IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • w91 11/1 iphe. 3-5
  • Ngaba Ukuphindezela Kuphosakele?

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ngaba Ukuphindezela Kuphosakele?
  • IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukuba Nenzondo Kuyenzakalisa
  • Ngubani Ofanele Adlulisele Isohlwayo?
  • Ngubani Ofanele Azise Impindezelo?
  • Umhla Wempindezelo KaThixo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
  • Xa Ucatshukisiwe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Imibuzo Evela Kubafundi
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2000
  • Ithini IBhayibhile Ngokuziphindezela?
    Imibuzo YeBhayibhile Iyaphendulwa
Khangela Okunye
IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1991
w91 11/1 iphe. 3-5

Ngaba Ukuphindezela Kuphosakele?

Kuhola wendlela eUnited States, enye inqwelo-mafutha yalibazisa ukusuka endleleni ukuze enye idlule. Umqhubi wenqwelo-mafutha yesibini waphindezela ngokudubula kwinqwelo-mafutha eyayimcaphukisa, ebulala umntu omsulwa owayekhwele kuyo.

Intombazana ekwishumi elivisayo yaphoswa kukuba nenxaxheba kumdlalo wesikolo ngokusuka kukhethwe enye intombazana. Yaziphindezelela ngokuxelela inkwenkwe eyayithandana nale ntombazana ukuba le ntombazana yayinenye inkwenkwe kwesinye isikolo. Ngaloo ndlela yalonakalisa ulwalamano lwale ntombazana nenkwenkwe eyayithandana nayo.

ABANTU abaninzi bavakalelwa kukuba kufanelekile ukuziphindezelela xa becinga ukuba baye boniwa. Ngandlel’ ithile, balandela iqhalo elithi: “Ulunya lubiz’ olunye.” Namhlanje, uthando ngommelwane luyaphela, yaye umoya wempindezelo uyanda.—Mateyu 24:12.

Noko ke, wena ukujonga njani ukuphindezela? Ukuba uyayikholelwa iBhayibhile, mhlawumbi uvakalelwa kukuba ngokusisiseko ukuphindezela kuphosakele. Kodwa ekubeni siphila kwihlabathi elingahloneli Thixo, usenokuvakalelwa kukuba ukuxolela, isichasi sokuba nenqala, ngokufuthi kuyinto engekho ngqiqweni. Uya kusabela njani ukuba uyaqhathwa okanye uyaphangwa? Ngaba uba nenzondo ukuba ubani othile akakuhoyi okanye uyakuhleba kwabanye? Ngaba unenqala okanye uyaxolela?

Ukuba Nenzondo Kuyenzakalisa

Kakade ke, kukho iindlela ngeendlela zokucatshukiswa. Kodwa abantu abaninzi abafuna ukuziphindezelela kubani othile sukuba bengaphangwanga okanye bengahlaselwanga. “Ukucaphuka” okucatshulwe ekuqaleni kweli nqaku kwakungenamsebenzi, nangona kwabonakala kuyinto enkulu ezingqondweni zabo bagqiba ekubeni babuyise isixhiba.

IBhayibhile ithi asifanele sihlakulele inzondo. IMizekeliso 24:29 iluleka isithi: “Musa ukuthi, Njengoko enze ngako kum, ndiya kwenjenjalo nam kuye.” Kutheni kungafanelekanga nje? Phakathi kwezinye izinto, isimo sengqondo esinjalo siyenzakalisa ngokweemvakalelo nangokwasemzimbeni. Ukufukam’ inzondo kuyaluphelisa uxolo lwengqondo yaye kuyakuthintela ukuqiqa okuphilileyo. Qwalasela le ngxelo yeendaba: “Abalimi ababini babulelene ngokudubulana bekwizithuthi zabo zokuthutha impahla kwindawo yokupakisha iinqwelo-mafutha, bephelisa ingxabano yeminyaka engama-40 eyaqala besengabantwana.” Khawufan’ ucinge, ukutyhubela ubomi bawo ukucinga kwala madoda mabini kwakonakaliswe ngumoya wenzondo owawukhula ngokukhula!—IMizekeliso 14:29, 30.

