesha amandulo, abo banokholo namhlanje banyamekelwa baze basikelelwe ngokutyebileyo nguYise wasezulwini onothando.—Mateyu 6:25-34; 1 Timoti 6:6-10.

22. Lunokomelezwa njani ukholo?

22 Ukuba ungumkhonzi kaYehova kodwa ufumanisa ukuba ukholo lwakho lubuthathaka ngandlel’ ithile, yintoni onokuyenza? Yomeleza ukholo lwakho ngokufundisisa ngenkuthalo iLizwi likaThixo nangokuvumela umlomo wakho umpompoze amanzi enyaniso aphuphuma entliziyweni yakho. (IMizekeliso 18:4) Ukuba ukholo lwakho alomelezwa rhoqo, lusenokuba buthathaka, lungasebenzi, lude lufe. (1 Timoti 1:19; Yakobi 2:20, 26) Zimisele ukuba oku akusayi kuze kwenzeke kukholo lwakho. Cela uncedo lukaYehova, uthandaze uthi: “Ndongezelele ukholo apho ndisilela khona!”—Marko 9:24, NW.

Ubuya Kuphendula Uthini?

◻ Luyintoni ukholo?

◻ Kutheni ukholo lungenakubakho ingekho inyaniso nomoya oyingcwele?

◻ UYesu Kristu waba nguMgqibelelisi wokholo lwethu njani?

◻ Kutheni sifanele sihlolisise ukuba lomelele kangakanani ukholo lwethu?

[Ibhokisi ekwiphepha 13]

ABO BANOKHOLO...

◻Bathetha ngoYehova.—2 Korinte 4:13.

◻Benza imisebenzi efana nekaYesu.—Yohane 14:12.

◻Balukhuthazo kwabanye.—Roma 1:8, 11, 12.

◻Bayaloyisa ihlabathi.—1 Yohane 5:5.

◻Abanasizathu sakoyika.—Isaya 28:16.

◻Baya kufumana ubomi obungunaphakade.—Yohane 3:16.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share