“Nathi Masiwulahle Wonke Umthwalo”
UMary wavakalisa intlungu yakhe esithi, “Ndibuhlungu yaye ndidandatheke gqitha.” Libhekisela kumthwalo weembopheleleko zomKristu, eli bhinqa lingumKristu longezelela lisithi: “Ndibona abahlobo bam bediniwe. Nam ndiyakuva ukudinwa nokuxinezeleka. Ndicel’ uncedo lokuqonda isizathu soku.”
NGABA nawe uvakalelwa ukuba uxinezelekile, udinwe gqitha ukuba ungazinyamekela ngokufanelekileyo iimbopheleleko zakho zobuthixo? Ngaba maxa wambi ubulungiseleli bamaKristu bubonakala bungumthwalo onzima, uxanduva olunganyamezelekiyo? AmaKristu amaninzi athembekileyo ngamaxesh’ athile ayadimazeka, ngenxa yokuba sisoloko singqongwe ziimpembelelo ezingafanelekanga nezinokulunciphisa uvuyo lwethu. Ngokwenene ukuba ngumKristu wokwenyaniso namhlanje kulucelomngeni. Ngaloo ndlela, bambi ngamaxesh’ athile basenokuba noluvo lokuba ubulungiseleli bomKristu bungumthwalo onzima.
Ukufuna Unobangela
IZibhalo zenza kucace ukuba uYehova akabekanga mthwalo ungekho ngqiqweni emagxeni ethu. Umpostile uYohane wathi ‘imithetho kaThixo ayinzima.’ (1 Yohane 5:3) Ngokufanayo uYesu wabaxelela oku abalandeli bakhe: “Thabathani idyokhwe yam niyithwale, nifunde kum; ngokuba ndinobulali, ndithobekile ngentliziyo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu. Kuba idyokhwe yam imnandi, nomthwalo wam ulula.” (Mateyu 11:29, 30) Kucacile ukuba asikokuthanda kukaYehova ukuba sizive sinoxanduva okanye kungumthwalo osindayo ukumkhonza.
Ngoko, yintoni enokubangela ukuba umKristu othembekileyo azijonge iimbopheleleko zakhe zobuKristu njengomthwalo onzima? Kusenokuba kubandakanyeke oothunywashe abaliqela. Phawula la mazwi ompostile uPawulos: “Masithi nathi, [siwulahle, NW] wonke umthwalo, . . . silubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwethu.” (Hebhere 12:1) Amazwi kaPawulos abonisa ukuba maxa wambi umKristu usenokuzithwalisa imithwalo engeyomfuneko. Oku akuthethi ukuba kubandakanyeke izono ezinzulu. Kodwa umKristu unokwenza iimpazamo kugwebo lwakhe ezithi zibenze nzima kakhulu ubomi bakhe, nto leyo ebangela kube nzima kakhulu ngaye ukuba alubaleke ugqatso olubekwe phambi kwethu.
Imbono Elungeleleneyo Ngezinto Eziphathekayo
Ngokomzekelo, cinga ngombandela wempangelo. Kumazwe amaninzi, iimeko zezoqoqosho zinokumshiya umKristu engenandlela mbini kodwa kufuneke asebenze iiyure ezininzi. Noko ke, ngokufuthi abantu bamkela umsebenzi nje khon’ ukuze bahambele phambili okanye bazifumbele ubunewunewu. Ngokuphinda akuhlole oko akufuna ngokwenene, wambi amaKristu aye akufumanisa kububulumko ukwenza iinguqulelo kwimeko yawo yengqesho. Oku kwakunjalo ngoDebbie nomyeni wakhe, abangamaNgqina kaYehova. Uthi: “Imeko yethu yezemali yaguquka, yaye kwakungasekho mfuneko yokwenene yokuba ndiqhubeke ndisebenza ixesha elizeleyo. Kodwa kwakunzima ukuyeka.” Kungekudala wayiva ingcinezelo yokuba nomsebenzi omninzi gqitha afanele awenze. Uthi: “UMgqibelo wawukuphela kosuku endandikhululeka ngalo ukuba ndenze umsebenzi wekhaya. Ngokufuthi ndandingaziva ndifuna ukuya kwinkonzo yasentsimini. Oko kwandenza ndaziva ndibuhlungu, yaye isazela sam sasindikhathaza, kodwa ndandiwuthanda umsebenzi wam! Ekugqibeleni, kwafuneka ndijamelene nenyaniso. Sasisinye kuphela isicombululo. Sasikukuba ndiyeke ukuphangela.” Kuyavunywa ukuba bambi abanakuyenza inguqulelo enkulu ngolo hlobo. Noko ke, ukuluhlolisisa ngenyameko ucwangciso lwakho lomsebenzi kusenokuyivelisa imfuneko yokwenza iinguqulelo ezithile.