Esinye isizathu sokungawuhlakuleli umoya wenzondo kukuba abo bagwenxa—kwanabo bagwenxa ngokunzulu—banokuguquka. Ngokomzekelo, ngasihlandlo sithile umpostile uPawulos ‘wakuthakazelela ukusikwa’ komfundi uStefano yaye ‘wayefutha ngezisongelo nangokubulala abafundi beNkosi.’ Kodwa waguquka. Kwiminyaka kamva umpostile uPetros—ubomi bakhe obabusesichengeni sikaPawulos ebudeni belo xesha langaphambili—wambiza ngokuthi ‘ngumzalwana wethu oyintanda uPawulos.’ (IZenzo 8:1; 9:1; 2 Petros 3:15) AmaKristu ayenokuzama ukuziphindezelela kuPawulos, ngokukodwa xa wayelindile, engaboni, eDamasko. (IZenzo 9:3-15) Enjani yona impazamo engekwakube yiyo oko!

Ngoko ke, uPawulos wayenokusinikela ngokufanelekileyo isiluleko esikumaRoma 12:20: “Ukuba utshaba lwakho lulambile, luphe ludle; ukuba lunxaniwe, luseze.” Ngoba? Ngenxa yokuba ukuba siyaziphindezelela elutshabeni, siyasiqinisa isimo salo sengqondo yaye siyabuqinisa ubutshaba phakathi kwethu. Kodwa ukuba simenzela okulungileyo lowo usicaphukisayo okanye osenza buhlungu, sinokusithambisa isimo sakhe sengqondo yaye simenze owayesakuba lutshaba abe ngumhlobo.

Kwakhona ukubuqonda obethu ubuthathaka kuyasinceda ekuyoyiseni intlungu ekhokelela kumnqweno wokuziphindezelela. Umdumisi wabuza oku: “Ukuba uthe wabunqala ubugwenxa, Yehova, ngubani na ongaba nokuma, Nkosi?” (INdumiso 130:3) Sonke siye sabenza buhlungu okanye sabacaphukisa abanye. Ngaba asizange sivuye ukuba abazange bazame ukuziphindezelela? Ngoko, ngaba thina asifanele sizibambe ngendlela efanayo? UYesu waluleka wathi: “Zonke izinto ngoko enisukuba ninga bangazenza abantu kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo.”—Mateyu 7:12.

Liyinyaniso elokuba, iBhayibhile ithi: “Kuthiyeni okubi.” (INdumiso 97:10; Amosi 5:15) Kodwa ayisixeleli ukuba sifanele simthiye lowo wenza ububi. Enyanisweni, uYesu wasiyalela oku: ‘Zithandeni iintshaba zenu, nibathandazele abo banitshutshisayo.’ (Mateyu 5:44) Ukuba sibuyekeza intlungu ngentlungu, silinganisa umoya womenzi wobubi. Umzekeliso wamandulo uthi: “Musa ukuthi, Ndiya kubuphindezela ububi; thembela kuYehova, wokusindisa.” (IMizekeliso 20:22) Esinjani sona ukuba sesobulumko isimo sengqondo! Hayi indlela ekulunge ngakumbi ngayo ukuzibonakalisa kwethu singabaphumelelayo ngokuxhathisa isihendo sokuxelisa abenzi bobubi.—Yohane 16:33; Roma 12:17, 21.

Ngubani Ofanele Adlulisele Isohlwayo?