Kusenokubakho ezinye iindlela zokusiphumza kwimithwalo engeyomfuneko. Kuthekani ngokunciphisa ukukhenketha kwethu rhoqo ngokuzonwabisa, ukuba nenxaxheba kwezemidlalo okanye kwezinye iindlela zokuzonwabisa—kuquka ixesha esilichithela ekubukeleni umabonwakude? Yaye kwanasemva kokufikelela ulungelelwano olunqwenelekayo kwezi nkalo, kusenokufuneka iinguqulelo eziqhubekayo khon’ ukuze ulondoloze ukulungelelana okulolo hlobo.
Ukusebenzisa Ingqiqo Kubalulekile
Ukusebenzisa ingqiqo kwimibandela enjalo kuya kusinceda ukuba siziqhelanise neemeko ezintsha njengokuba zivela. Ngaloo ndlela, sinokulondoloza imbono elungileyo ngobulungiseleli bethu.—Efese 5:15-17; Filipi 4:5.
Ngaba uzifumana ucinezelekile ufuna ukwenza kangangoko abanye besenza enkonzweni kaThixo? Oku kunokongeza unxunguphalo nodandatheko ebomini bakho. Ngoxa ngokuqinisekileyo umzekelo omhle wabanye unokukukhuthaza ukuba wenze okungakumbi, ukusebenzisa ingqiqo kuya kukunceda ukuba uzimisele usukelo lokwenene ngokuvisisana neemeko namandla akho. IZibhalo zisixelela oku: “Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye; kuba elowo uya kuwuthwala owakhe umthwalo.”—Galati 6:4, 5.
Kwakhona amasiko nezithethe zasekuhlaleni zinokuyongezelela imithwalo yethu. Ngomhla kaYesu abantu babetyhafiswa kukuzama ukuthobela imithetho nezithethe ezininzi zonqulo ezamiselwa ngabantu. Namhlanje, abantu bakaYehova baye bakhululwa kwizithethe zonqulo lobuxoki. (Thelekisa uYohane 8:32.) Sekunjalo, umKristu unokuzixakekisa ngokungeyomfuneko ngamasiko asekuhlaleni. Ngokomzekelo, maxa wambi iziganeko ezinjengemitshato zenziwa ngamasiko antsonkothe gqitha. La masiko asenokuba awaphosakele, yaye asenokuthandeka aze abangel’ umdla. Noko ke, amaKristu asenokungabi nalo ixesha okanye imali yokwenza zonke ezo zinto, yaye ukuzama ukwenjenjalo kunokongezelela omnye umthwalo ongeyomfuneko.
Cinga ngokwenzekayo xa uYesu watyelela ibhinqa eligama linguMarta. Kunokuba angenelwe ngokuzeleyo kubulumko bukaYesu abunikwe nguThixo, “uMarta . . . wakruthakrutheka kukulungiselela okuninzi.” Wayezixakekise ngobugocigoci obuninzi. (Luka 10:40) Kodwa ngobubele uYesu wacebisa ukuba awenze lula amalungiselelo akhe esidlo khon’ ukuze angenelwe kwimfundiso yakhe. (Luka 10:41, 42) Oku kubonisa kakuhle ukuba ubulumko nengqiqo ziya kukunceda ufikelele ukulungelelana okufanelekileyo kubulungiseleli bakho bobuKristu.—Yakobi 3:17.
Kwakhona ukusebenzisa ingqiqo kuyafuneka xa ukhetha abahlobo bakho. IMizekeliso 27:3 ilumkisa isithi: “Linzima ilitye, ingumthwalo intlabathi; ke yona ingqumbo yesimathane inzima kunezo nto zombini.” Ngokungaguquguqukiyo, izinxulumani zakho ezisondeleyo ziya kuba nempembelelo enamandla kwindlela yakho yokucinga. Ukuqhubeka unxulumana nabo bathanda ukuhlab’ amadlala nokugxeka abanye ebandleni kusenokuhlwayela kuwe imbewu yodandatheko neyokucinga phosakeleyo. (1 Korinte 15:33) Ukuba uyaqonda ukuba oku kuyingxaki, iinguqulelo ezithile zobulumko kunxulumano lwakho zinokuwenza lula umthwalo wakho.