Kambe ke, izenzo ezithile zibi ngakumbi kunokunyenjwa okanye ukukhutyekiswa ngumnt’ othile. Kuthekani ukuba singamaxhoba olwaphulo-mthetho? Ngokwemvelo, sivakalelwa kukuba ngenxa yokusesikweni, kufanele kwenziwe okuthile. Kodwa kufanele kwenziwe ntoni? Kubantu abathile akuyonto ingaqhelekanga ukuzithabathela kubo izinto baze baziphindezelele. Kodwa abantu abanjalo ngokufuthi bagqibela ngokwahlulahlulwa ziingxabano eziphalaza igazi. Namhlanje, imithetho kaThixo okanye kwiimeko ezininzi imithetho yabantu ayibavumeli abantu ngabanye ukuba baziphindezelele kulwaphulo-mthetho, yaye oko kungesizathu esilungileyo. Ubundlobongela obunjalo obenziwa ngabantu kuphela buzala ubundlobongela obungakumbi.

Ngoko, ngaba ixhoba lolwaphulo-mthetho lifanele lisonge izandla yaye lingenzi nto xa lihlaselwa? Akuyomfuneko ukwenjenjalo. Xa sihlaselwa emzimbeni okanye kuhlaselwa izinto zethu, akho amagunya esinokuphethukela kuwo. Usenokufuna ukubiza amapolisa. Emsebenzini, yiya kumntu ophetheyo. Esikolweni, usenokufuna ukubonana nenqununu. Eso sesinye isizathu sokuba babekho—ukulondoloza okusesikweni. IBhayibhile isixelela ukuba amagunya aseburhulumenteni ‘angabalungiseleli bakaThixo, abaphindezeli ngengqumbo kowenza okubi.’ (Roma 13:4) Ukuze kulondolozwe okusesikweni kufuneka urhulumente asebenzise igunya lakhe, aphelise ukwenziwa kobubi aze abohlwaye abenzi bobubi.

Liyinyaniso elokuba, ngamany’ amaxesha ukuphunyezwa kokusesikweni kuthabatha ixesha elide. Omnye umbhali okruqukileyo bubomi behlabathi wathi: “Okusesikweni kufana nololiwe phantse ngokufuthi ofika emva kwexesha.” Eneneni, ngamaxesh’ athile lo loliwe akaze afike. Abenzi bokungekho sikweni basenokuba namandla kangangokuba amagunya angabi nako ukubalawula. Sekunjalo, ikhondo lobulumko kukuzibamba. IBhayibhile ithi: “Isinyabi siyakukhupha konke ukufutha kwaso, ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso.”—IMizekeliso 29:11.

Ngubani Ofanele Azise Impindezelo?

Ngaloo ndlela ukuzibamba kwethu ukuba singaziphindezeleli kuya kusizisela iingenelo, ibe sinokulinda ngokuzolileyo, sisazi ukuba kufanele kuphunyezwe okusesikweni, uThixo uya kukwenza oko ngexesha elifanelekileyo. UYehova uyazi ukuba ukwenziwa kobubi okungathintelwayo kukhokelela kwinkohlakalo. (INtshumayeli 8:11) Akayi kubavumela abenzi bobubi abantamo-lukhuni ukuba balungcungcuthekise uluntu ngonaphakade. Kungenxa yeso sizathu umpostile uPawulos wasiluleka ngolu hlobo: “Musani ukuziphindezelela, zintanda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa, Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.” (Roma 12:19) Eneneni, iBhayibhile ithetha ngomhla wempindezelo yoMdali. Uya kuba njani lo mhla wempindezelo? Ibe ngoobani abaya kuba ngamaxhoba empindezelo kaThixo? Oku siya kukuxubusha kwinqaku elilandelayo.

[Bxo on page 4]

Ukuze uzilawule iingcamango zokuziphindezelela, khumbula ukuba

□ uThixo ukuxhalabele okusesikweni

□ ukufukam’ inzondo kuyingozi

□ ngokufuthi ukuba nobubele kuya kunciphisa ukuba neengxaki kunye nabanye

□ iziphoso zethu ezininzi ziye zaxolelwa

□ abantu abonayo banokuguquka

□ siyaloyisa ihlabathi ngokuzixhathisa iindlela zalo

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share