Hamba NoThixo Ngokuthozamileyo
KuMika 6:8 (NW), sifumana lo mbuzo uxhokonx’ ingcinga: “Yintoni uYehova ayibizayo kuwe, ingekuko . . . ukuba uhambe noThixo wakho ngokuthozamileyo?” Ukuthozama kuchazwa njengokuziphaphela kukabani iintsilelo zakhe. Abo bangaziqondiyo iintsilelo zabo banokuzithwalisa uxanduva ngeembopheleleko ezininzi gqitha. Oku kuye kwenzeka kumaKristu aqolileyo, kwanakubaveleli, kubabangela ukuba badandatheke, banxunguphale yaye baphelelwe luvuyo. UKenneth, umdala ongumKristu, wathi: “Ndazibona ndidandatheka, yaye ndathi, ‘Andiyi kukuvumela oku ukuba kwenzeke kum.’ Ngoko ndazinciphisa ezinye iimbopheleleko zam ndaza ndanikela ingqalelo koko ndandinokukwenza.”
Kwanomprofeti othobekileyo uMoses wafumana ubunzima ekuziqondeni iintsilelo zakhe. Ngoko uYitro, umkhwe wakhe, kwafuneka emncedile uMoses ukuba acinge kakuhle ngokuphathelele ubuninzi bomsebenzi awayezama ukuwusingatha ngokwakhe. “Iyintoni na le nto uyenzayo ebantwini?” uYitro wambuza oko. “Ayilungile le nto uyenzayo. Uya kuzigqiba uphele amandla, . . . Kuba lo msebenzi unzima kuwe, akunakuwenza wedwa. . . . Uze uzikhangelele ebantwini bonke amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala, . . . zithi izinto zonke ezinkulu bazizise kuwe; zonke ezincinane bazigwebe bona, ukuze kube lula kuwe bakuthwalise.” Ngoko nangoko uMoses waqalisa ukuyiphathisa abanye eminye yemisebenzi yakhe, ngaloo ndlela efumana ukuphumla koko kwakusiba ngumthwalo onzima kuye.—Eksodus 18:13-26.
Ngesinye isihlandlo uMoses wathi kuYehova: “Andinako mna ukubathwala aba bantu ndedwa, ngokuba kunzima oko kum.” Kwakhona, impendulo yaba kukuwabela abanye umsebenzi. Kwakhona oku kunokuba sisicombululo sengxaki yakho ukuba uziva usindwa ziimbopheleleko ezininzi gqitha.—Numeri 11:14-17.
UYehova Uyasinceda Ukuba Siwuthwale Umthwalo
UYesu wathi idyokhwe yakhe imnandi nomthwalo wakhe ulula kodwa asikuba awunabunzima. Idyokhwe uYesu asimemela ukuba siyithabathele kuthi asiyodyokhwe yobuvila. Yidyokhwe yokuzahlulela ngokupheleleyo kuThixo njengomfundi kaYesu Kristu. Ngoko ke, kukho umlinganiselo othile wobunzima okanye ingcinezelo eziswa kukuba ngumKristu wokwenene. (Mateyu 16:24-26; 19:16-29; Luka 13:24) Njengoko iimeko zehlabathi ziya zisiba mbi, iingcinezelo ziya kwanda. Noko ke, sinesizathu sokuba nembono elungileyo ngenxa yokuba isimemo sikaYesu sibonisa ukuba abanye banokungena phantsi kwedyokhwe yakhe kunye naye yaye uya kubanceda.a Ngaloo ndlela, logama nje silandela ukhokelo lukaKristu, siya kusoloko sikwazi ukuwuthwala umthwalo wethu ngenxa yokuba uya kusinceda.
UThixo uyabanyamekela abo bamthandayo, yaye uyazilondoloza iintliziyo namandla engqondo abo bonke abathi ngomthandazo bawuphosele kuye umthwalo wabo. (INdumiso 55:22; Filipi 4:6, 7; 1 Petros 5:6, 7) Umdumisi wathi: “Mayibongwe iNkosi; ithwala imithwalo yethu imihla ngemihla; nguThixo umsindisi wethu.” (INdumiso 68:19) Ewe, qiniseka ukuba uThixo uya kuwuthwala nowakho umthwalo imihla ngemihla ukuba uyalulahla lonke uxanduxa uze ulubaleke ngomonde ugqatso olubekwe phambi kwakho.
[Umbhalo osemazantsi]
a Inguqulelo ekumbhalo osemazantsi kwiNW ithi: “Ngena phantsi kwedyokhwe yam kunye nam.”
[Umfanekiso okwiphepha 24]
Abadala abalumkileyo bakulungele ukuyiphathisa abanye imisebenzi ethile nokwabelana nabanye ngomthwalo